Ndinokulufikelela Njani Usukelo Lwam?
Isahluko 39
Ndinokulufikelela Njani Usukelo Lwam?
Yiyiphi obungathanda ukuba nayo kwezi zinto zilandelayo?
□ Ukuzithemba ngakumbi
□ Abahlobo abangakumbi
□ Ukonwaba ngakumbi
ENENENI, unokuba nazo zontathu. Njani? Ngokuzibekela usukelo uze ulufikelele. Qwalasela oku kulandelayo:
Ukuzithemba ngakumbi. Xa uzibekela nje usukelo olulula uze ulufikelele, unokuba nesibindi sokuzibekela olunye. Unokuzithemba nangakumbi xa ujamelene neengxaki zamihla le—njengengcinezelo yoontanga.
Abahlobo abangakumbi. Abantu bayakuvuyela ukuba kunye nabo banosukelo ebomini—abayaziyo into abayifunayo nabakulungeleyo ukuyisebenzela.
Ukonwaba ngakumbi. Nantsi eyona nyaniso: Akonwabi xa uhleli nje kungekho nto uyisukelayo ebomini. Kwelinye icala, xa uzibekela usukelo uze ulufikelele, uziva uphumeze okuthile. Ngaba ukulungele ukuqalisa? La maphepha alandelayo aza kukunceda! a
✔ 1 LWAZI USUKELO LWAKHO
1. Cinga ngosukelo onokuzibekela lona. Ungoyiki ukukwenza oku! Ungacingisisi kakhulu; bhala phantsi iingcamango ezininzi kangangoko kunokwenzeka. Bona enoba unokufikelela na kwezili-10.
2. Hlola iingcamango zakho. Ziziphi ezona zibangel’ umdla? Ziziphi ezona zilucelomngeni? Ziziphi ngokukhethekileyo onokuba nebhongo xa uziphumezile? Khumbula, olona sukelo lubalulekileyo lolo luthetha lukhulu kuwe.
3. Beka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala. Dwelisa izinto ofuna ukuzenza ngokokubaluleka kwazo.
✔ 2 CEBA OKO UZA KUKWENZA
Kusukelo ngalunye olukhethileyo, yenza oku kulandelayo:
Lubhale phantsi usukelo lwakho.
Ukufunda iSpanish kuba ndiza kuya eMexico
Bhala ixesha oza kulufikelela ngalo. Ngapha koko, usukelo olungabekelwanga xesha liphupha nje!
ngoJulayi 1
Ceba izinto omele uzenze ezibandakanyekileyo.
Amanyathelo
1. Yiba nesichazi-magama.
2. Funda ukuthetha amagama alishumi veki nganye.
3. Phulaphula abanye abantu abathetha iSpanish.
4. Cela umntu ahlole aze aqinisekise ngegrama yakho nendlela owabiza ngayo amagama.
Hlala uyilindele imiqobo enokuvela. Cinga ngendlela onokuyoyisa ngayo.
Imiqobo esenokubakho
Akukho mntu ukufutshane uthetha iSpanish
Zibophelele. Zithembise ukuba uya kulufikelela olu sukelo nokuba sekumnyam’ entla. Tyobela uze ubhale nomhla olubeke ngawo.
Indlela endinokuyoyisa ngayo
Khuphela iingoma ezirekhodiweyo zeSpanish ku-www.jw.org.
․․․․․ ․․․․․
Utyobelo Umhla
✔ 3 OKO UMELE UKWENZE!
Qalisa ngokukhawuleza. Zibuze, ‘Yintoni endinokuqala ndiyenze namhlanje ukuze ndikwazi ukufikelela usukelo lwam?’ Liyinyaniso elokuba, akunakuba nazo zonke iinkcukacha zento ofuna ukuyenza, kodwa ungavumeli loo nto ukuba ikutyhafise. Njengoko iBhayibhile isitsho, “olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.” (INtshumayeli 11:4) Yenza okuthile namhlanje—enoba kuncinane kangakanani na.
Hlola usukelo lwakho imihla ngemihla. Zikhumbuze ngokubaluleka kwalo kuwe. Phawula inkqubela oyenzayo ngokubeka olu phawu ✔ (okanye umhla) ecaleni kwenyathelo ngalinye oye walithabatha.
Yiba nomfanekiso-ngqondweni. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ufikelela usukelo onalo. Bona indlela ovuya ngayo kuba ulufikelele. Emva koko, buyela kumanyathelo omele uwathabathe uze ucamngce ngawo, uthathe libe liye ngexesha. Okokugqibela, zibone ukwenze konke omele ukwenze uze uthelekelele uvuyo obuya kuba nalo ngokufikelela usukelo lwakho. Khawuqalise ngoku!
[Umbhalo osemazantsi]
a La macebiso alungiselelwe usukelo onokulufikelela ngexesha nje elingephi, kodwa anokusebenza nakusukelo onokulufikelela emva kwexesha elide.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.”—IMizekeliso 21:5.
ICEBISO
Ungazikhathazi ngokunamathela ngokungqongqo kwindlela obucebe ngayo. Yiba bhetyebhetye, ukulungele ukutshintsha njengoko usebenzela ukufikelela usukelo lwakho.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Uya kufumana uvuyo olungakumbi ngokufikelela usukelo olukhulu ebomini.
UCINGA NTONI?
● Ngaba kunokwenzeka ukuba nosukelo lwezinto ezininzi ngexesha elinye?—Filipi 1:10.
● Ngaba ukuzibekela usukelo kuthetha ukuceba yonk’ into oza kuyenza ebomini bakho?—Filipi 4:5.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 283]
“Kulula ukudimazeka xa uhleli nje kungekho nto ukhangele phambili kuyo. Kodwa xa uzibekela usukelo uze ulufikelele, kuthi ngco ngaphakathi.”—UReed
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 283]
Imizekelo
Ubuhlobo Ukuba nomhlobo endingalingani naye ngeminyaka. Ukuvuselela ubuhlobo obudala.
Impilo Ukwenza umthambo ubuncinane kangangemizuzu engama-90 veki nganye. Ukulala kangangeeyure ezisibhozo busuku ngabunye.
Isikolo Ukuphucula kwizifundo zezibalo. Ukungavumi xa ndiphenjelelwa ukwenza okuphosakeleyo.
Ukukhonza uThixo Ukufunda iBhayibhile imizuzu eli-15 suku ngalunye. Ukuncokola ngeenkolelo zam nomntwana endifunda naye kule veki.
[Umfanekiso okwiphepha 284, 285]
Usukelo lufana nqwa neplani yokwakha—akuyondlwan’ iyanetha ukulufikelela