ISIFUNDO 48
Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho
Abahlobo abasondeleyo basonwabisa kakhulu xa kumnandi baze basincede xa kunzima. Kodwa iBhayibhile ithi bakhona abahlobo abangalunganga. Ungabakhetha njani ke abahlobo abalungileyo? Khawujonge le mibuzo ingezantsi.
1. Kunokwenzeka ntoni kuwe ngenxa yabahlobo obakhethayo?
Siye sifane nabantu esichitha ixesha elininzi nabo, noba sihleli nabo okanye sincokola nabo kwi-intanethi. Le nto ingasinceda okanye isifake engxakini. IBhayibhile ithi, “ohamba nezilumko uza kuba sisilumko, kodwa osebenzisana nezidenge [nabantu abangamthandiyo uYehova] uza kungena engxakini.” (IMizekeliso 13:20) Abahlobo abamthandayo nabamkhonzayo uYehova bangakunceda uhlale usondele kuye uze wenze izigqibo ezifanelekileyo. Kodwa abahlobo abangamthandiyo uYehova banokusibhekelisa kuye. Yiloo nto iBhayibhile isikhuthaza ukuba sibakhethe kakuhle abahlobo! Xa sinabahlobo abamthandayo uThixo, siyakwazi ukubanceda, nabo basincede. ‘Sihlala sikhuthazana yaye sisakhana.’—1 Tesalonika 5:11.
2. UYehova uziva njani ngabahlobo esibakhethayo?
UYehova ubakhetha kakuhle abahlobo bakhe. “Ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.” (IMizekeliso 3:32) Angaziva njani uYehova xa sinokukhetha ukuba ngabahlobo babantu abangamthandiyo? Angaphoxeka kakhulu! (Funda uYakobi 4:4.) Kodwa xa sisondela kuYehova nakubantu abamthandayo, singabi ngabahlobo nabantu abangalunganga, uza kuvuya kakhulu aze asenze abahlobo bakhe.—INdumiso 15:1-4.
FUNDA NEZINYE IZINTO
Jonga ukuba kutheni kubaluleke kakhulu ukubakhetha kakuhle abahlobo, nokuba ungenza njani ukuze ube nabahlobo abaza kukunceda ebomini.
3. Qiniseka ukuba awukhethi bahlobo bangalunganga
Abantu abangamthandiyo uThixo nemithetho yakhe, ngabahlobo abangalunganga. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.
-
Yintoni enokusenza sizibone sinabahlobo abangalunganga singaqondanga?
Funda 1 Korinte 15:33, nize nincokole ngale mibuzo:
-
Umhlobo ongalunganga ngumntu onjani? Kutheni usitsho?
Funda iNdumiso 119:63, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Yintoni ofanele uyikhangele emntwini oza kuba ngumhlobo wakho?
4. Nabantu abangalinganiyo nathi banokuba ngabahlobo abalungileyo
IBhayibhile isixelela ngamadoda amabini akwaSirayeli, uDavide noYonatan. UYonatan wayemdala kakhulu kuDavide ibe wayengunyana kakumkani, kodwa babengabahlobo abasondeleleneyo. Funda 1 Samuweli 18:1, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Kutheni kunganyanzelekanga ukuba abahlobo bethu balingane nathi okanye babe nezinto njengathi?
Funda amaRoma 1:11, 12, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Bangakhuthazana njani abahlobo abathanda uYehova?
Kule vidiyo, jonga indlela lo mzalwana usemtsha abafumana ngayo abahlobo kwiindawo angazilindelanga. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.
-
Kule vidiyo, kutheni abazali baka-Akil benexhala ngabahlobo bakhe esikolweni?
-
Ekuqaleni, uAkil ebethanda ntoni kwaba bahlobo basesikolweni?
-
Wenze njani ukuze abe nomhlobo olungileyo?
5. Indlela yokwenza abahlobo abalungileyo
Jonga ukuba unokubafumana njani abahlobo abalungileyo—nokuba wena ungenza njani ukuze ube nguye. Dlala IVIDIYO.
Funda iMizekeliso 18:24 no-27:17, nize nincokole ngale mibuzo:
-
Abahlobo bokwenene bancedana njani?
-
Unabo abahlobo abanjalo? Ukuba uthi hayi, ungenza njani ukuze ube nabo?
Funda amaFilipi 2:4, nize nincokole ngalo mbuzo:
-
Ukuze ube nabahlobo abalungileyo, kufuneka wena kuqala ube nguye. Unganguye njani?
ABANYE ABANTU BATHI: “Kubhetele ube nabahlobo noba banjani, kunokuba ungabi nabo.”
-
Uthini wena?
UFUNDE NTONI?
Xa sibakhetha kakuhle abahlobo, sivuyisa uYehova, nathi siyancedakala.
Khawutsho
-
Kutheni uYehova eyihoyile into yokuba sikhetha abahlobo abanjani?
-
Ngabantu abanjani esingafanele sibe ngabahlobo nabo?
-
Ungenza njani ukuze ube ngumhlobo osondeleyo nabantu abalungileyo?
JONGA NEZI ZINTO
Jonga ukuba abahlobo abalungileyo bangasinceda njani kumaxesha anzima.
“Yiba Nabahlobo Ngaphambi Kokuba Kufike Isiphelo” (IMboniselo, Novemba 2019)
Cinga ngezinto onokuzenza ukuze ube nabahlobo abalungileyo.
“Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?” (Imibuzo Yabantu Abaselula, Umqulu 1, isahluko 8)
Yintoni ofanele uyazi ngokuba nabahlobo abakwi-intanethi?
Kwibali elithi “Ndandinqwenela Ukuba Notata,” jonga ukuba yintoni eyenza enye indoda yafuna abanye abahlobo.
“IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Aprili 1, 2012)