Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 51

Ukubamba Ixesha, Ukulaba Kakuhle

Ukubamba Ixesha, Ukulaba Kakuhle

NGOXA umele ugxininiswe ngokukhethekileyo umgangatho wokufundisa kwakho, ixesha olithabathayo xa unikela iintetho likwafuna ukunikwa ingqalelo. Iintlanganiso zethu zicwangciselwe ukuba ziqalise zize ziphele ngexesha elibekiweyo. Ukuze kufikelelwe oku kufanele kubekho intsebenziswano kuye wonk’ ubani onenxaxheba kucwangciso.

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu babejonga ubomi ngendlela eyahlukileyo kuleyo abantu babujonga ngayo kwiindawo ezininzi namhlanje. Ixesha lalichazwa ngamabinzana aqikelelayo anjengelithi “malunga nelixa lesithathu” okanye “malunga nelixa leshumi.” (Mat. 20:3-6; Yoh. 1:39) Kwakungeyonto ifane yenzeke ukuba kuxhalatyelwe ixesha ezenziwa ngalo izinto zemihla ngemihla. Nanamhlanje kusekho iindawo ezithile ehlabathini apho ixesha lisajongwa ngale ndlela.

Noko ke, nangona izithethe zasekuhlaleni okanye abantu besenokukhetha ukungazikhathazi kangako ngexesha, sinokungenelwa ngokufunda ukunikela ingqalelo efanelekileyo kulo. Xa bebaninzi abantu abaza kuba nenxaxheba kucwangciso, lifanele liqwalaselwe ixesha elabelwe inxalenye nganye. Umgaqo othi “zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano” unokusetyenziswa kakuhle ekubambeni ixesha xa siphumeza izabelo zethu ezintlanganisweni.—1 Kor. 14:40.

Indlela Yokubamba Ixesha. Undoqo kukulungiselela. Izithethi zidla ngokungalibambi ixesha xa zingalungiselelanga ngokwaneleyo. Zisenokuba zizithembe kakhulu. Okanye ke zisenokuba ziye zakubekel’ amangomso ukulungiselela de kwangumzuzu wokugqibela. Ubambo-xesha luqala ngokuba ube noxabiso ngesabelo sakho yaye ukulungele ukusilungiselela kakuhle.

Ngaba wabelwe ukuba ufunde? Okokuqala, yenza impinda yeSifundo 4 ukuya kwesesi-7, ebandakanya utyibiliko, unqumamo, ukugxininiswa kwamagama namabinzana aziintloko, nokugxininiswa kweengcamango eziziintloko. Emva koko, sebenzisa eso siluleko njengoko ufunda ngokuvakalayo umbandela owabelweyo. Zibekele ixesha. Ngaba kufuneka ufunde ngokukhawuleza ukuze ugqibe ngexesha olisikelweyo? Funda ngokukhawuleza kwiinxalenye ezingabalulekanga kangako, kodwa qhubeka unqumama yaye uhlise isantya xa ugxininisa iingongoma ezibalulekileyo. Qhelisela kangangezihlandlo eziliqela. Njengoko usiya uphucula ekufundeni ngotyibiliko, kuya kuba lula ukulilawula ixesha ofunda ngalo.

Ngaba uza kunikela intetho ngokusuka kumanqaku owabhalileyo? Akuyomfuneko ukuwenza made kakhulu amanqaku akho—de abe ngumbhalo-ngqangi—ukuze uqiniseke ukuba uyalibamba ixesha. Xa ubusebenzela kwiSifundo 25, uye wafunda indlela ebhetele yokwenza oku. Zibethelele engqondweni yakho ezi ngongoma zintlanu: (1) Wulungiselele kakuhle umbandela, kodwa ungagqithisi. (2) Zazi ngentloko iingcamango eziziintloko, kodwa ungankqayi izivakalisi ziphela. (3) Beka uphawu kulwandlalo lwakho ukuze ubone ukuba umele uchithe ixesha elingakanani kwinxalenye nganye yentetho yakho okanye ubone ukuba kumele kudlule ixesha elingakanani ngaphambi kokuba udlulele kwiingongoma ezithile. (4) Xa ulungiselela, cinga ngeenkcukacha ezinokukhutshwa ukuba ufumanisa ukuba ixesha liyakubetha. (5) Yiqhelisele indlela oza kuyinikela ngayo intetho yakho.

Ukuqhelisela indlela yokunikela intetho kubalulekile. Xa uqhelisela, jonga ixesha olabele icandelo ngalinye lentetho yakho. Phinda uyiqhelisele intetho yakho de ukwazi ukuyinikela ngexesha olabelweyo. Musa ukuzama ukufaka umbandela omninzi. Ziphe nemizuzwana ethile kuba xa unikela intetho phambi kwabaphulaphuli usenokuthabatha ixesha elidana kunelo ulithabathe xa ubuqhelisela ngasese.

Ukwabela Iinxalenye Zentetho Ixesha. Ukubamba ixesha kunxibelelene ngokusondeleyo nokuzabela ixesha elilingeneyo iinxalenye zentetho. Ixesha elininzi lifanele lichithwe kuxutyushwa umongo wentetho. Kulapho zikhoyo iingongoma eziziintloko ezifundisayo. Intshayelelo ifanele ibe nde ngokwaneleyo ukuphumeza iinjongo ezintathu ezixutyushwe kwiSifundo 38. Umongo awufanele ube mde gqitha kangangokuba kungabikho xesha lakwenza umqukumbelo ophumelelayo, ngokuvisisana neSifundo 39.

Imigudu yakho yokubamba ixesha iya kuphumela ekubeni unikele intetho esemagqabini kwaye iya kubonisa ukuba uyabahlonela abanye abaneenxalenye kucwangciso kwaye uhlonela nebandla liphela.