“Khangelani! Ndinani Yonke Imihla”
“Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”
1. (a) Khawushwankathele umzekeliso wengqolowa nokhula. (b) UYesu wayicacisa njani intsingiselo yawo?
KOMNYE wemizekeliso yoBukumkani awayenzayo uYesu usichazela ngomfama ohlwayela imbewu entle yengqolowa kuze kufike utshaba luhlwayele ukhula phakathi kwaloo mbewu intle. Ukhula luyayigqumelela le ngqolowa, kodwa lo mfama uthi xa eyalela amakhoboka akhe “yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni.” Xa kuvunwa, ukhula luyatshatyalaliswa ize ingqolowa ihlanganiselwe ndawonye. UYesu uyawucacisa lo mzekeliso. (Funda uMateyu 13:24-30, 37-43.) Yintoni etyhilwa ngulo mzekeliso? (Funda isicangca esithi “Ingqolowa Nokhula.”)
2. (a) Yintoni eboniswa ziziganeko ezenzeka kwintsimi yomfama? (b) Yiyiphi inxalenye yomzekeliso esiza kunikela ingqalelo kuyo?
2 Iziganeko ezenzeka entsimini yalo mfama ziyibonisa kakuhle indlela nexesha uYesu aya kuluhlanganisa ngalo lonke udidi lwengqolowa
PHANTSI KWELISO ELIBUKHALI LIKAYESU
3. (a) Yiyiphi imeko eyavelayo emva kwenkulungwane yokuqala? (b) Ngokutsho kukaMateyu 13:
3 Ekuqaleni kwenkulungwane yesibini, ‘lwabonakala ukhula’ xa kwavela oosinga maKristu ehlabathini. (Mat. 13:
4. (a) Yintoni eboniswa yimpendulo yeNkosi, uYesu? (b) Avela nini amaKristu afanekiselwa yingqolowa?
4 Ethetha ngengqolowa nokhula, uYesu wathi: “Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni.” Lo myalelo ubonisa ukuba ukususela kwinkulungwane yokuqala ukuza kuthi ga namhlanje, bekusoloko kukho amaKristu athanjisiweyo afanekiselwa yingqolowa emhlabeni. Eso sigqibo singqinelwa koko kwathethwa nguYesu kubafundi bakhe kamva: “Ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:
UMTHUNYWA ‘UHLAHL’ INDLELA’
5. Sazaliseka njani isiprofeto sikaMalaki ngenkulungwane yokuqala?
5 Kwiinkulungwane ngaphambi kokuba uYesu enze lo mzekeliso wengqolowa nokhula, uYehova waphefumlela umprofeti uMalaki ukuba achaze iziganeko ezaye zabonakala kumzekeliso kaYesu. (Funda uMalaki 3:
6. (a) Yiyiphi inzaliseko enkulu yesiprofeto sikaMalaki? (b) UYesu weza nini ukuza kuhlola itempile yokomoya? (Funda umqukumbelo.)
6 Yiyiphi inzaliseko enkulu yesi siprofeto sikaMalaki? Kumashumi eminyaka ngaphambi ko-1914, uC. T. Russell nezinxulumani zakhe benza umsebenzi kaYohane uMbhaptizi. Loo msebenzi ubalulekileyo wawubandakanya ukubuyisela inyaniso yeBhayibhile. ABafundi BeBhayibhile bafundisa eyona ntsingiselo yedini lentlawulelo likaKristu, babhenca ubuxoki besihogo somlilo ngoxa babeshumayela ngokufika kwesiphelo samaXesha Eentlanga. Sekunjalo, kwakukho intlaninge yeenkonzo ezazisithi zilandela uKristu. Ngoko, kwakukho lo mbuzo ubalulekileyo umele uphendulwe: Yiyiphi kwezo nkonzo eyayinamaKristu okwenyaniso ayingqolowa? Ukuze kuphenduleke loo mbuzo, uYesu waqalisa ukuhlola itempile yokomoya ngo-1914. Loo msebenzi wokuhlolisisa nokucoca waqhubeka kangangexesha elithile
IMINYAKA YOKUHLOLA NOKUCOCA
7. Yintoni eyafunyanwa nguYesu xa wayeqalisa ukuhlolisisa ngo-1914, ibe wafumana ntoni?
7 Yintoni eyafunyanwa nguYesu xa wayeqalisa ukuhlolisisa? Liqela elincinane laBafundi BeBhayibhile elalisele lichithe amandla nobuncwane balo ngaphezu kweminyaka engama-30 lizibhokoxa ekushumayeleni. Umele ukuba wavuya gqitha uYesu neengelosi xa efumana ezo zithungu zengqolowa zomeleleyo ziphumelele ukuxhathisa ukhula lukaSathana! Kodwa ke kwakusekho imfuneko ‘yokuhlambulula oonyana bakaLevi,’ abathanjiswa. (Mal. 3:
8. Ziziphi izinto ezenzekayo emva ko-1914?
8 Ngasekupheleni ko-1914, bambi aBafundi BeBhayibhile batyhafa ngenxa yokuba bengayanga ezulwini. Ebudeni buka-1915 no-1916, inkcaso evela ngaphandle kwentlangano yawuthez’ amandla umsebenzi wokushumayela. Okona kubi, emva kokufa koMzalwan’ uRussell ngo-Oktobha 1916, kwavuka inkcaso ngaphakathi. Abane kubalathisi beWatch Tower Bible and Tract Society bavukela isigqibo sokuba uMzalwan’ uRutherford akhokele umsebenzi. Bazama ukuhlwayela iyantlukwano phakathi kwabazalwana, kodwa ngoAgasti 1917, baphuma baphela eBheteli
KWENZEKA NTONI EMVA KOKUQALISA KWEXESHA LOKUVUNA?
9, 10. (a) Yintoni ngoku esiza kuyiqwalasela ngokuphathelele ixesha lokuvuna? (b) Yintoni eyaqala yenzeka kwixesha lokuvuna?
9 UYesu wathi: “Ukuvuna kukupheliswa kwenkqubo yezinto.” (Mat. 13:
10 Eyokuqala, kukuqokelelwa kokhula. UYesu uthi: “Ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu.” Emva ko-1914, iingelosi zaqalisa ‘ukuqokelela’ amaKristu alukhula ngokuwahlula ‘koonyana bobukumkani’ abathanjisiweyo.
11. Ukuza kuthi ga namhlanje, yintoni ebisahlula amaKristu okwenyaniso koosinga maKristu?
11 Njengokuba umsebenzi wokuqokelela uqhubeka, waya ucaca ngamandla umahluko phakathi kwala maqela mabini. (ISityhi. 18:
12. Kwaqala nini ukuhlanganiswa kodidi lwengqolowa?
12 Eyesibini, ukuhlanganisela ingqolowa. UYesu uyalela iingelosi oku: ‘Hlanganiselani ingqolowa kuvimba wam.” (Mat. 13:
13. Yintoni eboniswa siSityhilelo 18:7 ngesimo sengqondo sehenyukazi, okanye iBhabhiloni Enkulu, kuquka iNgqobhoko?
13 Eyesithathu, ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Yintoni eyenzekayo emva kokuba iingelosi zibophe ukhula lwazizithungu? Echaza imeko yabo bodidi lokhula, uYesu uthi: “Kulapho ke baya kulila batshixize khona amazinyo abo.” (Mat. 13:
14. (a) Kunini yaye ngasiphi isizathu abaya kuthi oosinga maKristu ‘batshixizise amazinyo’? (b) Ukuzikisa kwethu ukucinga ngendlela esiyiqonda ngayo incwadi kaMateyu 13:
14 Ebudeni bembandezelo enkulu, emva kokuba lutshatyalaliswe lonke unqulo lobuxoki, ababekade bekulo baya kubaleka befuna ikhusi kodwa bangafumani ndawo yakuzifihla. (Luka 23:
15. Yintoni eza kwenziwa kukhula, ibe iya kwenziwa nini?
15 Eyesine, ukuphoswa ezikweni lomlilo. Yintoni eza kwenziwa kwizithungu zokhula? Iingelosi ziya ‘kuziphosa ezikweni lomlilo.’ (Mat. 13:
16, 17. (a) Yiyiphi into yokugqibela eza kwenzeka echazwa nguYesu kumzekeliso wakhe? (b) Kutheni sigqiba kwelokuba ukuzaliseka kwaloo nto kuseza kwenzeka?
16 Eyesihlanu, ukuqaqamba. UYesu uqukumbela isiprofeto sakhe ngokuthi: “Aya kuthi ke amalungisa aqaqambe njengelanga ebukumkanini bukaYise.” (Mat. 13:
17 Masiqale ngombuzo othi, “nini.” UYesu wathi: “Aya kuthi ke, [ngelo xesha] amalungisa aqaqambe.” Ibinzana elithi “ngelo xesha” kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ka-1995, kuyacaca ukuba libhekisela kwisiganeko uYesu awayesandul’ ukusichaza, ‘ukuphoswa kokhula ezikweni lomlilo.’ Oko kwenzeka ebudeni benxalenye yokugqibela yembandezelo enkulu. Ngoko ke, nako ‘ukuqaqamba’ kwabathanjiswa kumele ukuba kuza kwenzeka ngelo xesha. Masize kumbuzo wesibini othi, “phi.” UYesu wathi amalungisa aya ‘kuqaqamba ebukumkanini.’ Itheth’ ukuthini loo nto? Bonke abathanjiswa abathembekileyo abaya kube besesemhlabeni emva kokuba idlule inxalenye yokuqala yembandezelo enkulu baya kube sele belifumene itywina labo lokugqibela. Njengokuba isiprofeto sikaYesu esiphathelele imbandezelo enkulu sibonisa, emva koko baya kuhlanganiselwa ezulwini. (Mat. 24:
INDLELA ESINGENELWA NGAYO
18, 19. Ngamnye kuthi ungenelwa ngaziphi iindlela ngokuqonda umzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula?
18 Singenelwa njani ngokuba nembono ephangaleleyo ngalo mzekeliso? Cinga ngezi ndlela zintathu. Eyokuqala, kusinceda siwuqonde ngakumbi. Lo mzekeliso usinceda sibone isizathu esibalulekileyo sokuba uYehova evumele ubungendawo. ‘Wanyamezela izitya zengqubo ukuze alungise izitya zenceba’
19 Kweyesithathu, lo mzekeliso usinceda sikwazi ukubona udidi lwengqolowa. Kubaluleke ngantoni oko? Ukwazi ukuba ngawaphi amaKristu ayingqolowa kubalulekile ukuze sifumane iimpendulo zombuzo owaphakanyiswa nguYesu kwesi siprofeto sakhe siphathelele imihla yokugqibela. Wabuza oku: “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?” (Mat. 24:
Isiqendu 2: [1] Ukuze uzikhumbuze ngentsingiselo yezinye iinxalenye zomzekeliso, sikukhuthaza ukuba ufunde inqaku elithi ‘Amalungisa Aya Kuqaqamba Njengelanga’ kwiMboniselo kaMatshi 15, 2010.
Isiqendu 3: [2] Ekubeni abapostile bakaYesu baye bafa baza abathanjiswa abaseleyo emhlabeni bafanekiselwa, kungekhona ngamakhoboka, kodwa yingqolowa, la makhoboka afanekisela iingelosi. Kamva kulo mzekeliso, abo baqokelela ukhula bachazwa ngokuba ziingelosi.
Isiqendu 6: [3] Apha siye sazikisa ukucinga kwindlela ebesikade sisiqonda ngayo esi siprofeto. Besikade sicinga ukuba uYesu weza kuhlola itempile ngo-1918.
Isiqendu 7: [4] Ukususela ngo-1910 ukusa ku-1914, aBafundi BeBhayibhile bahambisa iincwadi ezimalunga ne-4 000 000 namaphecana angaphezu kwe-200 000 000.
Isiqendu 14: [5] Apha siye sazikisa ukucinga kwindlela ebesikade siqonda ngayo uMateyu 13:
Isiqendu 16: [6] UDaniyeli 12:3 uthi “abo ke banengqiqo [amaKristu athanjisiweyo] baya kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka.” Ngoxa eselapha emhlabeni, akhanya ngokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela. Kodwa incwadi kaMateyu 13:
Isiqendu 18: [7] Funda incwadi ethi Sondela KuYehova, iphepha 288-