Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 34

Ukuthetha Izinto Ezakhayo Nezikhuthazayo

Ukuthetha Izinto Ezakhayo Nezikhuthazayo

ISIGIDIMI esithunywe ukuba sisishumayele siziindaba ezilungileyo. UYesu wathi: “Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) UYesu wamisela umzekelo ngokuvakalisa “iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 4:43) Oko kwakushunyayelwa ngabapostile kukwachazwa ngokuba ‘ziindaba ezilungileyo zikaThixo’ kunye ‘neendaba ezilungileyo ngoKristu.’ (1 Tes. 2:2; 2 Kor. 2:12) Esi sigidimi siyakha kwaye siyakhuthaza.

Ngokuvisisana nokuvakaliswa ‘kweendaba ezilungileyo ezingunaphakade’ ‘yingelosi ephaphazela esazulwini sezulu,’ sibongoza abantu sisithi: “Moyikeni uThixo nimzukise.” (ISityhi. 14:6, 7) Sixelela abantu abakuzo zonke iindawo ngoThixo oyinyaniso, ngegama lakhe, ngeempawu zakhe ezintle, ngemisebenzi yakhe engummangaliso, ngenjongo anayo ebonisa uthando lwakhe, ngesibakala sokuba sifanele siphendule kuye, nangoko akufunayo kuthi. Iindaba ezilungileyo zibandakanya isibakala sokuba uYehova uThixo uya kubatshabalalisa abangendawo, abangamhloneliyo nabonakalisa ubomi babanye abantu. Kodwa ke asiyombopheleleko yethu ukugweba abantu esishumayela kubo. Umnqweno wethu onyanisekileyo kukuba kusabele abaninzi kangangoko kunokwenzeka kwisigidimi seBhayibhile ukuze singqineke siziindaba ezilungileyo ngokwenene kubo.—IMize. 2:20-22; Yoh. 5:22.

Zilinganisele Izinto Ezinxubisayo. Ewe zikho izinto ezinxubisayo ebomini. Asizibethi ngoyaba. Ukuze uqalise incoko, usenokuchaza ingxaki abayaziyo abantu abakwintsimi yakho uze uyixubushe ngokufutshane. Kodwa ke kudla ngokungancedi ukuthetha kakhulu ngengxaki. Abantu basoloko besiva iindaba ezinxunguphalisayo, ngoko ukuthetha ngezinto ezingemnandanga kusenokubenza bavale iminyango yabo okanye bavale iindlebe zabo. Kwasekuqaleni kwencoko yakho, zabalazela ukutsalela ingqalelo kwiinyaniso ezihlaziyayo zeLizwi likaThixo. (ISityhi. 22:17) Ngoko ke, kwanokuba loo mntu akafuni kuqhubeka nencoko, uya kube umshiyele into eyakhayo anokucinga ngayo. Loo nto inokumenza afune ukuphulaphula kwisihlandlo esilandelayo.

Ngendlela efanayo, ukuba uyacelwa ukuba unikele intetho, musa ukungxala abaphulaphuli ngezinto ezunxubisayo kuba nje zininzi. Xa isithethi sisoloko sithetha ngokusilela kwabalawuli abangabantu, iingxelo zolwaphulo-mthetho nogonyamelo, kunye nokwanda kokuziphatha okubi, loo nto inokubadakumbisa abantu. Fakela izinto ezinxubisayo kumbandela wakho kuphela xa ziluncedo. Inxalenye encinane yaloo mbandela inokugxininisa indlela efike ngexesha elililo ngayo intetho yakho. Unokuzisebenzisa ukuze ubonise oothunywashe abaye bafak’ isandla kwimeko ethile uze ngaloo ndlela ubonise isizathu sokuba isicombululo esibekwe eBhayibhileni siluncedo. Xa kunokwenzeka, ngqala uze ungathethi ixesha elide ngeengxaki.

Kudla ngokungenzeki yaye kungabi kuhle xa zonke izinto ezinxubisayo zikhutshiwe entethweni. Ucelomngeni kukuxuba izinto ezilungileyo nezintle ngendlela yokuba umphumo ube ngovuyisayo. Ukuze wenze oku, umele ucinge ngoko uza kukuquka, oko uza kukushiya, neendawo oza kugxininisa kuzo. KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wabongoza abaphulaphuli bakhe ukuba baphephe ukuba ngoohlohl’ esakhe njengababhali nabaFarisi, ibe wacaphula imizekelo embalwa ukuze acacise ingongoma. (Mat. 6:1, 2, 5, 16) Noko ke, kunokuba asoloko ethetha ngemizekelo emibi yezo nkokeli zonqulo, uYesu wagxininisa ukuqonda iindlela eziyinyaniso zikaThixo nokuphila ngazo. (Mat. 6:3, 4, 6-15, 17-34) Umphumo waba mhle ngeyona ndlela.

Thetha Ngendlela Ekhuthazayo. Ukuba wabelwe ukuba unikele intetho ngenkalo ethile yomsebenzi wamaKristu, zabalazela ukwakha kunokuba ugxeke. Qiniseka ukuba uyayenza le nto ukhuthaza abanye ukuba bayenze. (Roma 2:21, 22; Heb. 13:7) Mayibe luthando, kungekhona ukucaphuka, olukuqhuba ukuba uthethe. (2 Kor. 2:4) Ukuba uyawathemba amanye amakholwa ukuba afuna ukukholisa uYehova, loo nto uyithethayo iya kubonisa loo ntembelo, ibe oko kuya kuba yingenelo. Phawula indlela umpostile uPawulos awayivakalisa ngayo loo ntembelo, njengoko kubhalwe kweyoku-1 kwabaseTesalonika 4:1-12; kweyesi-2 kwabaseTesalonika 3:4, 5; nakuFilemon 4, 8-14, 21.

Maxa wambi kuye kufuneke abadala balumkise ngehambo engeyoyabulumko. Kodwa ukuzithoba kuya kubanceda baqhubane ngomoya wobulali nabazalwana babo. (Gal. 6:1) Indlela izinto ezibekwa ngayo ifanele ibonise ukuba abo basebandleni bayahlonelwa. (1 Pet. 5:2, 3) IBhayibhile ithi abafana mabakuqonde ngokukhethekileyo oko. (1 Tim. 4:12; 5:1, 2; 1 Pet. 5:5) Xa kuyimfuneko ukuba kohlwaywe, kuqeqeshwe, kulungelelaniswe izinto, oko kufanele kusekelwe koko kuthethwa yiBhayibhile. (2 Tim. 3:16) Indlela iSibhalo esisebenza ngayo ayifanelanga inyanzelwe okanye igqwethwe ukuze ixhase ingcamango ethandwa sisithethi. Kwanaxa kufuneka isiluleko ukuze kulungiswe izinto, intetho inokwenziwa ivakale isakha ukuba ngokuyintloko kugxininiswa kwindlela yokuphepha ukwenza ububi, indlela yokucombulula iingxaki, indlela yokoyisa ubunzima, indlela yokubuya kwikhondo eliphosakeleyo nendlela oko kufunwa nguYehova okusikhusela ngayo.—INdu. 119:1, 9-16.

Xa ulungiselela intetho yakho, nikela ingqalelo ekhethekileyo kwindlela oza kuqukumbela ngayo ingongoma eyintloko nganye kunye nentetho iphela. Loo nto uyithethe mva yeyona idla ngokukhunjulwa ixesha elide. Ngaba iza kuba yinto ekhuthazayo?

Xa Uncokola Namanye Amakholwa. Abakhonzi bakaYehova bayawaxabisa amathuba obudlelane kwiintlanganiso zamaKristu. La ngamaxesha okuhlaziywa ngokomoya. IBhayibhile isibongoza ukuba sicinge ‘ngokukhuthazana’ xa sihlanganisana kwiindawo esinqulela kuzo. (Heb. 10:25) Oko akwenziwa ngeentetho nangamagqabaza anikelwayo ebudeni beentlanganiso kuphela, kodwa kwenziwa nangencoko ngaphambi nasemva kweentlanganiso.

Ngoxa kuyinto eqhelekileyo ukuba sincokole ngezinto ezenzeka kubomi bethu bemihla ngemihla, olona khuthazo lukhulu silufumana xa sixubusha izinto zokomoya. Ezi zinto zokomoya ziquka amava esiwafumana kwinkonzo engcwele. Ukuba nomdla ofanelekileyo omnye komnye nako kuyakha.

Ngenxa yempembelelo yehlabathi elisingqongileyo, kufuneka silumke. Xa wayebhalela amaKristu ase-Efese, uPawulos wathi: “Ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye.” (Efe. 4:25) Ukuthetha inyaniso kunokuba sixoke kuquka ukuba singazukisi izinto kunye nabantu ihlabathi elibanqulayo. Ngendlela efanayo, uYesu walumkisa ‘ngamandla akhohlisayo obutyebi.’ (Mat. 13:22) Ngoko xa sincokola nabanye, kufuneka sikulumkele ukukhuthaza loo nkohliso ngokwenza izinto eziphathekayo zikhanukeke.—1 Tim. 6:9, 10.

Xa ekhuthaza ukuthetha izinto ezakhayo, umpostile uPawulos uyasibongoza ukuba singamgwebi okanye simjongele phantsi umzalwana onokuzikhwebula ezintweni ngenxa ‘yobuthathaka bokholo lwakhe,’ ngamany’ amazwi, ngenxa yokuba engawuqondi umda wenkululeko yamaKristu. Enyanisweni, ukuze incoko yethu yakhe kwabanye, simele sicinge ngemvelaphi yabo nangokuba bakhule kangakanani ngokomoya. Hayi indlela ebekuya kuba kubi ngayo ‘ukukhubekisa umzalwana okanye udade okanye simwise’!—Roma 14:1-4, 13, 19.

Abo bahlangabezana neengxaki ezinzulu—ngokomzekelo, ukugula kakhulu—bayayixabisa incoko eyakhayo. Umntu onjalo unokwenza umgudu wokuza ezintlanganisweni. Abo bayaziyo imeko yakhe basenokumbuza besithi: “Uziva njani?” Ngokuqinisekileyo uya kuyixabisa inkxalabo yabo. Noko ke, loo mntu usenokungathandi ukuncokola ngempilo yakhe. Amazwi oxabiso nawokumncoma anokuphumeza lukhulu ekufudumezeni intliziyo yakhe. Ngaba bukho ubungqina obubonayo bokuba usaqhubeka emthanda uYehova nobokuba usaqhubeka enyamezela phantsi kwemeko enzima? Ngaba uziva ukhuthazekile xa egqabaza? Ngaba kunokwakha ngakumbi ukutsalela ingqalelo kwiinkalo abalasele ngazo nakwigalelo analo ebandleni kunokuba uthethe ngezinto angakwazi ukuzenza?—1 Tes. 5:11.

Ukuze incoko yethu yakhe, kubaluleke ngokukhethekileyo ukuba sicinge ngembono kaYehova ngaloo nto siyixubushayo. KuSirayeli wamandulo, abo babethetha nxamnye nabameli bakaYehova yaye bekhalazela imana bamcaphukisa uThixo. (Num. 12:1-16; 21:5, 6) Xa sihlonela abadala yaye sikuxabisa ukutya kokomoya okulungiselelwa ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, siyabonisa ukuba siye sangenelwa kuloo mizekelo.—1 Tim. 5:17.

Ukufumana izinto eziyingenelo esinokuncokola ngazo nabazalwana bethu abangamaKristu akudli ngakuba yingxaki. Noko ke, ukuba ubani ugxeka ngokugqithiseleyo, yitshintshe incoko ukuze iye kwizinto ezakhayo.

Enoba sinikela ubungqina kwabanye, sithetha eqongeni, okanye sincokola namanye amakholwa, ngamana singasebenzisa ukuqonda ukuze sikhuphe kubuncwane beentliziyo zethu ‘ilizwi elilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.’—Efe. 4:29.