Ndayithanda Indlela UThixo Alijonga Ngayo Igazi
Ndayithanda Indlela UThixo Alijonga Ngayo Igazi
UGQIRHA UBALISA NGOBOMI BAKHE
NDANDISESIBHEDLELE, ndichazela oogqirha izinto esizifumanisileyo xa besihlola umzimba womntu oswelekileyo. Lo mntu wayenethumba elikhulayo nelimosha umzimba. Ndathi, “Sicinga ukuba lo mntu usweleke ngenxa yokuba uye wathiwa igazi elininzi, loo nto yenza ukuba iiseli ezibomvu zegazi lakhe zingakwazi ukwenza umsebenzi wazo nezintso zakhe zayeka ukusebenza.”
Omnye uprofesa waphakama ecaphuka, wathi, “Uzama ukuthi sithe igazi elirongo?” Ndathi, “Hayi.” Ndababonisa iifoto zezintso zalaa mntu uswelekileyo, ndaza ndathi, “Siyabona ukuba iiseli ezibomvu ezininzi ziye zagqabhuka kwizintso zakhe yaza loo nto yabangela ukuba ziyeke ukusebenza.” * Kwakunzima, ndeva nomlomo lo ingathi uyoma. Nangona ndandisanda kuba ngugqirha, yena enguprofesa, ndaqonda ukuba andizuyiyeka le nto.
Ndandingekabi lilo iNgqina likaYehova ngoku kwakusenzeka le nto. Ndazalwa ngo-1943 kwidolophu yaseSendai, ekumntla Japan. Kuba utata wam wayengugqirha wengqondo nojonga izifo egazini, nam ndabona ukuba mandifunde ngezonyango. Ngo-1970 xa ndandikunyaka wesibini eyunivesithi, ndatshata noMasuko.
Ndafunda Ngezifo
Njengokuba ndandigqibezela esikolweni, yayinguMasuko owayesebenza ukuze sikwazi ukuziphilisa. Ukufundela ukuba ngugqirha ndandikuthanda. Indlela owenziwe kakuhle ngayo umzimba womntu yayindimangalisa! Kodwa zange ndiyicinge nokuyicinga into yokuba kukho uMdali. Ndandicinga ukuba ukuphanda ngeendlela zonyango kwakuza kundenza ndizive ndinento endiyiphilelayo. Ngoko emva kokuba ndibe ngugqirha, ndabona ukuba mandiqhubeke ndifunda ngezifo, ukuba zibangelwa yintoni, kwaye zenza ntoni emntwini.
Ndaqalisa ukuthandabuza ukuba ukutha igazi kuyanceda xa ndandihlola imizimba yabantu abasweleke ngenxa yomhlaza. Abantu abanomhlaza basenokungabi nagazi laneleyo ngenxa yokopha okanye ngenxa yechemotherapy. Yiloo nto oogqirha bedla ngokuthi bafanele bathe igazi. Kodwa, ndabona ngathi ukutha igazi kunokwenza umhlaza usasazeke nakwezinye iindawo emzimbeni. Yinyani into yokuba, sele kusaziwa ukuba ukutha igazi kwenza umzimba ungakwazi ukuzikhusela kwizifo. Xa kusenzeka loo nto, umntu onomhlaza usenokuba nethumba okanye asweleke. *
Laa nto bendithetha ngayo ekuqaleni yayenzeke ngo-1975. La profesa bendithethe ngaye wayengugqirha wezinto ezidibene negazi ibe nguye owayenyanga la mntu wayeswelekile. Yiloo nto wayecaphuka xa ndandisithi la mntu usweleke ngenxa yokutha igazi! Kodwa ke, zange ndiyeke ukuchaza izinto esizifumanisileyo ibe naye wade wayeka ukuba nomsindo.
Kuzophela Ukugula Nokufa
Ngelo xesha, umfazi wam wafikelwa ngomnye umama owayeliNgqina. Lo mama wathetha “ngoYehova,” ibe umfazi wam wabuza ukuba uthetha ngantoni. Lo mama uliNgqina wathi, “uYehova ligama likaThixo oyinyaniso.” UMasuko waqala ukufunda iBhayibhile esengumntana, kodwa iBhayibhile awayeyisebenzisa yayisithi “NKOSI” endaweni yegama likaThixo. Ngoku wayesazi ukuba uThixo ngumntu onegama!
Ngoko nangoko, uMasuko waqalisa ukufunda iBhayibhile nalo mama uliNgqina. Ukufika kwam endlini ngoo-1 ebusuku ndivela emsebenzini, umfazi wam engakwazi ukuzibamba luvuyo, wathi kum, “IBhayibhile ithi kuzophela ukugula nokufa!” Ndathi, “Ingantle loo nto!” Zange aphelele apho, wathi, “Kuba sekuza kufika ihlabathi elitsha, andifuni udlale ngexesha lakho.” Ndandicinga ukuba ufuna ndiyeke ukuba ngugqirha, loo nto yandicaphukisa kakhulu saze nathi asavana ncam.
Umfazi wam zange andincame. Wayethandaza kuThixo, emcela ukuba amncede afumane izibhalo anokundibonisa zona. INtshumayeli 2:22, 23 ndayithanda kakhulu: “Yintoni ayifumanayo umntu ngokusebenza nzima nokuzimisela, le ide imqhubele ukuba abile esoma phantsi kwelanga? . . . Intliziyo yakhe ayiphumli nasebusuku. Kwanale into ililize.” Le vesi yayithetha kanye ngale nto ndandiyenza, kuba ndandizinikele ekufundeni ngezinto zonyango imini nobusuku kodwa ndingade ndaneliseke.
Ngenye iCawa, ngoJulayi 1975, umfazi wam waya eHolweni yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, ndaqonda ukuba nam makhe ndimlandele. Wothuka nyhani xa endibona, ibe amaNgqina andamkela ngobubele. Zange ndiyeke ukuya kuzo zonke iintlanganiso zangeCawa. Emva kwenyanga enye, omnye umzalwana waqalisa ukundifundela iBhayibhile. Umfazi wam yena wabhaptiza emva kweenyanga ezintathu edibene namaNgqina.
Ndayithanda Indlela UThixo Alijonga Ngayo Igazi
Ndafunda ukuba iBhayibhile ithi amaKristu ‘mawaliphephe igazi.’ (IZenzo 15:28, 29; Genesis 9:4) Zange kube nzima kum ukuyamkela indlela uThixo alijonga ngayo igazi kuba kakade ndandingaqondi ukuba kuyanceda ukutha igazi. * Ndathi, ‘Ukuba kukho uMdali, ibe uthetha le nto ngegazi, umele ukuba unyanisile.’
Ndafunda nokuba safumana isono kuAdam, yiloo nto sigula size sife. (Roma 5:12) Ngelo xesha, ndandisenza uphando ngokuqina kwemithambo. Njengoko sikhula, imithambo yethu iyaqina ize ivaleke. Loo nto yenza izigulo ezifana nesifo sentliziyo, sezintso, nokuvaleka kwemithambo eya engqondweni. Ndavele ndaziqonda kakuhle izinto xa kusithiwa loo nto yenziwa sisono esasifumana kuAdam. Emva koko, umdla endandinawo kwizinto zonyango waya uphela. NguYehova uThixo kuphela onokuphelisa ukugula nokufa!
Ndayeka ukufunda eyunivesithi ngoMatshi 1976, ibe kwakusele kuphele iinyanga eziyi-7 ndifundelwa iBhayibhile. Ndandinexhala lokuba andisoze ndiphinde ndifumane umsebenzi, kodwa ndawufumana kwesinye isibhedlele. Ndabhaptizwa ngoMeyi 1976. Ndenza isigqibo sokuba ndiza kuba nguvulindlela othe ngxi, ndaza ndaqalisa ngoJulayi 1977.
Ndathethelela Indlela UThixo Alijonga Ngayo Igazi
NgoNovemba 1979, mna noMasuko sayokhonza kwibandla elidinga abavakalisi eChiba Prefecture. Ndafumana nesibhedlele endandiza kusebenza kuso ngamaxesha athile. Ngosuku lokuqala emsebenzini, oogqirha beza kum. Babesithi, “Njengokuba uliNgqina likaYehova, uza kuthini xa kukho umntu odinga ukuthiwa igazi?”
Ndabacacisela kakuhle, ndinembeko ukuba ndiza kwenza loo nto ithethwa nguThixo ngegazi. Ndabachazela ukuba zikhona ezinye iindlela zokunyanga umntu ngaphandle kokutha igazi, ibe ndiza kuzama ngamandla am onke ukuze ndibancede abantu abagulayo abeze kum. Emva kokuba kuphele iyure sincokola, ugqirha ongumphathi wathi, “Ndiyakuva. Kodwa ukuba kukho owophe kakhulu, ungabinaxhala siza kumnceda singakubizi wena.” Wayesaziwa engumntu onenkani, kodwa saba ngabahlobo emva kwaloo ncoko ibe wayezihlonipha izinto endizikholelwayo.
Kwavavanywa Ukuhlonitshwa Kwegazi
Xa sasikwibandla laseChiba, kwaqaliswa ukwakhiwa ikomkhulu lamaNgqina kaYehova e-Ebina eseJapan. Kanye ngeveki, mna nomfazi sasisiya khona siyonceda abazalwana noodade ababesakha elo komkhulu, elalibizwa ngokuba yiBheteli. Emva kweenyanga ezimbalwa, samenywa ukuba siyokhonza eBheteli ese-Ebina ixesha elizeleyo. NgoMatshi 1981 sahlala kwiindawo ezazihlala amavolontiya angaphezu kwe-500. Kusasa, ndandicoca izindlu zangasese, emva kwemini ndincede abazalwana noodade abagulayo.
Omnye wabo yayingu-Ilma Iszlaub waseOstreliya, oweza eJapan ngo-1949 ukuze abe ngumvangeli. Wayenomhlaza ibe oogqirha bakhe bamxelela ukuba sele eza kusweleka, ushiyekelwe nje ziinyanga ezimbalwa. U-Ilma zange avume ukutha igazi nangona kwakusithiwa liza kumnceda aphile ixesha elide ibe wakhetha ukuhlala eBheteli de asweleke. Ngelo xesha, zazingekabikho iindlela zokwandisa iiseli ezibomvu zegazi emzimbeni, njenge-erythropoietin. Ngamanye amaxesha, ihemoglobin yakhe yayisehla ide ibe ko-3 okanye 4! (Kanti ifanele ibe koo-12 ukuya ku-15.) Kodwa ndazama ngandlela zonke ukuze ndimnyange. U-Ilma zange ayeke ukubonisa ukuba unokholo kwiLizwi likaThixo de wasweleka ngoJanuwari 1988, emva kweminyaka eyi-7!
Kule minyaka, baninzi abazalwana noodade abakwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova laseJapan abaye badinga ukutyandwa. Siyabancoma oogqirha abakwizibhedlele ezikufutshane kuba baye bavume ukwenza utyando ngaphandle kokusebenzisa igazi. Badla ngokundicela ukuba ndibe khona xa besenza utyando ukuze ndijonge izinto abazenzayo, ibe ngamanye amaxesha ndide ndincedise nokuncedisa. Ndiyababulela oogqirha abazihloniphayo izigqibo zamaNgqina kaYehova ngegazi. Ukusebenza nabo kundinike amathuba amaninzi okubaxelela izinto endizikholelwayo. Omnye wabo usanda kubhaptizwa.
Enye into ebangela umdla kukuba, baye bancedakala kakhulu oogqirha abazama ukunyanga amaNgqina kaYehova ngaphandle kwegazi. Ukutyanda ngaphandle kwegazi kubonise indlela ekunceda ngayo ukukuphepha ukutha igazi. Xa bekuphandwa, kufunyaniswe ukuba emva kotyando, abantu bakhawuleza baphile ibe ababi nazingxaki kangako.
Ndiqhubeka Ndifunda Koyena Gqirha Mkhulu
Ndiyaqhubeka ndizama ukuzazi izinto ezintsha ezenziwayo kwezonyango. Kodwa oyena mntu ndifunda kakhulu kuye nguYehova, oyena Gqirha mkhulu. Akaboni nje izinto ezibonwa ngabantu, kodwa ubona yonke into. (1 Samuweli 16:7) Nam ke, ndiye ndizame ukumnceda loo mntu, ndingajongi nje loo nto agula yiyo kuphela. Loo nto indenza ndinike loo mntu olona ncedo lumfaneleyo.
NdiseseBheteli, ibe nangoku kusandivuyisa ukunceda abantu bafunde ngoYehova nendlela alijonga ngayo igazi. Ndithandazela ukuba oyena Gqirha Mkhulu, uYehova uThixo, aphelise zonke izigulo nokufa.—Kubalisa uYasushi Aizawa.
[Imibhalo esemazantsi]
^ isiqe. 4 Incwadi kaGqr. Denise M. Harmening, iModern Blood Banking and Transfusion Practices ithi, “ukugqabhuka kweeseli ezibomvu zegazi” kunokwenzeka emva kwexesha, “kumntu obekhe wanengxaki xa wethiwa igazi, wakhulelwa, okanye wafakelwa ilungu lomzimba.” Xa kunjalo, izinto ezikwiiseli ezibomvu zegazi ezinokwenza umntu agule xa ethiwa igazi “azibonakali ngaphambi kokuba lithiwe.” IDailey’s Notes on Blood ithi, iiseli ezibomvu zinokugqabhuka “xa umntu ethiwa igazi elingafani ncam nelo analo, nokuba elo gazi lincinci kangakanani. Emva koko, izintso ziyayeka ukucoca igazi, lize ngenxa yobumdaka limtyhefe loo mntu agule.”
^ isiqe. 8 IJournal of Clinical Oncology ngoAgasti 1988, yathi: “Abantu abanomhlaza abathiwa igazi xa besenziwa utyando banamathuba ambalwa okuphila kunabo bangalithiyo.”
^ isiqe. 16 Ukuze ufunde nezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile ngegazi, jonga incwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo]
“Ndabachazela ukuba zikhona ezinye iindlela zokunyanga umntu ngaphandle kokutha igazi, ibe ndiza kuzama ngamandla am onke ukuze ndibancede abantu abagulayo abeze kum”
[Amagama acatshulweyo]
“Ukutyanda ngaphandle kwegazi kubonise indlela ekunceda ngayo ukukuphepha ukutha igazi”
[Imifanekiso]
Phezulu: Ufundisa ngeBhayibhile
Ekunene: Nomfazi wam uMasuko, ngoku