Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Roma 5:8—‘UKristu Wasifela Sisengaboni’

Roma 5:8—‘UKristu Wasifela Sisengaboni’

 “Kodwa uThixo ubonise ukuba uyasithanda ngokuthi uKristu asifele ngoxa sasisengaboni.”—Roma 5:8, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKristu asifele sisengaboni.”—Roma 5:8, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa ngamaRoma 5:8

 UYehova a uThixo wasibonisa uthando xa wavumela uNyana wakhe uYesu Kristu ukuba asifele nangona singabantu abanesono. (Yohane 3:16) Kuba abantu benesono, baye bacinge baze benze izinto ezingavumelaniyo nemithetho kaThixo. (Kolose 1:21, 22) Kodwa uThixo uye wenza sanethuba lokusondela kuye “ngokufa koNyana wakhe.” (Roma 5:10) Ngenxa yaloo nto, sinethuba lokuba ngabahlobo bakaThixo ngoku, nethemba lobomi obungunaphakade kwixesha elizayo.—Roma 5:11; 1 Yohane 4:9, 10.

Into ekuthethwa ngayo kumaRoma 5:8

 La mazwi abhalwa ngumpostile uPawulos ewabhalela amaKristu awayehlala eRoma. Kwisahluko 5 seleta yakhe, wachazela amaKristu ukuba kutheni enokuhlala evuya nokuba amele aqiniseke ngethemba lawo. (Roma 5:1, 2) Elo themba “alidanisi” kuba lisekelwe kuthando uThixo awalibonisayo ngokuncama uYesu ukuze asifele. (Roma 5:5, 6) UYesu wahlala emthobela uThixo, nto leyo uAdam angazange akwazi ukuyenza. (Roma 5:19) Ukungathobeli kuka-Adam kwabangela ukuba abantwana bakhe bafumane isono baze bafe. (Roma 5:12) Ngokwahlukileyo, ukuthobela kukaYesu nokuzincama kwakhe ukuze asifele kunika abantu abathobelayo ithemba lobomi obungunaphakade.—Roma 5:21.

a UYehova ligama likaThixo njengoko isitsho iBhayibhile.—INdumiso 83:18.