INGOMA 112
UYehova, UThixo Woxolo
-
1. Thixo oluthando
Us’thembise uxolo.
Sicela umoya wakho
Ukuba usincede.
S’ngabahlobo bakho
Ngenxa yokholo lwethu
Kunyana wakho uYesu
Onyanisekileyo.
-
2. ILizwi lakho Ya
Liyasikhanyisela.
Sikhusele kwihlabathi
Elisebumnyameni.
Kwanga singahlala
Sinoxolo nabantu,
De kube sekupheleni
Sisikelele Thixo.
-
3. Simanyene sonke
Ngenxa yomoya wakho.
Ezulwini, emhlabeni
Sikhonza wena Thixo.
Siyashumayela
NgoBukumkani bakho.
Ziza kuphela iimfazwe,
Sibe seluxolweni.
(Funda nezi: INdu. 4:8; Fil. 4:6, 7; 1 Tes. 5:23.)