INGOMA 36
Masikhusele Iintliziyo Zethu
-
1. Masikhusel’ intliziyo
Siphephe isono.
UThixo uyazibona
Iintliziyo zethu.
Uyazi xa intliziyo
Isiphambukisa.
Ngoko masinamathele
Kwimithetho yakhe.
-
2. Masikhusel’ intliziyo
Sithandaze rhoqo.
S’namathela kuYehova
Ngentliziyo yonke.
Maz’be sezintliziyweni
Iimfundiso zakhe.
Mas’ thandazel’ intliziyo
Ethobekileyo.
-
3. Masikhusel’ intliziyo
Kwiingcinga ezimbi.
S’yomeleze ngokufunda
IZibhalo rhoqo.
Ngaloo ndlela uYehova
Uza kusithanda.
Sihlale sinqul’ uThixo
Sinyanisekile.
(Funda nezi: INdu. 34:1; Fil. 4:8; 1 Pet. 3:4.)