UMBUZO 8
Ngaba NguThixo Owenza Abantu Behlelwe Zizinto Ezibuhlungu?
“Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi, soze uSomandla enze into engalunganga!”
“Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu.”
“Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”
“UYehova akacothi ekwenzeni into ayithembisileyo, njengokuba abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuba akafuni kutshabalale nabani na kuni, kodwa angathanda ukuba wonke umntu aguquke.”