Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUTHUTHUZELA ABANTU ABASWELEKELWEYO

Iindlela Zokunyamezela Intlungu Yokuswelekelwa​—⁠Nazi Izinto Onokuzenza

Iindlela Zokunyamezela Intlungu Yokuswelekelwa​—⁠Nazi Izinto Onokuzenza

Xa ufuna amacebiso ngeendlela zokumelana nentlungu yokuswelekelwa, usenokufumana amacebiso amaninzi kakhulu, aze amanye akuncede ngaphezu kwamanye. Njengokuba besekutshiwo ngaphambili, mhlawumbi loo nto ibangelwa kukuba abantu baba buhlungu ngeendlela ezingafaniyo. Into elungela omnye umntu isenokungamlungeli omnye.

Nakuba kunjalo, kukho izinto ezinokwenziwa ezibancedileyo abantu abaninzi. Abacebisi abanceda xa ukule ntlungu badla ngokuthi zimele zenziwe ezi zinto, kwaye bahambisana nemigaqo engaphelelwa lixesha efumaneka eBhayibhileni.

1: VUMELA ABANTU BAKOWENU NABAHLOBO BAKHO BAKUNCEDE

  • Ezinye iingcali zithi le yeyona nto incedayo xa usentlungwini. Kodwa, ngamanye amaxesha usenokufuna ukuba wedwa. Basenokukudika nabantu abazama ukukunceda kwaye iqhelekile loo nto.

  • Ungacingi ukuba unyanzelekile ukuba ube phakathi kwabantu, kwangaxeshanye, ungababhekelisi. Kaloku, usenokufuna bakuncede ngenye imini. Baxelele kakuhle abantu eyona nto uyifunayo nongayifuniyo ngoxa usentlungwini.

  • Yiba nexesha olichitha nabantu, nolichitha wedwa.

UMGAQO: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye. . . Ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.”​—INtshumayeli 4:9, 10.

2: Yigade Indlela Otya Ngayo, Uze Ujime

  • Ukutya ngendlela efanelekileyo kuza kukunceda ukwazi ukumelana nestres sokuswelekelwa. Zama ukutya iziqhamo, imifuno neeproteni ezingenawo amafutha.

  • Sela amanzi amaninzi nezinye iziselo ezisempilweni.

  • Ukuba awunamdla wakutya, yitya qho kodwa kancinci. Usenokuthetha nogqirha wakho ngamayeza okanye iipilisi ezinezondlo. *

  • Ukujima ngokuthi uhambe ukhawuleza, nokujima ngezinye iindlela kungakunceda ungasoloko ucinga ngezinto ezimbi. Xa ujima unokufumana ithuba lokucinga ngale ntlungu ukuze uyibeke endaweni yayo okanye ulibale ngayo.

UMGAQO: “Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo.”​—Efese 5:29.

3: LALA NGOKWANELEYO

  • Kubalulekile ukulala, kodwa kubaluleke ngakumbi xa umntu esentlungwini, kuba uye adinwe kakhulu kunakuqala.

  • Kulumkele ukubusela kakhulu utywala okanye into enecaffeine, kuba zisenokungakulalisi.

UMGAQO: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”​—INtshumayeli 4:6.

4: ZAMA UKUMELANA NEMEKO

  • Khumbula ukuba abantu baba buhlungu ngeendlela ezingafaniyo. Kuza kufuneka uyazi eyona nto ikusebenzelayo.

  • Abanye abantu bathi ukuthetha nabanye abantu kuyanceda, kodwa abanye bakhetha ukungathethi namntu. Iingcali azithethi nto inye ngendlela ekunceda ngayo ukuthetha nabanye abantu. Ukuba uyafuna ukuthetha nomntu ngendlela oziva ngayo kodwa ukufumana kunzima, usenokuqala kancinci ngokuthetha nomhlobo osondeleyo.

  • Abanye abantu bathi kuyanceda ukukhala, kodwa abanye baye bakwazi ukunyamezela nangona bengakhalanga kangako.

UMGAQO: “Intliziyo iyabuqonda ubukrakra bomphefumlo kabani.”​—IMizekeliso 14:10.

5: SUKWENZA IZINTO EZIZAKUKUFAKA ENGXAKINI

  • Abanye abantu baye bazame ukuzithuthuzela ngokusebenzisa kakubi iziyobisi okanye ngokusela kakhulu. Ukuzithuthuzela ngolu hlobo kuyonzakalisa. Nangona umntu esenokuziva bhetele ngelo xesha, loo nto ikhawuleza iphele kuze kulandele iingxaki. Zama iindlela ezingazukukwenzakalisa.

UMGAQO: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka.”​—2 Korinte 7:1.

6: LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA

  • Abanye abantu baye bazame ukungachithi lonke ixesha labo bezilile (becinga ngentlungu abakuyo), baze bamane bephumza ingqondo (besenza izinto ezibenza balibale ngentlungu yabo).

  • Unokuthuthuzeleka ngokuzenzela abahlobo abatsha, ngokuchitha ixesha nabo, ngokufunda izinto ezintsha okanye ngokuzonwabisa.

  • Njengoko ixesha lihamba, nezinto ziza kuya zitshintsha. Uza kubona ukuba ixesha lokwenza ezinye izinto liya lisiba lininzi, ibe uyathuthuzeleka.

UMGAQO: “Yonke into inexesha layo, . . . kukho ixesha lokulila nexesha lokuhleka; kukho ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudloba.”​—INtshumayeli 3:1, 4.

7: YENZA IZINTO NJENGESIQHELO

  • Ngokukhawuleza nje, yenza izinto ngendlela obuqhele ngayo.

  • Xa unexesha lokulala, lokusebenza nelokwenza ezinye izinto, uza kuphinda ukwazi ukwenza izinto ngendlela obuqhele ngayo.

  • Ukwenza izinto ezakhayo kungakunceda uthuthuzeleke.

UMGAQO: “Akayi kuyikhumbula imihla yobomi bakhe, ngenxa yokuba uThixo oyinyaniso umzalisa ngemihlali yentliziyo yakhe.”​—INtshumayeli 5:20.

8: SUKUKHAWULEZA WENZE IZIGQIBO EZIBALULEKILEYO

  • Abantu abaninzi abaye benza izigqibo ezibalulekileyo emva kokuswelekelwa, baye bazisola.

  • Ukuba kunokwenzeka, sukukhawuleza ufuduke kwindawo ohlala kuyo, utshintshe umsebenzi, ulahle okanye uphise ngezinto zomntu oswelekileyo.

UMGAQO: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.”​—IMizekeliso 21:5.

9: CINGA NGAYE

  • Abantu abaninzi bathi kuyanceda ukwenza izinto ezibenza bakhumbule umntu oswelekileyo.

  • Usenokuzithuthuzela ngokuqokelela iifoto okanye izinto ezikukhumbuza ngaye, okanye ubhale izinto ebenizenza kunye.

  • Gcina izinto ezikukhumbuza amaxesha amnandi, uze uzibuke xa uziva bhetele.

UMGAQO: “Khumbula iimini zakudala.”​—Duteronomi 32:7.

10: ZIKHUPHE

  • Khawukhe uzikhuphe.

  • Ukuba awukwazi ukuhamba ixesha elide, unokuzikhupha usuku okanye iintsuku ezimbini, wenze izinto ozithandayo njengokunyuka intaba, ukuya emyuziyam okanye uhambe ngemoto ubuka iindawo.

  • Ukwenza into nje encinci ongayiqhelanga kunokukuthuthuzela.

UMGAQO: “Yizani, nedwa kwindawo engasese, niphumle kancinane.”​—Marko 6:31.

11: NCEDA ABANYE ABANTU

  • Khumbula ukuba xa unceda abanye, loo nto iza kukunceda nawe uzive ubhetele.

  • Unokuqala ngokunceda abahlobo okanye izalamane ezibuhlungu ngenxa yalo mntu uswelekileyo.

  • Ukuthuthuzela nokuxhasa abanye kungakunceda wonwabe kwakhona uze ukhuthazeke.

UMGAQO: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

12: YENZA IZINTO EZIBALULEKILEYO KUQALA

  • Ukuba sentlungwini kungakunceda ukwazi ukubona ezona zinto zibalulekileyo.

  • Sebenzisa eli thuba ukuze ubone ukuba ziintoni ezibalulekileyo kuwe.

  • Ukuba ucinga ukuba kukho izinto ekufuneka uzitshintshe, zitshintshe.

UMGAQO: “Kulunge ngakumbi ukuya endlwini yokuzila kunokuya endlwini yesidlo, ngenxa yokuba oko kukuphela koluntu lonke; yaye ophilileyo ufanele akufake entliziyweni yakhe oku.”​—INtshumayeli 7:2.

Xa sithetha inyani, ayikho into eza kuyisusa ngokupheleleyo intlungu onayo. Kodwa ke, abantu abaninzi abaswelekelweyo bangatsho ukuba ukusebenzisa amacebiso akweli nqaku kuyathuthuzela. Ewe kona, akunakuthiwa aphelele apha amacebiso onokuwasebenzisa ukuze uzive bhetele. Kodwa ukuba uyawasebenzisa amanye awo, uza kubona ukuba uza kuthuthuzeleka.

^ isiqe. 13 UVukani! akakhuthazi hlobo luthile lonyango.