UkuGuquka
Kutheni bonke abantu kufuneka babuyele kuYehova uThixo futhi baguquke?
Jonga neZe 26:20
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze acacise ukuba kufuneka sivume izono zethu size sithandazele ukuncedwa nguThixo
-
Rom 7:15-25—Nangona uPawulos engumpostile futhi enokholo oluqinileyo, ukhathazwa yiminqweno yesono ekufuneka alwe nayo
-
IBhayibhile ithi uYehova uziva njani ngabantu abaguqukayo?
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
Luk 15:1-10—UYesu wenza imizekeliso ukuze aveze ukuba uYehova neengelosi bayavuya xa umoni eguquka
-
Luk 19:1-10—UZakeyu, ongumphathi wabaqokeleli berhafu nothatha imali ebantwini ngokubaqhatha, uyaguquka aze atshintshe iindlela zakhe, atsho axolelwe futhi asindiswe
-
Sibonisa njani ukuba siguquke nyhani?
Hez 18:21-23; IZe 3:19; Efe 4:17, 22-24; Kol 3:5-10
Jonga no-1Pe 4:1-3
Kutheni umntu oguquke nyhani kufuneka afumane ulwazi oluchanileyo?
Rom 12:2; Kol 3:9, 10; 2Ti 2:25
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
IZe 17:29-31—Umpostile uPawulos ucacisela abantu baseAthene ukuba kutheni ukukhonza izithixo ikukungazi aze abacenge ukuba baguquke
-
1Ti 1:12-15—Umpostile uPawulos wenza izono ezimbi kakhulu ngaphambi kokuba abe nolwazi oluchanileyo ngoYesu Kristu
-
Kubaluleke kangakanani ukuguquka?
Yintoni esiqinisekisayo ukuba uYehova uza kusixolela xa siguquka noba sona kaninzi?
UYehova ubaphatha njani abantu abazivumayo izono zabo baze batshintshe?
Jonga nomxholo othi “INceba”
Sazi njani ukuba ukuguquka akupheleli nje ekubeni sithi siyaxolisa okanye siyazisola?
2Kr 7:14; IMi 28:13; Hez 18:30, 31; 33:14-16; Mat 3:8; IZe 3:19; 26:20
-
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
-
2Kr 33:1-6, 10-16—Nangona uKumkani uManase enze izinto ezimbi ezininzi kangangexesha elide, ubonisa ukuba uguquke nyhani ngokuthi azithobe, aqhubeke ethandaza, nangokutshintsha iindlela zakhe
-
Nd 32:1-6; 51:1-4, 17—UKumkani uDavide ubonisa ukuba uguqukile ngokuzisola kakhulu ngezono azenzileyo kuYehova, ngokuzivuma, nangokuthandaza
-
Kutheni sifanele sibaxolele abantu abasimoshileyo xa beguqukile?
Mat 6:14, 15; 18:21, 22; Luk 17:3, 4
Jonga nomxholo othi “UkuXolela”