INGOMA 32
Mela UYehova!
-
1. Sakha safundiswa ubuxoki,
Xa sasikwiicawa zobuxoki.
Kodwa savuya kakhulu emva
Kokuva inyaniso.
(CHORUS)
Mela uYehova. Hlala umkhonza.
Soze akushiye. Thembela ngaye.
Zazise iindaba zenkululeko.
Ulawulo lwakhe lophumelela.
-
2. Ngoku simela uThixo wethu,
Sishumayela ngoBukumkani.
Ngamnye makazenzele is’ gqibo,
Sokumela uThixo.
(CHORUS)
Mela uYehova. Hlala umkhonza.
Soze akushiye. Thembela ngaye.
Zazise iindaba zenkululeko.
Ulawulo lwakhe lophumelela.
-
3. Asimoyiki yena uMtyholi,
Kuba sithembele ngoYehova.
Ngoko nokuba siyatshutshiswa,
Uza kusomeleza.
(CHORUS)
Mela uYehova. Hlala umkhonza.
Soze akushiye. Thembela ngaye.
Zazise iindaba zenkululeko.
Ulawulo lwakhe lophumelela.
(Funda nezi: INdu. 94:14; IMize. 3:5, 6; Heb. 13:5.)