IZenzo Zabapostile 22:1-30

  • UPawulos uzithethelela phambi kwabantu (1-21)

  • UPawulos usebenzisa ilungelo lokuba ngummi waseRoma (22-29)

  • Kudibana iNkundla Ephakamileyo YamaYuda (30)

22  “Madoda, bazalwana nani bootata, khanimamele ndizithethelele kuni.”+  Xa bevayo ukuba wayethetha nabo ngesiHebhere, bonke bathi cwaka, ngoko wathi:  “NdingumYuda+ owazalelwa eTarso ekwiphondo laseKilikiya,+ kodwa ndafundiswa kwesi sixeko nguGamaliyeli ngokwakhe,+ endifundisa ukubambelela nkqi kuMthetho wookhokho bethu,+ yaye ndandizinikele ekukhonzeni uThixo njengokuba nonke ninjalo namhlanje.+  Ndandibatshutshisa bade bafe abantu ababelandela iNdlela YeNkosi, ndibabopha yaye ndibaphosa ejele, amadoda nabafazi.+  Umbingeleli omkhulu nabo bonke abadala bangayingqina loo nto. Ndazifumana kubo iileta eziya kubazalwana baseDamasko, yaye ndaya apho ndiyokubopha abo babelapho, ndibazise eYerusalem ukuze bohlwaywe.  “Kodwa ndathi ndisesendleleni, ndikufutshane eDamasko, malunga nasemini emaqanda, ndafikelwa kukukhanya okukhulu okuvela ezulwini,+  ndawa phantsi ndaza ndeva ilizwi lisithi kum, ‘Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?’  Ndaphendula ndathi, ‘Ungubani Nkosi?’ Lathi kum, ‘NdinguYesu umNazarete, lo umtshutshisayo.’  Amadoda awayehamba nam akubona oko kukhanya, kodwa akazange alive ilizwi lomntu owayethetha nam. 10  Ngoko ndathi, ‘Yintoni ekufuneka ndiyenze Nkosi?’ INkosi yathi kum: ‘Phakama uye eDamasko, uza kuyixelelwa apho yonke into ekuza kufuneka uyenze.’+ 11  Kodwa ekubeni oko kukhanya kwakundenze ndayimfama, ndafika eDamasko ndibanjwe ngesandla ngabo babehamba nam. 12  “Emva koko indoda egama linguAnaniyas, eyayizinikele eMthethweni, kuthethwa kakuhle ngayo ngawo onke amaYuda ahlala apho, 13  yeza kum. Yema ecaleni kwam yaza yathi: ‘Sawule, mzalwana wam, phinda ubone!’ Kanye ngelo xesha avuleka amehlo am, ndayibona.+ 14  Yathi: ‘UThixo wookhokho bethu ukukhethile ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, ubone lowo ulilungisa+ uze uve ilizwi lakhe, 15  kuba uza kuba lingqina lakhe, uxelele bonke abantu izinto ozibonileyo nozivileyo.+ 16  Ngoku kutheni ulibazisa nje? Phakama, ubhaptizwe, uze uhlambe izono+ zakho ngokubiza egameni lakhe.’+ 17  “Kodwa xa ndandisele ndibuyele eYerusalem,+ ndithandaza etempileni, ndabona umbono 18  wakhe esithi kum: ‘Khawuleza umke eYerusalem kuba abazukuzimamela izinto ozithethayo ngam.’+ 19  Ndathi, ‘Nkosi bayazi nabo ukuba ndandidla ngokubaphosa ejele abo bakholwayo kuwe, yaye ndibakatsela kuzo zonke izindlu awayekhonzela kuzo amaYuda;+ 20  yaye xa kwakuphalazwa igazi likaStefano ingqina lakho, ndandimi apho ndiyithanda loo nto yaye ndigcine izambatho zangaphezulu zabo bantu babembulala.’+ 21  Kodwa wathi kum, ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kwiintlanga ezikude.’”+ 22  Bammamela de wathetha la mazwi. Emva koko bakhwaza besithi: “Makabulawe umntu onje, kuba akafanelanga aphile!” 23  Ekubeni babekhwaza, bezilahla pha izambatho zabo zangaphezulu, yaye bephosa uthuli emoyeni,+ 24  umphathi-mkhosi wayalela ukuba uPawulos asiwe kwindawo ehlala amajoni, waza wathi makancinwe ebethwa, ukuze lo mphathi-mkhosi aqonde ukuba kutheni aba bantu bekhwaza kangaka, befuna abulawe. 25  Kodwa bathi xa babemolula ukuze bamtywatyushe, uPawulos wathi kwigosa lomkhosi elalimi apho: “Kusemthethweni na ukuba nibethe umRoma* engakhange agwetywe?”*+ 26  Lathi igosa lomkhosi lakuyiva loo nto, laya kumphathi-mkhosi laza lamxelela, lisithi: “Uza kuthini ke ngoku? Kaloku le ndoda ngumRoma.” 27  Umphathi-mkhosi waya kuye wathi: “Khawundixelele, ungumRoma na?” Yena wathi: “Ewe.” 28  Umphathi-mkhosi wathi: “Ndawathenga ngemali eninzi amalungelo okuba ngummi waseRoma.” UPawulos wathi: “Mna ndazalwa ndinguye.”+ 29  Ngoko nangoko, amadoda awayeza kumncina emngcungcuthekisa abuya umva, yaye umphathi-mkhosi woyika emva kokuba eqondile ukuba nyhani ngumRoma, kuba wayembophe ngamatsheyini.+ 30  Ngoko ngemini elandelayo, kuba wayefuna ukwazi ukuba yintoni le amaYuda ammangalela ngayo, wamkhulula waza wayalela umbingeleli oyintloko nayo yonke iNkundla Ephakamileyo YamaYuda* ukuba idibane. Emva koko wazisa uPawulos phambi kwabo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umhlali waseRoma.”
Okanye “lingaxoxwanga ityala lakhe.”
Okanye “iSanhedrin.”