Indima Yabazali
Indima Yabazali
Ngokungathandabuzekiyo, ukukhulisa abantwana ukuze babe ngabantu abakhulu abalungeleleneyo kwibutho labantu lanamhlanje akuyondlwan’ iyanetha.
I-U.S. NATIONAL Institute of Mental Health yapapasha iziphumo zohlolisiso olwenziwa kubazali ababejongwa njengabaphumeleleyo—abo babenabantwana, asebedlulile kwiminyaka engama-21 ubudala, “ababengabantu abakhulu abaluncedo nababebonakala bekwazi ukuhlalisana nabantu.” Aba bazali babuzwa: ‘Ngokusuka kumava enu, liliphi elona cebiso ninokulinika
abanye abazali?’ Ezona ndlela babephendula ngazo nazi: ‘Bathande kakhulu,’ ‘banike uqeqesho olwakhayo,’ ‘chitha ixesha nabo,’ ‘bafundise abantwana bakho ukwahlula okulungileyo kokubi,’ ‘bahlonele,’ ‘baphulaphule ngokunyaniseka,’ ‘babonise amabakwenze kunokubachazela nje ngomlomo,’ yaye ‘nyaniseka.’Noko ke, asingobazali bodwa abanalo msebenzi wokwenza aba baselula babe ngabantu abakhulu abachubekileyo. Nabafundisi-ntsapho banendima enkulu koku. Igqala elicebisa izikolo lathi: “Eyona njongo yemfundo kukuxhasa abazali ekwenzeni abaselula babe ngabantu abakhulu abavuthiweyo engqondweni, emzimbeni nangokweemvakalelo.”
Ngoko abazali nabafundisi-ntsapho banosukelo olunye—ukwenza ulutsha oluya kuthi kamva lube ngabantu abakhulu abaqolileyo nabalungeleleneyo abanandipha ubomi nabakwaziyo ukuphila phakathi kwabantu abahlala nabo.
Basebenza Kunye Nani, Abakhuphisani Nani
Noko ke, kuye kuvele iingxaki xa abazali bengasebenzisani nabafundisi-ntsapho. Ngokomzekelo, abanye abazali abayicacelanga tu imfundo yabantwana babo; abanye bazama ukukhuphisana nabafundisi-ntsapho. Exubusha ngalo mba, ulindixesha wesiFrentshi wathi: “Ayisengomfundisi-ntsapho kuphela obambe iintambo. Abazali, kuba bekuthwele ngezabo izifuba ukuphumelela kwabantwana babo, bahlola iincwadi, bagxeke begxibha iindlela ekufundiswa ngazo, baze bacaphuke xa abantwana babo befumana amanqaku aphantsi.” Ezo zenzo zisenokubenza bawuthabathele ezandleni zabo umsebenzi wabafundisi-ntsapho.
AmaNgqina kaYehova avakalelwa kukuba abantwana bawo bafundiswa kakuhle gqitha xa abazali besebenzisana nabafundisi-ntsapho, benomdla ngokuqhubekayo nangokuluncedo kwimfundo yabantwana babo. Akholelwa kwelokuba loo ntsebenziswano ibaluleke ngokukodwa kuba umsebenzi wakho njengomfundisi-ntsapho uya usithi chatha ukuba nzima.
Iingxaki Zesikolo Namhlanje
Ekubeni into abayiyo abantu bendawo ethile ibonakala esikolweni, izikolo nazo zineengxaki ezikhoyo ekuhlaleni ngokubanzi. Kule minyaka iingxaki zasekuhlaleni ziye zathabath’ unyawo. Ichaza imeko ekwesinye isikolo eUnited States, iThe New York Times yanikela le ngxelo: “Abafundi bayalala emagumbini okufundela, babhala kwiindonga ezisezipasejini befungelana, babahlab’ amadlala abafundi abaqhuba kakuhle. . . . Phantse bonke abafundi bajamelene neengxaki ezinjengokunyamekela abantwana, bazamazamana nengxaki yokuvalelwa ezintolongweni kwabazali babo yaye basinda cebetshu kugonyamelo lwamaqela eenjubaqa. Nangaluphi na usuku, phantse umfundi omnye kwabahlanu akezi esikolweni.”
Into exhomis’ amehlo ngokukhethekileyo kukwanda kobundlobongela ezikolweni ezikumazwe ngamazwe. Ayisekho into yokulwa ngokutyhilizana no-kutyhalana bayadubulana baze bahlabane. Izixhobo sele zidlal’ abantwana, nokuhlaselana ngokumasikizi, kuba abantwana bakhawuleza babhenele kugonyamelo yaye oko bakwenza besebancinane.
Ngokungathandabuzekiyo, asingawo onke amazwe anala masikizi. Noko ke, abafundisi-ntsapho abaninzi ehlabathini lonke behlelwa yimeko echazwa kwiLe Point yesiFrentshi ephuma veki nganye: “Umfundisi-ntsapho akasaziwa nokuba usisiciko sayiphi na imbiza; akasenagunya.”
Oko kungahloneli igunya kubabeka engozini embi abantwana. Ngoko amaNgqina kaYehova azama ukubethelela ebantwaneni bawo ukuthobela nokuhlonela igunya, mpawu ezo ongenakufane uzibone esikolweni namhlanje.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
AmaNgqina kaYehova avakalelwa kukuba abantwana bawo bafundiswa kakuhle gqitha xa abazali besebenzisana nabafundisi-ntsapho, benomdla ngokuqhubekayo nangokuluncedo kwimfundo yabantwana babo
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 26]
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Abafundisi-ntsapho banendima ebalulekileyo ekwenzeni abaselula babe ngabantu abakhulu abachubekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Abazali abaphumelelayo bachitha ixesha nabantwana babo