INGOMA 70
Funani Abafanelekayo
-
1. UYesu usiyalele ukuba,
Sibafundise abantu:
‘Naphi kwindawo eningena kuyo
Funani abanjengezimvu.
Bonke abantu abanamkelayo
Mababe noxolo lwengqondo.
Kanti ukuba abanamkelanga
Ze nivuthulule iinyawo.’
-
2. Bonke abantu abanamkelayo
Baya kusikeleleka.
UYa wovula iintliziyo zabo
Ukuze bamkel’ inyaniso.
Ngoko musani ukuba neentloni,
Njengoko uThixo enathi.
Amazwi ethu makabe netyuwa,
Ukuze amkelwe ngabantu.
(Funda nezi: IZe. 13:48; 16:14; Kol. 4:6.)