Intshayelelo Yecandelo 6
Xa amaSirayeli afikayo kwiLizwe Lesithembiso, intente engcwele yaba yindawo uYehova akhonzwa ngenyaniso kuyo. Ababingeleli babefundisa uMthetho, bona abagwebi bekhokela uhlanga. Eli candelo libonisa indlela isigqibo somntu nezenzo zakhe ezinokuba namandla ngayo kwabanye. UmSirayeli ngamnye kwakukho into ekwakufuneka ayenzele uYehova namanye amaSirayeli. Cacisa ukuba indlela abenza ngayo uDebhora, uNahomi, uYoshuwa, uHana, intombi kaYifeta noSamuweli yawanceda njani amanye amaSirayeli. Bethelela nokuba abantu ababengengomaSirayeli, uRahabhi, uRute, uYaheli namaGibheyon bagqiba ekubeni babe kwicala lamaSirayeli kuba babesazi ukuba uThixo unawo.
KWELI CANDELO
ISIFUNDO 30
URahabhi Wafihla Iintlola
Iindonga zaseYeriko ziyadilika. Yona indlu kaRahabhi ayidiliki, nangona yayingaphakathi kwezo ndonga.
ISIFUNDO 31
UYoshuwa NamaGibheyon
UYoshuwa uthandaza kuThixo ukuba: “Ilanga, lime ngxi!” Ngaba uThixo wamphendula?
ISIFUNDO 32
Inkokheli Entsha Nabafazi Abayi-2 Abanesibindi
Emva kokuba uYoshuwa efile, amaSirayeli akhonza izithixo. Ubomi baba nzima, kodwa uncedo lweza ngoMgwebi uBharaki, uDebhora umprofetikazi noYaheli nentente yakhe!
ISIFUNDO 33
URute NoNahomi
Abafazi abayi-2 abafelwa ngabayeni babuyela kwaSirayeli. Omnye wabo, uRute, waya kusebenza emasimini, apho wabonwa nguBhohazi.
ISIFUNDO 34
UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan
Emva kokuba amaMidiyan ewaphethe kabuhlungu amaSirayeli, abantu bacela uYehova ukuba abancede. Umkhosi wamadoda ambalwa kaGidiyon wawoyisa njani amajoni ayi-135 000?
ISIFUNDO 35
UHana Uthandazela Ukuba Nonyana
UElikana uhamba noHana, uPenina nabantwana bayokukhonza kwintente engcwele eseShilo. Apho uHana uthandazela ukuba nonyana. Emva konyaka, uzala uSamuweli!
ISIFUNDO 36
Isithembiso SikaYifeta
Wathembisa ntoni uYifeta, yaye ngoba? Yathini intombi kaYifeta yakuva ngesithembiso sikatata wakhe?
ISIFUNDO 37
UYehova Uthetha NoSamuweli
Oonyana ababini bombingeleli Omkhulu uEli babengababingeleli ententeni engcwele, kodwa abazange bamthobele uThixo. USamuweli omncinci wayengafani nabo. UYehova wathetha naye.
ISIFUNDO 38
UYehova Wamnika Amandla USamson
UThixo wamnika amandla uSamson ukuze alwe namaFilisti, kodwa xa wenza isigqibo esingafanelekanga, amaFilisti amoyisa.