ISAHLUKO 135
UYesu Ovusiweyo Ubonakala Kubantu Abaninzi
-
UYESU UBONAKALA ENDLENI EYA E-EMAWUSI
-
UTYHILELA ABAFUNDI BAKHE IZIBHALO
-
UTOMAS UYAYEKA UKUTHANDABUZA
NgeCawa, ngoNisan 16, abafundi basakhathazekile. Abayiqondi eyona nto ithethwa kukungabikho komzimba kaYesu engcwabeni. (Mateyu 28:9, 10; Luka 24:11) Kwangale mini, uKleyopa nomnye umfundi bayemka eYerusalem baze baye e-Emawusi ekwiikhilomitha ezimalunga ne-11.
Endleleni bancokola ngale nto isandokwenzeka. Bathi besancokola kuthi gqi indoda abangayaziyo. Iyababuza ithi: “Yintoni na le nihamba nixoxa ngayo?” UKleyopa uphendula athi: “Ulundwendwe oluhlala lodwa na wena eYerusalem, le nto ungazaziyo izinto ezenzekileyo aph’ ezintsukwini?” Le ndoda iyabuza ithi: “Ziintoni ezo?”—Luka 24:17-19.
Bathi: “Izinto ezenzeke kuYesu waseNazarete. . . . Besithembe ukuba yiyo le ndoda eza kukhulula uSirayeli.”—Luka 24:19-21.
UKleyopa nalo mntu ahamba naye baqhubeka bebalisa izinto ezenzeke ngale mini. Bathi abafazi ebebeye kwingcwaba likaYesu bafike umzimba ungekho ibe aba bafazi babone into emangalisayo.Babone iingelosi. Ezo ngelosi zithe uYesu uyaphila . Bathi kukho nabanye ebebeye engcwabeni “bafika engekho, kanye njengokuba bebetshilo aba bafazi.”—Luka 24:24.
Kuyacaca ukuba aba bafundi babhideke nyhani yile nto yenzekileyo. Le ndoda bangayaziyo iphendula ngegunya ize ilungise le ndlela bacinga ngayo, ebenza bangakholelwa ukuba uYesu uvusiwe. Ithi: “Kutheni ningayisebenzisi nje ingqondo? Kutheni nicotha kangaka ukukholelwa izinto ezathethwa ngabaprofeti! Ebengamelanga ehlelwe zezi zinto na uKristu ukuze azukiswe?” (Luka 24:25, 26) Emva koko le ndoda ibacacisela izinto ezininzi ezikwiZibhalo ngoKristu.
Ekugqibeleni, la madoda mathathu afika kufuphi ne-Emawusi. Aba bafundi basafuna ukumamela le ndoda bangayaziyo bahamba nayo. Bathi kuyo: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nelanga liyatshona.” Le ndoda iyavuma ize itye kunye nabo. Xa ithandaza, iqhekeza isonka ize ibanike, batsho bayibone ukuba ingubani. Kodwa emva koko iyanyamalala. (Luka 24:29-31) Ngoku baqinisekile ukuba uYesu uyaphila.
Bancokola ngomdla ngale nto yenzekileyo, bathi: “Yiloo nto besinomdla kangaka ngokuya ebethetha nathi endleleni, esicacisela kakuhle iZibhalo.” (Luka 24:32) Bakhawuleza babuyele eYerusalem, apho bafumana abapostile bekunye nabanye abantu. Bathi bengekathethi beve abanye besithi: “INkosi ivusiwe nyhani, uSimon uyibonile!” (Luka 24:34) Emva koko aba babini babalisa indlela uYesu aye wabonakala ngayo kubo.
Kuthi kusenjalo uYesu athi gqi kule ndawo bakuyo baze bonke bothuke! Ayikholeleki le nto kuba bawutshixile umnyango ngenxa yokoyika amaYuda. Kodwa nank’ uYesu emi apha phambi kwabo. Ezolile uthi kubo: “Yibani noxolo.” Kodwa bona bayoyika. Njengokuba bekukhe kwenzeka ngaphambili, ‘bacinga ukuba babona umbono.’—Luka 24:36, 37; Mateyu 14:25-27.
Ubabonisa izandla neenyawo zakhe ukuze abancede baqonde ukuba akangombono okanye into nje abayicingayo, kodwa uyaphila. Emva koko uthi: “Nikhathazwa yintoni, ibe kutheni nithandabuza nje? Jongani izandla neenyawo zam, ndim nyhani. Ndibambeni nizivele, kuba umoya awunanyama namathambo.” (Luka 24:36-39) Bayavuya kodwa baphinde bangaqiniseki ncam.
UYesu uphinda azame ukubanceda baqonde ukuba uyaphila nyhani, uthi: “Aninanto yokutya?” Luka 24:41-44.
Uthatha intlanzi eyojiweyo aze ayitye. Emva koko uthi: “Ngokuya ndandikunye nani [ngaphambi kokuba ndife], ndanixelela ukuba zimele zenzeke zonke izinto ezibhaliweyo ngam eMthethweni kaMoses, kwiincwadi zabaProfeti nakwiiNdumiso.”—UYesu uncede uKleyopa nalo mfundi uhamba naye ukuba baziqonde iZibhalo, ngoku wenza into efanayo nakwaba bantu balapha. Uthi: “Kubhalwe kwathiwa, uKristu wayeza kuva iintlungu aze avuke ekufeni ngosuku lwesithathu, yaye kwakuza kushunyayelwa ukuba abantu bazo zonke iintlanga mabaguquke baze baxolelwe izono egameni lakhe, kuqalwe eYerusalem. Nimele nizibonele ngokwenu ezi zinto zisenzeka.”—Luka 24:46-48.
Umpostile uTomas akekho yena apha. Kwiintsuku ezimbalwa ezilandelayo abanye bayamxelela bevuya besithi: “Siyibonile iNkosi!” UTomas uthi: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, ndifake nesandla sam kwinxeba layo elisecaleni, soze ndiyikholelwe loo nto.”—Yohane 20:25.
Emva kweentsuku ezisibhozo abapostile baphinda badibane ibe noTomas ukhona ngoku. Nangoku umnyango utshixiwe, kodwa uYesu uphinda athi gqi phakathi kwabo aze ababulise athi: “Yibani noxolo.” Uyajika aze athi kuTomas: “Faka umnwe wakho apha, jonga izandla zam, faka nesandla sakho kweli nxeba lam lisecaleni. Yeka ukuthandabuza, undikholelwe.” UTomas uthi: “Nkosi yam, Thixo wam!” (Yohane 20:26-28) Ngoku uTomas uyekile ukuthandabuza ukuba uYesu uyaphila nokuba ungummeli kaYehova uThixo.
UYesu uthi: “Andithi undibonile ngoku! Uyakholwa ke ukuba ndim? Bayavuya abo bangakhange bandibone, kodwa bakholwa.”—Yohane 20:29.