ISIFUNDO 6
Abantu Abayi-8 Basindela Kumhlaba Omtsha
UNowa, intsapho yakhe nezilwanyana bangena emkhombeni. UYehova waluvala ucango, yaqalisa imvula. Yanetha kakhulu, umkhombe wadada phezu kwamanzi. Amanzi azala emhlabeni wonke. Bonke abantu abangazange bangene emkhombeni futhi besenza izinto ezimbi bafa. Yena uNowa nentsapho yakhe babesemkhombeni, ngoko zange bafe. Khawucinge indlela ekumele ukuba bavuya ngayo kuba babemmamele uYehova.
Loo mvula yanetha iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo. Amanzi aye etshona kancinci kancinci. Ekugqibeleni umkhombe wema phezu kwentaba. Kodwa amanzi ayesekho emhlabeni, ngoko uNowa nentsapho yakhe zange baphume kwangoko.
Amanzi aye esoma. UNowa nentsapho yakhe babesemkhombeni ngaphezu konyaka. Emva koko uYehova wathi mabaphumele kumhlaba owawubonakala ngathi mtsha. Bambulela kakhulu uYehova kuba ebasindisile, baza bamenzela umnikelo.
UYehova wawuvuyela lo mnikelo. Wathembisa ukuba akasoze aphinde atshabalalise umhlaba ngemvula enkulu. Wabonisa ukuba unyanisile ngokwenza kubekho irainbow esibhakabhakeni. Wakha wayibona irainbow?
UYehova waxelela uNowa nentsapho yakhe ukuba babe nabantwana abaza kuba kuwo wonke umhlaba.
‘UNowa wangena emkhombeni, kwaye abantu babengahoyanga nto de kwafika uMkhukula wabatshayela bonke.’—Mateyu 24:38, 39