AmaGama Azukisa Abantu
Ngaba amaKristu afanele asebenzise amagama onqulo azukisa abantu?
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
Luk 18:18, 19—Nangona engumntu olungileyo, uYesu akavumi ukubizwa ngegama elithi “Mfundisi Olungileyo,” uthi nguYehova kuphela olungileyo
Kutheni amaKristu engabizi bantu ngamagama onqulo anika uzuko, njengelithi “uTata” okanye “iNkokheli”?
Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:
Mat 23:9-12—UYesu akavumi ukuba kusetyenziswe amagama azukisa abantu, njengokuthi “uTata” okanye “iNkokheli”
1Ko 4:14-17—Nangona umpostile uPawulos wayefana notata kwabaninzi, akukho apho siva ebizwa ngokuthi uTata uPawulos okanye ngenye indlela efanayo
Kutheni kufanelekile ukuba amaKristu abizane futhi aphathane njengabantakwabo noodadewabo?
Jonga neZe 12:17; 18:18; Rom 16:1
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
Mat 12:46-50—UYesu uyenza icace into yokuba abantu akhonza nabo bangabantakwabo noodade bakhe
Kutheni kufanelekile ukuba amaKristu awasebenzise amagama okuhlonipha abalawuli behlabathi nabepolitiki, iijaji, namanye amagosa?
Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:
IZe 26:1, 2, 25—Umpostile uPawulos ubiza abalawuli behlabathi, abanjengoAgripa noFesto, ngamagama ezikhundla zabo