ISIFUNDO 40
UDavide NoGoliyati
UYehova wathi kuSamuweli: ‘Yiya endlini kaYese. Omnye woonyana bakhe uza kuba ngukumkani wakwaSirayeli olandelayo.’ Ngoko uSamuweli waya emzini kaYese. Akubona unyana omdala, wacinga oku: ‘Nanku umntu ofanele ukuba ngukumkani.’ Kodwa uYehova wathi kuSamuweli, ayinguye lo. UYehova wathi: ‘Mna andijongi imbonakalo yangaphandle, kodwa ndibona oko kusentliziyweni.’
UYese weza nabanye oonyana bakhe abayi-6 kuSamuweli. USamuweli wathi: ‘UYehova akakhethanga namnye kubo. Unabo abanye oonyana?’ UYese wathi: ‘Ndinaye omnye ongoyena mncinci, uDavide. Usayokwalusa iigusha zam.’ Xa efika uDavide, uYehova wathi kuSamuweli: ‘Nguye kanye lo!’ USamuweli wamgalela ioli entloko uDavide, emthambisela ukuba ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli.
Emva koko, amaSirayeli alwa namaFilisti, awayenejoni elaliyingxilimbela uGoliyati. Umhla nezolo, uGoliyati wayewagculela amaSirayeli. Wayedla ngokukhwaza athi: ‘Yizani nendoda endiza kulwa nayo. Ukuba indoyisile, siza kuba zizicaka zenu. Kodwa ukuba ndiyoyisile, niza kuba zizicaka zethu.’
UDavide weza nokutya kubantakwabo ababengamajoni. Wayiva le nto yayithethwa nguGoliyati waza wathi: ‘Ndiza kulwa naye!’ UKumkani uSawule wathi: ‘Kodwa
useyinkwenkwana nje.’ UDavide wathi: ‘UYehova uza kundinceda.’USawule waqala wamnika isikrweqe sakhe, kodwa uDavide wathi: ‘Andikwazi kulwa ngale nto.’ UDavide wathatha isilingi sakhe waza waya emlanjeni. Wachola amatye amahle ayi-5 waza wawafaka engxoweni. Emva koko wasondela kuGoliyati ebaleka. UGoliyati wakhwaza wathi: ‘Yiza apha kwedini. Ndiza kukutyisa ngeentaka nezilwanyana zasendle.’ UDavide wayengoyiki. Waphendula wathi: ‘Uza kum uphethe umkhonto nentshuntshe, kodwa mna ndiza egameni likaYehova. Awulwi nathi kodwa ulwa noThixo. Wonke umntu olapha uza kubona ukuba uYehova ngoyena unamandla ukodlula umkhonto nentshuntshe. Uza kuninikela esandleni sethu.’
UDavide wafaka ilitye kwisilingi sakhe wasijiwuzisa. Ngoncedo lukaYehova, ilitye laya kumbetha ebunzi uGoliyati. Wawa, yaba kukufa kwakhe oko. AmaFilisti abaleka. NjengoDavide, ngaba nawe uyamthemba uYehova?
“Ebantwini ibonakala ingenakwenzeka le nto, kodwa kuThixo yonke into ingenzeka.”—Marko 10:27