Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okulungileyo Nokungalunganga: Icebiso LeBhayibhile Linokusinceda

Okulungileyo Nokungalunganga: Icebiso LeBhayibhile Linokusinceda

Jonga izinto ezine abantu abaninzi abaye babona kuzo ukuba amacebiso eBhayibhile ayasebenza futhi anokuthenjwa.

1. Umtshato

Abantu bawubona ngeendlela ezahlukeneyo umtshato nezinto umntu ekufuneka azenze ukuze onwabe emtshatweni.

IBHAYIBHILE ITHI: “Ngoko ke, ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda; kwelinye icala, umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.”​—Efese 5:33.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: NguThixo owaqalisa ilungiselelo lomtshato, uyayazi into efunekayo ukuze abantu abatshatileyo bonwabe. (Marko 10:​6-9) Xa indoda imkhathalele umfazi wayo nomfazi eyikhathalele indoda yakhe ngaphezu kokuba bezikhathalele bona, baza konwaba. Indoda emthandayo umfazi wayo iza kuyibonakalisa loo nto ngendlela emphatha kakuhle ngayo. Umfazi omhloniphayo umyeni wakhe uyibonakalisa loo nto ngendlela athetha kakuhle ngayo naye nangendlela amxhasa ngayo.

ICEBISO LEBHAYIBHILE LIYASEBENZA: UQuang noThi baseVietnam babecinga ukuba soze bonwabe emtshatweni. Amaxesha amaninzi uQuang wayengenabubele. Uthi: “Amaxesha amaninzi ndandingayikhathalelanga indlela awayeziva ngayo uThi futhi ndandimjongisa.” UThi wafuna badivose. Wathi: “Ndandivakalelwa kukuba ndandingenakukwazi ukuphinda ndimthembe ndize ndimhloniphe umyeni wam.”

Ekuhambeni kwexesha uQuang noThi bafunda oko kufundiswa yiBhayibhile baza basebenzisa amaEfese 5:33 emtshatweni wabo. uQuang uthi “Le vesi indincede ndabona ukubaluleka kokumphatha ngobubele uThi, ndimenze azive ethandwa ndimkhathalele ndize ndimnike nezinye izinto azidingayo. Xa ndisenza loo nto uye andithande aze andihloniphe.” U-Thi yena uthi, “Ngokuye ndisebenzisa amaEfese 5:33 ndize ndibonise umyeni wam intlonipho, naye uye andenze ndizive ndithandwa, ndikhuselekile kwaye ndiseluxolweni.”

Ukuze ufunde okungakumbi ngomtshato, funda UVukani! No. 2 2018, onomxholo othi “Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho” ku-jw.org/xh.

2. Indlela Yokuphatha Abanye Abantu

Amaxesha amaninzi abantu babaphatha kakubi abanye ngenxa yohlanga, indlela abajongeka ngayo, ilizwe, unqulo okanye ngenxa yabantu abatsaleleke kubo ngokwesondo.

IBHAYIBHILE ITHI: “Yibani nembeko kumntu wonke.”​—1 Petros 2:17.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: IBhayibhile ayikhuthazi ubuhlanga, ukucaphukela abantu kuba bengamafanasini okanye ukucaphukela abantu bamanye amazwe. Kunoko, ikhuthaza ukuba sihloniphe bonke abantu enoba ngaboluphi uhlanga, ilizwe okanye indlela abajongwa ngayo ekuhlaleni. (IZenzo 10:34) Enoba asivumelani nezinto abazikholelwayo okanye indlela abazenza ngayo izinto sinako ukubaphatha ngobubele size sibahloniphe.​—Mateyu 7:12.

ICEBISO LEBHAYIBHILE LIYASEBENZA: UDaniel wafundiswa ukuba abajonge abantu baseAsia njengabantu abayingozi elizweni lakhe. Wayecaphukela wonke umntu ovela eAsia, ngamanye amaxesha wayevele abathuke athethe nabo kakubi esidlangalaleni. UDaniel wayesithi xa ezithethelela “Ndixhasa ilizwe lam”. Uphinde athi, “Zange ndiyicinge ukuba indlela endicinga nendizenza ngayo izinto irongo.”

UDaniel waye wafunda oko kufundiswa yiBhayibhile. Uthi, “Kwafuneka nditshintshe indlela endicinga ngayo, kwafuneka ndibajonge abantu ngendlela uThixo abajonga ngayo​—ndiyazi ukuba sonke siyafana enokuba singabantu baphi” Ngoku uDaniel uchaza indlela aye azive ngayo xa edibana nabantu. Uthi: “Amaxesha amaninzi andiye ndicinge ukuba bavela phi. Ndithanda abantu bazo zonke iintlanga yaye ndinabahlobo emhlabeni wonke.”

Funda okungakumbi kuVukani! No. 3 2020, onomxholo othi “Ngaba Umkhethe Ungaze Uphele?” ku-jw.org/xh.

3. Imali

Ukuze bonwabe baze babe nekamva elibhetele abantu abaninzi bafuna ubutyebi.

IBHAYIBHILE ITHI: “Kuba ubulumko buyakhusela njengokuba nemali ikhusela; kodwa nantsi into olunceda ngayo ulwazi: Ubulumko bumgcina ephila lowo unabo.”​—INtshumayeli 7:12.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Yona imali siyayidinga kodwa ayisosiqinisekiso sokuba siza konwaba okanye sibe nobomi obubhetele. (IMizekeliso 18:11; 23:​4, 5) Kunoko ulonwabo lwamanyhani nekamva eliqinisekileyo lufumaneka xa sisebenzisa ubulumko bukaThixo obuseBhayibhileni.​—1 Timoti 6:​17-19.

ICEBISO LEBHAYIBHILE LIYASEBENZA: Indoda yaseIndonesia enguCardo yayithanda ubutyebi. Uthi, “Ndandinazo zonke izinto abantu ababezifuna, ndandihambahamba ndize ndithenge izinto zexabiso, iimoto nezindlu.” Zange kube kudala imali yaphela. UCardo uthi, “Ndarojwa imali endandiyisebenzele nzima kangangeminyaka, yaba nguqhwanya kwelihlo ukuphela kwayo. Ubomi bam ndibuchithe ndifuna ubutyebi kodwa eyona nto ndayifumanayo ekugqibeleni ziimvakalelo zokuziva kungekho yam ibe ndiphoxekile.

UCardo waqalisa ukusebenzisa icebiso leBhayibhile ngemali. Ngoku akasazihluphi ngokufuna ubutyebi kunoko ukhetha ukuphila ubomi obulula. Uthi, “Ngoku ndivakalelwa kukuba ndinobutyebi bokwenene kuba ndinobuhlobo obuhle noThixo. Ndonwabe nyani, ebusuku ndilala obehlayo.”

Ukuze ufumane okungakumbi ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngemali, funda inqaku elithi “Ngaba imfundo nemali zingakwazi ukusinika ikamva eliqinisekileyo?” kwiMboniselo No. 3 2021, ku-jw.org/xh.

4. Isondo

Abantu bathetha izinto ezahlukeneyo xa kufikelelwa kwinto eyamkelekileyo ngesondo.

IBHAYIBHILE ITHI: “Nikuphephe ukuziphatha kakubi ngesondo. Ngamnye wenu umele akwazi ukulawula umzimba wakhe, ukuze awugcine ungcwele yaye unesidima, anganyolukeli isondo ngendlela engalawulekiyo njengokuba zisenza iintlanga ezingamaziyo uThixo.”​—1 Tesalonika 4:​3-5.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: IBhayibhile inemida ngendlela esimele siyibonakalise ngayo iminqweno yethu yesondo. “Ukuziphatha kakubi ngesondo” kuquka ukukrexeza, ukuthengisa ngomzimba, ukulalana kwabantu abangatshatanga, amadoda alala amanye amadoda okanye amabhinqa alala amanye amabhinqa, kunye nokulala komntu nesilwanyana. (1 Korinte 6:​9, 10) Ukwabelana ngesondo sisipho esivela kuThixo asenzele indoda nomfazi abatshate kunye.​—IMizekeliso 5:​18, 19.

ICEBISO LEBHAYIBHILE LIYASEBENZA: UKylie waseAustralia uthi: “Njengomntu ongatshatanga ndandicinga ukuba ukwabelana nomntu ngesondo kuza kundenza ndizive ndithandwa futhi ndikhuselekile. Endaweni yaloo nto ndavele ndaziva ndingakhuselekanga ibe ndiphoxekile.”

Emva kwexesha uKylie wafunda waza wenza into efundiswa yiBhayibhile ngesondo. Uthi, “Ndiyabona ukuba imigaqo kaThixo ikho ukuze isincede singaziva buhlungu size sikhathazeke” uphinde athi, “Ngoku ndinomyeni ibe ndiziva ndithandwa futhi ndikhuselekile ngenxa yokwenza izinto ngendlela uYehova afuna sizenze ngayo. Ukuphila ngamacebiso eBhayibhile kundikhusele ekubeni nentliziyo ebuhlungu!”

Ukuze ufunde okungakumbi, funda inqaku elinomxholo othi “Ithini iBhayibhile ngokuhlalisana?” ku-jw.org/xh.

Umdali wethu usinceda siyazi into elungileyo nengalunganga. Nangona kungasoloko kulula ukuthobela oko akutshoyo kusoloko kusinceda. Sinokuqiniseka ukuba siza konwaba ixesha elide.