Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 5

Yintoni Eyona Nto Ithetha Ngayo IBhayibhile?

“Ndiza kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwenzala yakho nenzala yakhe. Yona iza kukutyumza intloko uze wena uyilume esithendeni.”

Genesis 3:​15

“Ngenzala yakho zonke iintlanga zomhlaba ziza kuzifumanela intsikelelo kuba ulimamele ilizwi lam.”

Genesis 22:18

“Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.”

Mateyu 6:​10

“Kungekudala uThixo onika uxolo uza kumtyumza uSathana phantsi kweenyawo zenu.”

Roma 16:​20

“Emva kokuba uThixo ezibeke phantsi kwegunya loNyana zonke izinto, noNyana uza kuzithoba kuThixo owazibeka phantsi kwegunya lakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubantu bonke.”

1 Korinte 15:​28

“Ezi zithembiso zachazelwa uAbraham nenzala yakhe . . . , uKristu. Ngaphezu koko, ukuba ningabakaKristu, niyinzala ka-Abraham.”

Galati 3:​16, 29

“Ubukumkani behlabathi buye baba buBukumkani beNkosi yethu noKristu wayo, ibe iza kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.”

ISityhilelo 11:​15

“Ngoko yaphoswa phantsi emhlabeni inamba enkulu, laa nyoka yakudala, le ibizwa ngokuba nguMtyholi uSathana, lo ulahlekisa umhlaba wonke. Waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”

ISityhilelo 12:9

“Yayibamba inamba, laa nyoka yakudala, ekuthiwa nguMtyholi uSathana, yayibopha iminyaka eyi-1 000.”

ISityhilelo 20:2