APRILI 22, 2024
EARGENTINA
Kunikezelwe Izakhiwo Ezitsha KwiSebe LaseArgentina
Umzalwana uWinder unikela intetho
NgoAprili 6, 2024, uMzalwana uJeffrey Winder weQumrhu Elilawulayo uye wanikela intetho xa bekunikezelwa izakhiwo ezitsha zesebe laseBuenos Aires, eArgentina. Baphantse babeyi-500 abazalwana noodade ebebekho kolu cwangciso kwiiholo ezintathu eBheteli. Abanye abayi-5 844 bamamela olu cwangciso ngevideoconference kwiHolo yeNdibano ekwidolophu ekufutshane iEzeiza. Ngemini elandelayo, kwabakho intlanganiso ekhethekileyo, kwiHolo yeNdibano. Kwakubukele abazalwana abayi-181 643 kumabandla aseArgentina naseUruguay.
Kwakwenziwe amalungiselelo okuba iindwendwe ezazilapho zikwazi ukubuka izakhiwo, zincokole zize zichithe ixesha nabanye abazalwana, zenze nezinye izinto ezazizilungiselelwe. Phakathi kwabo kwakukho abazalwana noodade abangaphezu kwe-230 ababevela kumazwe ayi-25. Umzalwana uSergio Spaccasassi, okhonza kwisebe lase-Ecuador, wancedisa xa kwakusakhiwa isebe laseArgentina. Xa wayethetha ngeqela elikhulu elalipho elivela kumazwe ahlukeneyo wathi: “UYehova usebenzisa amathuba afana nala ukuze abakhonzi bakhe bakwazi ukusondelelana njengentsapho.”
Umzalwana uJuan Carlos Nigro, okwiKomiti yeSebe laseArgentina wathi: “Siye sayibona indlela aye wasixhasa nasisikelele ngayo uYehova xa bekusakhiwa. Nguye osiphe esi sakhiwo sihle kangaka esizukisa igama lakhe.”
Abazalwana noodade banandipha ucwangciso kwiholo entsha yesakhiwo saseBheteli eBuenos Aires
Sikunye nabazalwana noodade baseArgentina, siyambulela uYehova oye ‘wenza yonke into yantle ngexesha layo,’ kwesi sakhiwo saseBheteli.—INtshumayeli 3:11.