Iinkqubo Zokufundisa
Iinkqubo Zokufundisa
AmaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngomsebenzi wawo wokufundisa iBhayibhile.
NGENXA yendlela awuxabise ngayo umsebenzi wokufundisa iBhayibhile, abanye basenokucinga ukuba akanamdla kwimfundo yehlabathi. Kodwa akunjalo. Ukuze afundise abanye, umfundisi umele aqale afunde, yaye oku kufuna uqeqesho olufanelekileyo nokufundiswa. Ngoko ukongezelela ekusebenziseni kakuhle imfundo yehlabathi, kangangeminyaka emininzi amaNgqina
kaYehova aye angenelwa kwiinkqubo zokufundisa ezahlukeneyo nakwizikolo ezilungiselelwe yiWatch Tower Society. Ziye zanceda amaNgqina nabanye baphucule iingqondo, ukuziphatha nemeko yawo yokomoya.Ngokomzekelo, kumazwe amaninzi amaNgqina aye ajamelana nocelomngeni olukhethekileyo—indlela yokufundisa abantu abangafundanga kuyaphi okanye abangazange bawubone umnyango wesikolo baza ke ngenxa yoko abakwazi kulesa okanye ukubhala. Ukuze incede koku, iWatch Tower Society ilungiselele iinkqubo zokufundisa.
Ngokomzekelo, eNigeria, amaNgqina kaYehova ebeneeklasi zokufundisa ukulesa nokubhala ukususela ngowe-1949. Ngowe-1961, amawaka abantu baseNigeria ayesele efunde ukulesa, yaye iingxelo esinazo zibonisa ukuba phakathi kowe-1962 nowe-1994, abantu abakhulu abongezelelekileyo abangama-25 599 bafundiswa ukulesa nokubhala kwezi klasi. Uhlolisiso lwakutshanje lubonise ukuba amaNgqina kaYehova aseNigeria angaphezu kwama-90 ekhulwini ayekwazi ukulesa nokubhala, xa ethelekiswa nabangaphantsi kwama-50 ekhulwini kubemi bonke balapho. EMexico, iWatch Tower Society ibineeklasi zokufundisa ukulesa nokubhala ukususela ngowe-1946. Ebudeni bowe-1994, abantu abangaphezu kwama-6 500 bafundiswa ukulesa nokubhala. Phakathi kowe-1946 nowe-1994, abangaphezu kwe-127 000 bancedwa bakwazi ukulesa nokubhala. Nakwamanye amazwe amaninzi kwalungiselelwa iiklasi zokufundisa ukulesa nokubhala, njengaseBolivia, eCameroon, eHonduras naseZambia.
Ezi nkqubo zokufundisa ukulesa nokubhala ziye zothulelw’ umnqwazi ngabasemagunyeni kwezemfundo kumazwe eziqhutywa kuwo. Ngokomzekelo, eMexico, omnye usomaqhuzu kwezoburhulumente wabhala: “Ndibamba ngazibini ngentsebenziswano yenu, ibe egameni likarhulumente weli lizwe ndithi nangamso ngomsebenzi wenu ophucukileyo wenkqubela-phambili wokunceda abantu ngokubanika ukhanyo lokukwazi ukulesa nokubhala. . . . Ndininqwenelela impumelelo kumsebenzi wenu wokufundisa.”
Olunye Uqeqesho
Ngenxa yokuwuxabisa gqitha umsebenzi wawo wokufundisa iBhayibhile, amaNgqina kaYehova awa evuka ezama ukuphucula ubuchule bawo bokucacisa iimfundiso zeBhayibhile kwabanye. Ngokomzekelo, kumabandla angaphezu kwayi-119 000 emhlabeni wonke, abavakalisi bayaqeqeshwa.
Nkqu nabona bancinane, bakuba nje bekwazi ukulesa, banokubhalisa
baze bafumane olu qeqesho, olungqineka luluncedo kubo nakwezinye izinto, eziquka imfundo yehlabathi. Abafundisi-ntsapho abaninzi baye bathi abafundi abangamaNgqina bayakwazi ukuyicacisa kakuhle into.Ukongezelela, ibandla ngalinye lamaNgqina kaYehova likhuthazwa ukuba kwiHolo yoBukumkani yalo, okanye kwindawo yokuhlanganisana, libe nethala leencwadi elineencwadi zokufundisisa iBhayibhile, izichazi-magama nezinye ekunokuphandwa kuzo. Eli thala leencwadi lingasetyenziswa ngabo bonke abezayo kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani. Ukufunda yeyona nto
ikhuthazwayo emabandleni awo, yaye ngokufanayo ntsapho nganye ikhuthazelwa ukuba nethala leencwadi elineempapasho ezahlukahlukeneyo ezinokufundwa ngabaselula nabakhulu.Uqeqesho Olubhetele
Kwakhona iWatch Tower Society inezikolo zokuqeqesha abavangeli basemazweni abangamadoda namabhinqa, kunye nezikolo zokuqeqesha amadoda aneembopheleleko zokuba ngabalungiseleli kumabandla asekuhlaleni. Ezi zikolo zibonisa ngokubhekele phaya ukuba amaNgqina kaYehova ayixabise gqitha imfundo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
Abafundi baqeqeshelwa ukuba bakwazi ukufunda nokuthetha kakuhle
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ukufunda yeyona nto ikhuthazwayo emabandleni awo, yaye ngokufanayo ntsapho nganye ikhuthazelwa ukuba nethala leencwadi elineempapasho ezahlukahlukeneyo