4 Ngaba Sasidalelwe Ukuba Sehlelwe Zizinto Ezibuhlungu?
Kutheni Kubalulekile Ukuba Siyazi Le Nto?
Ukwazi ukuba sasidalelwe ntoni kunokusinceda sibujonge ngenye indlela ubomi.
Khawucinge Ngoku
Yenzeka njani into yokuba uThixo odale izinto ezintle kangaka avumele ukuba kwenzeke izinto ezibuhlungu?
Ngenxa yezinto ezimbi ezenzekayo, abantu abangakholwayo baye bangaqiniseki nokuba uThixo ulungile, okanye ukhona. Bathi izinto ezibuhlungu ezenzekayo zibonisa ukuba (1) uThixo akanamandla okuziphelisa, (2) uThixo akakhathali, okanye (3) uThixo akekho.
Ngaba ezo zezona zizathu zokuba abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu?
FUNDA OKUNGAKUMBI
Bukela ividiyo ethi Sinokuqiniseka Njani Ukuba IBhayibhile Ithetha Inyani? Ku-jw.org/xh.
Ithini IBhayibhile?
UThixo wayengasidalelanga ukuba sehlelwe zizinto ezibuhlungu.
Ufuna siphile ubomi obumnandi.
“[Abantu] ayikho into ebalungele ngaphezu kokuvuya nokwenza okulungileyo ngoxa besaphila, kwanokuba wonke umntu ufanele atye, asele aze onwabe ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INTSHUMAYELI 3:12, 13.
UThixo wanika abantu bokuqala ababini yonke into abayidingayo ukuze bangehlelwa zizinto ezibuhlungu.
Wayengafuni ukuba bona nabantwana babo behlelwe zizinto ezibuhlungu.
“Wabasikelela waza wathi kubo: ‘Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.’”—GENESIS 1:28.
Abantu ababini bokuqala bakhetha ukungamthobeli uThixo.
Ngenxa yaloo nto, bona nabantwana babo behlelwa zizinto ezibuhlungu.
“Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono.”—ROMA 5:12. *
UThixo zange asidalele ukuba siziphathe.
Njengokuba kungenokwenzeka ukuba abantu baphile phantsi kwamanzi, ayinokwenzeka into yokuba abantu bazilawule.
“Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”—YEREMIYA 10:23.
UThixo akafuni sehlelwe zizinto ezibuhlungu.
Ufuna siziphephe ngandlela zonke iingxaki.
“Ukuba nje ubungayimamela imiyalelo yam! Uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo.”—ISAYA 48:18.
^ isiqe. 17 EBhayibhileni igama elithi isono alithethi njee ngento embi eyenziwayo ngabantu, kodwa lithetha nangento abantu abazalwa nayo.