ISAHLUKO 44
UYesu Uzolisa Isaqhwithi Elwandle
MATEYU 8:18, 23-27 MARKO 4:35-41 LUKA 8:22-25
-
UYESU UZOLISA ISAQHWITHI KULWANDLE LWASEGALILI
UYesu udiniwe emva kwemini ebinde. Kuthi xa kurhatyela athi kubafundi bakhe: “Masiweleleni kweliya cala lonxweme,” olungaphesheya kweKapernahum.—Marko 4:35.
Ngaphesheya konxweme olungasempuma yoLwandle LwaseGalili kukho indawo yamaGerasa. Le ndawo iphinda ibizwe ngokuba yiDekapoli. Abantu abahlala kwizixeko zalapha ngamaGrike kodwa kukho namaYuda amaninzi.
Abantu bayamqaphela uYesu xa esimka eKapernahum. Kuqalisa ukubakho ezinye izikhephe eziwela ulwandle. (Marko 4:36) ULwandle LwaseGalili alikho lukhulu kakhulu, ngenxa yaloo nto akuthathi xesha lininzi ukuwela. Linjengechibi elikhulu, lizikhilomitha ezimalunga neziyi-21 ubude, lize libe ziikhilomitha ezimalunga neziyi-12 ukuvuleka. Kodwa ke linzulu.
UYesu udiniwe kuba kaloku ebeshumayela imini yonke. Ngoko bathi xa besimka ngesikhephe angqengqe pha ngasemva kuso, abeke intloko yakhe emqamelweni aze alale.
Abafundi bakhe abaninzi bayakwazi ukuqhuba isikhephe, kodwa namhlanje akuzoba lula. Kukho iintaba ezibajikelezileyo, ibe ngokuqhelekileyo uLwandle LwaseGalili ludla ngokufudumala. Ngamanye amaxesha umoya obandayo osuka kwezi ntaba udla ngokuyokubetheka phezu kolu lwandle lufudumeleyo, ize loo nto yenze kubekho izaqhwithi ezininzi. Kwenzeka loo nto ke nangoku. Amaza akhawuleza abethe kwesi sikhephe. ‘Siqalisa ukugcwala ngamanzi, baze babe sengozini yokutshona.’ (Luka 8:23) Kuyo yonke le nto, uYesu usalele!
Abafundi bazama ngamandla abo onke ukuqhuba esi sikhephe besenza ngendlela abaqhele ukwenza ngayo xa kukho izaqhwithi. Kodwa ngoku amacebo aphelile. Besoyika ukuba baza kufa, bavusa uYesu baze bathi: “Safa Nkosi, sisindise!” (Mateyu 8:25) Ngoku abafundi boyika ukuba baza kutshona.
Ukuvuka kukaYesu uthi kubapostile: “Kutheni nisoyika kangaka nje, nina ninokholo oluncinci?” (Mateyu 8:26) Uyalela umoya nolwandle athi: “Yithi tu! Uzole!” (Marko 4:39) Umoya uyayeka ukuvuthuza luze nolwandle luzole. (UMarko noLuka bayabalisa ngale nto, baqala bachaze ukuba ngokungummangaliso uYesu uzolisa isaqhwithi, baze emva koko bathethe ngokuba nokholo oluncinci kwabafundi.)
Khawuyicinge indlela abamele ukuba baziva ngayo abafundi bakhe! Babona isaqhwithi ebesivunguza sisithi cwaka. Bavela boyike ngendlela engaqhelekanga. Bayabuzana bathi: “Ngubani kanye kanye lo, ode athotyelwe ngumoya nalulwandle.” Emva koko bafika ngapha kolwandle bekhuselekile. (Marko 4:41–5:1) Mhlawumbi nezinye izikhephe ebeziselwandle zikwazile ukuwela.
UNyana KaThixo wabonisa ukuba unamandla okuzolisa isaqhwithi nolwandle. Kusikhuthaza kakhulu ukwazi loo nto. Xa kulawula uBukumkani bakhe bonke abantu baza kukhuseleka, kuba akuzokubakho ntlekele zendalo!