Iifoto—Abantwana Bayazithanda Iividiyo
Iividiyo ezithi, Yiba Ngumhlobo KaYehova, ezineengoma noopopayi uSihle noAvela ziyathandwa kakhulu. Abazali nabantwana babo baye basibhalela bebulela ngezi vidiyo. Nantsi imizekelo yeeleta abasithumelele zona:
“Enkosi ngeDVD ethi, ‘Phulaphula, Thobela Uze Usikelelwe.’ Ndiyibukela yonk’ imihla kunye nonodoli wam.”—UZach, ona-5.
“Ingoma entsha indenze ndazi ukuba uYehova uyandithanda ibe ufuna ndithandaze nanini na.”—UMikariah, ona-6.
“Ndifunde isifundo sokuthobela abazali bam nokuba ndifanele ndicoce. Enkosi ngokusenzela le muvi yabantwana.”—UNicole, ona-8.
“Enkosi kakhulu ngale vidiyo. Ibimnandi, ibihlaziya ibe ndiyayithanda.”—UMckenzie, ona-5.
“Ndiyazithanda iividiyo ezithi, Yiba Ngumhlobo KaYehova. Ndizibukela yonk’ imihla. UYehova wenze kakuhle ngokunicingisa ukuba nizenze.”—UAva, ona-8.
“Ndiyakuthanda ukubukela ezi vidiyo. Ndizama ukufunda zonke iingoma. Ezi vidiyo zindenza ndimthande uYehova.”—UDevon, ona-4.
“Ingathi ayisafiki ividiyo elandelayo kaSihle. Niyibambe ngolo hlobo.”—UVance, ona-8.
EOstreliya—UShiloh, ona-6
Isifundo 12: USihle NoAvela Batyelela EBheteli
EOstreliya—USienna, ona-8
Ingoma 106: Ukuba Ngumhlobo KaYehova
EBrazil—UEduardo, ona-10
Isifundo 13: UYehova Uza Kukunceda Ube Nesibindi
EJamani—UMichele, ona-11
Isifundo 10: Yiba Nobubele Uboleke Nabanye
EJamani—UPriscilla, ona-8
Isifundo 11: Xolela Ngesisa
EJapan—UMiku, ona-7
Isifundo 13: UYehova Uza Kukunceda Ube Nesibindi
EJapan—UTomoaki, ona-10
Isifundo 6: Ukuthi Ndiyacela Nokuthi Enkosi
EMexico—USamuel, ona-7
Isifundo 9: “UYehova . . . Wadala Zonke Izinto”
EMerika—UAdriana, ona-6
Ingoma 92: ‘Shumayela ILizwi’
EMerika—UAnthony, ona-11
Isifundo 2: Thobela UYehova