Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

2 Timoti 1:7—“UThixo Akasinikanga Moya Wabugwala”

2 Timoti 1:7—“UThixo Akasinikanga Moya Wabugwala”

 “Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa usinike owamandla nowothando nosinceda siphile engqondweni.”—2 Timoti 1:7, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Kuba kaloku umoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando nokuzeyisa.”—2 Timoti 1:7, IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996.

Into Ethethwa Ngu-2 Timoti 1:7

 UThixo unokunceda umntu abe nesibindi sokwenza into elungileyo. UThixo akafuni nabani na ukuba abe ‘ligwala.’ Kaloku loo nto inokumenza angazenzi izinto ezifunwa nguThixo.

 Kule vesi kukho iimpawu ezintathu ezivela kuThixo ezinokusinceda silwe nokoyika okanye ubugwala.

 “Amandla.” AmaKristu aye akwazi ukukhonza uThixo ngesibindi nokunyamezela iimeko ezinzima nokuba neentshaba. Khange oyike aze abuye umva. (2 Korinte 11:23-27) Ayenze njani le nto? Umpostile uPawulos uyibeka kanje: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.” (Filipi 4:13) UThixo unika abakhonzi bakhe ‘amandla angaqhelekanga’ okunyamezela neyiphi na ingxaki.—2 Korinte 4:7.

 “Uthando.” Ukumthanda nyhani uThixo kwenza umKristu ayimele ngesibindi into elungileyo. Ngokufanayo ke, ukuthanda abanye abantu kwenza umKristu abahoye ngaphezu kokuba ezihoyile, nokuba uyachaswa okanye usengozini.—Yohane 13:34; 15:13.

 “Ukusebenzisa ingqondo.” EBhayibhileni, ukusebenzisa ingqondo kuthetha ukuba umKristu akwazi ukwenza izigqibo zobulumko encedwa yiBhayibhile. Umntu oyisebenzisayo ingqondo uyakwazi ukucinga kakuhle nokuba sekejongene neengxaki. Wenza izigqibo ezibonisa ukuba ucinga ngendlela kaThixo futhi uyazi ukuba ukuvana noThixo kubaluleke ngaphezu kwezinto ezicingwa ngabanye abantu.

Into Ekuthethwa Ngayo Ku-2 Timoti 1:7

 Incwadi Yesibini kaTimoti yabhalwa ngumpostile uPawulos, eyibhalela umhlobo wakhe awayesebenza naye uTimoti. Kule leta, uPawulos ukhuthaza uTimoti osemtsha ukuba aqhubeke ezimisela kumsebenzi wakhe. (2 Timoti 1:1, 2) Kusenokwenzeka ukuba uTimoti wayeneentloni, ibe loo nto yayisenokumenza angawenzi kakuhle umsebenzi awayewenzela ibandla lamaKristu. (1 Timoti 4:12) Kodwa uPawulos wamkhumbuza ukuba ufumene isipho, umsebenzi obalulekileyo wokunceda ibandla. Wacela uTimoti ukuba aziphathe njengomveleli webandla xa eshumayela iindaba ezilungileyo, naxa enyamezele ubunzima kuba enokholo.—2 Timoti 1:6-8.

 Nangona la mazwi ayebhalelwe uTimoti, abenza baqiniseke bonke abo bakhonza uThixo namhlanje ukuba uza kubanceda bamkhonze kakuhle nokuba sebeneengxaki ezinjani.