Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 45

Imizekeliso/Imizekelo Efundisayo

Imizekeliso/Imizekelo Efundisayo

IMIZEKELISO nemizekelo zizixhobo ezinamandla zokufundisa. Ngokufuthi iyaphumelela ekutsaleni nasekubambeni ingqalelo. Yenza abantu bacinge. Ichukumisa iimvakalelo yaye ngaloo ndlela inokufikelela isazela kunye nentliziyo. Maxa wambi, imizekeliso inokusetyenziswa ukuze koyiswe intiyo. Ikwanceda nasekuloleni inkumbulo kabani. Ngaba uyayisebenzisa xa ufundisa?

Izafobe yimizekeliso edla ngokufuna amagama ambalwa nje kuphela; ukanti zinokwakha umfanekiso-ngqondweni ocacileyo. Xa zikhethwe kakuhle, intsingiselo yazo idla ngokuzicacela. Kodwa umfundisi unokubethelela ukubaluleka kwazo ngokongezelela ingcaciso emfutshane. IBhayibhile inemizekelo emininzi onokufunda kuyo.

Qala Ngezifaniso Nangezikweko. Izifaniso zezona zafobe zilula. Ukuba usafunda ukusebenzisa imizekeliso, unokukufumanisa kuluncedo ukuqala ngezifaniso. Zidla ngokusungulwa ngu-“njenge” okanye “ngathi.” Xa uthelekisa izinto ezimbini ezahluke kakhulu, izifaniso zibalaselisa loo nto zifana ngayo. IBhayibhile inentaphane yemifuziselo ethatyathwe kwizinto ezidaliweyo—izityalo, izilwanyana, kunye nezinto ezisemazulwini—kuquka nezinto ezenzeka kubantu. KwiNdumiso 1:3, sixelelwa ukuba umntu olifunda rhoqo iLizwi likaThixo ‘unjengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi,’ umthi onemveliso nongabuniyo. Ongendawo kuthiwa ‘unjengengonyama’ elalele ixhoba. (INdu. 10:9) UYehova wathembisa uAbraham ukuba imbewu yakhe yayiya kuba ninzi “njengeenkwenkwezi zasemazulwini nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.” (Gen. 22:17) Ngokuphathelele ulwalamano olusondeleyo uYehova awalwenza phakathi kwakhe nohlanga lwakwaSirayeli, uThixo wathi: “Kanye njengoko ibhanti linamathela esinqeni somntu,” ngokunjalo uSirayeli noYuda ubanamathelise kuye.—Yer. 13:11.

Nezikweko zibalaselisa ukufana okukhoyo phakathi kwezinto ezimbini ezahluke gqitha. Kodwa ke isikweko siyangqala. Sichaza into ethile ngokungathi yenye, ibe ngaloo ndlela sithabatha uphawu lwenye into siluse kwenye. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Nilukhanyiselo lwehlabathi.” (Mat. 5:14) Echaza umonakalo onokwenziwa kukungaluqhoboshi ulwimi, umfundi uYakobi wabhala: “Ulwimi lungumlilo.” (Yak. 3:6) UDavide waculela uYehova esithi: “Uyingxondorha yam negwiba lam.” (INdu. 31:3) Isikweko esikhethwe kakuhle sidla ngokufuna ingcaciso encinane okanye singayifuni kwaphela. Ukuphumelela kwaso kubangelwa nabubufutshane baso. Isikweko sinokunceda abaphulaphuli bakho bakhumbule ingongoma ngendlela esingenakukwazi ngayo isibakala esibekwe lula.

Ugqithiso lugabadelo lwentetho olufanele lusetyenziswe ngobulumko, kungenjalo luya kuqondwa phosakeleyo. UYesu wasebenzisa esi safobe ukuze adale umfanekiso-ngqondweni ongalibalekiyo xa wathi: “Kutheni . . . ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso?” (Mat. 7:3) Ngaphambi kokuba uzame ukusebenzisa esi safobe okanye ezinye, funda indlela yokusebenzisa kakuhle isifaniso nesikweko.

Sebenzisa Imizekelo. Usenokukhetha ukusebenzisa imizekelo njengezixhobo zokufundisa endaweni yesafobe, enoba yeyezinto ezingazange zenzeke ngokwenene okanye yeyezinto ezenzekileyo. Le mizekelo idla ngokubaxwa, ngoko ifanele isetyenziswe ngobulumko. Imizekelo ifanele isetyenziswe kuphela ukuxhasa iingongoma ezibaluleke ngokwenene, kwaye ifanele ibekwe ngendlela yokuba ibe yiloo nto iyifundisayo ekhunjulwayo, kungekhona ibali.

Nangona ingeyiyo yonke imizekelo efanele ibe ziziganeko ezenzekileyo, ifanele ibonise izimo zengqondo okanye iimeko ezikhoyo ebomini. Ngenxa yoko, xa uYesu wayefundisa indlela aboni abaguqukayo ababefanele bajongwe ngayo, wacacisa ingongoma yakhe ngokubalisa ngendoda evuyiswa kukufumana imvu yayo elahlekileyo. (Luka 15:1-7) Xa wayephendula indoda eyayingakuboni ukubaluleka koko kuthethwa nguMthetho othi thanda ummelwane wakho, uYesu wabalisa ibali elingomSamariya owanceda indoda eyenzakeleyo emva kokuba umbingeleli nomLevi bengayincedanga. (Luka 10:30-37) Ukuba ufunda ukuba neliso kwizimo zengqondo nakwizenzo zabantu, unokusisebenzisa ngempumelelo esi sixhobo sokufundisa.

Umprofeti uNatan wabalisa ibali elithile ukuze akhalimele uKumkani uDavide. Eli bali laphumelela kuba layiphepha imeko eyayinokukhokelela ekubeni uDavide asabele ngokuzithethelela. Eli bali lalithetha ngendoda esisityebi eyayinezimvu ezininzi, nendoda elihlwempu eyayinethokazi lemvu elinye eyayilikhulisa ngothantamiso. UDavide ngokwakhe wayekhe wangumalusi, ngoko wayeziqonda iimvakalelo anazo umnini waloo mvana. UDavide wasabela ngokuba nomsindo, efanele ke phofu, nxamnye nale ndoda esisityebi ehluthe imvana exabisekileyo yendoda elihlwempu. Emva koko uNatan wangqala waza wathi kuDavide: “Wena ngokwakho uyiloo ndoda!” Intliziyo kaDavide yafikelelwa, ibe waguquka ngokunyaniseka. (2 Sam. 12:1-14) Xa uqhelisela, unako ukufunda ukusingatha imicimbi entununtunu ngendlela enomtsalane.

Imizekelo emininzi ebalulekileyo ekufundiseni inokufunyanwa kwiziganeko ezibhalwe kwiZibhalo. UYesu wachaza omnye wayo ngamazwi ambalwa xa wathi: “Khumbulani umkaLote.” (Luka 17:32) Xa wayechaza iinkcukacha zomqondiso wobukho bakhe, uYesu wabhekisela ‘kwimihla kaNowa.’ (Mat. 24:37-39) KweyamaHebhere isahluko 11, umpostile uPawulos wabiza amadoda namabhinqa ali-16 ngamagama ewachaza njengemizekelo yokholo. Njengoko uqhelana neBhayibhile, uya kukwazi ukufumana imizekelo enamandla koko iZibhalo zikutshoyo ngeziganeko nangabantu abachazwe ngaphakathi kwayo.—Roma 15:4; 1 Kor. 10:11.

Maxa wambi unokukufumanisa kuyingenelo ukugxininisa ingongoma efundisayo ngokubalisa into eyenzeke kweli xesha siphila kulo. Noko ke, xa usenjenjalo qiniseka ukuba usebenzisa amava aqinisekisiweyo kuphela nokuba uyawaphepha amava anokwenza nawuphi na kubaphulaphuli bakho abe neentloni okanye amava anokutsalela ingqalelo kumbandela ekuphikiswanayo ngawo ongenanto yakwenza nomxholo wakho. Ukhumbule kwakhona ukuba, amava afanele aphumeze injongo ethile. Musa ukubalisa iinkcukacha ezingeyomfuneko ezisusa ingqalelo kwinjongo yentetho yakho.

Ngaba Uza Kuqondwa? Enoba nguwuphi na umzekeliso okanye umzekelo owusebenzisayo, ufanele uphumeze injongo ethile. Ngaba uya kuyiphumeza ukuba akuyichazi indlela osebenza ngayo kumbandela owuxubushayo?

Emva kokuchaza abafundi bakhe ‘njengokhanyiselo lwehlabathi,’ uYesu wongezelela amagqabaza ambalwa ngendlela isibane esisetyenziswa ngayo nokuba oku kubathwalisa yiphi imbopheleleko. (Mat. 5:15, 16) Emva kokwenza umzekeliso wezimvu ezilahlekileyo, wagqabaza ngovuyo olubakho ezulwini ngenxa yomoni oguqukayo. (Luka 15:7) Yaye emva kokubalisa ngomSamariya olungileyo, uYesu wabuza umphulaphuli wakhe umbuzo ocacileyo waza wanikela isiluleko esingqalileyo. (Luka 10:36, 37) Ngokwahlukileyo koko, uYesu wachaza umzekeliso wakhe weentlobo ngeentlobo zomhlaba nomzekeliso wokhula olusentsimini kuphela kwabo babethobeke ngokwaneleyo ukuba babuze, kungekhona kwizihlwele. (Mat. 13:1-30, 36-43) Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wenza umzekeliso ngabasebenzi bomdiliya ababengababulali. Akazange achaze indlela osebenza ngayo; kwakungeyomfuneko ukuwuchaza. “Ababingeleli abaziintloko nabaFarisi . . . baphawula ukuba wayethetha ngabo.” (Mat. 21:33-45) Ngoko uhlobo lomzekeliso, isimo sengqondo sabaphulaphuli, kunye nenjongo ofuna ukuyiphumeza, zizo ezigqiba ngokuba uwuchaze kusini na umzekeliso, nokuba xa kufuneka uwuchaze, umele uwuchaze kangakanani na.

Ukuhlakulela ubuchule bokusebenzisa kakuhle imizekeliso nemizekelo kuthabatha ixesha, kodwa ke kuwufanele umgudu. Imizekeliso ekhethwe kakuhle ithimba ingqondo ize ichukumise intliziyo. Umphumo uba kukudluliselwa kwesigidimi ngomlinganiselo ongaphezulu konezibakala ezibekwa ngendlela eqhelekileyo.