Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

Amagama Aphinyiselwe Kakuhle

Amagama Aphinyiselwe Kakuhle

UKUZE unxibelelane nabantu ngendlela ephumelelayo, umele uwaphimisele kakuhle amagama. Loo nto ufuna ukuyithetha isenokuba ibangel’ umdla, mhlawumbi ibalulekile, kodwa inxalenye enkulu yayo iya kulahleka ukuba amagama owathethayo akaqondakali kakuhle.

Abantu abashukunyiswa yintetho abangayiqondi kakuhle. Kwanokuba umntu unelizwi elikhulu yaye uvakala lula, ukuba uyashwantshwatha, akayi kubashukumisela ukuba benze okuthile abanye. Kuba ngathi uthetha ulwimi lwasemzini, olungaqondakaliyo kubaphulaphuli. (Yer. 5:15) IBhayibhile iyasikhumbuza: “Ukuba ixilongo livakalisa ubizo olungaqondakaliyo, ngubani na oya kulungela idabi? Kwangendlela efanayo, ngaphandle kokuba nithetha ngolwimi intetho eqondakala ngokulula, kuya kwaziwa njani na oko kuthethwayo? Niya kuba, enyanisweni, nithethela emoyeni.”—1 Kor. 14:8, 9.

Yintoni Eyenza Ukuba Umntu Angavakali Xa Ethetha? Isenokuba kukungawuvuli ngokwaneleyo umlomo. Imihlathi eqinileyo kunye nemilebe engashukumiyo zisenofak’ isandla ekwenzeni ubani ashwantshwathe.

Ukukhawulezisa xa uthetha kunokubangela kube nzima ukuyiva into oyithethayo. Oko kufana nokudlala ikhasethi erekhodiweyo ebaleka ngesantya esingaphezu kweso ifanele ibaleke ngaso. Amagama wona akho, kodwa akayongenelo.

Kwezinye iimeko, ukufiphala kwentetho kubangelwa ziziphene zamalungu okuthetha. Kodwa kwanabantu abanale ngxaki banokuphucula ngokusebenzisa amacebiso akwesi sifundo.

Noko ke, ukuthetha into engavakaliyo kudla ngokubangelwa kukudibanisa amagama—ukuwashwabadela de kube nzima ukuwaqonda. Le ngxaki isenokubandakanya ukutsiba amalungu athile amagama okanye oonobumba ababalaseleyo emagameni okanye ukuwaginya amagama. Xa umntu ewashwabadela ndawonye amagama, abo bamphulaphuleyo basenokunqakula ezinye iingcamango namabinzana, kodwa ke kufuneke bacingele kwezinye. Ukungawaphimiseli kakuhle amagama kunokumthintela ubani ekubeni ngumfundisi ophumelelayo.

Indlela Yokuthetha Evakalayo. Esinye sezikhokelo zokuphimisela amagama kukuqonda indlela amagama akhiwe ngayo ngolwimi lwakho. Kwiilwimi ezininzi, amagama abunjwa ngamalungu athile. Amalungu ayilwe ngunobumba omnye okanye abangaphezulu ababizwa ngaxeshanye. Kwiilwimi ezinjalo, ilungu ngalinye liya kuphinyiselwa xa uthetha, nangona engacinezelwa ngendlela efanayo onke. Ukuba ufuna ukuvakala kakuhle xa uthetha, mus’ ukukhawulezisa xa uthetha yaye zama kangangoko kunokwenzeka ukubiza ilungu ngalinye. Ekuqaleni oku kusenokuvakala ngathi lucoselelo olubaxiweyo, kodwa njengoko uqhelisela, uya kuthetha ngokutyibilikayo. Ukuze utyibilike xa uthetha, ngokuqinisekileyo uya kuwabiza njengeqela amagama athile, kodwa umele ukuphephe ukwenjenjalo ukuba kukho ingozi yokuyenza ingacaci intsingiselo yamagama.

Nasi isilumkiso: Ukuze usebenzele ekuphimiseleni kakuhle amagama, usenoqhelisela ukuthetha nokufunda ngocoselelo olubaxiweyo. Kodwa musa ukuvumela loo ndlela ibe yindlela yakho yokuthetha. Iya kuvakala ngathi uyazenzisa yaye ayiyi kuvakala njengendlela eqhelekileyo yokuthetha.

Ukuba uyashwantshwatha xa uthetha, funda ukuphakamisa intloko, isilevu sakho sibe kude nesifuba. Xa ufunda iBhayibhile, yiphakamise ngokwaneleyo ukuze uhambise nje amehlo xa ujonga abaphulaphuli. Oku kuya kuvumela amagama ukuba aphume ngaphandle kweziphazamiso.

Ukufunda ukukhupha uxinezeleko kunokuyiphucula indlela othetha ngayo. Siyazi ukuba ukuxinezeleka kwezihlunu zobuso okanye ezo zilawula ukuphefumla kunokuba nemiphumo emibi xa uthetha. Uxinezeleko olunjalo luphazamisa ukusebenzisana okufanele kubekho phakathi kwengqondo yakho, imiphimbo kunye nokulawula kwakho indlela ophefumla ngayo—inkqubo efanele yenzeke ngokutyibilikayo nangokuzenzekelayo.

Kufuneka izihlunu zemihlathi zikhululeke ukuze zisabele lula kulwalathiso olusuka ebuchotsheni. Nemilebe imele ikhululeke. Imele ikulungele ukunwebeka nokucutheka ngokukhawuleza ukuze iyondelelanise izandi ezininzi eziphuma emlonyeni nasemqaleni. Ukuba imihlathi nemilebe ixinezelekile, umlomo awuyi kuvuleka ngokufanelekileyo, yaye nezandi ziya kunyanzelwa ukuba ziphume phakathi kwamazinyo. Oku kuya kubangela ukuba ubani ashwantshwathe yaye angavakali xa ethetha. Noko ke, ukukhulula imihlathi nemilebe akuthethi kuthi ubani makonqene ukubiza amagama kakuhle. Oku kufanele kulungelelaniswe nomkhwa wokukhupha izandi ngohlobo lokuba amagama aphinyiselwe kakuhle.

Xa uhlola imeko yakho, usenokukufumanisa kuluncedo ukufunda ngokuvakalayo. Yihlole ngeliso elibukhali indlela owasebenzisa ngayo amalungu angummangaliso okuthetha. Ngaba umlomo wakho uwuvula ngokwaneleyo kangangokuba izandi zokuthetha zinokuphuma ngaphandle kweziphazamiso? Ukhumbule ukuba asilolwimi lodwa ilungu lokuthetha, nangona ilelinye lawona malungu asebenza kakhulu. Intamo, umhlathi ongezantsi, imilebe, izihlunu zobuso kunye nezihlunu zomqala, zonke zinendima eziyiphumezayo. Xa uthetha, ngaba ubuso bakho bubonakala bungashukumi? Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba akuvakali xa uthetha.

Ukuba unayo iteyiphu yokurekhoda, khawulirekhode ilizwi lakho ngoxa uthetha ngendlela eqhelekileyo, njengokuba ubuya kwenza kumntu odibana naye kubulungiseleli basentsimini. Zirekhode uthetha ngendlela ebuncoko kangangemizuzu eliqela. Ukuphulaphula loo nto uyirekhodileyo kunokukubonisa nayiphi na ingxaki onayo ekuphimiseleni amagama athile. Ngokomzekelo khangela amagama owadibanisayo, owashwantshwathayo, okanye owashunqulayo, uze uzame ukufumana unobangela. Obo buthathaka budla ngokulungiswa ngokusebenzela kwiingongoma ezixutyushwe ngasentla.

Ngaba akukwazi kuthetha kakuhle? Qhelisela ukuwuvula ngakumbi kunesiqhelo umlomo wakho uze uzame ukuwaphimisela ngocoselelo olungakumbi amagama. Xa uphefumla, yizalise imiphunga yakho uze uzekelele xa uthetha. Ukwenza oku kuye kwanceda abaninzi abangakwaziyo ukuthetha kakuhle bakwazi ukuphucula kwindlela abawaphimisela ngayo amagama. Ukuba uyateketa, lususe ulwimi lwakho kumazinyo aphambili xa ubiza amagama ano-s no-z. Nangona ingxaki yakho ingenakulungiswa ngokupheleleyo, musa ukuphelelwa lithemba. Khumbula ukuba uYehova wakhetha uMoses, indoda esenokuba yayingakwazi ukuthetha kakuhle, ukuba idlulisele izigidimi ezibalulekileyo kubantu bakwaSirayeli nakuFaro waseYiputa. (Eks. 4:10-12) Nawe uya kukusebenzisa ukuba uyafuna, kwaye uya kukusikelela ngempumelelo kubulungiseleli bakho.