Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uNikolay Makhalichev emva kokukhululwa etrongweni eBelarus

APRILI 9, 2020
ERASHIYA

UMzalwana UMakhalichev Ukhululwe Etrongweni EBelarus, Umtshutshisi Akavumanga Ukumthumela ERashiya

UMzalwana UMakhalichev Ukhululwe Etrongweni EBelarus, Umtshutshisi Akavumanga Ukumthumela ERashiya

NgoAprili 7, 2020 Iofisi Yomtshutshisi Oyintloko ayivumanga ukuthumela uMzalwana uNikolay Makhalichev eRashiya, iye yamkhulula etrongweni. UMzalwana uMakhalichev uvuye kakhulu kuba ekhululwe ngeli xesha ukuze abekhona kwiSikhumbuzo Sokufa KukaKristu eBelarus nabahlobo.

UMzalwana uMakhalichev wathathwa wasiwa emapoliseni ngoFebruwari 21, 2020, esendleleni esuka eRashiya eyokubona abahlobo eBelarus. Amapolisa aseBelarus amthatha emva kokujonga ipassport yakhe, aza abona igama lakhe kubantu abafunwa kakhulu yiRashiya ngenxa yokusebenzela intlangano ekuthiwa iyingozi.

Emva kweentsuku ezintathu, bamvalela etrongweni uMzalwana uMakhalichev. Babesafuna ukugqiba ukuba bamthumele na eRashiya ayokuxoxa ityala lakhe langoJanuwari 2019. Ibikokokuqala iNgqina LikaYehova libanjwa kwelinye ilizwe ngenxa yetyala laseRashiya.

UMzalwana uMakhalichev khange atyhafe xa ebesetrongweni kuba ebekhonza uYehova. NgoMatshi ushumayele iiyure eziyi-198, ibe uqhube izifundo zeBhayibhile ezine.

Siyayazi ukuba abazalwana noodadewethu baseRashiya baza kuhlala bethembele ngoYehova ukuze abancede aze abakhusele kula maxesha anzima.​—INdumiso 142:5.