UMBUZO 5
Yintoni Eyona Nto Ithetha Ngayo IBhayibhile?
“Ndiza kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwenzala yakho nenzala yakhe. Yona iza kukutyumza intloko uze wena uyilume esithendeni.”
“Ngenzala yakho zonke iintlanga zomhlaba ziza kuzifumanela intsikelelo kuba ulimamele ilizwi lam.”
“Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.”
“Kungekudala uThixo onika uxolo uza kumtyumza uSathana phantsi kweenyawo zenu.”
“Emva kokuba uThixo ezibeke phantsi kwegunya loNyana zonke izinto, noNyana uza kuzithoba kuThixo owazibeka phantsi kwegunya lakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubantu bonke.”
“Ezi zithembiso zachazelwa uAbraham nenzala yakhe . . . , uKristu. Ngaphezu koko, ukuba ningabakaKristu, niyinzala ka-Abraham.”
“Ubukumkani behlabathi buye baba buBukumkani beNkosi yethu noKristu wayo, ibe iza kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.”
“Ngoko yaphoswa phantsi emhlabeni inamba enkulu, laa nyoka yakudala, le ibizwa ngokuba nguMtyholi uSathana, lo ulahlekisa umhlaba wonke. Waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”
“Yayibamba inamba, laa nyoka yakudala, ekuthiwa nguMtyholi uSathana, yayibopha iminyaka eyi-1 000.”