IZenzo Zabapostile 13:1-52

  • UBharnabhas noSawule bathunyelwa emazweni (1-3)

  • Kushunyayelwa eSipro (4-12)

  • Intetho kaPawulos kwa-Antiyokwe ePisidiya (13-41)

  • Kuprofetwa ngomyalelo wokuba kushunyayelwe ezintlangeni (42-52)

13  Kwa-Antiyokwe kwakukho aba baprofeti nabafundisi ebandleni:+ uBharnabhas, uSimiyon owayekwabizwa ngokuba nguNigere, uLukiyo waseKirene, uManayen owayefunda noHerode umlawuli wengingqi, noSawule.  Njengoko babekhonza uYehova* yaye bengatyi, umoya oyingcwele wathi: “Ndikhetheleni uBharnabhas noSawule+ ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”+  Emva kokuba bengatyi yaye bethandazile, bababeka izandla, baza babayeka bahamba.  Ngoko la madoda awayethunywe ngumoya oyingcwele aya eSelukiya, emva koko aya eSipro ngesikhephe.  Ukufika kwawo eSalami aqalisa ukushumayela ilizwi likaThixo kwizindlu zamaYuda ekukhonzelwa kuzo. Ayehamba noYohane ewancedisa.+  Emva kokuba esihambe sonke isiqithi ukuyokutsho ePafo, adibana nendoda engumYuda ekuthiwa nguBhar-Yesu. Le ndoda yayingumthakathi nomprofeti wobuxoki.  Yayisebenzela umlawuli wephondo uSergiyo Pawulos owayekrelekrele. USergiyo Pawulos wabiza uBharnabhas noSawule, kuba wayefuna nyhani ukuva ilizwi likaThixo.  Kodwa lo mthakathi okwabizwa ngokuba nguElimas (liguqulelwa ngolo hlobo igama lakhe) wabachasa, ezama ukunqanda umlawuli wephondo ukuba angabi likholwa.  USawule okwabizwa ngokuba nguPawulos, wafumana umoya oyingcwele waza wayijonga le ndoda, 10  wathi: “Wena somaqhingashendini okhohlakeleyo, nyana kaMtyholi,+ olutshaba lwayo yonke into elungileyo, uza kuyeka nini ukugqwetha iindlela ezilungileyo zikaYehova?* 11  Jonga! uYehova* uza kukohlwaya, yaye uza kuba yimfama, ungakuboni ukukhanya kwelanga okwexeshana.” Ngokukhawuleza yonke into yaba nkungu kuye, kwaba mnyama, ngoko wajikeleza efuna umntu aza kubambelela kuye. 12  Wathi umlawuli wephondo akubona into eyenzekileyo, waba likholwa, kuba wamangaliswa zizinto awazifunda ngoYehova.* 13  UPawulos nabantu awayehamba nabo bahamba ngesikhephe besuka ePafo baya ePerga esePamfiliya. Kodwa uYohane+ wabashiya wabuyela eYerusalem.+ 14  Bemka ePerga baya kwa-Antiyokwe ePisidiya. NgeSabatha baya kwindlu akhonza kuyo amaYuda,+ baza bahlala phantsi. 15  Emva kokuba abantu befundelwe uMthetho+ neencwadi zabaProfeti, amagosa akhokelayo kwindlu akhonzela kuyo amaYuda athumela umyalezo kubo, esithi: “Madoda, bazalwana, ukuba kukho naliphi na ilizwi elinokukhuthaza abantu, lithetheni.” 16  Ngoko uPawulos waphakama waza waphakamisa isandla, wathi: “Madoda, maSirayeli nani bantu boyika uThixo, mamelani. 17  UThixo wesizwana samaSirayeli wakhetha ookhokho bethu, waza wabenza baba namandla ngoxa babengabantu basemzini eYiputa, emva koko wabakhupha apho ngamandla akhe amakhulu.*+ 18  Wabanyamezela entlango iminyaka emalunga neyi-40.+ 19  Emva kokutshabalalisa iintlanga ezisixhenxe kwilizwe lakwaKanan, wabahlulela loo mhlaba ukuba ube lilifa labo.+ 20  Yonke le nto yenzeka kwiminyaka emalunga neyi-450. “Emva koko wabanika abagwebi de kwangemihla kaSamuweli umprofeti.+ 21  Kodwa emva koko bafuna ukumkani,+ waza uThixo wabanika uSawule unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin,+ ukuba abe ngukumkani iminyaka eyi-40. 22  Emva kokuba emsusile esihlalweni, wabeka uDavide ukuba abe ngukumkani wabo,+ lo wathi ngaye, ‘Ndifumene uDavide unyana kaYese,+ indoda ethandwayo yintliziyo yam,+ uza kuzenza zonke izinto endizifunayo.’ 23  Njengokuba wathembisayo, uThixo uzisele uSirayeli uYesu ongumsindisi, ephuma kwinzala* yale ndoda.+ 24  Ngaphambi kokuba afike loo msindisi, uYohane wayeshumayela kubo bonke abantu bakwaSirayeli ukuba babhaptizwe ukuze babonise ukuba baguqukile.+ 25  Kodwa njengoko uYohane wayegqibezela umsebenzi wakhe wayedla ngokuthi: ‘Nicinga ukuba ndingubani na? Andinguye loo mntu. Kodwa jongani! Kukho ozayo emva kwam endingenakukhulula neembadada azinxibileyo.’+ 26  “Madoda, bazalwana, nina niphuma kwintsapho ka-Abraham nani noyika uThixo, iindaba ezingolu sindiso zithunyelwe kuthi.+ 27  Kuba abantu baseYerusalem nabalawuli babo abazange bamqonde, kodwa xa babegweba, zatsho zenzeka izinto ezathethwa ngabaProfeti,+ izinto ezifundwa ngokuvakalayo qho ngesabatha. 28  Nangona bengazange bafumane nto enokubangela ukuba abulawe,+ bathi kuPilato makabulawe.+ 29  Emva kokuba begqibile ukwenza zonke izinto ezazibhaliwe ngaye, bamothula esibondeni* baza baya kumbeka engcwabeni.+ 30  Kodwa uThixo wamvusa ekufeni,+ 31  yaye wabonakala iintsuku ezininzi kwabo babehambe naye ukusuka eGalili ukuya eYerusalem. Ngoku ngaba bantu abamngqinelayo ebantwini.+ 32  “Ngoku sishumayela kuni iindaba ezilungileyo ezingesithembiso esenziwa kookhokho bethu. 33  UThixo uye wayenza yonke loo nto wayebathembise yona, kuthi thina bantwana babo, ngokuvusa uYesu,+ kanye njengokuba kubhalwe kwindumiso yesibini kwathiwa: ‘Ungunyana wam; namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.’+ 34  UThixo wamvusa ekufeni yaye soze aphinde abe nomzimba obolayo. UThixo wayiqinisekisa loo nto ngokuthi: ‘Ndiza kuthembeka, ndikuthande ndingagungqi njengoko ndathembisa uDavide.’+ 35  Ithi enye indumiso: ‘Awuzukuwuyeka ubole umzimba walowo ukukhonza ngokungagungqiyo.’+ 36  Yena uDavide wamkhonza uThixo ngemihla yakhe, wafa* yaye wangcwatywa nookhokho bakhe, waza umzimba wakhe wabola.+ 37  Kodwa umzimba walowo wavuswa nguThixo zange ubole.+ 38  “Ngoko bazalwana yazini ukuba ngenxa yakhe kushunyayelwa kuni ukuba uThixo uza kuzixolela izono zenu,+ 39  nokuba nangona naningenakuba msulwa kuzo zonke izinto phantsi komthetho kaMoses,+ wonke umntu okholwayo wenziwa msulwa ngenxa kaYesu.+ 40  Ngoko ke lumkani ukuba ingenzeki kuni le nto yathethwa ngabaProfeti besithi: 41  ‘Nina bagxekayo, jongani umsebenzi endiza kuwenza ngemihla yenu. Beningazukuwukholelwa nokuba umntu ebenokunibalisela ngawo ngokweenkcukacha. Kodwa niza kumangaliswa nguwo nize nitshabalale.’”+ 42  Kwathi xa bephuma, abantu babacenga ukuba baphinde bazokuthetha ngezi zinto ngeSabatha elandelayo. 43  Ngoko emva kokuba abantu ababekwindlu ekukhonzelwa kuyo bechithakele, amaYuda amaninzi nabantu ababeguqukele kubuYuda, ababekhonza uThixo, balandela uPawulos noBharnabhas. UPawulos noBharnabhas bathetha nabo bantu, bebacenga ukuba benze izinto eziza kubangela uThixo aqhubeke ebenzela ububele.*+ 44  NgeSabatha elandelayo phantse sonke isixeko sadibana ukuze sive umyalezo ovela kuYehova.* 45  Xa amaYuda abona abo bantu baninzi, aba nomona aza athetha kakubi, ephikisa izinto ezazithethwa nguPawulos.+ 46  Emva koko uPawulos noBharnabhas bathetha ngesibindi nawo bathi: “Bekufanelekile ukuba ilizwi likaThixo lithethwe kuni kuqala.+ Kodwa ekubeni ningalifuni yaye ningaziboni nifanelwe bubomi obungunaphakade, siza kushumayela ezintlangeni.+ 47  Kuba uYehova wasiyalela wathi: ‘Ndikukhethile ukuba ukhanyisele iintlanga, ukuze usindise abantu nakwezona ndawo zikude zomhlaba.’”+ 48  Xa abantu beentlanga bawevayo loo mazwi, bavuya baza balizukisa ilizwi likaYehova,* yaye bonke abo babezimisele ukufumana ubomi obungunaphakade baba ngamakholwa. 49  Ngapha koko ilizwi likaYehova* laqhubeka lishunyayelwa kulo lonke ilizwe. 50  Kodwa amaYuda antyontyela abafazi abaziwayo ababezinikele kuThixo namadoda akhokelayo esixeko, batshutshisa+ uPawulos noBharnabhas, baza babaphosela ngaphandle kwesixeko. 51  Ngoko bavuthulula uthuli ezinyaweni zabo* baza baya eIkoniyo.+ 52  Abafundi baqhubeka bevuya yaye befumana umoya oyingcwele.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ngengalo ephakamileyo.”
Ngokoqobo, “kwimbewu.”
Okanye “emthini.”
Ngokoqobo, “walala ekufeni.”
Okanye “ububele obungabafanelanga.”
Xa umntu evuthulula uthuli ezinyaweni zakhe wayebonisa ukuba umsulwa.