ISIFUNDO 1
Intshayelelo Mayibangele Umdla
IZenzo 17:22
INTO OMELE UYENZE: Indlela oyiqala ngayo incoko okanye intetho ifanele ibenze babe nomdla abantu abakumameleyo. Wenze ucace umxholo uze ubabonise ukuba kutheni bemele babe nomdla kuwo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
-
Benze babe nomdla. Khetha umbuzo, into ekhe yenzeka, into esezindabeni okanye nantoni na enokubenza babe nomdla abantu abakumameleyo.
-
Wenze ucace umxholo. Qiniseka ukuba intshayelelo yakho iwenza ucace umxholo neyona nto ubafundisa yona abantu abakumameleyo.
-
Cacisa ukuba kutheni ubalulekile umxholo. Yenze icace indlela umxholo onokubanceda ngayo abantu abakumameleyo.