Ngaba IBhayibhile Iyakuvumela Ukudivosa?
Impendulo esuka eBhayibhileni
IBhayibhile iyakuvumela ukudivosa. Noko ke, uYesu wathi sinye kuphela isizathu esamkelekileyo sokudivosa, esithi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo [ukulala nomntu ongatshatanga naye], aze atshate nomnye uyakrexeza.
”—Mateyu 19:9.
UThixo uyabacaphukela abantu abaqhawula umtshato besebenzisa amaqhinga. Uza kubaphendulisa ngokwakhe abantu abasuke bashiye abantu abatshate nabo, ngakumbi xa bekwenza oku kuba befuna omnye umntu.—Malaki 2:13-16; Marko 10:9.