INQAKU ELINGUMXHOLO | UKHO NA UMNTU ONOKULAZI IKAMVA?
Bayanyanisa, Baphinde Babhideke
Ungathanda na ukwazi ikamva lakho? Ngokuqhelekileyo abantu banomdla wokwazi ikamva labo. Abaninzi bakuchaza kwangaphambili oko kuza kwenzeka. Makhe sijonge oku kulandelayo:
-
OOSOSAYENSI basebenzisa oomatshini abantsonkothileyo nemali eninzi ukuze bakwazi ukujonga iziganeko zexesha elizayo, njengomonakalo oza kubangelwa lungcoliseko lomoya emhlabeni kunye nokuchaza imozulu.
-
ABAHLALUTYI bachaza kwangaphambili oko kuza kwenzeka kushishino nakwiipolitiki. UWarren Buffett, esinye sezigwili zeli hlabathi, uye waphiwa igama lokuba uyimboni ngenxa yokunyanisa kuqikelelo lotyalo-mali lwakhe lwezoshishino. Omnye umhlalutyi, uNate Silver, udume ngokuchaza kwangaphambili iziphumo zopolitiko zaseUnited States nezabadlali baseHollywood abaza kujizekwa ngeembasa.
-
IZINTO ZAKUDALA ziye zachazwa njengeziprofeto. Kukho abantu abakholelwa ukuba ezinye izinto ezenzekayo namhlanje zazichazwe kwangaphambili kwimibhalo kaMichel de Notredame (Nostradamus) yeminyaka yee-1500. Abanye babekholelwa ukuba ikhalenda yamaMaya eye yaphelelwa ngoDisemba 21, 2012, yayichaza intlekele ezayo.
-
IINKOKELI ZONQULO ziye ziqikelele iintlekele eziza kwenzeka ukuze zilumkise abantu nokuze zibe nabalandeli abangakumbi. Umprofeti uHarold Camping nabalandeli bakhe baye babhengeza ukuba umhlaba uza kutshatyalaliswa ngonyaka ka-2011. Njengoko nawe ubona, umhlaba uselapha.
-
OOSIYAZI bathi banobuchule bokukwazi ukubona ikamva. UEdgar Cayce noJeane Dixon bazichaza ngokuchanileyo iziganeko ezininzi zeminyaka yee-1900. Kodwa bobabini baye babhideka izihlandlo ezininzi. Ngokomzekelo, uDixon wathi kwakuza kubakho iMfazwe Yehlabathi III ngo-1958, ibe yena uCayce wathi iNew York yayiza kuzika elwandle ngeminyaka yee-1970.
Ngaba ikhona ke eyona ndlela onokulazi ngayo ikamva lakho? Ngumbuzo obalulekileyo lowo. Ukuba ubunokuzibona kwangaphambili iziganeko ezizayo, ubomi bakho ngebungenje.