Yiya kwinkcazelo

UFranz noHilda Kusserow beme emva kwabantwana babo abayi-11 ngaphambi kokuba kubulawe oonyana babo ababini, uWilhelm uWolfgang (omnye kwaba nyana ngowesibini omnye yena ngowesixhenxe ukusuka ekhohlo). Babulawa ngamaNazi kuba bengavumi ukungena emkhosini

NGOJANUWARI 25, 2022
EJAMANI

AmaNgqina KaYehova Azama Ukufumana Izinto Ezigciniweyo Zentsapho YakwaKusserow

AmaNgqina KaYehova Azama Ukufumana Izinto Ezigciniweyo Zentsapho YakwaKusserow

Nmahlanje, iphepha-ndaba iThe New York Times, lithe iJehovas Zeugen eseDeutschland a ifuna ukufumana izinto zentsapho yakwaKusserow ezigcinwe yiMyuziyam eseDresden, eGermany. Phofu iJehovas Zeugen eseDeutschland, yeyona iselungelweni lokufumana ezi zinto. Into ebalulekileyo yile, ukufumana ezi zinto zigciniweyo kuza kulungisa nayiphi na intlungu eyabangelwa kukuphathwa kakubi kwale ntsapho.

Intsapho yakwaKusserow enabantu abayi-13 yatshutshiswa kabuhlungu ngurhulumente wamaNazi kuba ingamaNgqina kaYehova. Abafana bale ntsapho ababini, uWilhelm noWolfgang, babulawa kuba bengazange bafune ukuba semkhosini wamaNazi. Yiloo nto umninawa wabo omncinci ongoyena usaphilayo uPaul-Gerhard Kusserow, esithi: “Abantakwethu babulawa kuba bengavumi ukuba semkhosini. Andiyiboni intle into yokuba ezi zinto zigciniweyo zibe kwimyuziyam yasemkhosini.” Ngoko ukuze kulungiswe obu bubi, iJehovas Zeugen eseDeutschland ifuna ukufumana ezi zinto zigcinwe kule myuziyam.

Nantsi enye into, amaNgqina kaYehova anobungqina obubhaliweyo bokuba uAnnemarie Kusserow, ongoyena umdala kula ntsapho, wanika iJehovas Zeugen eseDeutschland ezi zinto zigciniweyo ngokusemthethweni. Ezi zinto zingaphezu kwe-1 000 ibe ziquka iifoto, izinto ezizotyiweyo, iileta abazibhalayo ngaphambi kokuba babulawe, izaziso ezichaza ngesigwebo sabo sokufa, neengxelo zeGestapo b ezahlulwe kakuhle.

UAnnemarie uye wasweleka ngo-2005. Emva koko, amaNgqina kaYehova afumanisa ukuba iBundeswehr Military History Museum izithathile ezi zinto yazigcina ngokwayo. Le myuziyam ithi yazithenga ezi zinto zigciniweyo ngokusemthethweni kumntu wentsapho yakwaKusserow owayengaselilo iNgqina nowaswelekayo.

Sekuphantse kube yiminyaka eyi-7, iJehovas Zeugen eseDeutschland izama ukuthetha ivumelane nemyuziyam ngale nto, kodwa ke ngoku iye yanyanzeleka ukuba iyise emthethweni le ngxaki ukuze ikwazi ukufumana ezi zinto.

Ukuba amaNgqina ayazifumana ezi zinto zigciniweyo, afuna ukuzibeka kwimyuziyam eseCentral Europe eSelters, eGermany. Apho amawaka abantu abasuka emhlabeni wonke aza kutsho akwazi ukuzobona ezi zinto mahala aze afunde nangokholo olungazange lugungqe lwentsapho yakwaKusserow. c

a AmaNgqina KaYehova aseGermany (umbutho osemthethweni).

b Amapolisa orhulumente waseGermany.

c Okwangoku akuthorishwa ngenxa yekhorona. Kodwa ngaphambi kokuba le khorona isasazeke, amaNgqina kaYehova amaninzi nabantu abanomdla abasuka emhlabeni wonke bebesiza kule myuziyam, bezokuyibona qho ngonyaka.