UkuThobela
Kubaluleke kangakanani ukuthobela?
Eks 19:5; Dut 10:12, 13; INt 12:13; Yak 1:22
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
1Sa 15:17-23—Umprofeti uSamuweli ugxeka uKumkani uSawule ngokungathobeli uYehova; emva koko uSamuweli ucacisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela
-
Heb 5:7-10—Nangona uYesu wayesoloko emthobela uTata wakhe, wafunda ukuthobela xa abantu babemphatha kakubi emhlabeni
-
Ufanele enze ntoni umKristu ukuba umntu onegunya ufuna angathobeli uThixo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Dan 3:13-18—Nangona ubomi bawo busengozini, amaHebhere amathathu athembekileyo kuThixo akavumi ukuqubuda kumfanekiso owenziwe nguKumkani uNebhukadenetsare
-
Mat 22:15-22—UYesu uchaza ukuba abalandeli bakhe bayawathobela amagunya ehlabathi ngaphandle kokuba loo magunya afuna bangamthobeli uYehova uThixo
-
IZe 4:18-31—Nangona abasemagunyeni bebayalela ukuba bayeke, abapostile baqhubeka beshumayela ngesibindi
-
Kufuneka senze ntoni ukuze sihlale siyithobela imiyalelo kaYehova?
Dut 6:1-5; Nd 112:1; 1Yo 5:2, 3
Jonga neNd 119:11, 112; Rom 6:17
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Ezr 7:7-10—UEzra umbingeleli othembekileyo ulungisa intliziyo yakhe ukuze abe ngumzekelo ekuthobeleni nasekufundiseni uMthetho KaThixo
-
Yoh 14:31—UYesu uveza isizathu sokuba esenza kanye le nto uTata wakhe amyalela yona
-
Yintoni efanele isenze sifune ukuthobela uYehova noYesu?
Ukuthobela kwethu kubonisa njani ukuba sinokholo?
Rom 1:5; 10:16, 17; Yak 2:20-23
Jonga neDut 9:23
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 6:9-22; Heb 11:7—UNowa ubonisa ukuba unokholo ngokwakha umkhombe kanye ngendlela uYehova amyalela ngayo, wenza yonke into “ngobunjalo bayo”
-
Heb 11:8, 9, 17—UAbraham ubonisa ukuba unokholo ngokuthobela imiyalelo kaYehova hayi ngokushiya iUre kuphela kodwa nangokunikela ngonyana wakhe
-
UYehova ubasikelela njani abantu abathobelayo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Lev 26:3-6—UYehova uthembisa ukubasikelela nokubakhathalela abantu abamthobelayo
-
Num 13:30, 31; 14:22-24—UKalebhi uyathobela, futhi uYehova uyamsikelela ngenxa yaloo nto
-
Yintoni enokwenzeka ngenxa yokungathobeli?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 2:16, 17; 3:17-19—UAdam noEva baphoswa kukuphila eParadesi, kukuphila bengenasono, nabubomi obungunaphakade ngenxa yokungamthobeli uYehova uThixo
-
Dut 18:18, 19; IZe 3:12, 18, 22, 23—UYehova uchaza kwangaphambili ukuba kuzoza uMprofeti omkhulu kunoMoses nokuba abantu abangamthobeliyo loo mprofeti baza kuthi shu
-
Yude 6, 7—Iingelosi ezivukelayo nabahlali baseSodom naseGomora bamcaphukisa kakhulu uYehova ngokungathobeli kwabo
-
Kutheni sifanele simthobele uYesu Kristu?
-
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
-
Yoh 12:46-48; 14:24—UYesu uchaza ukuba umntu ongawathobeliyo amazwi akhe uza kufumana isigwebo esiqatha
-
Kutheni amaKristu ethobela abadala ebandleni?
Kutheni umfazi ongumKristu efanele azithobe kwindoda yakhe?
Kutheni abantwana bethobela abazali babo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Gen 37:3, 4, 8, 11-13, 18—UYosefu osemtsha uthobela utata wakhe aze aye kubona abantakwabo nangona bemzonda
-
Luk 2:51—UYesu uhlala ezithobile kuYosefu noMariya nangona engumntu ongenzi zimpazamo bona abazali bakhe bengabantu abazenzayo
-
Kutheni kububulumko ukuthobela umqeshi noba akukho mntu usibonayo?
Kutheni amaKristu ethobela oorhulumente?