ISIHLOMELO B
Ngaba Ufanele Uyiphelise Incoko?
Xa umntu ebuza kuba engazi nyhani okanye esicela ukuba simcacisele into, siyakuvuyela ukuqhubeka nencoko. Sifuna ukuthetha nabantu ‘abazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’—IZe. 13:48.
Kodwa sifanele sithini ukuba umntu unomsindo, ufuna ukuphikisana nathi, okanye akafuni kuthetha nathi ngaloo mzuzu? Zola, uyiphelise ngomoya omhle incoko. (IMize. 17:14) Zama ukuhamba kukuhle ukuze lo mntu azovuma ukuncokola nathi kwixesha elizayo.—1 Pet. 2:12.