IZenzo Zabapostile 3:1-26

  • UPetros uphilisa umntu osisiqhwala nocela ebantwini (1-10)

  • Intetho kaPetros kwiVeranda KaSolomon (11-26)

    • ‘Ukubuyiselwa kwazo zonke izinto’ (21)

    • Umprofeti onjengoMoses (22)

3  UPetros noYohane babesiya etempileni ngexesha lomthandazo, iyure yesithoba,*  yaye kwakukho indoda eyayithwelwe kuba yazalwa isisiqhwala. Yonke imihla babefika bayibeke ngakumnyango wetempile owawubizwa ngokuthi Omhle, ukuze icele izipho kubantu abeze etempileni.  Xa yabona uPetros noYohane beza kungena etempileni yabacela izipho.  Kodwa uPetros noYohane bayijonga baza bathi: “Sijonge.”  Ngoko yabajonga ntsho, ilindele ukuba kukho into eza kuyifumana kubo.  Kodwa uPetros wathi: “Andinayo isilivere negolide, kodwa ndiza kukunika into endinayo. Egameni ­likaYesu Kristu ­umNazarete, phakama ­uhambe!”+  Emva koko wayibamba ngesandla sasekunene waza wayiphakamisa.+ Ngoko nangoko zaqina iinyawo namaqatha ayo;+  yaxhuma yema ngeenyawo,+ yaqalisa ukuhamba, yangena nabo etempileni, ihamba ixhuma-xhuma, idumisa uThixo.  Ngoko bonke abantu bayibona ihamba idumisa uThixo. 10  Bayiqonda le ndoda ukuba yileya ibidla ngokuhlala ngakwiGeyithi Entle yetempile ilindele ukuphiwa izipho,+ bothuka baza bayivuyela kakhulu le nto yayenzeke kuyo. 11  Ngoxa le ndoda yayisabambelele kuPetros noYohane, bonke abantu baya kubo bebaleka ngakwiVeranda KaSolomon,+ bemangaliseke nyhani. 12  Wathi akuyibona le nto uPetros, wathi kubo: “Madoda akwaSirayeli, kutheni inimangalisa le nto, ibe kutheni nisijonge ngathi le ndoda siyenze yahamba ngamandla ethu okanye ngokuzinikela kwethu kuThixo? 13  UThixo ka-Abraham, kaIsake nokaYakobi,+ uThixo wookhokho bethu, uye wamzukisa uMkhonzi wakhe,+ uYesu,+ lo niye namphika naza nanikela ngaye+ phambi koPilato, nakuba yena uPilato ebegqibe kwelokuba amkhulule. 14  Nangoku niye namphika loo mkhonzi ungcwele nolilungisa, naza nacela ukuba nikhululelwe indoda engumbulali,+ 15  yena uMmeli Oyintloko wobomi nambulala.+ Kodwa uThixo uye wamvusa, ibe thina singamangqina aloo nto.+ 16  Ngenxa yegama lakhe, nangenxa yokuba sinokholo kwigama lakhe, lo mntu nimbonayo nenimaziyo uye waphiliswa. Ukukholelwa kwethu kulo Mmeli Oyintloko kwenze ukuba le ndoda iphiliswe phambi kwenu nonke. 17  Bazalwana bam, ndiyazi ukuba beningayazi into eniyenzayo,+ kanye njengokuba nabalawuli benu bebengazi.+ 18  Kodwa uThixo uye wayivumela le nto ukuze kwenzeke izinto awazithetha esebenzisa bonke abaprofeti, besithi uKristu wakhe wayeza kuphathwa kabuhlungu.+ 19  “Guqukani+ ke ngoko, nijike,+ ukuze zicinywe izono zenu,+ nize nihlaziywe nguYehova* ngokwakhe 20  aze anithumelele uKristu okhethwe ngenxa yenu, uYesu. 21  Izulu limele limgcine kulo de kube ngamaxesha okubuyiselwa kwazo zonke izinto awathetha ngazo uThixo esebenzisa abaprofeti bakhe abangcwele bakudala. 22  Kaloku noMoses wathi, ‘UYehova* uThixo wenu uza kukhetha phakathi kwenu umprofeti ofana nam.+ Mamelani yonke into ayithetha kuni.+ 23  Enyanisweni, nabani na ongammameliyo loo Mprofeti uza kutshatyalaliswa angabikho phakathi kwabantu.’+ 24  Bonke abaprofeti, ukususela kuSamuweli nabo baye baprofeta emva kwakhe, bathetha ngokucacileyo ngale mihla.+ 25  Nina ningoonyana babaprofeti nabesivumelwano uThixo awasenza nookhokho benu,+ esithi kuAbraham: ‘Inzala* yakho iza kwenza zonke iintsapho zomhlaba zisikelelwe.’+ 26  Emva kokuba emkhethile lo Mkhonzi wakhe, uThixo wamthumela kuni kuqala+ ukuze anisikelele ngokubuyisa ngamnye wenu kwizenzo zakhe ezingcolileyo.”

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, malunga no-3:00 p.m.
Ngokoqobo, “Imbewu.”