Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IEstonia

IEstonia

IEstonia

SIYAKWAMKELA e-Estonia! Eli lizwe lihle elikulwandle lweBaltic liya kukushiya ubamb’ ongezantsi ngenxa yamahlathi, amadlelo needolophu ezintle ezigudl’ unxweme, amachibi angaphezu kwe-1 400 neziqithi ezingaphezu kwe-1 500 ezithi ndijonge. Malunga nesiqingatha se-Estonia sinemithi exineneyo nentsalela yeentshinyela zamahlathi awayefudula ekho kuyo yonke iYurophu. IEstonia, engenkulwanga kangako kuneSwitzerland okanye iDenmark, lelinye lawona mazwe mancinane eYurophu.

Uya kufumanisa ukuba abantu beli lizwe lihle nelincinane bangezozithethi nabanembeko baneempawu ezintle. Inkoliso yabo banobuhlobo, bafundile yaye bayakuthanda ukufunda. Nangona ama-30 ekhulwini abantu balapha bethetha isiRashiya, ulwimi lwabo sisiEstonia. Noko ke, akululanga ukulufunda kuba luntsonkothile. Ngokomzekelo isiEstonia sinamagama amaninzi athetha “isiqithi,” kuxhomekeka kwimbonakalo, ubukhulu kunye nobudala besiqithi.

IMVELAPHI EBUGXWAYIBA

IEstonia ibisoloko ilawulwa ngamanye amazwe. Izithwala-ndwe zamaJamani nemikhosi yaseDenmark yahlasela ngenkulungwane ye-13, yaza iDenmark, iLithuania, iNorway, iPoland, iRashiya neSweden zasukuzana kangangeenkulungwane ukuze zilawule iEstonia.

Emva kwenkulungwane kulawula iSweden, amaRashiya aqalisa ukulawula ngowe-1721. Emva kwexesha elifutshane lokuzimela geqe ukususela ngowe-1918 ukuya kutsho kowe-1940, imikhosi yeSoviet Union yathimba iEstonia. Ngowe-1941 iJamani yamaNazi yaqalisa ukulawula kodwa iSoviet Union yaphinda yaxhuzula imikhala ngowe-1944. IEstonia yaba yinxalenye yeSoviet Union phantse iminyaka engama-50, de kwaba ngowe-1991 xa yaba lilizwe lokuqala eliphantsi kweSoviet Union ukuzimela geqe.

Ezo ziganeko zawachaphazela njani amaNgqina kaYehova e-Estonia? Kwenzeka ntoni kubakhonzi bokwenyaniso bakaThixo ngexesha lolawulo lwamaJamani olungqwabalala nangamaxesha anzima eSoviet Union? Funda ngebali lokholo lwabo oluchukumisayo, inkalipho namacebo alusizi abawenzayo xa babetshutshiswa.

IZINXENXE EZIBANGELWA LUNQULO LOBUXOKI

Amajoni awahlasela iEstonia ngenkulungwane ye-13 anyanzela abantu ukuba babe “ngamaKristu.” Noko ke, inguquko yabo yaba yinkwalambisa. Emva koko, abantu beelali ezininzi bazihlamba ngamanzi bezihlambulula kolu bhaptizo lunyanzelweyo. Abantu baqhubeka benqula indalo besenza namasiko obuhedeni ade loo masiko axubana neenkolelo zamaKatolika.

Ngenkulungwane ye-17 abantu base-Estonia baguqukela kwiCawa yamaLuthere baza kamva ubuOthodoki baseRashiya baba yicawa yasebuRhulumenteni. Ngowe-1925, iCawa noRhulumente zohlulwa. Ngokohlolisiso olwenziweyo, ngamaEstonia ali-14 ekhulwini kuphela avumayo ukuba unqulo lubalulekile.

Noko ke, kutshanje abantu abaninzi abanyanisekileyo base-Estonia baye balamkela iLizwi likaThixo eliphilisayo “nemfundiso ephilileyo ngokweendaba ezilungileyo ezizukileyo zoThixo onoyolo.” (1 Timoti 1:10, 11) Ngenxa yoko, ukususela ngowe-1991 inani lamaNgqina kaYehova avakalisa uBukumkani bukaThixo liye landa ukususela kubantu abangaphantsi kwe-1 000 laya kutsho kwabangaphezu kwama-4 000. Kodwa ke zafika njani iindaba ezilungileyo e-Estonia?

“UNOMLOMO”

Ebutsheni benkulungwane yama-20 uMartin Kose nomntakwabo uHugo bafumana uncwadi olwalupapashwe ngaBafundi beBhayibhile (leyo yindlela ayesaziwa ngayo amaNgqina kaYehova) ngoxa babeseUnited States. Evuyiswa zizinto awayezifundile, uMartin wayexhalabele ilizwe lakowabo kuba wayesazi ukuba babengekho abafundi beBhayibhile. UMartin wafumana iadresi yekomkhulu eliseNew York kuloo ncwadana yayinemifanekiso wafika apho wathetha noJ. F. Rutherford, owayevelela umsebenzi waBafundi beBhayibhile ngelo xesha.

UMartin wabuza, “ndifanele ndenze ntoni?”

UMzalwana uRutherford wathi kuye, “Andibi unomlomo? Buyela ekhaya uye kushumayela.”

Wenza kanye loo nto uMartin. Malunga nowe-1923 wabuyela e-Estonia waqalisa ukushumayela, ngaloo ndlela waba nguMfundi wokuqala weBhayibhile kwelo lizwe. UMartin wafundisa intsapho yakhe iinyaniso zeBhayibhile yaye unyana wakhe waba ngumkhonzi kaThixo othembekileyo nentsika kumaxesha obunzima awalandelayo. Nomntakwabo Martin uHugo waba nguMfundi weBhayibhile kodwa akazange abuyele kowabo.

“AWUSOZE UBE WEDWA”

Kwindibano eyayiseLondon yaBafundi beBhayibhile ngowe-1926, uMzalwana uRutherford wacela amatsha-ntliziyo ukuba aye kumazwe akwiBaltic. UAlbert West, uPercy Dunham noJames Williams baphakamisa izandla zabo. Akuzange kube kudala emva koko bamiselwa ukuba baqalise umsebenzi weendaba ezilungileyo e-Estonia, eLatvia naseLithuania. UWilliam Dey owayengumveleli weOfisi yoMntla Yurophu eseDenmark wahamba noAlbert West baya eTallinn, elikomkhulu lase-Estonia. Emva kokuba efumanele uAlbert indawo yokuhlala, uMzalwana uDey wambetha egxalabeni waza wathi: “Usale kakuhle Albert. Awusoze ube wedwa. Kungekudala IMboniselo iza kufika!”

Iicolporteurs, indlela ababebizwa ngayo oovulindlela, beza kunceda besuka eNgilani, eJamani nakumanye amazwe. Kodwa kwakunzima ukuhlala ixesha elide ngenxa yokuba ayengafumaneki amaphepha mvume. Iicolporteurs zaseFinland zakhawuleza zaqhelana neemeko, kuba isi-Estonia nesiFinnish ziilwimi ezizalanayo. Kwakukho iqela labashumayeli abavela kwamanye amazwe ababekhuthele betyala imbewu yoBukumkani. Aba bantu basemzini babesamkelwa ngokufudumeleyo yaye babedla ngokuthiywa amagama eziqhulo ezinjengezithi “Soome Miina” (elithetha uMiina waseFinland). Ukuba isithethi sasivela eBritani kwakusithiwa “ngumLondon.”

ISEBE LOKUQALA

Yayinqabile indawo efanelekileyo yaye ekubeni kwakucingwa ukuba abantu bamanye amazwe bazizityebi, babebizwa imali eninzi. Noko ke, ngowe-1926 kwavulwa iofisi encinane eTallinn e-17 Kreutzwaldi Street yaye uAlbert West wayesisicaka sesebe. Iincwadana zokuqala zesiEstonia ezaziquka ethi Millions Now Living Will Never Die!, zakhululwa kwangaloo nyaka.

Ibhinqa eliselula lase-Estonia ekuthiwa nguHilda Ang leva inyaniso ngabahlobo balo. Xa waya kwiofisi yesebe ukuze afumane iincwadi, umzalwana oliJamani wamcela ukuba aguqulele intetho yakhe yesidlangalala. Wavuma yaye ngowe-1928 wacelwa ukuba aze kuba ngumguquleli. Kamva watshata nomzalwana waseBritani uAlexander Brydson owayeze kushumayela e-Estonia. UHilda wayekhuthele yaye kamva xa umsebenzi wavalwayo yena nomyeni wakhe kwanyanzeleka ukuba babhace, waqhubeka nomsebenzi wakhe wokuguqulela kangangamashumi eminyaka nangona wayesele emkile e-Estonia. Yena nomyeni wakhe ekugqibeleni bachitha ixesha elingaphezu kweminyaka eli-100 kwinkonzo yexesha elizeleyo!

Ngowe-1928 Abafundi BeBhayibhile bapapasha incwadi yokuqala ngesiEstonia ethi U-Hadi luka-Tixo. Ukongezelela Imboniselo, nezinye iincwadi ezisixhenxe kunye nezinye iincwadana zapapashwa ngesiEstonia ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II.

ABASHUMAYELI BOKUQALA

Iicolporteurs zazigubungela umhlaba omkhulu ngebhayisekile yaye zazilala naphi na apho zihlwelwe khona—emizini yabantu okanye emadotyeni. Abantu babengathathi ntweni kodwa babekuthanda ukuphulaphula isigidimi soBukumkani. Ngenxa yoko, aba bashumayeli bexesha elizeleyo babeshumayela iiyure ezili-150 ukusa kwezingama-200 ngenyanga, omnye washumayela iiyure ezingama-239 ngenyanga nje enye! Babekhuthele, bekhaliphile yaye bezingisa kumsebenzi wabo. La mava alandelayo ngawodade owayeqala ukuya entsimini:

Omnye udade waseFinland onenzondelelo wambuza: “Uyakwazi ukukhwela ibhayisekile?”

Lo dade waphendula wathi: “Ewe ndiyakwazi.”

Lo dade waseFinland wathi: “Masiye eSarema,” ethetha ngesona siqithi sikhulu e-Estonia, esikumgama weekhilomitha ezingama-200.

Bakufika eSarema, lo dade wathi: “Uza kuqala kweli cala, sikhawulelane. Sakudibana embindini welali.” Lo dade mtsha wayengazange washumayela ngaphambili. Kodwa kumzi wokuqala awangena kuwo, wayiva inkxaso kaYehova wakhawuleza wazithemba nto leyo eyamenza wasinandipha eso sihlandlo.

UHelliin Aaltonen (kamva owaba nguGrönlund) wadibana nabantu kwisiqithi saseVormsi ababethetha ulwimi angaluvayo.

Wababuza: “Niyasazi isiEstonia?”

Baphendula bathi: “Hayi, sithetha isiSwedish.”

UHellin wabuza: “Ninazo iincwadi zesiSwedish?”

Bezibaxa izinto bathi: “Sele kudlule amakhulu eminyaka singenazo iincwadi zesiSwedish.”

Esakufumanisa ukuba abemi baseVormsi abanazo iincwadi zesiSwedish, uHellin wagqiba ekubeni atyelele kwesi siqithi ehamba noFanny Hietala othetha isiSwedish.

UHellin uthi: “Sathatha zonke iincwadi zesiSwedish ezazisesebeni saza saya nazo ngephenyane. Sasigubungela eso siqithi ngeentsuku ezintathu saza saphantse sazigqiba iincwadi esasiziphethe. Emva kokuba kudlule amashumi eminyaka, kwakukho umzalwana eSweden owayesithi wafunda inyaniso kwiincwadi awayezifumene eVormsi.” Izihlandlo ngezihlandlo abashumayeli boBukumkani baye bayiqonda inyaniso ekwiNtshumayeli 11:6 ethi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo.”

IINGXAKI ZEECOLPORTEURS

Umsebenzi weecolporteurs wawungelulanga. Ebusika zazihamba emkhenkceni iikhilomitha ezingama-20 ukusa kwezingama-40 ngosuku. Kwakuqhaqhazelis’ amazinyo yaye iindawo zokulala ezifudumeleyo zazinqongophele. Babenokuhamba nokutya nezinye izinto ezimbalwa kuphela kuba kwakufuneka baphathe neebhokisi ezineencwadi. Izandyondyo zeemvula zazidla ngokonakalisa iindlela. Amaxesha amaninzi kwakuye kunyanzeleke ukuba ezi colporteurs zilale phandle. Lo msebenzi wawufuna bomelele baze babe nomxhino. Babeziva njani aba bashumayeli ngomsebenzi wabo?

UVilho Eloranta, umzalwana waseFinland owayeshumayela kwiindawo ezisemagqagaleni kangangeenyanga eziliqela uthi: “Ayikho into ebalulekileyo endakhe ndayiswela. Ubukhulu becala ndandidla ngokuhambisa uncwadi ndize ndifumane ukutya nendawo yokulala. Imali yayingafuneki kangako. Kwakusithi kwakurhatyela ndikhangele indawo yokulala. Bambalwa abantu abangazange bandinike indawo yokulala, ngokukodwa xa sele ithambekile imini okanye xa ikude ifama elandelayo.”

UVilho uhlabela mgama esithi: “Ukudlulisela isigidimi soBukumkani ebantwini yayiyeyona nto ndandiyixhalabele kangangokuba iindawo zokuhlala ezingekho mgangathweni zazingandihluthi uvuyo olubangelwa kukushumayela.”

Abo bazalwana noodade babezibhokoxa batyeneneza indlela besenzela ulwando oluza kulandela ngokuhambisa iincwadi ezininzi. Ngowe-1929 isimbuku seencwadi neencwadana ezingama-53 704 zasasazwa libathwana labashumayeli.

UAdolf Kose ukhumbula ukuba, “e-Estonia kwakukho iicolporteurs ezimalunga nama-30 yaye zashumayela kulo lonke elo lizwe ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II.”

Igalelo labo bashumayeli lisabonakala nangoku. Ngokomzekelo, ebutsheni beminyaka yee-1990 amaNgqina kaYehova adibana noRuth owayesele ekhulile. Wayesiqhelile isigidimi sawo. Wakhumbula ukuba kwiminyaka engama-60 ngaphambili wayephulaphule uMfundi weBhayibhile waseJamani owayedla ngokutyelela ummelwane wakhe. Nangona wayesisithulu yaye ekhulile, uRuth wayibona inyaniso, wamkela isifundo seBhayibhile waza wabhaptizwa—iminyaka ephantse ibe ngama-70 emva kokudibana namaNgqina okokuqala!

UKUQALA KWESEBE

Ngaloo mihla, iofisi encinane yesebe yayiyindawo ekwakuqhutyelwa kuyo indibano. Indibano yokuqala yesithili, eyayingoJuni 1928, yayinabantu abangama-25 kwaza kwabhaptizwa aba-4. Kunyaka olandelayo abazalwana abangama-80 baseFinland beza kuncedisa kwiindibano nasentsimini.

UAlbert West, owayesisicaka sesebe e-Estonia wafumana isabelo sokuncedisa uWilliam Dey owayesisicaka sesebe eDenmark waza kamva wangena ezihlangwini zakhe. Ngubani owayeza kuthatha indawo yakhe kwisebe lase-Estonia? UWallace Baxter waseSkotlani wayengumzalwana onothando noliqharhaqharha. Ngaphambi kokuba afumane inyaniso, walwa kumkhosi waseBritani eFransi ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. Izinto awazibonayo kuloo mfazwe zazingavisisani neemfundiso zikaYesu Kristu.

UMzalwana uBaxter uthi, “Ndandididekile ndaza ndaqonda ukuba imfazwe ayilunganga nangayiphi na indlela. Ndandisoloko ndikholelwa ukuba abantu bayazalana yaye nabani ofuna uThixo angamfumana. Njengoko ndandisitya amathambo entloko, ndathandaza kumngxuma endandizifihle kuwo ndaza ndafunga kuThixo ndathi ukuba unokundisindisa ndibuyele ekhaya ndiya kumkhonza ubomi bam bonke.”

Wenza kanye loo nto. Emva kokuba efunde inyaniso wangenela inkonzo yexesha elizeleyo ngowe-1926. Emva kweminyaka emibini wamkela isimemo sokuya kukhonza e-Estonia nalapho wabonisa inzondelelo efanayo. Wamiselwa njengesicaka sesebe ngowe-1930, ngalaa nyaka emka ngawo uMzalwana uWest. Isebe lafudukela e72 Suur Tartu Road, eTallinn, ngowe-1932, yaye ngonyaka olandelayo iWatch Tower Bible and Tract Society yabhaliswa ngokusemthethweni e-Estonia.

UKUSASAZA NGEELWIMI EZAHLUKENEYO

Kwangowe-1927, uMzalwana uWest wavunyelwa ukuba aye kuthetha kwisikhululo sikanomathotholo eTallin. Intetho awayinikelayo eyayinomxholo othi, “Iintsikelelo Zewaka Leminyaka,” yaguqulelwa kwisiEstonia. Le ntetho ayizange ivuselele umdla nje ebantwini kodwa yaqhway’ udushe. Ngenxa yoko, akazange aphinde athethe kwada kwangowe-1929. Kwaqaliswa ukunikelwa kweentetho rhoqo ngeeCawa. Ezi ntetho zazinikelwa ngesiNgesi, isiEstonia, isiFinnish, isiRashiya, ngamanye amaxesha ngesiSwedish nesiJamani mhlawumbi kanye ngesiDanish. Ezo ntetho zavuselela umdla omkhulu yaye zazivakala eNorway, eDenmark, eSweden, eFinland naseLeningrad (ngoku eyiSt. Petersburg) eseRashiya. Ebudeni bonyaka wenkonzo wowe-1932, iintetho ezingama-200 ezazisasaziwe zaba negalelo ekwaziseni igama likaYehova. Akumangalisi ukuba abefundisi bachasa!

Ekubeni abefundisi babesazi ukuba abasemagunyeni e-Estonia babeyoyika nantoni na enokuthanani nobuKomanisi, batyhola amaNgqina ngokuba nento yokwenza nobuKomanisi. Ngenxa yokuba abasemagunyeni base-Estonia babengayifuni nantoni na enokubeka ilizwe esichengeni, zayekiswa ezo ntshumayelo ngowe-1934. Noko ke, asingabo bonke abantu abakuxhasayo ukuyekiswa kwezi ntetho. Enye inkwenkwana eyayihamba isikolo yabhala le leta ngesiNgesi:

Watch Tower othandekayo nawe Judge Rutherford:

Ndilusizi ngokuba urhulumente wase-Estonia eye waziyekisa iintetho zenu kunomathotholo. Ndisahamba isikolo. Abazali bam abathathi ntweni: bayazibhokoxa ukuze bondle abantwana babo. Kodwa uthando lwabo lweNkosi kwakunye nethemba obanika lona lunjengemitha yelanga ebusweni babo. Ebusika bendigula yaye bendithuthuzelwa zintetho zenu. Iinyembezi ebendinazo ziye zaba zezolonwabo.. . . Ziphi ngoku ezo ntetho? . . . Ndiye ndafunda isiNgesi yaye le yileta yam yokuqala endiyibhale ngolu lwimi, ndingasebenzisi sichazi magama. . . . Ndidlulisela iminqweno nemibuliso kuJudge Rutherford.

UMzalwana uRutherford wayiphendula ngokwakhe le leta waza wayithumelela iintetho zakhe ezirekhodiweyo.

“UMKHOSI WOBUKUMKANI BAMAZULU”

UJohn North waseNgilani, oyicolporteur, wayehlala kwindlu erhuqwayo nentsapho yakhe xa babeshumayela e-Estonia. Le nto yavuselela umdla kuwo wonke ummandla osemazantsi e-Estonia. Iphephandaba lasekuhlaleni layichaza ngolu hlobo le ndlu: “I[Watch Tower] Society yakha eTartu inqwelo efana nendlu ngenjongo yokuhamba beqhuba inkonzo. Bashumayela ebantwini besebenzisa ‘umkhosi woBukumkani bamazulu’ yaye besasaza iincwadi ezicacisa iBhayibhile. Lo ‘mkhosi’ unabantu abahlanu—umvangeli, umfazi wakhe, umntwana wabo nabafana ababini abaziziquququ. Aba bafana bahamba ngebhayisekile (njengoYehu) emva kwalo ‘mkhosi’ besasaza iincwadi.”

Ngexesha leziphendu zezopolitiko phakathi kweminyaka yee-1930, uNikolai Tuiman owayesakufudula engumqhubi wenqwelo moya yomkhosi, wavalelwa entolongweni ngenxa yokubandakanyeka kwimigushuzo yeqela lamaFasi e-Estonia. Kwithala lasentolongweni uNikolai wafumana ezinye iincwadi zikaJ. F. Rutherford ezamenza waqonda ukuba wayelahlekisiwe. Emva kokukhululwa kwakhe entolongweni waya eTallin kwidilesi eyayikwincwadi eyayifunyenwe ngumkakhe epapashwe ngamaNgqina. UNikolai wancedwa nguMzalwana uBaxter ukuba enze iinguqu ebomini bakhe, wahlukana nezopolitiko waza waba liNgqina likaYehova elinoxolo nelinenzondelelo. Emva kokuba umsebenzi uvaliwe, waba yenye yeentsika zebandla, encedisa ekushicileleni ngokufihlakeleyo. Waqhubeka ethembekile kwiminyaka elishumi elinesihlanu xa wayeselubhacweni eSiberia.

Omnye umntu owayekade ebandakanyeke kwezopolitiko waza waphoxwa zizo yayingugqirha Artur Indus. Intlantsi yenyaniso wayifumana xa wayeye kunyanga uMartin Kose. UMzalwana uKose wakhuthaza uArtur ukuba afunde iBhayibhile yaye ekubeni uArtur wayesazi isiJamani, wamodolela zonke iincwadi ezazikhona ngolo lwimi. UArtur wancedwa nguMartin ukuba amkele inyaniso, wazahlulela kuYehova waza wabhaptizwa. UMzalwana uIndus wayengugqirha owaziwayo nohlonelwayo yaye wayesaziwa njengomzalwana onenzondelelo.

IMIQONDISO YAMAXESHA ANZIMA

Iminyaka yee-1930 yayiyiminyaka enzima. Ngenxa yengcinezelo yamaNazi kunye neCawa yamaKatolika, incwadi ethi Righteous Ruler yathinjwa ngoJanuwari 1935.

Kwangaloo nyaka, uMphathiswa Wezekhaya wayivala iWatch Tower Society e-Estonia, wathimba iincwadi yaza yavalwa iofisi yesebe. Nangona uncwadi oluninzi lwalusele lufihliwe kwathinjwa iincwadi ezimalunga nama-76 000. Kodwa ezi nzame zikarhulumente azizange ziwumise umsebenzi. Abazalwana abazange bakholelwe xa kwapapashwa iikopi ezili-100 000 zeencwadana ezimbini ezazithinjiwe kumaphephandaba amabini angawona aphambili e-Estonia. Nangona saphulukana neencwadi ezininzi, igama likaYehova laziwa kakhulu kunokuba kwakuya kuba njalo xa ezi ncwadana zisasazwa ngabazalwana.

Njengoko umsebenzi wokushumayela wawuqhubeka, neofisi yesebe yavulwa. Ziliqela iincwadi ezathinjwayo kwiminyaka eyalandelayo. UHellin Aaltonen wayesebenza esebeni xa kwaziwa kugqogqwa ngenye imini.

UDade Aaltonen ukhumbula ukuba: “Amapolisa amathathu eza kuthimba incwadana ethi Millions Now Living Will Never Die!, kodwa yayingekho. Bazithatha zonke iincwadi baza bazilahla phantsi. UMzalwana uBaxter wayengakwazi nokushukuma kuba amapolisa ayembek’ esweni. Ndaqalisa ukuqokelela ezi ncwadi ndaza ndasondela ngasedesikeni kaMzalwana uBaxter ukuze ndibone ukuba akukho maphepha ayengafanelanga abonwe ngamapolisa na. Ndabona iphepha elalinamagama neeadresi zabo bonke abavakalisi. Ndalilahla kumgqomo wenkunkuma owawusekoneni. Xa amapolisa ayeqalisa ukupakisha iincwadi ezibhokisini, elinye lawo layithi hlasi enye ibhokisi ngamandla kangangokuba lada lophuka ingalo! Amanye amapolisa akhawuleza alisa esibhedlele nto leyo eyasinika ithuba lokuba sikwazi ukuhlola ezo bhokisi ngaphambi kokuba abuye.”

UMzalwana uBaxter uhlabela mgama esithi: “La mapolisa abuya yaye ndabona elinye ipolisa lifaka epokothweni yedyasi yalo incwadi ethi Deliverance. Ndandizibuza ukuba zingaphi iincwadi ezithathwa ngala madoda aze azifunde.”

Ngonyaka wowe-1939 ilizwe lalimaxongo. Imikhosi yaseSoviet Union yavunyelwa ukuba ingene e-Estonia. UMzalwana uBaxter wabhala wathi: “Yonke imihla kunomathotholo kwakusoloko kusasazwa iinkqubo zamaKomanisi. Abantu babengaqinisekanga, benxunguphele, kusisiphithiphithi. Kwakusoloko kubhabha iinqwelo moya zomkhosi waseSoviet Union ezinamajoni.” Ngaba loo meko yayiza kuwuqhwalelisa umsebenzi?

Kuyo yonke loo ngxuba kaxaka, ngowe-1940 abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo bahambisa iincwadi neencwadana ezingama-59 776 lowo yayingumsebenzi omkhulu kubavakalisi abangama-27 noovulindlela abali-15 kuphela. Babezibhokoxa kuloo minyaka eyayisele yenkululeko.

INDIBANO YOKUGQIBELA SIKHULULEKILE

Abazalwana bakwazi ukuqhuba indibano eTallinn ngaphambi nje kokuba kuqalise ulawulo lweSoviet Union yaba yindibano yokugqibela ilizwe likhululekile de kwagqitha amashumi amahlanu eminyaka. Babexubusha amanqaku eMboniselo athi: “Ulawulo lobuthixo,” “Ukuba ngundilele,” “Isabatha,” nelithi “Ukutshabalala koNqulo” oku yayikukutya kokomoya okwakufike ngexesha elifanelekileyo kwaza kwaxhobisela abantu bakaThixo ixesha elinzima elaliza kulandela.

IMfazwe Yehlabathi II yayiza kufika nase-Estonia yaye abazalwana bethu babengazukubhungca. NgoJuni 16, 1940, iUnion of Soviet Socialist Republics yayalela urhulumente wase-Estonia ukuba amisele urhulumente omtsha aze avumele imikhosi yaseSoviet Union ukuba ingene e-Estonia. Kwasekwa umbutho wamaKomanisi ase-Estonia onamalungu angaphantsi kwali-150, yaza iEstonia yathinjwa yaba yinxalenye yeSoviet Union. Ngeenyanga nje ezingephi amawaka abantu base-Estonia athunyelwa elubhacweni eSiberia, imizi neefama zawo zaba yinkangala, zatshiswa okanye zathinjwa yimikhosi yamaRashiya. Amawaka azama ukusaba ngamaphenyana amancinane ubukhulu becala besiya eSweden. Abaninzi bakwazi ukusaba kodwa abanye bafela elwandle.

ABANTU BAMANYE AMAZWE BAYEMKA

Lwathi lusakuqalisa ulawulo lwamaKomanisi, iofisi yesebe yaphinda yavalwa. Nangona uMzalwan’ uBaxter, uAlexander noHilda Brydson babezimisele ukuqhubeka nezabelo zabo, ukuhlala kwabo kwakuza kubeka ubomi babo engozini. Ekugqibeleni uMzalwan’ uRutherford wabacebisa ukuba bemke. Umzalwan’ uBaxter nabakwaDunham baseLatvia bahamba ngololiwe bedlula eSiberia baza baya kuphelela eOstreliya. Bona abakwaBrydson bemka emva konyaka baya eSweden. Umzalwan’ uBaxter wakhonza ngokuthembeka kwiKomiti yeSebe yaseOstreliya wade waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoJuni 21, 1994. a

Yintoni eyayiza kwenzeka kubazalwana ababesele ngasemva njengokuba abazalwana bamanye amazwe bemkile? Babesebatsha nasenyanisweni, yaye imfazwe yayibachaphazela kanobom. Njengoko imfazwe yayiqhubeka nomsebenzi wetha. Emva kwengxelo yabo yokugqibela ngowe-1941, akukho nto yaphinda yavakala ngabazalwana kwada kwadlula iminyaka engama-20.

UKUVAVANYWA OKUQATHA KOKHOLO

Njengoko iMfazwe Yehlabathi II yayisiya ithatha unyawo, imikhosi yamaJamani yayidudula imikhosi yaseSoviet Union yaza yalawula iEstonia ngowe-1941 ukusa kowe-1944. Noko ke, ayizange itshintshe imeko yabazalwana. UJaan Pärrat, umzalwana owayesisithulu, wayeshumayela eTartu ngowe-1942 xa wabanjwa ngamaJamani. Watyholwa ngokuba ngumngcatshi waza waphoswa ngaphaya kwezitshixo. Ngokutsho kwamaxwebhu entolongo, umlindi wakhe wasejele wayalelwa ukuba “agoduse” eli banjwa uJaan Pärrat. Lo yayingumyalelo wokuba abulawe. Iqela lamadoda lambona xa wayephuma laza emva koko leva izithonga zompu. Akazange abuye okanye aphinde abonwe. Yayilixesha elinzima kubazalwana. Okokuqala umkhosi weSoviet Union kamva nomkhosi wamaJamani wawugaya abafana bethu. UAdolf Kose uthi: “Kwakufuneka sizimele ukuze singayi emkhosini. Ukuba sasinokubanjwa kwakuza kufuneka singenele umkhosi okanye sibulawe. Umsebenzi wokushumayela watsala nzima kuba sasingakwazi ukwenza nantoni na.”

Imfazwe yathatha olunye unyawo. Ngasekupheleni kowe-1944 umkhosi weSoviet Union wadudula umkhosi wamaJamani ngaphandle kwe-Estonia aza amaEstonia aphinda alawulwa yiSoviet Union engqwabalala. Imfazwe nengcinezelo eyalandelayo yabadandathekisa abantu base-Estonia. Ikota yabantu yabulawa okanye yathunyelwa elubhacweni kwiindawo ezikude zaseSoviet Union okanye basaba. Ukutyhubela iminyaka amawaka amakhulu abantu baseRashiya bafudukela e-Estonia, nto leyo eyabatshintshayo abantu base-Estonia. Ulawulo lweSoviet Union lwaluvavanya ngokuqatha ukholo lwabazalwana bethu, njengoko siza kubona.

IVUKELA MBUSO LIBA LINGQINA

Umbutho wesizwe owawuvukela iSoviet Union, wawubizwa ngokuba “Ngabazalwana Basehlathini” kuba babezimela emahlathini. Phakathi kwabo kwakukho abantu abaninzi ababengengomavukela mbuso kodwa kwakufuneka bazimele kuba amagosa eKGB, ayebafuna apha. Kuqikelelwa ukuba amadoda awayezimela ehlathini aphakathi kwama-15 000 nama-20 000 amanye ayezimela iminyaka engade afunyanwe ngabasemagunyeni. Owokugqibela akazange afumaneke kwade kwangowe-1978. Ngaba bakho ababenokuyamkela inyaniso kwaba Bazalwana Basehlathini baze babengabazalwana bokomoya?

Ngenxa yokuba wayekade esebenzela urhulumente wase-Estonia uErik Heinloo wayesazi ukuba wayesesichengeni. IEstonia yathi isakuba phantsi kweSoviet Union, yena nomkakhe uMagda, bazama izihlandlo ngezihlandlo ukusabela eSweden ngephenyana. Isihlandlo sokugqibela behamba ngephenyana lophuka baza banyanzeleka ukuba babuyele emva. Wazimela abasegunyeni iminyaka esixhenxe de wabanjwa ekugqibeleni. Yena nomfazi wakhe bathunyelwa kwiinkampu ezahlukeneyo eSoviet Union.

Ngoxa wayesentolongweni uMagda wadibana namaNgqina amabini awathetha naye ngethemba loBukumkani. Ekugqibeleni uMagda waqonda ukuba uyifumene inyaniso wavuya gqitha kangangokuba wade wangqungqa. UMagda wakhululwa ngowe-1956 waza wabhaptizwa ngowe-1960. Emva kweminyaka esixhenxe ekhululwe noErik wayamkela inyaniso. Ekugqibeleni uMzalwana Wasehlathini waba ngumzalwana wokomoya.

WAZINGELWA WADA WABANJWA

Emva kokuba abazalwana bamanye amazwe bemkile kwelo lase-Estonia, umzalwan’ uMartin Kose, okhaliphileyo nonenzondelelo wabelwa ukuba avelele umsebenzi emantla e-Estonia. Wona aMazantsi e-Estonia avelelwa nguFriedrich Altpere, umEstonia osukileyo egadeni onesidima nowayefundisa isiNgesi kwisikolo samabanga aphakathi. Emva phaya ngeminyaka yee-1930, wacelwa ukuba aguqulele intetho eyayinikelwa ngomnye woovulindlela ababeze eVõru. Emva kokuba eguqulele loo ntetho waqonda ukuba uyifumene inyaniso. Ngoku wayesele enze inkqubela kangangokuba wayenokukhokela kumsebenzi wokushumayela emazantsi e-Estonia.

Ezi zabelo zazinzima kubo bobabini aba bazalwana kuba babengakwazi ukuqhagamshelana nentlangano yaye bobabini babengenamava. Nangona babesebenza phantsi kwezo meko aba bazalwana bakhonza ngokuthembeka ukususela ngowe-1940 bade babanjwa ngasekupheleni kowe-1948.

Endaweni kaMzalwan’ uMartin Kose noFriedrich Altpere, kwasekwa iKomiti Yenkonzo, eyayibunjwa nguAlbert Kruus, uKarl Talberg noArtur Indus, aze uLembit Toom abancedise. Ngoxa amanye amalungu kwakufuneka azifihle nguMzalwan’ uToom kuphela owayekwazi ukutyelela amaqela. Ngoba? Wayesebenza kwiphiko elitsala amanzi, yaye xa kuzolile kungekho moya, wayesenza loo nto afuna ukuyenza.

Abazalwana abanembopheleleko e-Estonia babebeka ubomi babo esichengeni ukuze bancede abanye abanquli. Imifanekiso yabantu ekwakucingelwa ukuba ziinkokeli yayixhonywa kwizikhululo zikaloliwe, bephathwa njengemigewu yezaphuli-mthetho. IKGB yabela amadoda amane ukuba agade ngamnye kubazalwana bethu. Nangona iminyaka ephakathi kowe-1948 nowe-1951 yayinzima, uYehova wayisikelela imigudu yabakhonzi bakhe kumsebenzi wokushumayela. Ngenxa yoko inani labavakalisi lantinga laya ngaphaya kwe-100.

‘NILUMKE NJENGEENYOKA NIBE MSULWA NJENGAMAHOBE’

Abafundi bakaYesu e-Estonia baya bebuqonda ubunyaniso besilumkiso seNkosi yabo esithi: “Zingqineni nilumkile njengeenyoka ukanti nimsulwa njengamahobe. Zilindeni ngokunxamnye nabantu; kuba baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni, yaye baya kunityakatya kwizindlu zabo zesikhungu. Kaloku, niya kurholelwa phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo nakwiintlanga.” (Mateyu 10:16-18) Noko ke, abanye ababenokholo abazange baqonde ukuba uYehova akasoloko ebakhusela ngokungummangaliso kuSathana abakhonzi bakhe. (Yobhi 1:9-12; 2:3-6) Amanye amaNgqina ayengasoloko ‘elumke njengenyoka,’ njengokuba ayefanele abe njalo ngenxa yoko aba ngamaxhoba entshutshiso ekhohlakeleyo.

UAdolf Kose uthi ukhumbula ukuba “kwakukho indoda eyayinomdla neyayibonakala inenzondelelo yaye ikhaliphile. Yanikwa imbopheleleko ebandleni yaye yayithandwa ngoodade. Noko ke, abazalwana bayirhanela baze balumkisa oodade ukuba bangayibonisi zonke iindawo esiqhubela kuzo iintlanganiso.” Okulusizi kukuba abanye abazange basiphulaphule esi silumkiso, yaye le ndoda yachazela iKGB izinto ezininzi.

ULembit Toom, uthi: “Ngowe-1950, safumana iIMboniselo eJamani, esasifuna ukuzifunda nabazalwana bethu abangamaKristu base-Estonia.”

Kwalungiselelwa indibano eyayiza kubanjelwa kwifama esemaphandleni. IKGB, yeva ngale ndibano yaza yaceba ukubamba bonke abazalwana noodade. Bazalisa iilori ezimbini ngamajoni baza bawalindisa kwisikhululo sikaloliwe ababeza kwehla kuso abazalwana. Kwakukho amaNgqina amathathu awayelinde endleleni ukuze achazele amanye amaNgqina indlela eya kuloo ndawo. Omnye wabazalwana weva ingxolo ehlathini waza warhana waya kuyihlola. Ngesiquphe wazibona sele ekhonjwe ngompu. La majoni ambamba aza aya naye kwaba bazalwana babini bobathathu babanjwa.

Xa uLembit Toom noElla Kikas (kamva owaba nguToom) baqonda ukuba aba bazalwana bathathu babanjiwe, bacinga icebo ngokukhawuleza. Bakhwela isithuthuthu sikaLembit baza basibalekisa baya kwisikhululo sikaloliwe esilandelayo ukuze balumkise abazalwana ababesiza ngololiwe olandelayo. ULembit noElla bangena kuloliwe buphuthuphuthu baza baxelela abazalwana ukuba behle. Ngenxa yoko, akufika uloliwe kwisikhululo apho babelindwe khona ngamagosa eKGB, aphoxeka esakufumanisa ukuba akukho maNgqina.

Kwangaxeshanye, abanye abazalwana bafumana enye ifama ababenokuyiqhubela kuyo indibano. Emva koko abazalwana bahamba ngeenyawo iikhilomitha ezilishumi ukuya kuloo fama. Ngelo xesha amajoni ayesihla enyuka ezindleleni ekhangela amaNgqina. Indibano yaqhutywa ngaphandle kweziphazamiso kwakukho abantu abali-111. Abazalwana babe bamb’ igazi kuba babeqonda ukuba bangabanjwa nanini na. Ucwangciso lwaluquka iingxelo kunye namava avela kwamanye amazwe, nalawo amaNgqina kaYehova ayekwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Nangona aba bazalwana babhungca, loo ndibano yabomelezela iimvavanyo ezaziseza kwenzeka.

UKUNCINWA NOKUGWETYWA

Bonke abazalwana ababeneembopheleleko babanjwa ngokuthe ngcembe, nabavakalisi abangaphezu kwama-70 nabanye abantu ababenxulumana namaNgqina kaYehova. Ngoku abakhonzi bakaYehova abathanda uxolo babesoloko bencinwa yaye abo babengekabanjwa babesazi ukuba bangabanjwa nanini.

Ekubeni babedla ngokuncinwa ebusuku kangangeenyanga, amabanjwa ayedla ngokungalali ngokwaneleyo ixesha elide. Ngenxa yokungalali ngokwaneleyo, iingqondo zabo zazicinezeleka ngakumbi. Abazalwana babegwetywa lingakhange lichotshelwe ityala labo; babevele baxelelwe isigwebo ukuba yiminyaka emi-5 ukuya kweli-12 entolongweni okanye ezinkampini. Uninzi lwagwetywa iminyaka elishumi. Ityala labo? Iingxelo zaseburhulumenteni zithi yayibagwebela “ukuthetha kakubi ngorhulumente nokungcatsha umbuso.” Akuzange kube kudala umthetho watshintsha aze amaNgqina agwetywa iminyaka engama-25 entolongweni. Emva kokuba egwetyiwe uAugust Pressraud owayeneminyaka engama-63 ubudala wathi: “Ndiyayibulela le Nkundla ibekekileyo ngesigwebo endinike sona. Bendicinga ukuba ndiza kuphila iminyaka embalwa. Kodwa nindinike iminyaka engama-25 yonke!”

AmaNgqina ayesiwa kwiintolongo okanye iinkampu zoxinaniso kulo lonke elaseSoviet Union, ubukhulu becala eSiberia naseMpuma okanye eMntla Rashiya, iindawo ezazisemagqagaleni. Lalingekho ithemba lokubuya apho yaye amabanjwa amaninzi ayesithi kubhetele afe.

Kwanabazalwana bobuxoki abasebenzisana nabasemagunyeni abazange basinde. Umzekelo woku ngabazalwana ababini ababa ziimpimpi zeKGB. Emva kokuba besetyenzisiwe, nabo batshutshiswa yiKGB. Bobabini basiwa ezinkampini. Kubonakala ukuba iKGB yayingazazele nto ezi mpimpi zingamagwala. b

UKUSUKA E-ESTONIA UKUYA ESIBERIA

Njengokuba iKGB yayibambe bonke abo yayicinga ukuba ngawona maNgqina aneembopheleleko, yayizimisele ukuwasiphula nengcambu onke amaNgqina kaYehova awayesele. Yahlasela ngonyezi lomhla ka-Aprili 1, 1951. Kolu hlaselo lwalulungiselelwe kakuhle, yahlasela lonke ilizwe ngaxeshanye (kuquka iLatvia, iLithuania, neNtshona Ukraine).

Phantse onke amaNgqina kaYehova, izalamane zawo kuquka nabanomdla bathathwa emakhayeni abo, baqokelelwa basiwa kwizikhululo zikaloliwe eziliqela baza bafakwa kumakhareji kaloliwe. Bavunyelwa ukuba baphathe ukutya nezinto ezimbalwa, kodwa ezinye izinto zabo zathinjwa. Ngolo suku—lingachotshelwanga ityala lawo yaye bengacaciselwanga nto—abantu abaphantse babengama-300 abavela e-Estonia bathathwa ngololiwe basiwa eSiberia, ubukhulu becala kwingingqi yaseTomsk, ekumgama oziikhilomitha ezimalunga nama-5 000.

ULUTSHA OLUKHALIPHILEYO

UCorinna Ennika owayeneminyaka eli-17 ubudala nodadewabo oneminyaka eli-13 ubudala uEne babetyelele izalamane zabo. Unokuyithelekelela intlungu ababekuyo xa bafika kwikhaya labo kuvaliwe yaye kukhala ibhungane! Noko ke, bathi bakuva ukuba unina ubanjiwe, zehla izibilini. Kwakutheni?

UCorinna uthi, “Sasivuyiswa kukuba esaphila! Ekubeni sasisazi ukuba kukho nabanye ababanjiweyo, sasithuthuzelwa kukuba uMama umel’ ukuba ukunye nabantu bakaYehova. Yayivakala inkxaso kaYehova. Andizange ndilile, noEne akazange alile, nakuba engumntu obuthathaka. NgoMvulo sabuyela esikolweni saza asaxelela mntu ukuba umama ubanjiwe.”

UCorinna noEne babezolile naxa amagosa omthetho eza kuba bamba. UCorinna uhlabela mgama esithi: “Kuloliwe esasikhwele kuye, wonk’ umntu wayezolile. Sathuthuzelwa ngomnye udade, owathi uYehova akanakusivumela ukuba sehlelwe yimbandezelo engaphaya kwamandla ethu yaye simele sibe nethemba lokuba uza kusinceda.” La mantombazana awazange ambone unina de kwagqitha iminyaka engaphezu kwemithandathu.

Eyona nto ibonisa inkohlakalo nenzondo yabatshutshisi yayikukubanjwa kosana olwaluneenyanga ezintandathu ubudala. Isizathu sokuba lusiwe ekuthinjweni yayikukuba “lulutshaba lukaRhulumente.”

Kwakubuhlungu ukuya elubhacweni, wawuthotywa isidima uze uhlazwe ngazo zonke iindlela. Rhoqo kusasa namarhatya wonke umntu wayesehliswa kuloliwe ukuze aye kwindlu yangasese nangona zazingekho. Omnye udade uthi: “Sasiphathwa ngeyona ndlela ingenasidima nangenkohlakalo. Wawungenakuwahlula amadoda kumabhinqa. Abanye abantu babedlula kuthi ngoxa amapolisa esijongile.”

UBOMI BASESIBERIA NOKUFA

Emva kohambo olunzima lweeveki ezimbini ngololiwe nemigodlwana yabo bade bafika eSiberia kuloo ngqele iqhaqhazelisa amazinyo. Abaphathi babasebenzi beefama zalapha beza kuzikhethela abasebenzi, kanye njengaxa kuthengwa amakhoboka.

Uninzi lwabantu ababehlala eSiberia babezimbacu, loo nto yayibenza babenovelwano xa kufika ezinye iimbacu. Ngenxa yoko, amanye amakholwa nabantu basekuhlaleni abanobuhlobo, babanceda abazalwana bakhawuleza baqhela. Abanye bakwazi ukuphila ubomi obuqhelekileyo. Kwabambalwa ukuba selubhacweni kwabanceda bachacha nasempilweni njengoodade ababini base-Estonia ababenesifo sephepha kodwa baba ngcono besakufika eSiberia.

Kodwa abanye azizange zibahambele kakuhle izinto. Omnye umntwana wafela kuloliwe ngoxa elinye ingqina elalisele likhulile lafa ngenxa yeemeko ezimbi nokuxinezeleka. Abanye abazalwana baba neziphene ngenxa yokungafumani unyango okanye ngenxa yomsebenzi oqobayo. Abanye bachanabeka ngenxa yokuphila kwiimeko ezingatshongo khona, ukungondleki, ukugula, iingozi nengqele. Ukongezelela, abaninzi banyamezela umvambo wokwahlukana neentsapho zabo kangangeminyaka bengafumani neeleta ababezibhalelwa.

UTiina Kruuse uthi: “Ekubeni intsapho yethu yayinabantwana, sasiwa kwifama yamahlwempu. Abanini bale fama babengenako ukutya okwaneleyo ndingasathethi ke ngathi. Abantu abafikayo babesitya umpayini iintlobo ezithile zeengcambu ezityiwayo nesuphu eyenziwe ngemifino yasendle.”

Ubusika baseSiberia babubude bubanda gqitha, imozulu ezazingayiqhelanga iimbacu zase-Estonia. Kwakunzima nokulima izityalo ezinjengeetapile. Kubantu abaninzi, unyaka wokuqala elubhacweni wawunzima usoloko ulambile.

UHiisi Lember uthi: “Iqondo lokubanda lalingaphantsi kuka-0 ngama-50 ngokukaCelsius. Ngenxa yengqele eqhaqhazelisa amazinyo, isikhukukazi sasilalisa phantsi kwebhedi ukuze singabulawa yingqele. Abanye babede balilalise endlini ithole ukuba lizelwe ebusika.”

UKUVULEKA KWENTSIMI ENTSHA NGENXA KARHULUMENTE

Kwiminyaka ngaphambili, uWilliam Dey wakha wathi ukuba kunokwenzeka ukuba amazwe agudle ulwandle lweBaltic abe phantsi kweSoviet Union, abazalwana babeza kuvulekelwa yintsimi entsha. Loo mazwi angqineka eyinyaniso. Xa urhulumente waseSoviet Union wathumela amaNgqina kaYehova elubhacweni wawanceda akwazi ukushumayela eSiberia nakwezinye iindawo ezikude. Nangona uYehova wawavumela amaNgqina akhe ukuba avavanywe, abantu abaninzi abangazange balive igama likaThixo ngoku baba nethuba lokufunda inyaniso.

Ngokomzekelo uLembit Trell, wabanjelwa ukuvukela urhulumente. Inyaniso wayiva ngowe-1948 ngendlela engaqhelekanga xa wayesentolongweni eTartu. Igosa lomkhosi laseRashiya elalibanjiwe, lamxelela ngamaNgqina elalidibene nawo kwesinye isisele. Eli gosa lathi gqaba gqaba ngeemfundiso zamaNgqina. Lamchazela ukuba ngurhulumente kaThixo kuphela oza kucombulula le ngxaki yaye kungekudala uThixo uza kulawula umhlaba. Loo nto yavusa umdla kaLembit.

Ekugqibeleni uLembit wathunyelwa kwinkampu esemntla Siberia, eVorkuta, ekufuphi nolwandlekazi lweArctic. Weva iqela lamaNgqina ethetha ngeBhayibhile. Wathi akusondela kuwo, waqonda ukuba lento athetha ngayo iyafana naleya wayeyive ithethwa ligosa lomkhosi awayencokola nalo.

Abazalwana babuza uLembit ukuba, “ubanjelwe ntoni?”

Waphendula wathi: “Ndandisilwela ubulungisa.”

Elinye iNgqina lambuza ukuba “uye waphumelela ke?”

Impendulo yayizicacele, kodwa uLembit waphendula wathi: “Andiphumelelanga.”

Omnye umzalwana wathi kuLembit: “ubusilwa kwicala elingafanelekanga. Kutheni ungalwi kwicala elifanelekileyo?” Baqalisa ukumchazela oko kuthethwa yiBhayibhile ngemfazwe yokomoya. Njengoko wayephulaphule uLembit waqonda ukuba uyifumene inyaniso yaye waqonda ukuba umele alwele uYehova.

Emva kokuba ekhululwe uLembit wabuyela e-Estonia waza waqalisa imfazwe yokomoya. Ngoku unguvulindlela othe ngxi. Umfazi wakhe uMaimu wafumana inyaniso ngendlela efanayo; umdla wakhe wavuselelwa entolongweni ngumntu owayengeloNgqina.

Umsebenzi wokushumayela wawunzima kubazalwana ababengasazi kakuhle isiRashiya. Nakuba babengaphangalelanga, babekwazi ukuchaza isizathu sokuba beseSiberia. Oku kwawanceda abazalwana bakwazi ukushumayela ngokungacwangciswanga. Ukongezelela koko, babenamathuba angakumbi okushumayela kwiimbacu zase-Estonia ngolwimi lwabo. Omnye udade owasinda kwiinkampu zoxinaniso uqikelela ukuba ayephakathi kwe-15 nama-20 amaEstonia afunda inyaniso enkampini, njengabazalwana baseRashiya nabaseLithuania.

INDLELA YOKUFUMANA UKUTYA KOKOMOYA

Kwakusetyenziswa iindlela ezininzi ukuze kungeniswe iiBhayibhile nokutya kokomoya entolongweni nakumaNgqina aselubhacweni emagqagaleni. Omnye umzalwana uthi: “Iincwadi zazifakwa ejagini enamafutha ehagu okanye esinye isilwanyana. Ekubeni ayejika abe mhlophe xa enqumile, ayengabonakali lula amaphepha. Nangona amagosa ayedla ngokuhlaba ngemela kwezi jagi, ayengafane awabone la maphepha kuba ayencanyathiselwe emacaleni ejagi.” Amagosa ayengafane akubhaqe ukutya kokomoya okufihlwe kwezi jagi.

Amanye amaphepha ayefihlwa epesini, ezimpahleni, kwibhokisi yesepha, okanye anyhalwe ngaphakathi esepheni. UElla Toom uthi: “Ndandinokufaka IiMboniselo ezine kumphakathi wesepha.”

Nangona iileta zazihlolwa, amaNgqina afunda indlela yokugquka iinyaniso zeBhayibhile esebenzisa amagama aqhelekileyo. Ngokomzekelo omnye udade wabhala wathi: “UBawo uyasinyamekela yaye intambo iyasinceda sikwazi ukukha amanzi equleni.” Wayethetha ukuba “uBawo,” uYehova ubalungiselela ukutya kokomoya; nokuba babekwazi ukuya “equleni,” eliyintlangano kaYehova; yaye babekwazi ukufumana amanzi anik’ ubomi ayinyaniso, uncwadi lweBhayibhile.

Nangona uncwadi lwalukhutshelwa ngesandla, olunye lwaluveliswa ngeendlela zamandulo zokushicilela. Xa ekhuphela uncwadi ngesandla, amaNgqina ayevuya xa eye avalelwa odwa ngenxa yokushumayela. Ngoba? Omnye udade uthi: “Ndandivuya xa ndivalelwe ndedwa. Ndandikwazi ukuguqulela IMboniselo, kuba ndandingaphazanyiswa.” Le yayiyenye yeendlela ezazisilela zabatshutshisi nezazisoloko zibangela ukuba izilangazelelo zoBukumkani zihambele phambili.—Isa. 54:17.

UKUBALULEKA KWEENTLANGANISO

Amathuba okuba kunye namanye amaNgqina ezintlanganisweni ayenqabile yaye ayexatyiswa kakhulu. UCorinna Ennika uchaza indlela yena nomnye udade abaqweba isibindi ngayo baza bashiya umsebenzi wabo iintsuku eziliqela bengafumenanga mvume ukuze baye kwiintlanganiso. UCorinna uthi: “Sahamba emsebenzini ukutshona kwelanga, saza sahamba ngeenyawo sisiya kwisikhululo sikaloliwe esikumgama weekhilomitha ezingama-25. Uloliwe wanduluka ngentsimbi yesibini ekuseni, sahamba iiyure ezintandathu ngaphambi kokuba sehle saza sahamba iikhilomitha ezilishumi ukuya kwiindawo ezaziqhutyelwa kuyo iintlanganiso. Sathi sisakuyifumana indlu esasisiya kuyo, sasisacinga ukuba siza kuthini xa sidibana nomzalwana, waqonda ukuba singoodade ngemincili wathi: ‘Nantsi le ndawo niyifunayo. Ngenani.’ Safunda IMboniselo saza sacula iingoma zoBukumkani. Yayingamava amnandi nomeleza ukholo.” Ukubuyela kwabo emsebenzini emva kweentsuku ezintathu, kwathi xibilili besakuva ukuba umphathi fama akazange abone ukuba abekho. Iintlanganiso ezaziqhutywa ngamathunz’ obumnyama zazilomeleza kakhulu ukholo nenkalipho yabakhonzi bakaYehova abathembekileyo.

Ngesinye isihlandlo, iqela labazalwana lalinentlanganiso entolongweni xa kwafika iqela lamapolisa ngesiquphe lize kukhangela uncwadi. Omnye umzalwana, owayephethe amaphepha, wathi hlasi umtshayelo waqalisa ukutshayela. Amapolisa akhangela awafumana nto. Elo xesha lamaphepha ayebhijelwe kwintonga yomtshayelo awayetshayela ngawo.

AMANDLA OTHANDO LOKWENENE LWAMAKRISTU

UAdolf Kose uthi: “Ndandisebenza emgodini wamalahle iminyaka emihlanu. Sasisemntla weArctic Circle, ummandla ongenalanga ebusika. Sasiphuma sele kumnyama emgodini. Sasingaliboni ilanga kangangeenyanga. Kwakhona sasingatyi ngokwaneleyo. Loo nto yandenza andakwazi ukukhumbula kakuhle nexesha andaliqonda. Ngenxa yomsebenzi onzima, ukunqongophala kokutya nokudinwa, sasingakwazi ukuncokola ngezinto zokomoya sasincokola nje ngezinto ezingenamsebenzi ixesha elingephi. Noko ke, xa sithetha ngeenyaniso zoBukumkani sasingadinwa. Sasinokuthetha ngazo iiyure ngeeyure.”

Kubo bonke obu bunzima, abantu bakaYehova bafunda ukubonisa uthando lokwenene. Umzalwan’ uKose uhambisa athi: “Nantoni na esasinayo, sasisabelana ngayo. Sonke sasiswele, ngoko kwakufuneka sabelane ngezinto esinazo.”—1 Yohane 4:21.

Namapolisa ayesazi ukuba amaNgqina ayancedana. Xa uAino Ehtmaa wafuduswa kwenye inkampu esisiwa kwenye wayengenaso isitya necephe eli lembala.

Umphathi wenkampu wathi kuye: “Ungabi naxhala oodade wenu baza kukunika.” Benza kanye loo nto. Zininzi izihlandlo apho amaKristu abonisa uthando aze azukisa igama likaYehova.

Nakuba kunjalo ukunyaniseka kwethu akuzange kuyekwe ukuvavanywa. Ngokomzekelo, nangona uDade Ehtmaa wayesele enexesha esenkampini, amapolisa ayesoloko embuza ukuba, “Awukafuni ukusebenzisana nathi nangoku?” Kakade ke, into ababeyifuna kukuxelelwa iimfihlo zamaNgqina kaYehova.

Udade Ehtmaa wayedla ngokuphendula athi: “Nindivalele kule nkampu utata nomama basweleka ngenxa yenu. Ndingasebenzisana njani nani?”

Nangona “ayesentolongweni,” amaNgqina aselubhacweni aqhubeka ebonisa uthando olufana nolukaKristu ngokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani nanini na efumana ithuba. Kodwa ayeza kushumayela kubani? Umgaqo-nkqubo weSoviet Union wokuthumela elubhacweni abantu abanempembelelo abangengomaKomanisi ‘kwawavulela ithuba.’ Abazalwana noodade abaninzi babekunandipha ukuthetha nezi mbacu zifunde zade zayityekeza, ekusenokwenzeka ukuba zazingayi kusiva lula isigidimi soBukumkani.—Kolose 4:2-4.

Umzalwan’ uKose uthi: “Kamva sasiwa kwiinkampu ezahlukeneyo. Sasishumayela kwiseli nganye. Ndashumayela gqitha ngelo xesha kunanini na ngaphambili nasemva koko.”

Kuyo yonke loo minyaka ayeselubhacweni amaNgqina kaYehova ayesoloko ehlaselwa. Ayethinjelwa imihlaba engenankululeko ayethotywa isidima ngandlela zonke. Kodwa awazange ayophule imilinganiselo yawo okanye oyiswe ngokomoya.

UKUBUYELA E-ESTONIA

Ukufa kukaJoseph Stalin ngowe-1953, iintliziyo zabaxhasi bakhe abaninzi zaba lihlwili. Ngelo xesha, uElla Toom wayevalelwe esiseleni noodade abathandathu. Ipolisa leza kubo lilila laze lathi mabakhahlele uStalin. Abazange bavume.

Ngenxa yokufa kukaStalin izinto zatshintsha kwezopolitiko. Ngowe-1956 ukusa kowe-1957, abazalwana batyobela amakhulu khulu ezicelo baze bazithumela kurhulumente bekhalazela ukuthunyelwa kwabazalwana elubhacweni. AmaNgqina awayeselubhacweni axolelwa ngurhulumente. Abo babesentolongweni bakhululwa baza abo baselubhacweni bavunyelwa ukuba babuyele emazweni abo. Amanye amaNgqina akhululwa emva nje kokufa kukaStalin kodwa amanye kwafuneka alinde. Ngokomzekelo, intsapho yakwaTuiman yathunyelwa elubhacweni ngowe-1951 kodwa yavunyelwa ukuba ibuyele ekhaya ngowe-1965. Nangona abazalwana babuyela e-Estonia, kwakusafuneka bafumane indawo yokuhlala kuba imizi yabo yathinjwa xa babeselubhacweni.

UKUKHANGELA NGASEMVA

Ukusongelwa, inkohlakalo, ukusebenza nzima neemeko zasentolongweni ezingaginyisi mathe zawachaphazela njani amaNgqina? Uninzi lwawo lwaqhubeka lomelele ngokomoya yaye luthembekile kwanaxa ubomi bawo babusesichengeni. Ubuncinane amaNgqina kaYehova ase-Estonia angama-27 afela entolongweni okanye elubhacweni, kuquka noArtur Indus, owayekwikomiti yenkonzo yase-Estonia ngaphambi kokuba athunyelwe elubhacweni. UFriedrich Altpere wafa ngokukhawuleza emva kokukhululwa kwakhe, kucacile ukuba wabulawa ngumsebenzi onzima. Ukholo lwabakhonzi bakaYehova lwavavanywa ngokuqatha eSiberia; kodwa bafunda izifundo ezininzi yaye bayigcina ingqibelelo yabo. Baphuma kolo vavanyo benokholo olomeleleyo yaye bekwazi ukunyamezela.—Yakobi 1:2-4.

UViljard Kaarna uthi: “Bonke abazalwana ababeneembopheleleko babesezinkampini yaye sasisoloko siqhagamshelana nabo. Ngenxa yoko eSiberia sasisoloko sinalo uncwadi yaye sasiqhuba kakuhle ngokomoya. Ukubuyela kwethu e-Estonia, kwakunzima ukufumana ukutya kokomoya rhoqo. Asiqondi ukuba sasiza kuqhuba kakuhle ngokomoya ukuba sasisele e-Estonia.”

Abantu abaninzi abangengomaNgqina ababeselubhacweni baba nenzondo ngenxa yokuphathwa kakubi. Kwelinye icala amaNgqina kaYehova, intlalo yaselubhacweni ayijonga njengeyomeleza ukholo.

UCorinna Ennika uthi: “Safunda ukuthobeka ngenxa yezinto esazinyamezelayo. Sathembela kuYehova yaye asizange sizisole. Sabona ukuba zimbalwa izinto esasizifuna ukuze sisinde. Mna nodade wethu uEne, sasinetyesi encinane nebhokisi eyayiphantsi kwebhedi. Kwanangoku xa sicinga ukuba sifuna izinto ezingakumbi sikhumbula loo mava. Iminyaka yethu yobutsha esusela kweli-17 ukusa kwengama-23 sayichithela eSiberia. Ndiye ndizibuze ukuba sasiya komelela na ngokomoya ukuba sasingazange siye elubhacweni. Ndicinga ukuba iSiberia yayiyeyona ndawo yayisifanele ngeloo xesha.”

Omnye udade yena uthi: “Yakhawuleza yalibaleka loo minyaka mihlanu esasiseSiberia. Kwakungathi bendibukele imovie iiyure nje ezimbalwa.”

UAino Ehtmaa yena ukhumbula oku: “Andisayi kuze ndizilibale iinkwenkwezi eziqaqambileyo zasemantla iimini ezineqabaka namafu angqindilili aphuma elwandle okanye emilanjeni, iintsuku apho ilanga lingatshoniyo kangangeeveki ezimbini, neentsuku apho lingaphumiyo kangangeveki ezimbini. Ndikhumbula amaqunube xa eqalisa ukuvuthwa ehlotyeni neentaka zasendle zearctic ezazisitya amasebe emithi emincinane. Phezu kwabo nje obu bunzima, ndandingathi ndiyakhenketha eSiberia. Ndaqonda ukuba nakwiimeko ezilolo hlobo xa unoYehova unokonwaba.”

UKUSEBENZISA AMAQHINGA AKUDALA

Kwanasemva kokuba abazalwana bebuyile eSiberia, intshutshiso ayizange iphele. Iintlola zazifuna inkcazelo ngentlangano ngokungqalileyo nangokungangqalanga.

UJüri Schönberg, owabanjelwa ukungavumi ukuya emkhosini, wabuyiswa enkampini ukuze ancinwe. Intlola yeKGB yathabatha uhambo olusuka eKiev, eUkraine, yeza e-Estonia ukuza kumcenga ukuba asebenzele iKGB. Eli gosa lazama ukumbonisa uJüri ukuba uncwadi lwamaNgqina kaYehova lwalunxamnye norhulumente yaye luneempazamo ezininzi. Wanika uJüri iIMboniselo ezimbalwa ukuze azifunde kodwa nangona la maphephancwadi ayebonakala eziMboniselo zamanyhani, uJüri akazange awathathe. Wayesoyikela ukuba kuthi kanti ezinye zezi Mboniselo zazizezomgunyathi zenziwe yiKGB ukuze zilahlekise amaNgqina. Kwaphela iveki yonke, le ntlola imhlelele uJüri ukuba abe ngungcothoza weKGB, kodwa umzalwana wethu akazange agungqe.

UKUDIBANA ‘NOMAMA’ KWAKHONA

Nangona urhulumente wayengqingqwa akazange akwazi ukuthintela ukusasazwa kweenyaniso zeBhayibhile. Kwadlula iminyaka abazalwana befunda uncwadi lweminyaka edluleyo. Noko ke, ngoxa amaNgqina ase-Estonia ayeselubhacweni eSiberia, akwazi ukudibana nabazalwana abavela kweminye imimandla eSoviet Union. Ukubuyela kwabo e-Estonia, balulondoloza uqhagamshelwano lwabo nabazalwana beSoviet Union yaye bakwazi ukumana befumana ukutya kokomoya okusexesheni. Ngokomzekelo, ngowe-1956, bakwazi ukuqhagamshelana noIvan Dziabko nabanye abazalwana baseUkraine yaye bakwazi ukufumana uncwadi kubo. Kodwa abo bazalwana babenqabile, noncwadi olwalufumaneka lwaluluncinane. Kwakufuneka okungakumbi yaye uYehova wayisikelela imigudu yenkalipho yabazalwana.

Ngaphantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo, isebe laseFinland lenza amalungiselelo okunceda abazalwana base-Estonia ngokuqhubekayo. UVilho Eloranta, owayenguvulindlela e-Estonia ngeminyaka yee-1930 wanikwa imbopheleleko yokuqhagamshelana nabo. Ebutsheni beminyaka yee-1960 kutyelelo lwakhe lokuqala e-Estonia, wakwazi ukudibana noFanny Hietala. Emva koko, abazalwana abaninzi baseFinland, ababezenza abakhenkethi, babesiza noncwadi nto leyo eyayibenza bakwazi ukunxibelelana. Ekugqibeleni abazalwana e-Estonia bakwazi ukunxibelelana ‘noMama,’ babeyibiza ngaloo ndlela intlangano kaYehova. Babekwazi ukuthumela iingxelo zenkonzo yasentsimini neeleta noncwadi olwenzelwe bona ngokukhethekileyo. Noko ke, ekubeni eli lungiselelo kwakufuneka lenziwe ngokufihlakeleyo babeqhagamshelana kabini okanye kathathu ngonyaka.

UHugo Kose, Jr., ongumntakwabo Adolf Kose, owayehlala eUnited States, waya e-Estonia izihlandlo ezili-15 esisa uncwadi. Ngesinye isihlandlo, amapolisa alinda imida ayiphenya ngokucokisekileyo impahla yakhe kodwa abuya nemband’ esikhova. Imeko yaba mbi xa amapolisa ambuza ngokungqalileyo ukuba uhamba kweyiphi inkonzo. Ekubeni la magosa ayengasazi kakuhle isiNgesi, uHugo wathetha isiNgesi ekhawulezisa. Amagosa ayengafuni ukubonakala engasazi isiNgesi ngokuthi makacothise xa ethetha, yathi isakukhala ifowuni, athi makahambe kuba sele iza kuhamba inqanawa. Naye akazange alibazise.

Abo babehambisa uncwadi babekuqonda ukubaluleka kwesabelo sabo yaye babengasithathi lula. Babephaphile yaye babesoloko beyiqonda ingozi yokuzithemba ngokugqithiseleyo. Iingxelo zenkonzo yasentsimini zazibhalwa ngendlela ethile engazukuqondwa ngabanye abantu. Aba bazalwana babesazi ukuba ukungakhathali kwabo kunokubeka ubomi babo nobabanye esichengeni. Maxa wambi babekhe babone iintlola zeKGB zibalandela. Ngoxa uViljard Kaarna wayelindele ukufumana ipasele kubazalwana ababini wabona intlola ibafota yaye ibalandela. Ngokuqinisekileyo yayiqokelela ubungqina obabuza kusetyenziswa nxamnye namaNgqina. Kodwa ukutyhubela yonke loo minyaka, abazange bangalufumani uncwadi neengxelo zasentsimini.

UKUPHUCUKA KOLUNGELELWANO

Kangangexesha elithile umsebenzi wokushumayela eSoviet Union wawuvelelwa yiKomiti Yelizwe eyayiseUkraine. Ukongezelela koko, abazalwana abaliqela babengabaveleli besithili kulo lonke elo lizwe. Kodwa ngenxa yokukhula komsebenzi e-Estonia kwafuneka umzalwana oza kuvelela umsebenzi. UMzalwan’ Adolf Kose owayengesosithethi nowomelezwa ziimvavanyo wabelwa ukuba alungelelanise umsebenzi ngowe-1967. Kamva loo msebenzi wanda waquka imbalelwano neengxelo zaseLatvia, eLithuania, eKarelia, eLeningrad (ngoku eyiSt. Petersburg), neMurmansk. UMzalwan’ uKose wancedisa ekulungelelaniseni umsebenzi kwiindawo ezahlukeneyo.

Wakwazi njani uMzalwan’ uKose ukunyamekela loo mbopheleleko aze asebenze nomfazi wakhe, uKoidula kwifama yehagu kufutshane nedolophu yaseTapa? UMzalwan’ uKose wenza umatshini owenza umsebenzi wakhe walula. Loo nto yamenza wanexesha elaneleyo lokwenza izabelo zakhe.

Kamva, abazalwana abanjengoViljard Kaarna, Lembit Toom noSilver Silliksaar bancedisa ekutyeleleni amabandla ase-Estonia nakwamanye amazwe eSoviet Union awayesebumelwaneni. Njengokuba babesanda abazalwana abathetha isiRashiya e-Estonia, uAlexandr Yevdokimov naye wancedisa. Ekuhambeni kwexesha umsebenzi wokushicilela wahlulwa, nabazalwana abase-Estonia abathetha isiRashiya bakwazi ukushicilela. Iimpapasho zabo zazifika sele zibhalwe ngesiRashiya kufuneke bona bazikhuphele. Njengoko ayesanda amabandla, le ndlela yokukhuphela yatshintshwa kuba yayingakwazi ukumelana nenani elandayo labazalwana kuba yayifuna abazalwana abaninzi abashicilelayo kwiindawo ezahlukeneyo. Nangona babengenabo oomatshini abaneleyo, abazalwana bashicilela amakhulu khulu eencwadi ezingama-20 ezahlukeneyo. Phakathi kowe-1966 nowe-1989 kwaveliswa amaphepha azizigidi ezingaphezu kwezihlanu ngesiEstonia nesiRashiya.

ABAZALWANA KWAKUFUNEKA BAPHAPHE

Ngenye imini amapolisa akhe agqogqa indlu yomzalwana esithi akhangela isithuthuthu esibiweyo. Kodwa asuka angqala ngqo kwithala leencwadi, indawo ongenakukwazi ukufihla kuyo isithuthuthu! Kucacile ukuba ayefuna uncwadi olwalelweyo. Adana amanzi esakungazifumani.

Abazalwana babelufihla njani olu ncwadi? Uncwadi babelugquma ngamaqweqwe eencwadi ezindala zehlabathi. Ngaloo ndlela xa kugqogqwa zazidla ngokungananzwa ezo ncwadi kuba kucingwa ukuba zezakudala.

AmaNgqina ayesebenzisa izihlandlo ezikhethekileyo njengemitshato ukuze aqhube iintlanganiso neendibano. Ngokomzekelo umtshato kaHeimar noElvi Tuiman waqhutywa iintsuku ezimbini. Maxa wambi amatheko alolo hlobo ayeqhutywa iintsuku ezintathu okanye ezine. Abadala base-Estonia bakhuthaza abazalwana ukuba xa betshata bangenzi imitshato emikhulu. Amaqela amancinane ayengaqapheleki yaye loo nto yayibangela ukuba kungabikho ziingxaki zininzi.

ABAZALWANA BASERASHIYA BAFUDUKELA E-ESTONIA

Ngowe-1970, amaNgqina angamagqala aseUkraine, eBelarus nakwezinye iinxalenye zeSoviet Union afudukela e-Estonia. Kuninzi lwabo bazalwana, ubomi babulula e-Estonia kunakumazwe abo, apho banyamezela ukutshutshiswa ngokungenalusini.

Ngenxa yokuncedwa ngabazalwana abanjengoNikolai Dubovinski owayengumdala waseUkraine onamava, ibandla lokuqala elithetha isiRashiya lasekwa eTartu ngowe-1972, linabavakalisi abamalunga nama-50. Intsimi yesiRashiya yayichumile yaye ngowama-2010, kwakukho amabandla esiRashiya angama-27 namaqela asisi-4—benza ngaphezu kwesiqingatha sabavakalisi base-Estonia.

IINDLELA EZAHLUKENEYO ZOKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA

Abazalwana abathetha isiRashiya babekhaliphile benenzondelelo yaye babesoloko beshumayela ebantwini ngokungacwangciswanga. Ngokomzekelo babedla ngokushumayela ngokungacwangciswanga kubakhenkethi abeze kubona izakhiwo zecawa eTallinn. Abo bakhenkethi babedla ngokucinga ukuba umntu othetha ngeBhayibhile ngumkhenkethisi, ngenxa yoko babebaphulaphula ngenyameko abazalwana xa bethetha.

Abanye oodade babeshumayela koololiwe. Babedla ngokuthenga amatikiti okuya nokubuya eTartu naseTallinn. Olu hambo lweeyure ezisibhozo lwalubanika ixesha elaneleyo lokuthetha nabantu ngeendaba ezilungileyo.

UMaria Pasechnick owafudukela e-Estonia evela eKazakhstan uthi, “ndathandazela ukuba ndibe nesifundo seBhayibhile.” Emva kokudla amathambo entloko, wagqiba ekubeni ashumayele ngoxa elinde emigceni yokuthenga ukutya ezivenkileni.

UMaria uhlabela mgama esithi: “Ngenye imini ngoxa ndandisalindile, ndaqalisa incoko nelinye ibhinqa ndaza ngokuthe ngcembe ndayiqhubela eBhayibhileni. Eli bhinqa lalingenamdla kangako, kodwa landithatha landisa koogxa balo, landazisa laza landishiya nabo. Ngenxa yoko ndakwazi ukuqalisa izifundo ezine zeBhayibhile. Elinye laloo mabhinqa laba liNgqina elibhaptiziweyo yaye lisakhonza uYehova ngokuthembeka.”

Njengokuba kunjalo nakwamanye amazwe, abakhonzi bakaYehova abaninzi babeyimizekelo kwiindawo abasebenza kuzo. Ngokomzekelo, umgayi weQela lamaKomanisi kwiziko elaliphehla umbane wathi uLeonhard Nilsk wayengasafunwa yinkampani kuba engumntu wenkonzo. Noko ke, umphathi womzi wokwenza umbane wathi: “Ngaba sifuna amaKomanisi anxilayo nangasebenziyo okanye sifuna umntu wenkonzo othembekileyo?” Nabanye abasebenzi bamthethelela uLeonhard ngenxa yegama elihle awayezenzele lona. Eli nenekazi lalifuna ukuzithandisa koosomaqhuzu bamaKomanisi, athi esakuyeka amaKomanisi ukulawula, nalo laphelelwa ngumsebenzi.

UKUNIKELA UBUNGQINA NGOXA UMSEBENZI UVALIWE

ULembit Reile, ngoku okhonza kwiKomiti yeSebe e-Estonia, uthi, “Xa ndandisesikolweni, ndandisebenzisa ubulumko xa ndithetha nabanye abafundi. Ndandidla ngokumemela ekhaya enye yamakhwenkwe endifunda nawo ndize ngobuchule ndiyishumayeze. Emva kokuba ndigqibile esikolweni, andizange ndiyibone kangangeminyaka engama-20. Kutshanje bendinikela intetho yesidlangalala kwibandla elikwidolophu yakowethu, khawuqashele ukuba ngubani omnye owayekhona. Yilaa nkwenkwe ndandifunda nayo! Yayifundelwa ngamaNgqina kaYehova yaye emva kotyelelo lwam yabhaptizwa. Andizange ndikwazi ukuzibamba luvuyo!”

Ekubeni umsebenzi wawuvaliwe, abazalwana kwakufuneka baphaphe xa beshumayela. Omnye umdala uchaza indlela ababeshumayela ngayo, uthi: “Kwakufuneka siqale sijonge ukuba ngabantu abanjani aba sikunye nabo yaye ngabaphi esinokukwazi ukuqalisa incoko nabo. Kwakufuneka siphaphe xa sithetha nabantu esingabaziyo. Emva kwexesha, sasidla ngokubona xa umntu engungcothoza weKGB. Naxa umntu ethetha kakhulu okanye ethethela phezulu, sasidla ngokumrhanela. Kwelinye icala, kwakukuhle ukuthetha nomntu ongelopholopholo. Sasidla ngokuthetha nabantu abangamxhasiyo urhulumente wamaKomanisi—abaqhankqalazi babedla ngokuba nengqondo ephangaleleyo.”

UTYELELO OLUKHUTHAZAYO EPAKINI

IQumrhu Elilawulayo lalungiselela ukuba uLloyd Barry, owayelilungu leQumrhu Elilawulayo, kunye noViv Mouritz wesebe laseFinland badibane noAdolf Kose, owayelungelelanisa umsebenzi e-Estonia. Badibana epakini eLeningrad (ngoku eyiSt. Petersburg).

Xa ethetha ngale ntlanganiso, uMzalwana uMouritz uthi: “Ekuqaleni, uMzalwana uKose wayemathidala ukuthetha yaye esenza ngathi ufunda iphepha. Njengoko incoko yayiqhubeka, uAdolf walibeka phantsi iphepha waqhabalaka.”

UMzalwana uBarry uthi: “Akazange avume xa simcela ukuba afumane into esiwa phantsi kwempumlo kunye nathi. Wathi kubhetele sithethe ngezinto ezibalulekileyo sahlukane sisakugqiba.”

Wathi uMzalwana uKose esakuzityand’ igila ngentshutshiso eqatha nokubekelwa kwamaNgqina imiqathango yiSoviet Union, uMzalwana uMouritz noBarry bamkhuthaza kakhulu. Bathi: “Siyavavanywa nakwamanye amazwe. Ezo mvavanyo zibonakala zilula, kodwa ziyingozi. Sinezilingo ezininzi kunani yaye siphulukana nabantu abaninzi kumazwe aseNtshona kunani.”

Olu tyelelo lwalufike ngexesha elifanelekileyo yaye lamomeleza kakhulu uMzalwana uKose. Waqonda mva ukuba wayethetha nelungu leQumrhu Elilawulayo yaye wadlulisela la mazwi akhuthazayo avela kwintlangano kaYehova kubo bonke abo babegcine ingqibelelo yabo phantsi kwengcinezelo.

Emva koko uMzalwana uBarry wabhala wathi: “Sinovelwano ngabo bonke abazalwana bethu abaseSoviet Union. Bekumnandi ukudibana noMzalwana uKose yaye ukusixhawula nokusanga kwakhe njengoko besisahlukana ibe yindlela efanelekileyo yokuqukumbela loo ntlanganiso.”

ULUTSHA LUBONAKALISA INKALIPHO ESIKOLWENI

Abakhonzi bakaYehova abaselula banyanzelwa ukuba baxhase amaqela ezopolitiko. Abanye abaselula babebongozwa ukuba benze izinto ezinxamnye nesazela sabo esiqeqeshwe yiBhayibhile.

UEster Tamm ukhumbula oku: “Ngenye imini xa ndandihamba isikolo, wonke umfundi eklasini wayalelwa ukuba aphakame, eze ngaphambili ukuze atyobele ileta enqwenelela uzwilakhe uJoseph Stalin usuku oluhle ngomhla wokuzalwa kwakhe.”

UEster wema ngeenyawo kodwa akazange eze ngaphambili. Kunoko, ngembeko wathi wayengazukuyityobela loo leta. Utitshalakazi waba ligqabi ngumsindo, kodwa into eyothusayo kukuba nabanye abantwana bamxhasa uEster besithi nabo abazukuyityobela loo leta. Ngenxa yoko wayekwa lo mbandela.

Enye into yayikukunxitywa kweetshefu ezibomvu ukuze kuxhaswe ubuKomanisi. Abo babengavumi babesongelwa ngokunikwa amanqaku aphantsi okanye bohlwaywe ngezinye iindlela. Abazalwana noodadewethu abaselula abazange balalanise, bebonisa ukunyaniseka okufana nokukaDaniyeli namaqabane akhe amathathu angamaHebhere xa babeseBhabhiloni.—Dan. 1:8.

IINGUQU

Isibakala sokuba yayingabantu abasisi-7 ekhulwini kuphela ababexhasa iQela lamaKomanisi sibonisa ukuba abantu base-Estonia babengayithandi inkqubo yeSoviet Union. Amagosa ase-Estonia ayengasoloko eyithobela iMoscow yaye amanye awo ayede awancede amaNgqina. Ngokomzekelo, ngowe-1985 elinye igosa leza kuLembit Toom laza lathi kuye: “Ndiyazi ukuba ungomnye wabantu abaphambili kumaNgqina. Ningaziqhubi iintlanganiso zenu xa kukho iiholide zikawonkewonke.”

ULembit waphendula wathi: “Ndiza kubachazela nabanye ngale nto.” Kucacile ukuba iKGB yayingayithandi into yokuba amaNgqina aqhube iintlanganiso zawo ngeeholide zikawonkewonke. Abazalwana babengasaziqhubeli ekhusini iintlanganiso zabo yaye benza uhlengahlengiso ngokuvisisana nelo cebiso.

Iinguqu zaqala ngowe-1986 xa iSoviet Union yahlengahlengisa inkqubo yayo yokulawula. IQumrhu Elilawulayo lakhuthaza abazalwana ukuba basebenzise elo thuba ukuze kuqhutywe iindibano eMpuma Yurophu. Abazalwana bethu baseSoviet Union babengayikholelwa into yokuba babenokukhululeka ngaphambi kokuba iArmageddon ifike. Yayingekacimi ezingqondweni zabo indlela ababetshutshiswe ngayo yaye babesakoyika ukugqogqwa kwemizi yabo.

ISIMEMO SOKUYA KUTHETHA ESIDLANGALALENI

Ekubeni ngoku kwakukho inkululeko engakumbi, abantu babenomdla ngakumbi kunqulo nakwiBhayibhile. Abantu babenomdla kumaNgqina kaYehova yaye imibutho eyahlukahlukeneyo yamema abazalwana ukuba beze kucacisa iinkolelo zabo.

Esinye sezo zihlandlo sabafikela bengasilindelanga abazalwana. ULembit Reile wavuma ukuthetha neqela labantu. Lwathi lwakufika olo suku, uAinar Ojarand owayeququzelela la malungiselelo, weva esi sibhengezo kunomathotholo njengoko wayecheba iindevu: “Namhlanje kwiHolo yaseSakala kuza kubakho intetho enomxholo othi ‘Yintoni Efundiswa YiBhayibhile?’” IHolo yaseSakala yayiyeyona inkulu eTallinn nekwakudla ngokuqhutyelwa kuyo iintlanganiso zeQela lamaKomanisi! UAinar akazange akholelwe xa esiva eso sibhengezo! Kodwa wayengenandlela yokuchazela uLembit ukuba le ntlanganiso yayiza kuba nkulu kunokuba bebecinga—wayenokumxelela kuphela xa bedibana ebhasini.

ULembit uthi: “Iholo lalizele limi ngeembambo. Ndandingazange ndikhe ndithethe nabantu abaninzi kangako ngaphambili. Ndandingazange ndithethe embokweni okanye eqongeni. Emva kokwenza umthandazo omfutshane, kwathi qatha uPawulos xa wayeseAreyopago ndaza ndacinga ngentshayelelo. Ekubeni abantu abaninzi ababelapho babengayityi inyama, ndaqalisa intetho yam ngokubachazela ukuba abantu bokuqala uThixo wabanika iziqhamo nemifuno kuphela. Kwakusemva konogumbe apho bavunyelwa ukuba batye inyama.”

Loo ntshayelelo yabafikelel’ iintliziyo yaye emva koko abantu abaninzi babhalisa amagama needilesi zabo ukuze bafumane uncwadi xa lufumaneka. Ukutyhubela iminyaka abazalwana baye banikela iintetho kwiindawo ezinabantu abaninzi, njengakumathala eencwadi, ezikolweni nakumaziko enkcubeko. Ngenxa yoko, abantu abaninzi abatyekele enyanisweni bayiqonda baza bayamkela.

UKUHLALA UPHAPHILE NGOKOMOYA

Ngowe-1989, abakhonzi bakaYehova baseSoviet Union baba nenkululeko engakumbi yonqulo, bavunyelwa ukuba baye kwindibano esePoland. Kwakunjani ukudibana ngokukhululekileyo emva kweminyaka yengcinezelo?

UElla Toom uthi: “Sasonwabe gqitha. Sakhala kakhulu! Kuthi le ndibano yayiyiparadesi yokomoya.”

Omnye udade uthi: “Safika kwangethuba ePoland, sasiwa kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani. Xa ndabona abazalwana noodade besiya eholweni, ndalila. Ndandiqala ngqa ukungena kwiHolo yoBukumkani.”

Ngaloo nyaka, uTheodore Jaracz noMilton Henschel beQumrhu Elilawulayo, noWilli Pohl wesebe laseJamani, bayityhutyha yonke iSoviet Union. Babefuna ukudibana nabazalwana ukuze babakhuthaze baze bazi nemeko abakuyo. Isimo sehlabathi sasitshintsha ngokukhawuleza, ngoko kwakufuneka zixhakamfulwe ngazo zozibini iinguqu ezazisenziwa yiSoviet Union. Eli yayilixesha lokulungelelanisa umsebenzi woBukumkani, into yokuqala eyayifuna ingqwalasela yayingumsebenzi wokuguqulela.

Ukususela ngowe-1983, uToomas Edur (uTom) owayekade edlala ihockey nodlamkileyo oyinzalelwane yase-Estonia, wayeguqulela kwisiEstonia kwisebe laseKhanada. c Ngelo xesha, ezo mpapasho zazifunyanwa ngamaEstonia akwamanye amazwe. Kodwa ngowe-1990, njengoko umsebenzi wawuvulwa e-Estonia, uToomas nomfazi wakhe uElizabeth, bathunyelwa kwisebe laseFinland ukuze baguqulele uncwadi kwisiEstonia, kamva bathunyelwa e-Estonia.

Ngaphambi koku abaguquleli babesebenza kwiindawo ezahlukeneyo. Kwakucaca ukuba iqela labaguquleli laliza kuncedakala xa lisebenza ndawonye. Ekugqibeleni, iqela labaguquleli lalisebenzela emzini kaLembit Toom oseTartu. Noko ke, ekubeni zazingafumaneki iikhompyutha eSoviet Union, abaguquleli babengenazo izixhobo ezaneleyo zokusebenza. Noko ke, kwabakho umnyenyevu xa omnye umzalwana watyelela eUnited States wabuya neekhompyutha ezimbini—esi yayisisiqalo esihle kwisebe labaguquleli. Babembalwa abaguquleli ababekwazi ukusebenza ngekhompyutha neMultilanguage Electronic Phototypesetting System (MEPS), ngenxa yoko wawunzima lo msebenzi. Kodwa babekulungele ukufunda yaye ngokukhawuleza babesenza umsebenzi omhle.

ENYE INDIBANO NGAPHANDLE KWE-ESTONIA

Njengoko imikhala yolawulo lweSoviet Union yayisiya isiba yeke yeke eMpuma Yurophu, abantu baba nenkululeko engakumbi. Abazalwana noodade base-Estonia abamalunga nama-200 bavunyelwa ukuba baye kwindibano yesithili “Yentetho Enyulu” eHelsinki, eFinland, ngoJuni 1990.

Xa abazalwana base-Estonia bafika ngamaphenyane eFinland, abazalwana ababebalindile babamkela ngentswahla yezandla kangangesiqingatha seyure. Abantu ababengengomaNgqina babefuna ukwazi ukuba kwenzeka ntoni yaye ngoobani ezi ndwalutho. Lwalungakholeleki olo tshintsho. Abazalwana bethu ababephethwe kakubi amashumi eminyaka yiSoviet Union, babesamkelwa ngathi ziintshatsheli zeOlimpiki!

Hayi indlela ababechukumiseke ngayo abazalwana base-Estonia ukuphulaphula ucwangciso nokufumana iimpapasho ezintsha ngolwimi lwabo. Omnye umzalwana oligqala wathi: “Xa safumana incwadi enemifanekiso ngesiEstonia isihlandlo sokuqala, kwakungathi sifumene isacholo sexabiso.”

Abazalwana base-Estonia bavuyiswa ngakumbi sisaziso esenziwa kwintetho yokuqukumbela. Isithethi sathi iQumrhu Elilawulayo ligunyazise ukuba kupapashwe IMboniselo yesiEstonia kabini ngenyanga ngaxeshanye nesiNgesi ukususela ngoJanuwari 1991. Abo baphulaphuli banemincili bema ngeenyawo baza baqhwaba ixesha elide. Emva kwaloo ntswahla, omnye wabaphulaphuli wabuza: “Ngaba qela ngalinye liza kuba nekopi enye njengangaphambili? Okanye ngaba mntu ngamnye uza kuba neyakhe? Impendulo yokuba mntu ngamnye uza kuba nekopi yakhe yayingakholeleki yaye abantu baphinda baqhwaba.

Isebe laseFinland laxakeka lishicilela uncwadi lwase-Estonia kuquka neempapasho ezisusela kowe-1990. Ukongezelela ekufumaneni uncedo lokomoya, amaNgqina ase-Estonia ancedwa nangezinto eziphathekayo ezivela kubazalwana babo abakwamanye amazwe—olu ncedo lwalufuneka ngamandla ngenxa yemeko yezoqoqosho eyayimbi.

INDIBANO YOKUQALA SIKHULULEKILE

Intlangano kaYehova yakhawuleza yasebenzisa loo nkululeko ukuze kuqhutywe iindibano zesithili kuyo yonke iSoviet Union. Bavuya ngokwenene abazalwana base-Estonia ukuba nendibano yokuqala enomxholo othi “Abathandi Benkululeko [yobuThixo]” ngoJulayi 13-14, 1991, eTallinn!

Le ndibano yayimnandi bayinandipha kakhulu abazalwana ababesele bekhulile. Kwakutheni? Kungenxa yokuba bagqibela ngowe-1940 ukuba nendibano yesithili bekhululekile. Hayi indlela ababevuya ngayo kuba baye bakwazi ukuhlanganisana kwakhona ngokukhululekileyo emva kweminyaka engama-50!

Abazalwana abathetha isiRashiya abasuka emntla ntshona weSoviet Union, amazwe akwiBaltic naseKaliningrad badibana kwiTallinn Linnahall (kwiHolo Yesixeko). Iholo elimelene neli (i-Ice Hall) lalinabazalwana base-Estonia abamalunga newaka yaye abantu ababezile babengama-4 808 kuzo zombini ezi holo. Kwabhaptizwa abantu abangama-447, eli yayilixesha lemincili.

Iindibano ezifana nale zabanceda abantu abatsha bafunda inyaniso. Ngokomzekelo, umakhulu kaLeonhard Nilsk, uAmalie wayehamba kwicawa yamaSabatha kodwa wayengaziqondi iimfundiso zawo. ULeonhard wamkhuthaza ukuba afunde inyaniso eBhayibhileni. Izinto zatshintsha xa waya kwindibano yesithili eseTallinn ngowe-1991. Emva kosuku lokuqala, uAmalie wathi akasoze aphinde awubeke umcondo wakhe ecaweni. UAmalie akazange aneliseke zizinto awayezixelelwe nguLeonhard—wayefuna ukuzibonela ngokwakhe abantu bakaYehova. Wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza emva koko wabhaptizwa.

UKUZALISEKA KWAMAPHUPHA

Ekubeni abakhonzi bakaYehova babengasenaxhala lokutshutshiswa nokucinezelwa, kwakunzima ngabanye ukukholelwa ukuba babenenkululeko yokunqula. Ngokomzekelo, omnye umdala onamava wayedla ngokucinga ngexesha laxa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade Kumhlaba OyiParadesi iya kubakho ngesiEstonia. Ngowe-1991, le yaba yincwadi yethu yokuqala ukushicilelwa ngesiEstonia.

Lo mdala uthi: “Ukuyifumana kwam le ncwadi, ndandingakholelwa. Xa ndandisenza isaziso sayo ezintlanganisweni, andizange ndikwazi ukuzibamba iinyembezi. Kwathi nzwanga okwexeshana, abazalwana bengayikholelwa le nto babeyiva. Emva koko bacuntsula kule nto yabantwana! Abazalwana babelila bevuya ngaxeshanye. Yayisisihlandlo esingenakulibaleka. Ndithi xa ndicinga ngaso, ndingakwazi ukuzibamba iinyembezi.”

Amaxesha amaninzi, abazalwana ‘babeba ngathi bayaphupha.’ (INdumiso 126:1-6) Emva kokutsala nzima amashumi eminyaka, abaninzi bazibonela ubunyaniso besithembiso esikwiLizwi likaThixo esithi: “Sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”—Galati 6:9.

ISIGANEKO SOBUTHIXO ESINGENAKULIBALEKA

Umhla kaOktobha 31, 1991, abanakuze bawulibale abazalwana noodade base-Estonia. Lowo ngumhla elabhaliswa ngawo ngokusemthethweni ibandla lokuqala lamaNgqina kaYehova e-Estonia.

Lalingafikanga laligalelekile ixesha lokwakha ngokomoya. Abantu babenomdla kakhulu kwiindaba ezilungileyo, eBhayibhileni nakunqulo. Kwakufuneka kuqhutywe izifundo zeBhayibhile, iintlanganiso zamabandla, iindibano zesiphaluka nezesithili. Abaguquleli babefuna izakhiwo ezifanelekileyo ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wabo.

Kwangaxeshanye, abathunywa bevangeli baseGiliyadi babefika yaye kwakufuneka babe neendawo zokuhlala ezifanelekileyo. Kwakufuneka bancedwe bafumane amaphepha mvume okuhlala. Kwakufuneka kuthethwe nabasemagunyeni ngombandela wokungathathi cala kwezopolitiko. Kwakufuneka iimvume zokwakha iiHolo zoBukumkani.

UReino Kesk owayengumveleli wesiphaluka ngelo xesha, uthi: “Loo minyaka yayingathi ziinyanga ngenxa yomsebenzi omninzi ekwakufuneka wenziwe. Kwangaxeshanye yayilixesha lovuyo. Abantu babeyamkela ngokukhawuleza inyaniso kuba beyithanda. Kwibandla ngalinye babebaninzi abantu ababefuna ukubhaptizwa. Abantu abanomdla ababesiza endibanweni bengawazi kangako amaNgqina kaYehova babezinandipha iintetho kangangokuba babefuna ukubhaptizwa ngoko nangoko. Kwakufuneka kusetyenziwe ukuze bancedwe!”

Xa iEstonia yayingaphantsi kweSoviet Union, umsebenzi wokushumayela wawusonganyelwa yiofisi yesebe yaseJamani. Enye yeendlela ezifihlakeleyo iJamani eyayiqhagamshelana ngayo ne-Estonia yayilisebe laseFinland. Ekubeni ngoku imida yayivulekile kulula nokunxibelelana, ngowe-1992 umsebenzi wase-Estonia wonganyelwa lisebe laseFinland.

INTUMEKELELO NENZONDELELO!

Ekubeni abantu abaninzi babesenza inkqubela ngokukhawuleza, kwakunzima ukubazi bonke abantu abafuna ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Ngokomzekelo, uTom Edur watyelela iqela elitsha elincinane kusasa ngomhla weSikhumbuzo sokufa kukaKristu yaye akazange akholelwe xa ebona iqela elikhulu labantu abafikayo beze entsimini.

UTom wabuza umzalwana owayelapho: “Ngaba uyamazi wonke umntu olapha?”

Lo mzalwana waphendula wathi: “Abanye abakabi ngabo abavakalisi.”

UTom waqhuba intlanganiso yasentsimini, waza emva koko wathi: “Mhlawumbi emva kwentlanganiso ndingathetha nabo bangekabi ngabavakalisi.”

Izifundo zeBhayibhile ezimalunga neshumi zeza ngaphambili zisithi zifuna ukuya kushumayela. Emva kokuba uTom ebachazele iimfaneleko zabantu abafuna ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga, amabhinqa amathathu athi ayengekaluqhawuli ulwalamano lwawo neecawa zawo. Wawaxelela ukuba, ukuba ayefuna ukuba ngamaNgqina kaYehova kwakuza kufuneka aqhawule ulwalamano neecawa zawo. Aluqhawula. Ngoko nangoko aya ezicaweni zawo, aze acima amagama awo, emva koko aqalisa ukuya kushumayela.

Enye indoda eyayikho kuloo ntlanganiso yayingekayeki ukutshaya. Kwakuza kuthabatha ixesha ukuze iphile ubomi obucocekileyo, yagoduka iqonda ukuba kwakuza kudlula ixesha ngaphambi kokuba ibe ngumvakalisi.

Ekubeni ngoku abazalwana babenokushumayela ngaphandle kwemiqathango karhulumente, babefuna ukushumayeza abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Abanye babekhuthele gqitha kangangokuba kwakufuneka bancedwe balungelelane ngokomoya. Ngokomzekelo, xa uTom Edur wayehlola omnye umzalwana oselula wambuza ukuba wakha walulekwa na ngabadala.

Waphendula wathi: “Ewe, bakhe bandiluleka ngendlela endilisebenzisa ngayo ixesha lam.”

UTom wambuza ukuba yayiyintoni ingxaki.

Lo mzalwana waphendula wathi: “Ekubeni bendishumayela iiyure ezili-150 ngenyanga entsimini, bendizityeshela ezinye iimbopheleleko ezingokweZibhalo. Abadala bandicebisa ukuba ndishumayele iiyure ezili-100 entsimini, ukuze ndibe nexesha lokufunda nokulungiselela iintlanganiso.”

INDIBANO EMNANDI ERASHIYA

Enye imbalasane yembali yobuthixo yindibano yezizwe ngezizwe eyayiseSt. Petersburg, eRashiya, ngoJuni 1992. Kubazalwana abali-1 000 ababevela e-Estonia, esi yayisisihlandlo sovuyo kuba badibana nabantu ababesentolongweni kunye nabo namanye amaNgqina ababedibene nawo xa babeselubhacweni eSiberia.

Omnye umzalwana owayeze kule ndibano uthi: “le ndibano yafika ngexesha elifanelekileyo. Saqesha uloliwe okhethekileyo ngexabiso eliphantsi ngemali yaseRashiya. Kwiveki nje enye ngaphambi kwendibano, iEstonia yayeka ukusebenzisa imali yaseRashiya yaza yasebenzisa iikrooni zase-Estonia. Ukuba sasingekho e-Estonia ngaloo veki, sasingenakukwazi ukuyitshintsha imali yethu. Noko ke, nangona sasilapho ukuze sitshintshe imali yethu, savunyelwa ukuba sitshintshe imali encinane. Sasiza kwenza ntoni ngenye imali esasingazange sikwazi ukuyijika? Ekubeni iirubles zazisasetyenziswa eRashiya, abazalwana baya nazo endibanweni ukuze banikele ngazo. Ukongezelela koko, ukuba indibano yayibe semva kweveki, xa kwakuza kuqalisa ukusebenza kwemida, kwakuza kufuneka sithenge amaphepha mvume okuwela. Le ndibano yayingexesha elifanelekileyo.”

Omnye wabantu abachukunyiswa yile ndibano yayilibhinqa elinomdla elaliza kuhamba namaNgqina ase-Estonia. Lithi: “Andizange ndilive kakuhle ixesha lokuhamba. Ukufika kwam esikhululweni uloliwe wayesele endulukile. Kodwa ndandisele ndiluhlawulele olu hambo. Ndandiza kwenza ntoni ngoku? Ndathandaza kuYehova, ndimbongoza ukuba andincede ndiye kule ndibano ndaza ndamxelela ukuba ndakwenza nantoni endinokuyenza ukuze ndiye.

“Umphathi wesikhululo wandixelela ukuba kwakuza kufuneka ndithenge elinye itikiti, kodwa ndandingenamali yaneleyo yokulithenga! Ngequbuliso ndabona kufika iqela labantu esikhululweni. Bonke babonwabile benxibe kakuhle. BabengamaNgqina awayesuka kwisiqithi saseSarema. Uloliwe ababeza kuhamba ngaye wayengekafiki, ndandiza kukwazi ukuhamba nabo ndisebenzisa itikiti lam. Kwatsho kweexibilili.

“Ngoxa sasihamba, amaNgqina ayecula iingoma zoBukumkani, ezandichukumisa ngokwenene. Kwakungathi ndingomnye wawo. Ndahlala nawo lonke elo xesha lendibano ndaza ndabona indlela awayenyaniseke ngayo nawayethandana ngayo. Yawaphelisa onke amathandabuzo endandinawo. Ndatsho ndacacelwa ukuba ndandiyifumene intlangano kaThixo yasemhlabeni.” Ngoku eli bhinqa linguvulindlela othe ngxi nomyeni walo.

KUFUNEKA ABASEBENZI ABANGAKUMBI

Umsebenzi wokushumayela nentlangano zazihambela phambili ngokukhawuleza yaye kwakufuneka abazalwana abangakumbi abanamava ngenkqubo yentlangano. Ngoobani ababeza kunceda? Abaninzi basabela njengoIsaya owathi: “Ndikho! Thuma mna.”—Isa. 6:8.

Abathunywa bokuqala bevangeli abasuka eGiliyadi, yayinguVesa noLeena-Maria Edvik noEsa noJaael Nissinen abafika ngowe-1992. UReino noLesli Kesk, ababekumsebenzi wokuhambahamba eKhanada iminyaka eli-17, babephakathi kwabo babelwa e-Estonia. Kwaza, ngentwasahlobo yowe-1993, oovulindlela abangama-20 baseFinland babelwa ukuba bakhonze njengoovulindlela abakhethekileyo kwintsimi yesiEstonia nesiRashiya, kwafika nabathunywa bevangeli abane.

Emva koko, kwafika uthotho lwabathunywa bevangeli abavela eGiliyadi, ababesenza kube mnandi kakhulu. Kwathunyelwa nabanye abathunywa ababengaqeqeshwanga eGiliyadi. Aba bathunywa noovulindlela abakhethekileyo baqhubeka besomeleza isiseko esasakhiwe ngabazalwana abanyanisekileyo base-Estonia kwiminyaka eyadlulayo.

Ukongezelela koko, kuye kwafika abazalwana noodade abamalunga namakhulu amabini abebekhonza apho bafuneka kakhulu abazalwana. Ukuqola kwabo ngokomoya kuye kwawomeleza kakhulu amabandla. Kwasekwa amabandla amaninzi amatsha yaye aba bazalwana bavela kwamanye amazwe babedla ngokuba kuphela kwabadala kwamanye ala mabandla de abazalwana basekuhlaleni benze inkqubela ukuze banyamekele iimbopheleleko ezingakumbi.

ULembit Välja ngomnye wabazalwana ababeze kunceda. Wazalelwa e-Estonia, wasinda kwiMfazwe Yehlabathi  II, waza wafudukela eOstreliya, apho wafika waba liNgqina. Xa wayesele eza kufumana umhlala phantsi, wagqiba ekubeni abuyele e-Estonia ngowe-1990 ukuze ancede abantu abanomdla. Ukhumbula ukuba ngesinye isihlandlo wayeqhuba amaqela ezifundo zeBhayibhile ali-18 ezazithe saa kulo lonke elo lase-Estonia kwakusiza abantu abamalunga nama-80. Wayesiya ngebhasi kuloo maqela, wayedla ngokulala kwisikhululo sebhasi. Kuye kwabhaptizwa izifundo zakhe ezingaphezu kwama-50, xa wayeneminyaka engama-84 ubudala, ebesaqhuba izifundo zeBhayibhile ezine. Ukuzibhokoxa nokuzincama kwakhe kuye kwaba nemiphumo emihle ngoku kukho amabandla neeHolo zoBukumkani kwiidolophu awayedla ngokuzityelela.

Abo bazalwana banomoya ovumayo ababeze kunceda baye bangenelwa nabo. Abanye baye bachaza amava amnandi abaye bawanandipha ngokwazi indlela abantu basekuhlaleni abaphila ngayo. UReino Kesk uthi: “Kukwenza uphangalale, kukunceda ukwazi ukubona ihlabathi ngendlela uYehova alibona ngayo.”

AMATYELELO OKUQALA OMVELELI WESIPHALUKA

Ngeloo xesha lolwando olwalusaphula izikeyi, utyelelo lwabaveleli abahambahambayo lwawomeleza kakhulu amabandla. Abaveleli beziphaluka babezibhokoxa kwizabelo zabo, babedla ngokusebenza iiyure ezili-15 ngosuku beshumayela, beqhuba neentlanganiso bephendula nemibuzo emininzi yabazalwana.

Isiphaluka sokuqala sasiquka iEstonia, iLatvia, iLithuania, neKaliningrad. Loo ntsimi yayinamabandla angama-46 namaqela ali-12 ngeelwimi ezine. Umveleli wesiphaluka wayenezinye izabelo ezazifuna ixesha elininzi njengokubhalisa ngokusemthethweni eLatvia naseLithuania. Ngoku kukho iziphaluka ezine e-Estonia.

ULauri Nordling, umzalwana wasekuhlaleni owayengumveleli wesiphaluka ngowe-1995 uthi: “Abavakalisi babe luxabisa kakhulu utyelelo lomveleli wesiphaluka. Rhoqo xa sidibana ukuze siqhube intlanganiso yenkonzo yasentsimini kwakusoloko kukho abantu abaninzi. Ngesinye isihlandlo igumbi elincinane ekwakudityanwa kulo lalinabazalwana noodade abangama-70. Ukuba wawunokujula iapile emoyeni lalingenakuwa phantsi.”

UCELOMNGENI LOKUFUNDA ULWIMI OLUTSHA

Kuba nzima kubantu abaninzi xa kufuneka bafunde ulwimi olutsha, isiEstonia lulwimi olunzima kakhulu. Ngokomzekelo, uMarkku Kettula, owayengumthunywa wevangeli omtsha, wayethetha nenye indoda ngoYesu Kristu. Kunokuba athi uYesu yiRahuvürst iNkosana Yoxolo, wathi uYesu yirahuvorst gama elo elithetha unkqiyoyo woxolo. Kuphela kwakusemva kokuba uMarkku evule iBhayibhile kuIsaya 9:6 apho yaqondayo le ndoda ukuba umthombo woxolo awutyiwa.

Udade onguvulindlela wayefunda isiRashiya emva kokuba efudukele e-Estonia. Ngoxa wayeshumayela, wankqonkqoza emzini womdala. Ephethe isichazi magama waqalisa ukushumayela. Lo mzalwana wazama ukumchazela ukuba ungumdala ebandleni. Wajonga kwisichazi magama sakhe igama elithi “umdala” waza wafumana elithetha “ukwaluphala.”

Lo dade wathi: “Awaluphelanga kangako nje. Ngaphandle koko, eParadesi uza kuphinda ube mtsha kwakhona.” Kuphela kwakusemva kokuba embonise iincwadi zentlangano apho aqondayo ukuba wayengathethi ukuba mdala kodwa ungumdala.

IJAJI ENGAKHOLELWAYO KUTHIXO IFUNDA INYANISO

Ngexesha lolawulo lweSoviet Union, uViktor Sen wagwetywa iminyaka emibini entolongweni kuba engafuni ukuya emkhosini. Emva konyaka esentolongweni, wacela ukuba athunyelwe elubhacweni eSiberia kuba wayesazi ukuba loo nto yayiza kumnika inkululeko engakumbi. Ngomhla wokukhululwa kwakhe, iijaji zamgculela zisithi abantu abanje ngaye bafanele baxhonywe okanye badutyulwe.

Emva kweminyaka embalwa, kwenye indibano omnye umzalwana wazisa uViktor kwiqela labantu abanomdla waza wabuza ukuba “Ngaba ukho umntu omaziyo apha?”

UViktor wathi “Hayi akakho.”

Lo mzalwana waphinda wambuza wathi: “nyhani akakho?” Waza emva koko, walatha enye indoda eyayikwelo qela, eyayibonakala ineentloni, waza wathi: “Le ndoda yona?”

UViktor wayengayazi nayo. Akazange akholelwe uViktor akuva ukuba le ndoda yayinguYuri, enye yeejaji ezazichophele ityala lakhe. Ngoku wayefunda iBhayibhile kwaye wayesendibanweni noViktor. Yintoni eyayitshintsha uYuri ngamaNgqina kaYehova?

UYuri uthi: “Ndakhulela kwintsapho eyayingakholelwa kubukho bukaThixo. Xa ndandisahamba isikolo ndandidla ngokunikela iintetho ezilumkisa abantu ngengozi yonqulo.” Kwaza emva kweminyaka ethile ndabakho xa umhlobo wam wayeqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Ndaqonda ukuba nangona ndandibazi kakuhle bonke ubuxoki obusetyenziswa lunqulo, ndandingazi nowathwethwa ngeBhayibhile. Ndaba nomdla wokwazi okungakumbi ngeBhayibhile.”

Emva kokuba uYuri ebhaptiziwe, wathi kuViktor: “Isihlandlo sokugqibela sikunye enkundleni, sasikumacala awahlukeneyo. Kodwa ukuba singaze siphinde sibe kwityala elifanayo kwakhona sakuba kwicala elinye. Awusayi kuze ugwetywe ndim.” UYuri noViktor bobabini ngoku bangabadala eTallinn.

ISIKHUMBUZO ESINGENAKULIBALEKA

Omnye umzalwana owayesandula ukufudukela e-Estonia wathetha noPavel noMargarita ngesiEstonia esaphukileyo esithi: “ukuba nifuna ubomi obungunaphakade, yizani eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu namhlanje.” Le ndoda nomfazi wayo beza.

UPavel noMargarita bamkelwa ngezandla ezishushu kweso Sikhumbuzo. Njengoko ucwangciso lwaluqhubeka, barhana xa bebona indoda ehla inyuka phakathi kwezitulo ijonga abantu ibhala namanqaku. Babengazi ukuba yayibala abantu abezileyo. UPavel noMargarita baqalisa ukungaqiniseki enokuba babefanele beze, kodwa babesoyika ukuhamba kuba kwakubonakala ngathi kukho amadoda amabini amakhulu awayemi emnyango. Babengaqondi ukuba la madoda ayengabalindi nje, uPavel noMargarita bagqiba ekubeni bangahambi.

Ekupheleni kwentetho yeSikhumbuzo, uPavel noMargarita baba nomdla kakhulu xa isithethi sathi nabani na ofuna ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile unokusicela. Ehla amaxhala xa abazalwana bazazisa emva koko, nabo bacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ekubeni babeza kufuduka emva kweeveki ezimbini, bacela ukuqhutyelwa isifundo suku ngalunye. Ukufika kwabo kweli khaya litsha, bafowunela abazalwana abakufutshane, bazazisa baza bacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

‘BABONE IMISEBENZI YENU EMIHLE’

AmaNgqina kaYehova e-Estonia ayathandana njengabazalwana noodade babo ehlabathini lonke. (Yohane 13:35) Abanye bayalubona olu thando yaye bayatsaleleka kunqulo olunyulu.—1 Petros 2:12.

UToivo wafumana incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo kudade owayecheba iinwele zakhe. Emva kokuba egqibele ukuyifunda, wayefuna ukuya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani, kodwa wayethandabuza kuba wayelunyukisiwe ngamaNgqina kaYehova. Wagqiba ekubeni akhe awondele amaNgqina ehleli emotweni yakhe. Wayefuna ukubona ukuba aziphatha njani ngaphambi kwentlanganiso nasemva kwazo.

Wachukumiseka kakhulu xa wazibonela oodade besangana wabona ukuba aba bantu bakhathalelene. Waqalisa ukuya kwiintlanganiso waza waqalisa ukufundelwa iBhayibhile. Wenza inkqubela ngokukhawuleza yaye akuzange kube kudala wayeshumayela kwabanye abantu. Ngoku uliNgqina elibhaptiziweyo.

“UYEHOVA UWUPHENDULE UMTHANDAZO WAM”

Ngowe-1997 uMaria wahanjiselwa iphecana iKingdom News No. 35 kwidolophu yakowabo iTootsi. Walifunda eli phecana waza wabhalela kwiofisi yesebe ecela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. UMarkku noSirpa Kettula, abathunywa bevangeli ababehlala ePärnu, baqalisa ukumqhubela isfundo seBhayibhile. Emva koko, uMaria waqalisa ukuthetha nabanye ngenyaniso yeBhayibhile yaye kungekudala umolokazana wakhe uIngrid, nommelwane wakhe uMalle nabo babesibakho kweso sifundo. Xa uMaria wayefuna ukuya entsimini, abadala bamkhuthaza ukuba aqale aye kwiintlanganiso zebandla rhoqo. Noko ke, elona bandla likufutshane lalisePärnu, eyayimalunga neekhilomitha ezingama-40, kwaye wayengenamali yokukhwela. Ngenxa yokhuthazo awalufumana kubathunywa bevangeli, uMaria wathandaza kuYehova ecela uncedo.

Kutyelelo olulandelayo lwabathunywa bevangeli uMaria ngovuyo wathi: “uYehova uwuphendule umthandazo wam!”

UMarkku noSirpa bambuza ukuba: “uwuphendule njani umthandazo wakho?”

Ngehlombe wathi: “Ndiza kuqokelela abantu ekhayeni lam, nize nina niziqhubele apha iintlanganiso nize emva koko niqale ibandla. Ndiza kuya kwezo ntlanganiso ndize emva koko ndiqalise ukuya entsimini.”

Aba bathunywa bevangeli babengafuni ukumvisa ubuhlungu, kodwa bamchazela ngobuchule ukuba akululanga ukuqala ibandla elitsha. Bamkhuthaza ukuba aye kwiintlanganiso ePärnu, nokuba kungeeCawa.

Waphinda wawuthandazela lo mbandela kwakhona uMaria. UMaria wagqiba kwelokuba onge imali ngokuyeka ukuthenga iphephandaba. Akuzange kube kudala waba nemali eyaneleyo yokuya ezintlanganisweni kane ngenyanga kwaye wayekuvuyela ukuqalisa kumsebenzi wokushumayela. Kodwa uMaria wayeza kufumana iintsikelelo ezingakumbi.

Ngenxa yomdla owawuseTootsi, abadala bagqiba kwelokuba kuqhutywe isifundo sencwadi apho, ekwakusiza kuso uMaria, uIngrid, uMalle nabanye abanomdla. Emva kweenyanga ezimbalwa, uMaria noMalle babhaptizwa waze yena uIngrid wabhaptizwa kwihlobo elilandelayo. Umyeni kaMalle wabhaptizwa emva koko waze yena udade boMalle wabhaptizwa kubusika obulandelayo. Iqela elincinane nelikhulayo laseTootsi liyavuya kuba iKingdom News No. 35 yezisa inyaniso kwidolophana yabo yaye baye basikelelwa nguYehova ngenxa yemithandazo yabo.

Le minyaka ingamashumi amabini edluleyo iye yavelisa isiqhamo esininzi soBukumkani yaye kuyavuyisa ukubona abantu bethontelana kwintlangano kaYehova. Abo bantu batyekele ebulungiseni babeza kudibana phi ukuze banqule uThixo wenyaniso baze bafundiswe nguye?

ZIFUNEKA NGOKUNGXAMISEKILEYO IIHOLO ZOBUKUMKANI!

IHolo yoBukumkani yokuqala yakhiwa eRäpina, emazantsi e-Estonia, abazalwana bayisebenzisa iminyaka emininzi. Kodwa kwakucaca ukuba indlela yokwakha eyayisetyenziswa ngabazalwana yayingazukumelana nolwando lwabavakalisi. IOfisi Yokuzoba izakhiwo kwisebe laseFinland yabahlangula kobo bugxwayiba ngokuqalisa iphulo lokuzoba iiHolo zoBukumkani neeofisi zamasebe zamazwe akwiBaltic. Savuya ngokwenene, ngowe-1993 sisakubona iHolo yoBukumkani yokuqala isakhiwa eMaardu, yaze yalandelwa zezinye ezininzi.

Ngoku, e-Estonia, kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-33 zamabandla angama-53. Abazalwana bavuyiswa kukuba neeHolo zeNdibano ezimbini eTallinn naseTartu, zombini zagqitywa ukwakhiwa ngowe-1998.

INgqina esele linexesha elide uAlexandra Olesyuk, ukhumbula ukuba: “Sasisoloko sinqwenela ukwakha iHolo yoBukumkani eTartu. Sathi sisakucelwa ukuba siye kulungisa isiza eyayiza kwakhiwa kuso iHolo yoBukumkani, ndaba ngowokuqala ukuza kuncedisa, nangona ndandineminyaka engama-79 ubudala. Ndacoca ndithutha nezinto. Ndandisithi xa ndidlula ngakwiHolo yoBukumkani ngebhasi, iinyembezi zizehlele luvuyo. Ndaphinda ndakhala xa igqitywa iholo.”

IOFISI YOKUGUQULELA ENTSHA

Njengoko inani labavakalisi lalisanda, kwakufuneka izakhiwo ezingakumbi ngokukodwa ezeqela labaguquleli ukuze kuhlangatyezwane neentswelo zelizwe. Kwafumaneka isakhiwo esasingekagqitywa ukwakhiwa eTallinn, e77 Herzeni (ngoku eyiPuhangu) Street eyayibonakala ifanelekile, nangona yayiza kufunwa ukulungiswa ngokupheleleyo.

Isebe laseFinland lababonelela ngemizobo, izinto zokwakha, imali nabantu bokwakha. Wawungenakwenzeka lo msebenzi ngaphandle koncedo lwalo. Ngokomzekelo, izinto zokwakha zazingekho mgangathweni okanye zingafumaneki ngelo xesha. Ukongezelela babembalwa abazalwana ababekwazi ukwakha. Noko ke, abazalwana basekuhlaleni baqeqeshwa bade banamava. NgoFebruwari 1994, inxalenye yokuqala yesakhiwo seofisi yagqitywa. Ngaloo nyaka kwamiselwa iKomiti yeLizwe (uToomas Edur, uReino Kesk, noLembit Reile) eyayiza kukhonza amazwe amathathu akwiBaltic, kodwa yona yayiza konganyelwa lisebe laseFinland. Ekubeni kwakufuneka amagumbi angakumbi, sandiswa isakhiwo ngowe-1997 nangowe-1999.

Inkampani yamanzi eyayikwisakhiwo esimelene nesethu yaba nomdla kwindlela eyenziwe ngayo igadi yaseBheteli. Abazalwana bavuma ukubenzela igadi ukubabiyela nokubafakela izibane, kodwa kwakuza kufuneka bathengiselwe amanzi ngexabiso eliphantsi. Ngenxa yoko isakhiwo sasisele sifana neBheteli. Kamva basithengisela abazalwana isakhiwo sabo ngexabiso elincomekayo. Eso sakhiwo sisetyenziselwa ukushicilelwa kwemidlalo yendibano neeDVD kuquka nezentetho yezandla. NeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siqhutyelwa kwesi sakhiwo.

IINDIBANO ZEZIZWE NGEZIZWE ETALLINN

Abazalwana noodade base-Estonia bavuya gqitha besakwaziswa ukuba babeza kuba neeNdibano Zezizwe Ngezizwe ezinomxholo othi “Abathunywa Boxolo Lobuthixo” ngowe-1996. Iindibano ezimbini ezaziqhutyelwa eTallinn zazenzelwe abazalwana abathetha isiEstonia nesiRashiya nabazalwana baseLatvia nabaseLithuania. Kwakumenywe nabazalwana abasuka kumazwe ali-15. Olu cwangciso lweentsuku ezintathu lwalungoAgasti. Kweza amalungu amahlanu eQumrhu Elilawulayo—uMzalwana uBarber, uHenschel, uJaracz, uSchroeder, noSydlik—ukuze bomeleze abazalwana ngeentetho zabo ezikhuthazayo. Kweza abantu abangama-11 311 kwaze kwabhaptizwa abantu abangama-501.

Ezo ndibano zanikela ubungqina zaza zavuselela nomdla wabantu. Iingxelo zaziquka udliwano ndlebe lwemizuzu emihlanu kwinkqubo kamabonwakude. Umnini wesinye isikhululo sikanomathotholo wancoma amaNgqina kaYehova ngokuba “ngabantu abalungileyo.”

Yabonakala indlela abathandana ngayo abazalwana xa yayiphela indibano ilixesha lokwahlukana. Ukuwangawangiswa kwezandla, iitshefu neenyembezi zovuyo zazibonisa uthando olwaluphakathi kwabanquli bakaYehova bokwenene. Abazalwana baqhwaba ixesha elide emva komthandazo wokuqukumbela bebonisa indlela abanombulelo ngayo kuBawo wethu wasezulwini uYehova. Ezo ndibano zenza imbali engenakulibaleka kumaNgqina kaYehova e-Estonia.

IDE YALISEBE KWAKHONA

Phakathi kowe-1926 nowe-1940, iofisi yayiseTallinn. Ukususela kowe-1994 iOfisi Yelizwe yayise-Estonia, isonganyelwa lisebe laseFinland. Kwenziwa izinto ezininzi yaye abantu babezibuza ukuba ayinakuphinda ibe nalo na iEstonia isebe layo. Impendulo yafika ngoMatshi 1, 1999, xa iQumrhu Elilawulayo lamisela uToomas Edur, uReino Kesk (ngoku okhonza kwisebe laseDemocratic Republic of Congo), uLembit Reile, noTommi Kauko ukuba babe kwiKomiti Yesebe yase-Estonia. Ngoku kukho abazalwana abangama-50 abakhonza esebeni, abanyamekela iintswelo zabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo e-Estonia abangama-4 300.

UKUJONGANA NEKAMVA NGOKUZITHEMBA

Libaphathele ntoni ikamva abantu bakaYehova e-Estonia? UYehova akazange akhe asilele ekukhokeleni nasekomelezeni abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Abazalwana noodade abagcina ingqibelelo yabo ngexesha lamaNazi nangexesha lokutshutshiswa yiSoviet Union e-Estonia baye bomelezwa nguYehova ngendlela abangenakuze bayilibale. Kunye nabazalwana noodade ehlabathini lonke, bavuya kakhulu kuba igama likaYehova elikhulu liye laziwa laza langcwaliswa nakwawona mazwe akude awayephantsi kweSoviet Union.—Mal. 1:11.

Basekho abantu abathobekileyo nabanyanisekileyo e-Estonia abafuna ukufunda ngoThixo oyinyaniso. Inkululeko yonqulo ekhoyo iyawavumela amaNgqina kaYehova ukuba ashumayele gqitha kunanini na ngaphambili iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaYehova.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ibali lobomi bakhe likwiMboniselo yesiNgesi kaJuni 15, 1963, kwiphepha 373-376.

b Izigwebo nemeko ezazikuyo iintolongo neenkampu zichazwa Kwincwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2002, kwiphepha 157.

c UVukani! wesiNgesi kaFebruwari 22, 1986 ubalisa indlela nesizathu sokuba uMzalwana uEdur ayiyeke ihockey.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 172]

“Ayikho into ebalulekileyo endakhe ndayiswela.”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 204]

“Ndandivuya xa ndivalelwe ndedwa.”

[Ibhokisi ekwiphepha 168]

Amagqabantshintshi Nge-Estonia

Ukuma komhlaba

IEstonia lilizwe elinabantu abambalwa, elinamahlathi amade ashinyeneyo, amachibi angaphezu kwe-1 400, imifula nemilambo engama-7 000 nemigxobhozo engahlali bantu. Iziqithi ezili-1 500 zenza umyinge weshumi ekhulwini kumhlaba wase-Estonia. Inkoliso yelizwe ithe tyaba kodwa umhlaba uphakame kangangeemitha ezingama-50 ngaphezu komphakamo wolwandle. Umzantsi mpuma wona unomhlaba omhle nomqengqelezi.

Abantu balapha

AmaEstonia enza ama-68 ekhulwini, amaRashiya enza ama-26 ekhulwini ize intsalela ibe ngabantu abanemvelaphi yaseUkraine, eBelarus, naseFinland. Iinkonzo ezikhoyo zezamaLuthere, amaOthodoki, amaKristu ngegama kunye namaSilamsi namaYuda. Abantu abaninzi abayihambi icawa okanye banonqulo olungaziwayo.

Ulwimi lwabo

Ulwimi lwaseburhulumenteni sisiEstonia, luzalana nesiFinnish nesiHungary. Abantu abathetha isiRashiya benza ikota yesizwe.

Ukutya kwabo

ILeib (isonka) neetapile ziyathandwa, ithanga elinqunqiweyo laza lafakwa kwiviniga, isaladi yemifuno nekhaphetshu. Okunye ukutya okuthandwayo yisült (inyama yethole lenkomo), irosolje (intlanzi nemifuno), isuphu eyenziwe ngeenkowane, inyama yehagu, intlanzi, nenyama ephekwe ngomsi. Izimuncumuncu ziquka ikringel—iphastri eneerantyentyisi namandongomane—nekeyiki.

Imozulu

Ehlotyeni kuyaphola, ubusika abubandi kakhulu. Olona suku lude ehlotyeni luba neeyure ezili-19, luze olona lufutshane ebusika lube neeyure ezisi-6 kuphela. Ngoxa unxweme olusemzantsi ntshona lunemozulu efudumeleyo ehlotyeni, ebusika iqondo lokubanda liba ngama-20 ngokukaCelsius ngaphantsi kuka-0.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 183, 184]

“Sasingathi Siyintsapho Enye”

UADOLF KOSE

WAZALWA ngowe-1920

WABHAPTIZWA ngowe-1944

WAFA ngowama-2004

INGXELO YOBOMI Wayekwinkampu yaseSiberia ukususela ngowe-1951 ukuya kowe-1956. Wancedisa ekulungelelaniseni umsebenzi wokushumayela kumazwe akwiBaltic nasemntla ntshona weSoviet Union.

◼ UADOLF uthi: “Ndabanjwa ngowe-1950 ndaza ndathunyelwa kwinkampu yaseInta, eSiberia. Kangangonyaka onesiqingatha, ndandingazi nto ngomfazi wam neentombi zam ezincinane, ezazithunyelwe elubhacweni kwelinye icala leSiberia.

“Abazalwana babeyimbumba. Sasingathi siyintsapho enye. Sasisabelana ngokutya kokomoya nangokutya kokoqobo.

“Ukubuyela kwethu e-Estonia saba neengxaki ezininzi. Sasiza kuqhagamshelana njani nentlangano? Sasiza kulugcina njani umanyano phakathi kwabazalwana? Sasingaqhubeka njani nokushumayela?

“Ukuze sinxibelelane kakuhle nabantu ababesiphathela uncwadi, kwafuneka ndifunde isiFinnish. Kwakunzima kuba zazingekho iincwadi zegrama okanye izichazi magama.

“Kwakunzima ukushicilela kuba kwakungavumelekanga ukuba nomatshini wokuchwetheza. Nabani na ovelisa uncwadi olungekho mthethweni wayenokuvalelwa entolongweni iminyaka esixhenxe. Kwakunzima kuba zazinqongophele izixhobo zokushicilela. Emva kokubopha amabande, ekugqibeleni ndeza necebo lokushicilela. Ndaqala ndenza umatshini wokushicilela (ongezantsi). Ndandichwetheza amagama elaphini eliqatywe ikhandlela. Njengoko ndichwetheza, oonobumba babephumela kweli khandlela. Sashicilela iimpapasho zethu sisebenzisa i-inki eyenziwe ngomle netha. Xa sishicilela, le inki yayiphumela elaphini ize ihlale ephepheni. Lo msebenzi wawuntsonkothile, usitya ixesha uyingozi nasempilweni ngenxa yemichiza esasiyisebenzisa. Umoya wawungangeni kakuhle kuba iifestile zazigqunyiwe ukuze singabhaqwa.”

Kanye ngelo xesha lobunzima, uAdolf wayengoyiki ukulandela ulwalathiso lwentlangano, eqinisekile ukuba uYehova uza kumnika isicombululo ngexesha elifanelekileyo. Wamkhonza uYehova ngoko kuzimisela nangokholo de kwasekufeni kwakhe ngowama-2004.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 186]

Ileta Eya KuStalin

NgoJuni 1, 1949, abazalwana abanembopheleleko e-Estonia babhala iileta kumagosa eMoscow. Enye yayibhalelwe uJoseph Stalin, enye ibhalelwe uNikolay Shvernik uSihlalo weKomiti Elawulayo yeSupreme Soviet.

Kwezo leta abazalwana bathi amaNgqina kaYehova awayebanjiwe afanele akhululwe ngoko nangoko aze ayeke ukutshutshiswa. Ezi leta zazinezilumkiso ezinamandla, ezazifanisa abasemagunyeni eSoviet Union noFaro waseYiputa owayengafuni ukukhulula amaSirayeli aye kukhonza uYehova. (Eksodus 5:1-4) Ngenkalipho abazalwana bathi: “Intlangano kaYehova uThixo . . . ifanele ivunyelwe ukuba ishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaYehova ngaphandle kokuphazanyiswa kubo bonke abantu baseSoviet Union; kungenjalo, uYehova uya kuyitshabalalisa iSoviet Union noMbutho wamaKomanisi.”

UAdolf Kose uthi: “Sasiyiqonda into yokuba asizange sifihle makhuba. Sasingafuni ukuziposa eTallinn ezi leta kuba sasinokwaziwa. Saya eLeningrad (eSt. Petersburg) ukuze sizipose khona.”

Akwaziwa enokuba uStalin wayifunda ngokwakhe kusini na kodwa yafundwa. Xa abazalwana bencinwa babeboniswa ikopi yale leta ekwakubhalwe kuyo: “Le ntlangano imele isitshulwe neengcambu!” Akuzange kube kudala kwabanjwa abazalwana abangakumbi yaye nentshutshiso yaye isiba qatha. Le leta eyayithunyelwe kuShvernik iye yafunyanwa kwithala lesizwe igximfizwe isitampu sikarhulumente.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 189]

IKGB Nentlangano Yethu

Ekupheleni kweminyaka yee-1940, iintlola zikarhulumente zawa zivuka zifuna ukwazi ukuba wawulungelelaniswe njani umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Ukuze iKGB ifumane ingcombolo yathumela abantu abenza ngathi banomdla enyanisweni. Isicangca esihamba nale bhokisi, esifunyenwe kwithala likarhulumente eTallinn, sibonisa ukuba iKGB yayisazi yonke into. Sinamagama abazalwana ababekwiKomiti Yenkonzo, abo bavelela umsebenzi kwizixeko ezikhulu zase-Estonia nabo babeshicilela.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 191]

Abazange Bamvale Umlomo Abachasi

ELLA TOOM

WAZALWA Ngowe-1926

WABHAPTIZWA Ngowe-1946

INGXELO YOBOMI Wagwetywa iminyaka eli-13 entolongweni kodwa wakhululwa emva kweminyaka emihlanu eneenyanga ezintandathu.

◼ UELLA uthi: “Abasemagunyeni bandivalela ndedwa iintsuku ezintathu ukuze ndilahle ukholo lwam, ndiyeke nokuthetha nabantu ngorhulumente kaThixo okanye ndikholelwe kuye. La magosa athi: ‘Le nto siyenzela ukuba igama likaYehova lingaze likhunjulwe e-Estonia. Uza kuthunyelwa enkampini abanye baza kusiwa eSiberia.’ Bandingcikiva besithi: ‘Uphi lo Yehova wakho?’ Andizange ndivume ukuba ngumngcatshi. Ndakhetha ukuba senkampini noThixo kunokuba kwikhaya elingenaThixo. Kwanakuloo nkampu ndandingazijongi njengomntu osentolongweni. Ndandisoloko ndicinga ukuba uYehova undivumele ukuba ndibe lapho ukuze ndishumayele kwintsimi yam entsha.

“Kwenye inkampu ndandidla ngokubethwa ngumoya yonke imihla ndihamba nomntu onomdla. Ngenye imini sagqiba ekubeni singahambi. Kamva ndafumanisa ukuba abantu abathanda unqulo babeza kundirhaxisa emlanjeni ngenxa yokushumayela kwam.” UElla akazange avalwe umlomo ngabachasi kwaye usaqhubeka ekhonza uYehova ngokuthembeka njengovulindlela othe ngxi. d

[Umbhalo osemazantsi]

d Ibali lobomi likaElla Toom likuVukani! Ka-Aprili 2006 kwiphepha 20-24.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 193, 194]

“Makwenzeke Ukuthanda Kwakho Yehova”

ULEMBIT TOOM

WAZALWA Ngowe-1924

WABHAPTIZWA Ngowe-1944

INGXELO YOBOMI Wayese-Estonia xa yayiphantsi kweJamani waza wathunyelwa kwinkampu yaseSiberia ukususela ngowe-1951 ukusa kowe-1956.

◼ ULEMBIT wayengomnye wabafana bamaNgqina kaYehova aselula ongazange avume ukungena kumkhosi waseJamani kwanyanzeleka ukuba azimele. Ngobunye ubusuku amapolisa agqogqa ikhaya awayezimele kulo uLembit. Ayexelelwe ukuba kwakukho indoda eyayizimele kuloo fama. ULembit wafihla ibhedi awayelele kuyo waza wazifihla ngaphantsi komgangatho owenziwe ngamaplanga. Wayeziva izingqi zamapolisa xa ehamba ngaphezu kwaloo maplanga.

Ipolisa lakhomba loo mfama ngompu laza lathi: “kukho umntu ozifihle kule ndlu. Singangena njani ngaphantsi?” Umfama akazange akhuphe neli mdaka.

Ipolisa lathi: “Ukuba lo mntu akaphumi siza kufaka isiqhushumbisi.”

Ngelo xesha uLembit wayebona ukulanyaza kwethotshi njengoko babemkhangela. Inye kuphela into awayeyenza uLembit wathandaza wathi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho Yehova.”

ULembit uthi: “Ndandidandatheke ngendlela engathethekiyo, ndarhubuluza ndaya kwelinye icala sele ndisithi ndiyaphuma.”

Walala phantsi ethe cwaka, kwaza emva kwalo mizuzu inzima, amapolisa emka. ULembit wahlala enye iyure kwakhona ukuze aqiniseke ukuba amapolisa akazukuphinda abuye. Waza ngaphambi kokuba kuphume ilanga wemka kuloo ndlu ukuze azimele kwenye indawo.

Yathi isa kuxhuzula imikhala iSoviet Union, uLembit wavavanywa ngezinye iindlela. “Ndagwetywa iminyaka elishumi enkampini eyayimalunga neekhilomitha ezingama-8 000 ukusuka e-Estonia, eNoril’sk, eSiberia. Ndandisebenza nzima kumgodi wenickel. Iimeko zokuphila kuloo nkampu zaziphantsi kakhulu nomsebenzi unzima. Kummandla osemantla eSoviet Union ngaphezu kwencam yeArctic, kuba nzima ebusika. Iqondo lokubanda lidla ngokwehla liye kuma-30 ngaphantsi kuka-0 ngokukaCelsius nangaphantsi. Ebusika kangangeenyanga ezimbini, ilanga aliphumi.”

Emva kokusebenza okwekhoboka iminyaka emihlanu, wakhululwa uLembit waza ngowe-1957 watshata uElla Kikas. Ukutyhubela iminyaka, uLembit wancedisa ekuguquleleni nasekushicileleni uncwadi. Waziwa ngokuba ngumdala onovelwano, onothando nosoloko esomeleza amanye amaKristu ngezibhalo. e

[Umbhalo osemazantsi]

e Ibali lobomi likaLembit Toom likuVukani! wesiNgesi kaFebruwari 22, 1999, iphepha 10-16.

[Umfanekiso]

ULembit noElla Toom

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 199]

“Ngumama Wakho”

KARIN REILE

WAZALWA Ngowe-1950

WABHAPTIZWA Ngowe-1965

INGXELO YOBOMI Wazalelwa entolongweni waza wakhuliswa nguninakhulu.

◼ UKARIN uthi: “Ndazalwa xa umama, uMaimu, wayevalelwe entolongweni ngenxa yokubandakanyeka kwezopolitiko. Ndandibuthathaka, ngenxa yokubanda kwesisele, ndangenwa yingqele. Kodwa ndasinda, ndinombulelo kwelinye ibanjwa, uLaine Prööm, owafunda inyaniso kamva.

“Ngelo xesha, uninzi lwabantwana abazalelwe entolongweni babethunyelwa kumakhaya eenkedama kuyo yonke iSoviet Union ukuze babalibale abazali babo. Ngethamsanqa, ndanikwa umakhulu wam. Umama wathunyelwa kwinkampu yaseMordvinia, apho adibana khona noElla Toom udade okhaliphileyo. Umama wayamkela inyaniso waza wabhaptizwa khona apho.

“Kwiminyaka emihlanu eyalandelayo, ndakhuliswa ngumakhulu. Ngenye imini singalindelanga kwafika inenekazi elingaqhelekanga kowethu. Umakhulu, wathi: ‘Ngunyoko lo.’ Ndandididekile kwadlula iminyaka ngaphambi kokuba ndimqhele.” Okuvuyisayo kukuba uKarin noninakhulu nabo bayamkela inyaniso.

Ekuhambeni kwexesha uKarin wafunda isiNgesi waza wancedisa ekuguquleleni iimpapasho zethu. Watshata noLembit Reile, ngoku bakhonza kunye kwisebe lase-Estonia.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 201]

Igama LikaThixo KwiBhayibhile YesiEstonia

Izibhalo zesiGrike zaguqulelwa kwisiEstonia esithethwa emazantsi emva phaya ngowe-1686 yaza kamva yaguqulelwa kwesangasentla ngowe-1715. IBhayibhile epheleleyo, iPiibli Ramat, yapapashwa ngowe-1739, yayisele ifumaneka kuwonke wonke. Yayibalasele kuba yayisebenzisa igama likaThixo uYehova, naphi na apho livela khona kwiZibhalo zesiHebhere, loo nto yaqhubeka kwade yazinkulungwane ezilandelayo. Uhlelo lweBhayibhile lwesiEstonia lowe-1988 lusebenzisa igama likaThixo izihlandlo ezingama-6 867 kwiZibhalo zesiHebhere. Ngenxa yoko, abantu abaninzi base-Estonia bayazi ukuba igama likaThixo nguYehova.

Kwenzek’ imbali ngoJulayi 3, 2009, kwindibano yesithili yamaNgqina kaYehova eTartu, e-Estonia, xa uGuy Pierce, weQumrhu Elilawulayo, wakhulula uhlelo lwesiEstonia lweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 202]

Incwadi Ezenziwe Ngesandla

UHELMI LEEK

WAZALWA Ngowe-1908

WABHAPTIZWA Ngowe-1945

WAFA Ngowe-1998

INGXELO YOBOMI Wavalelwa entolongweni waza wathunyelwa eSiberia.

◼ UHELMI wabanjelwa ukuba liNgqina likaYehova waza wathunyelwa eSiberia, apho azenzela ibhegi encinane yokufaka incwadi. Wabhala isibhalo esithuthuzelayo kuyo esikumaRoma 8:35: “Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Ngaba yimbandezelo okanye yinkxwaleko okanye yintshutshiso okanye kukulamba okanye bubuze okanye yingozi okanye likrele?”

UHelmi wafumana amaphepha anebala elimdaka waza wenza ngawo incwadi. Kuyo wayebhale izibhalo ezimkhuthazayo. Abazalwana abaninzi bakhuphela iincwadi ezininzi ngesandla kuba zazingekho iincwadi ezishicilelweyo.

Emva kokuba ebuyile eSiberia, UHelmi waxelela amagosa ukuba: “Ndiyabulela ngokuba niye nandithumela eSiberia ukuze ndiye kubona iintaba ezintle—bendingenakuze ndibe nayo imali yokuya phaya!”

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 209, 210]

Umoya Wokuzincama

UFANNY HIETALA

WAZALWA Ngowe-1900

WABHAPTIZWA Ngowe-1925

WAFA Ngowe-1995

INGXELO YOBOMI Wafudukela e-Estonia ngowe-1930 , waba nguvulindlela, waza wakhulisa umntwana weNgqina owayeyinkedama

◼ UFANNY wabhaptizwa eFinland ngowe-1925 waza emva kweminyaka emibini wangenela inkonzo yexesha elizeleyo. Kwindibano yesithili eyayiseHelsinki, wadibana noWilliam Dey, umveleli weOfisi Yomntla Yurophu. Nangona babengathethi ulwimi olunye, uMzalwan’ uDey wayesoloko esithi “Estonia.” Ecinga ukuba wayemkhuthaza ukuba aye apho kwakukho imfuneko enkulu khona, uFanny, nabanye oovulindlela, bafudukela e-Estonia ngowe-1930. Kwiminyaka elandelayo, wasebenzisa ibhayisikile yakhe ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo kumaphondo aliqela ase-Estonia, kuquka isiqithi saseSarema.

UFanny akazange atshate, kodwa wakhulisa uEster owaswelekelwa ngunina noyise oliNgqina xa eneminyaka esibhozo. Ngenxa yokukhuliswa kakuhle nguFanny, wathi esakuba mdala uEster wamkela inyaniso.

UFanny wayenokubuyela eFinland kusakuqalisa ubuKomanisi nentshutshiso e-Estonia. Noko ke, wabonisa umoya wokuzincama ngokuhlala neqaqobana labavakalisi. Ngenxa yesigqibo sakhe sokungabuyeli kwilizwe lakhe, waphila ubomi obunzima kodwa ngenxa yokuba wayengowaseFinland akazange asiwe elubhacweni eSiberia.

UFanny wayehambisa uncwadi neeleta ezisuka eFinland zisiya e-Estonia ngeminyaka yee-1950. Wayesaziwa ngokuba nenkalipho nokungaphakuzeli nangona kwakusibakho amaxesha anzima, akazange abhaqwe. Ngokomzekelo ngesinye isihlandlo waya eLeningrad (ngoku eyiSt. Petersburg) ukuze aye kulanda izinto kumzalwana waseFinland epakini. Yena kwakuza kufuneka azinike abazalwana ababini base-Estonia ngokukhawuleza. Noko ke, aba bazalwana base-Estonia babona ukuba babe landelwa yintlola bavela bamdlula uFanny. UFanny nalo mzalwana waseFinland baya kwicala laba bazalwana base-Estonia. Ukuba wayebabulisile okanye ebanike loo pasela le ntlola yayiza kuba bhaqa. UFanny wabadlula ngathi akabazi. Eyona nyaniso yeyokuba akazange ababone, nangona wayebazi kakuhle. Ngenxa yoko iintlola azizange zazi ukuba ngoobani abahambisa uncwadi yaye abazalwana bakwazi ukuzifumana ezo zinto babezilindele emva koko. UFanny waba luncedo ekuhambiseni ukutya kokomoya yaye akazange abhaqwe.

Lo dade unobubele wamkhonza ngokuthembeka uYehova iminyaka engama-70 de kwasekufeni kwakhe eneminyaka engama-95, esahlala e-Estonia.

[Umfanekiso]

Xa wayehambisa uncwadi eLeningrad, ngowe-1966

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 213]

Amaxhoba Entlebendwane

UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.” (Mateyu 5:11) Ngokuvisisana nobunyaniso amazwi athethwa yiNkosi yawo, amaNgqina kaYehova asoloko engamaxhoba entlebendwane. AmaNgqina kaYehova ayetyholwa ngokufuna ukubhukuqa urhulumente nangokuba ngoongcothoza. Ngokukodwa ngasekupheleni kweminyaka yee-1950 nasekuqaleni kweminyaka yee-1960 amaphephandaba ayesithi umsebenzi wethu ukhokelwa ngurhulumente waseUnited States kwaye sixhatshazwa ngoongxowa nkulu baseMerika.

Emva kokuba uSilver Silliksaar engavumanga ukungena emkhosini ngowe-1964 wabekw’ ityala lokungcatsha ilizwe waza wagwetywelwa intolongo. Kwakhona, kwenziwa imovie yetyala lakhe, eyayiquka ubuxoki bamaKomanisi, yaboniswa kulo lonke elase-Estonia. Inkoliso yabazalwana ababengafuni ukuya emkhosini babegwetywa iminyaka emibini ukuya kwemithathu. UJüri Schönberg, uTaavi Kuusk noArtur Mikit babanjwa kabini—uMzalwana uMikit wagwetywa iminyaka emihlanu enesiqingatha.

[Umfanekiso]

USilver Silliksaar xa kwakuthethwa ityala lakhe

[Ibhokisi ekwiphepha 226]

Ukuqhutywa Kwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Emfihlekweni

Ukuvalwa komsebenzi, abazalwana babengazi ukuba baza kulufumana nini uncwadi okanye iBhayibhile. Ukongezelela kwiindawo ezahlukeneyo zokufihla uncwadi bazama ukunkqaya iivesi ezininzi zeBhayibhile kangangoko kunokwenzeka.

Kwiimbutho ezininzi kwakuthethwa ngeevesi zeBhayibhile zize zinkqaywe. Kwezo mbutho abanye babesenza amakhadi amancinane ukuze bamane bezikhumbuza ngawo. Kwelinye icala kwakubhalwa isahluko nevesi yeBhayibhile, enjengoMateyu 24:14, okanye umbuzo okanye igama eliseBhayibhileni. Kwelinye icala, babebhala amazwi alo mbhalo okanye impendulo yombuzo.

Abazalwana babesebenzisa naziphi na iimpapasho ezikhoyo ukuze baqhube iintlanganiso. Ngokomzekelo, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sasiquka iklasi eyayiqhutywa veki nganye, izabelo ezenzelwa ekhaya, ukuvavanywa ngemibuzo neempendulo kwaneemviwo. Kwakusenziwa impinda qho emva kweenyanga ezintathu neemviwo zokugqibela entwasahlobo.

Omnye umfundi uthi: “Esinye isabelo ekwakufuneka sisenze ekhaya veki nganye yayikukunkqaya iivesi zeBhayibhile ezintlanu size sizicengceleze kwiklasi elandelayo. Ndikhumbula iimviwo zokugqibela ngowe-1988. Phakathi kwamakhadi awayekho kwakukho elali nombuzo owawusithi: ‘Cengceleza izibhalo ezilikhulu.’ Into efani kukuba wonke umntu wayefuna elo khadi. Ezo zabelo zazisinceda kakhulu xa sishumayela kuba sasingakwazi ukusebenzisa iBhayibhile ngokukhululekileyo.” Ngowe-1990, amabandla ase-Estonia avuya xa ekugqibeleni akwazi ukuba neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo njengabo bonke abazalwana ehlabathini.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 236, 237]

“Kwakumnandi Ukushumayela”

Abathunywa bevangeli basibalisela ngamava abo ase-Estonia:

UMarkku noSirpa Kettula: “Intsimi esasabelwe kuyo kwakungazange kwashunyayelwa kuyo ngaphambili. Kwakumnandi ukushumayela kuyo kuba abantu babe nomdla kakhulu eBhayibhileni. Ukufika kwethu ePärnu, kwakukho abavakalisi abamalunga nama-30. Ngoku kukho amabandla amathathu.”

UVesa noLeena-Maria Edvik: “Ezivenkileni kwakungekho nto unokuyithenga. Ekubeni kwakunjalo loo nto yayibenza abantu babenexesha elininzi lokuthetha ngeBhayibhile. Xa sishumayela esitratweni, abantu babedla ngokwenza umgca befuna iincwadi!”

UEsa noJaael Nissinen: “Zininzi izinto onokuzifunda kwabanye abantu. Bekulilungelo ukwazi abo baye bahlala bethembekile phantsi kwezilingo eziqatha.”

UAnne noIlkka Leinonen: “Usuku emva kolunye, iveki neveki, kwintsimi nganye sasidibana nabantu abangazange bakhe basive isigidimi seBhayibhile. Sasiqala ekuseni ukushumayela kude kube marhatya sivuyiswa kukubona ulwando olwalusaphula izikeyi. Kwakunzima ukukholelwa ukuba ekupheleni kwenkulungwane yama-20, sasiza kubona ulwando olungaka. Asinakuze siyilibale loo minyaka yokuqala.”

URichard noRachel Irgens: “Abantu babenobubele nentsimi yayimnandi. Sasishumayela ngakwiChibi lasePeipus. Sasingaphathi kutya xa siye kushumayela kuba abantu babesipha. Sabona ukuba umyalelo kaYesu okuMateyu 10:9, 10 uyasebenza nanamhlanje. E-Estonia safunda ukunikela ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo size singaphazanyiswa zizinto ezingabalulekanga.”

[Imifanekiso]

UMarkku noSirpa Kettula

UVesa noLeena-Maria Edvik

UAnne noIlkka Leinonen

UEsa noJaael Nissinen

URichard noRachel Irgens

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 244, 245]

ULUHLU LWEZIGANEKO E-Estonia

1920

1923 UMartin Kose ubuyela e-Estonia ukuze ashumayele.

1926 Kuvulwa iofisi yesebe eTallinn.

Oovulindlela abavela kumazwe asemzini beza kuncedisa ekushumayeleni.

1928 Indibano yokuqala iqhutyelwa kwiofisi yesebe.

1930

1933 IWatch Tower Bible and Tract Society ibhaliswa ngokusemthethweni.

1940

1940 Le yaba yindibano yokugqibela yabazalwana base-Estonia bekhululekile kwada kwadlula iminyaka engama-50.

1948 Amanye amaNgqina asiwa ezintolongweni nasenkampini eSoviet Union.

1949 AmaNgqina abhala iileta ekhalaza kuStalin.

1950

1951 Phantse amaNgqina angama-300 nezalamane zawo ezininzi zisiwa elubhacweni eSiberia.

1953 UStalin uyafa; amaNgqina aqalisa ukukhululwa.

1960

1970

1972 Kusekwa ibandla lokuqala elithetha isiRashiya.

1980

1990

1991 Kuvulwa iofisi yokuguqulela eTartu.

AmaNgqina kaYehova anikwa inkululeko yonqulo.

Indibano yokuqala yaseSoviet Union iqhutyelwa eTallinn.

1992 Kufika abathunywa bevangeli bokuqala abasuka eGiliyadi.

1993 Kwakhiwa iHolo yoBukumkani yokuqala e-Estonia.

1994 Kuvulwa iofisi yokuguqulela eTallinn.

1998 Kwakhiwa iiHolo zeNdibano eTallinn naseTartu.

1999 IEstonia iba lisebe kwakhona.

2000

2000 Kuqhutywa iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli sokuqala.

2009 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ikhululwa ngesiEstonia.

[Igrafu/Umfanekiso okwiphepha 246]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Isimbuku Sabavakalisi

Isimbuku Soovulindlela

4,000

2,000

1990 2000 2010

[Iimaphu ezikwiphepha 169]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

FINLAND

HELSINKI

Gulf of Finland

RUSSIA

St. Petersburg

LATVIA

RIGA

ESTONIA

TALLINN

Narva

Maardu

Tapa

Vormsi

Pärnu

Lake Võrtsjärv

Tartu

Räpina

Võru

Hiiumaa

Sarema

Gulf of Riga

Lake Peipus

Lake Pskov

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 162]

[Umfanekiso okwiphepha 165]

UHugo noMartin Kose

[Umfanekiso okwiphepha 166]

UAlbert West

[Umfanekiso okwiphepha 167]

UAlexander noHilda Brydson, ngeminyaka yee-1930

[Umfanekiso okwiphepha 167]

Iofisi yesebe yokuqala yayikwesi sakhiwo

[Umfanekiso okwiphepha 170]

Oovulindlela bokuqala ababevela eFinland uJenny Felt noIrja Mäkelä

[Umfanekiso okwiphepha 174]

Ngowe-1932 isebe lafuduselwa e72 Suur Tartu Road, eTallinn

[Umfanekiso okwiphepha 175]

UKaarlo Harteva enikela intetho kunomathotholo

[Imifanekiso ekwiphepha 177]

UJohn North “nomkhosi” wakhe

[Umfanekiso okwiphepha 178]

UNikolai Tuiman

[Imifanekiso ekwiphepha 179]

Amapolisa athimba uncwadi oluninzi

[Umfanekiso okwiphepha 181]

Ngowe-1940: Indibano yokugqibela esayiqhubayo ngaphambi kolawulo lweSoviet Union

[Imifanekiso ekwiphepha 188]

IKomiti Yenkonzo yayiyilwa nguMzalwan’ uKruus, uTalberg, uIndus, noToom

[Umfanekiso okwiphepha 200]

UMaimu noLembit Trell, ngowe-1957

[Umfanekiso okwiphepha 212]

UEne, nodadewabo, uCorinna

[Umfanekiso okwiphepha 218]

Umtshato kaHeimar noElvi Tuiman—indibano eyaqhutywa iintsuku ezimbini

[Umfanekiso okwiphepha 227]

UToomas noElizabeth Edur

[Imifanekiso ekwiphepha 228, 229]

Iindibano Ezibalaseleyo

Kusamkelwa iindwendwe kwiNdibano YeSithili “Yolwimi Olunyulu” eHelsinki, eFinland, ngowe-1990

Iindibano zeSithili “Zabathandi Benkululeko” eTallinn, e-Estonia, ngowe-1991

[Umfanekiso okwiphepha 238]

Indibano YeZizwe NgeZizwe eSt. Petersburg, eRashiya, ngowe-1992

[Umfanekiso okwiphepha 241]

ULauri noJelena Nordling

[Umfanekiso okwiphepha 243]

UReino noLesli Kesk

[Umfanekiso okwiphepha 247]

UYuri noViktor

[Umfanekiso okwiphepha 251]

IHolo yoBukumkani yaseMaardu neHolo yeNdibano yaseTartu

[Imifanekiso ekwiphepha 254]

Isebe lase-Estonia

IKomiti Yesebe yase-Estonia ukususela ekhohlo ukuya ekunene: uTommi Kauko, Toomas Edur, noLembit Reile