IZenzo Zabapostile 10:1-48

  • Umbono kaKorneli (1-8)

  • Umbono kaPetros wezilwanyana ezicociweyo (9-16)

  • UPetros uyokubona uKorneli (17-33)

  • UPetros ushumayela iindaba ezilungileyo kubantu beentlanga (34-43)

    • “UThixo akakhethi” (34, 35)

  • Abantu beentlanga bafumana umoya oyingcwele baze babhaptizwe (44-48)

10  EKesareya kwakukho indoda egama linguKorneli, igosa* leqela lomkhosi waseItali.*  Yena nayo yonke indlu yakhe babezinikele yaye bemoyika uThixo, ibe wayenceda amahlwempu, ehlala ethandaza kuThixo.  Kwathi malunga nentsimbi yesithathu+ emva kwemini,* wabona embonweni ingelosi kaThixo isiza kuye, ­yathi: “Korneli!”  Wayijonga esoyika waza wathi: “Ndiyasabela, Nkosi.” Yathi kuye: “Imithandazo yakho iye yaviwa nguThixo, wayibona nemisebenzi yakho yokunceda amahlwempu.+  Ngoko thumela amadoda eYopa akubizele indoda ekuthiwa nguSimon, okwabizwa ngokuba nguPetros.  Le ndoda ilundwendwe kwaSimon, umsuki wofele ohlala ngaselwandle.”  Emva nje kokuba imkile ingelosi eyayithethe naye, wabiza izicaka ezibini nejoni elihlonipha uThixo,  wababalisela yonke into waza wabathumela eYopa.  Ngemini elandelayo, bathi xa besondela esixekweni, uPetros wenyuka waya kuthandaza phezu kwendlu malunga no-12 emini.* 10  Kodwa walamba kakhulu, wafuna ukutya. Ngoxa babesakulungisa, wabona umbono+ 11  wezulu livuleka, kwaza kwehla into* engathi lilaphu elikhulu lelinen, lihliselwa emhlabeni libanjwe ngeekona zalo zone, 12  yaye kulo kwakukho iintlobo ngeentlobo zezilwanyana ezinemilenze emine, izilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba neentaka. 13  Emva koko weva ilizwi lisithi: “Phakama Petros, xhela utye!” 14  Kodwa uPetros wathi: “Andinakukwazi Nkosi, kuba zange ndayitya nantoni na engcolileyo.”+ 15  Ela lizwi lathetha naye okwesibini lisithi: “Sukuthi zingcolile izinto uThixo azicocileyo.” 16  Le nto* yaphinda yenzeka okwesithathu, laza ngoko nangoko lanyuselwa ezulwini. 17  Esabhideke enjalo uPetros, ezibuza ukuba uthetha ukuthini lo mbono, amadoda awayethunyelwe nguKorneli abuzisa ngendlu kaSimon aza ema apho egeyithini.+ 18  Akhwaza ebuza ukuba uSimon owayenguPetros wayelundwendwe apho na. 19  Njengoko uPetros wayesacinga ngalo mbono, umoya kaThixo+ wathi: “Jonga! Kukho amadoda amathathu akufunayo. 20  Phakama uye kuwo, ungathandabuzi kuba athunyelwe ndim.” 21  UPetros wehla waya kuwo, wathi: “Ndim lo nimfunayo. Nibekwa yintoni apha?” 22  Athi: “UKorneli,+ igosa lomkhosi, indoda elilungisa neyoyika uThixo, ekuthethwa kakuhle ngayo lulo lonke uhlanga lwamaYuda, inikwe umyalelo ovela kuThixo yingelosi engcwele wokuba ikubizele endlini yayo ize ive into oza kuyithetha.” 23  Ngoko wathi mawangene loo madoda aze ahlale naye. Ngemini elandelayo wavuka wahamba nawo, ekhatshwa nangabazalwana baseYopa. 24  Ngemini elandelayo wafika eKesareya. UKorneli wayebalindile, ebize izalamane nabahlobo bakhe abasondeleyo. 25  Njengoko uPetros wayengena, uKorneli waya kuye waza waqubuda ezinyaweni zakhe. 26  Kodwa uPetros wamphakamisa esithi: “Phakama; kaloku nam ndingumntu njengawe.”+ 27  Njengoko wayencokola naye, wangena wafika kukho abantu abaninzi. 28  Wathi kubo: “Niyazi kakuhle ukuba akukho semthethweni ngomYuda ukuba ahlale okanye andwendwele umntu wolunye uhlanga,+ kodwa uThixo undibonisile ukuba akukho mntu ndimele ndithi akacocekanga.+ 29  Ngoko khange ndale xa bendibizwa. Khanitsho ke, nindibizele ntoni?” 30  UKorneli wathi: “Kwiintsuku ezine ezidluleyo ngeli xesha malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini,* bendithandaza endlini yam, kwasuka kwema indoda enxibe iimpahla eziqaqambileyo phambi kwam, 31  yathi: ‘Korneli, umthandazo wakho uviwe, ibe uThixo uye wazikhumbula izinto ozenzele amahlwempu. 32  Ngoko thumela amadoda eYopa, akubizele uSimon obizwa ngokuba nguPetros. Ulundwendwe endlini kaSimon ongumsuki wofele, nohlala ngaselwandle.’+ 33  Ngoko ndiye ndathumela ukuba ubizwe, ibe uncedile uze. Silapha ke ngoku phambi koThixo ukuze sive zonke izinto athe uYehova* zithethe.” 34  Emva koko uPetros wathi: “Ndiyiqonda kakuhle ngoku into yokuba uThixo akakhethi,+ 35  kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.+ 36  Wathumela umyalezo koonyana bakaSirayeli ebaxelela ngeendaba ezilungileyo zoxolo+ olwaluza kuza ngoYesu Kristu. Lo ke yiNkosi yabo bonke.+ 37  Niyayazi into ekwakuthethwa ngayo kulo lonke elakwaYuda, ukususela eGalili+ emva kokuba uYohane eshumayele ngobhaptizo. 38  Kwakuthethwa ngoYesu owayevela eNazarete, indlela uThixo awamkhetha ngayo ngomoya oyingcwele+ wamnika namandla, yaye walihamba lonke ilizwe esenza izinto ezilungileyo kwaye ephilisa bonke abantu ababecinezelwe nguMtyholi,+ kuba uThixo wayenaye.+ 39  Singamangqina azo zonke izinto awazenzayo kwilizwe lamaYuda naseYerusalem; kodwa bambulala ngokumxhoma esibondeni.* 40  UThixo wamvusa ngosuku lwesithathu+ waza wamenza wabonakala, 41  kungekhona kubo bonke abantu, kodwa kuthi mangqina awakhethwa nguThixo kwangaphambili, thina satya saza sasela noYesu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.+ 42  Kwakhona wasiyalela ukuba sishumayele, nokuba siyenze icace+ into yokuba lo Yesu ngulo uThixo wathi makabe ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.+ 43  Abaprofeti bashumayela ngaye,+ besithi wonke umntu okholwayo kuye uxolelwa izono ngegama lakhe.”+ 44  Wathi uPetros esathetha ngezi zinto, bonke abantu ababemamele ilizwi bafumana umoya oyingcwele.+ 45  Amakholwa olukileyo* awayehamba noPetros amangaliswa, kuba nabantu beentlanga babefumana isipho sasimahla esingumoya oyingcwele. 46  Babeva bethetha ezinye iilwimi yaye bedumisa uThixo.+ Emva koko uPetros wathi: 47  “Ukhona na umntu onokubanqanda ukuba bangabhaptizwa emanzini+ aba bantu bafumene umoya oyingcwele njengathi?” 48  Ngoko wayalela ukuba babhaptizwe egameni likaYesu Kristu.+ Emva koko bamcela ukuba ahlale nabo iintsuku ezimbalwa.

Umbhalo osemazantsi

Umphathi wamajoni ayi-100.
Iqela lomkhosi wamaRoma elinamajoni ayi-600.
Ngokoqobo, “malunga neyure yesithoba.”
Ngokoqobo, “malunga neyure yesithandathu.”
Ngokoqobo, “into efana nesitya.”
Ngokoqobo, “Esi sitya.”
Ngokoqobo, “ngeyure yesithoba.”
Okanye “emthini.”
Okanye “Abo bathembekileyo.”