Kutheni AmaNgqina KaYehova Ethetha Nabantu Ababengenamdla Kwixa Elidlulileyo?
Ngenxa yokuthanda kwawo uThixo nommelwane, amaNgqina kaYehova ayakuthanda ukuncokola nabo bonke abantu ngomyalezo weBhayibhile, nkqu nabo bebengenamdla kwixa elidlulileyo. (Mateyu 22:37-39) Ukuthanda uThixo kusibangela ukuba sithobele umyalelo woNyana wakhe wokuba “sinikele ubungqina obucokisekileyo.” (IZenzo 10:42; 1 Yohane 5:3) Ukuze sikwenze oku, asiyi kube kanye ebantwini, kanye njengokuba abaprofeti bakaThixo bakudala babesenza. (Yeremiya 25:4) Siyabathanda abamelwane bethu, ngoko sizama ngako konke ukuxelela bonke abantu ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani,’ nkqu nabo babengenamdla ekuqaleni.—Mateyu 24:14.
Kuqhelekile ukuba sifike abantu ababengenamdla ekuqaleni benomdla. Nazi izizathu:
Abantu bayafuduka.
Abanye abahlala kuloo ndlu banomdla kumyalezo esiwuphetheyo.
Abantu bayatshintsha. Izinto ezenzeka kweli hlabathi nezinto ezibehlelayo zibangela ukuba abanye ‘bayiphaphele intswelo yabo yokomoya’ baze babe nomdla kumyalezo weBhayibhile. (Mateyu 5:3) Nabo bebesichasa basenokutshintsha, njengokuba kwaba njalo nakumpostile uPawulos.—1 Timoti 1:13.
Sekunjalo, asinyanzeli mntu ngomyalezo esiwuthunyiweyo. (1 Petros 3:15) Sikholelwa ukuba mntu ngamnye umele azikhethele indlela afuna ukunqula ngayo.—Duteronomi 30:19, 20.