Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 3

Yabhalwa Ngubani IBhayibhile?

“UMoses wawabhala phantsi onke amazwi kaYehova.”

Eksodus 24:4

“UDaniyeli waphupha iphupha waza wabona imibono ngoxa wayelele ebhedini yakhe. Walibhala phantsi elo phupha. Wazibhala phantsi zonke izinto ezenzekileyo kulo.”

Daniyeli 7:1

“Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, anizange nilamkele njengento ethethwa ngabantu, kodwa nalithatha njengelizwi likaThixo, njengokuba linjalo kakade.”

1 Tesalonika 2:​13

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo ibe sinceda ekufundiseni.”

2 Timoti 3:​16

“Zange nanini na kubekho isiprofeto ngokuthanda komntu, kodwa abantu babethetha ngokusuka kuThixo beqhutywa ngumoya oyingcwele.”

2 Petros 1:​21