INQAKU ELIFUNDWAYO 22
INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo
Ninokuthandana Njani Ngendlela Ezukisa UYehova?
‘Ubuhle benu mabubonakale ngendlela eniyiyo entliziyweni, kuba loo nto ixabiseke kakhulu.’—1 PET. 3:4.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngento enokwenziwa ngabantu abathandanayo ukuze bazukise uYehova, nendlela amanye amaKristu anokubanceda ngayo.
1-2. UTsion noAlessio bathini xa bethetha ngokuthandana?
UKUTHANDANA kunokuba yinto emnandi neyonwabisa nyhani. Ngokuqinisekileyo, ukuba uyathandana ufuna izinto zinihambele kakuhle. Kuye kwenzeke loo to kanye kubantu abaninzi abathandanayo. Omnye udade wase-Ethiopia, uTsion, a uthi: “Elinye lawona maxesha ayemnandi nyhani ebomini bam kuxa mna nomyeni wam sasisathandana. Sasincokola ngezinto ezibalulekileyo, kodwa sasihleka nokuhleka. Ndonwaba nyhani xa ndandibona ukuba kukho umntu endimthandayo nondithandayo.”
2 Sekunjalo, omnye umzalwana waseNetherlands, uAlessio, uthi: “Ukuya ndimazi umfazi wam xa sasithandana kwakumnandi nyhani, kodwa zazikhona neengxaki.” Kweli nqaku siza kuthetha ngeengxaki ezinokuvela xa abantu bethandana, nangeminye imigaqo yeBhayibhile enokubanceda benze izigqibo ezifanelekileyo. Siza kuthetha nangendlela amanye amaKristu anokubanceda ngayo.
ISIZATHU SOKUBA ABANTU BATHANDANE
3. Siyintoni isizathu sokuba abantu bathandane? (IMizekeliso 20:25)
3 Ngoxa kumnandi ukuthandana, kuphinda kubaluleke kuba kukhokelela ekubeni abantu batshate. Xa abantu ababini betshata, bafunga phambi koYehova besithi baza kuthandana baze bahloniphane logama nje beza kube bephila kunye. Ngaphambi kokuba senze nasiphi na isifungo simele sicingisise kakuhle ngento esifunga ukuba siza kuyenza. (Funda iMizekeliso 20:25.) Kunjalo ke nangesifungo somtshato. Ukuthandana kunceda abantu bazane kakuhle, bakwazi nokwenza isigqibo esifanelekileyo. Eso sigqibo iba kukutshata, kanti ngamanye amaxesha iba kukwahlukana. Ukwahlukana kwabo akuthethi kuthi benze into engafanelekanga. Kodwa ukuthandana kuwenzile umsebenzi wako; kubancede benza isigqibo esifanelekileyo.
4. Kutheni simele sisikhumbule isizathu sokuba abantu ababini bathandane?
4 Kubalulekile ukuba abantu abangekatshati bakhumbule ukuba isizathu sokuba abantu bathandane kukufuna ukubona ukuba bangatshata na. Le nto ithetha ukuba umntu akazuthandana nomntu aziyo ukuba akasoze amtshate. Ayingobantu abangatshatanga kuphela ekufuneka bayikhumbule le nto, kodwa ngawo onke amaKristu. Ngokomzekelo, abanye bacinga ukuba xa abantu bethandana bamele batshate. Le nto iwenza azive njani amaKristu angatshatanga? Omnye udade ongatshatanga waseUnited States, uMelissa, uthi: “Xa umzalwana nodade bethandana, amanye amaNgqina alindele ukuba batshate. Loo nto yenza ukuba abanye abantu baqhubeke bethandana ngoxa bebona ukuba ayizukusebenza le nto yabo. Abanye baye bakubaleke ngawo omane ukuthandana. Le nto inokubenza bangakhululeki.”
MAZI KAKUHLE UMNTU OTHANDANA NAYE
5-6. Ziintoni omele uzazi ngomntu othandana naye? (1 Petros 3:4)
5 Xa nithandana, yintoni eza kuninceda nigqibe ukuba niza kutshata na okanye nimele nahlukane? Mazi kakuhle umntu othandana naye. Kusenokwenzeka ukuba zikhona izinto obuzazi ngalo mntu ngaphambi kokuba nithandane. Kodwa ngoku uza kubona into ‘ayiyo entliziyweni.’ (Funda u-1 Petros 3:4.) Le nto ithetha ukuba uza kumazi ukuba umthanda kangakanani uYehova, wazi ubuntu bakhe nendlela acinga ngayo. Ekuhambeni kwexesha ufanele ukwazi ukuphendula imibuzo enjengale: ‘Ngaba ndingatshata nalo mntu?’ (IMize. 31:26, 27, 30; Efe. 5:33; 1 Tim. 5:8) ‘Ngaba ndinokumthanda ndize ndimhoye ngendlela ayifunayo aze naye abe njalo kum? Ngaba ndiza kukwazi ukuzinyamezela iimpawu zakhe ezingathandekiyo?’ b (Roma 3:23) Njengoko nisiya nisazana, nantsi into emaniyikhumbule: Eyona nto ibalulekileyo ayikokuba nifana kangakanani, kodwa kukuba ninokukwazi na ukunyamezelana.
6 Zeziphi ezinye izinto omele uzazi ngomntu othandana naye? Ningekabi naxesha lide nithandana, nisenokuthetha ngezinto ezibalulekileyo ezifana nokuba ziintoni ngamnye wenu azimisele ukuzenza kwixesha elizayo. Ngaba nimele nithethe nangezinto ezifana nempilo, ingxaki yemali okanye ngezinto ezibuhlungu ezikhe zenzeka komnye wenu? Akunyanzelekanga ukuba nithethe ngazo zonke ezi zinto nisaqala nje ukuthandana. (Thelekisa uYohane 16:12.) Ukuba awukakulungeli ukuziphendula ezinye izinto azibuzayo ngawe umntu othandana naye, mxelele. Kodwa ekuhambeni kwexesha kuza kufuneka azazi ukuze akwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo. Le nto ithetha ukuba ekugqibeleni kuza kufuneka azi yonke into ngawe.
7. Ziintoni abanokuzenza abantu abathandanayo ukuze bazane? (Jonga ibhokisi ethi “ Xa Umntu Othandana Naye Ehlala Kude.”) (Jonga nemifanekiso.)
7 Yintoni onokuyenza ukuze umazi kakuhle umntu othandana naye ukuba ngumntu onjani? Enye yezona zinto onokuzenza kukuthetha phandle, unyaniseke kuye, umbuze imibuzo uze ummamele kakuhle. (IMize. 20:5; Yak. 1:19) Mhlawumbi ninokuzenza kunye izinto eziza kwenza kube lula ukuba nincokole, njengokutya, ukuhamba nithe chuu kwiindawo ezinabantu nokushumayela. Enye into enokuninceda nazane kakuhle kuxa nikunye nabahlobo neentsapho zenu. Ninokwenza nezinto eziza kunenza nibone ukuba ngamnye kuni uba njani kwezinye iimeko naxa nikunye nabantu abahlukahlukeneyo. Khawuve into awazama ukuyenza uAschwin wase Netherlands. Xa ethetha ngexesha laxa wayesathandana noAlicia uthi: “Sasiye senze izinto ezaziza kusinceda sazane. Yayidla ngokuba zizinto ezilula, njengokupheka nokwenza eminye imisebenzi kunye. Loo nto yayinceda ngamnye wethu abone ukuba zeziphi iimpawu ezintle anazo omnye, nezinto angazenzi kakuhle.”
8. Ukufunda kunye kunokubanceda njani abantu abathandanayo?
8 Enye into enokuninceda nazane kukufunda kunye ngezinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Kaloku xa nitshatile kuza kufuneka nibe nexesha lokwenza unqulo lwentsapho, ukuze uThixo abe ngoyena ubalulekileyo emtshatweni wenu. (INtshu. 4:12) Ngoko kutheni ningazibekeli ixesha lokufunda kunye kwangoku nisathandana? Kakade ke, abantu abathandanayo abakabi yontsapho, nomzalwana akakabi yiyo intloko kadade. Kodwa xa nifunda kunye qho, ngamnye wenu unokutsho abone ukuba omnye umthanda kangakanani uYehova. Ikhona nenye into eyanceda uMax noLaysa baseUnited States. UMax uthi: “Sisaqala ukuthandana safunda iincwadi ezithetha ngokuthandana, umtshato nobomi bentsapho. Ezo ncwadi zasinceda sakwazi ukuthetha ngezinto ezininzi ezibalulekileyo esasingenakukwazi ukusuka nje sincokole ngazo.”
EZINYE IZINTO ENINOKUCINGA NGAZO
9. Zeziphi izinto abanokucinga ngazo abantu xa begqiba ukuba baza kuxelela bani ukuba bayathandana?
9 Ngoobani enimele nibaxelele ukuba niyathandana? Nini abaza kugqiba ngaloo nto. Xa nisaqala ukuthandana nisenokuxelela abantu abambalwa. (IMize. 17:27) Loo nto inokwenza ningabuzwa imibuzo emininzi, ningaziva ninyanzelekile nokuba nikhawuleze nenze isigqibo. Kodwa ukuba anixeleli mntu, ninokuphela nizikhetha ebantwini, nisoyika ukuba into yenu iza kwaziwa. Inokunifak’ engxakini ke loo nto. Ngoko nakube nenza kakuhle xa nixelela abantu abanokunicebisa nabanokuninceda. (IMize. 15:22) Ngokomzekelo ninokuxelela abanye abantu bakowenu, abahlobo abamthandayo uYehova okanye abadala.
10. Yintoni abanokuyenza abantu abathandanayo ukuze indlela abathandana ngayo ihlale izukisa uYehova? (IMizekeliso 22:3.)
10 Yintoni eninokuyenza ukuze indlela enithandana ngayo ihlale izukisa uYehova? Njengoko nisiya nithandana, omnye uza kuya esiba nomdla kakhulu komnye. Yintoni enokuninceda ningenzi nantoni na angayithandiyo uYehova? (1 Kor. 6:18) Kulumkeleni ukuncokola ngezinto ezingcolileyo, ukuba kwindawo engenabantu nokusela kakhulu. (Efe. 5:3) Ezo zinto zinokunenza nikufune ngamandla ukwabelana ngesondo, kuze kube nzima ukwenza into elungileyo. Ngoko nakube nilumkile ukuba nihlala nincokola ngezinto enimele nizenze ukuze indlela enithandana ngayo izukise uYehova. (Funda iMizekeliso 22:3.) Khawuve ukuba bancedwa yintoni uDawit noAlmaz base-Ethiopia. Bathi: “Sasiba kunye kwiindawo ekukho abantu abaninzi kuzo, okanye sibe kunye nabahlobo bethu. Kwakungenzeki sibe sodwa emotweni okanye endlini. Loo nto yayisinceda singabi kwiimeko ezinokusenza singaziphathi kakuhle.”
11. Ziintoni abamele bacinge ngazo abantu abathandanayo xa bekhetha iindlela abaza kubonisana ngazo ukuba bayathandana?
11 Ngaba abantu abathandanayo bamele bazenze izinto ezibonisa ukuba bayathandana? Njengoko besiya bethandana, banokukhetha ukuzenza ezinye zazo, kodwa ezifanelekileyo. Ukuba iminqweno yokwabelana ngesondo iya ikhula, kusenokuba nzima ukucinga ngendlela efanelekileyo ngomnye. (INgoma 1:2; 2:6) Ukwenza izinto ezibonisa ukuba niyathandana kunokwenza kube nzima ukuzibamba, nize nenze into angayithandiyo uYehova. (IMize. 6:27) Ngoko nisand’ ukuqala nje ukuthandana, ncokolani ngemigaqo yeBhayibhile, nezinto eniza kuzenza neningazukuzenza. c (1 Tes. 4:3-7) Zibuzeni le mibuzo: ‘Xa sisenza ezi zinto, baza kuthini abantu kwindawo esihlala kuyo? Ngaba zinokwenza omnye wethu abe nomnqweno wokwabelana ngesondo?’
12. Yintoni abamele bayicinge ngeengxaki nangezinto abasenokungavumelani ngazo abantu abathandanayo?
12 Ninokuzilungisa njani iingxaki? Niza kuthini xa nimana ningavumelani ngezinto? Ngaba loo nto ithetha ukuthi anifanelananga? Isenokungathethi loo nto, kuba bonke abantu abathandanayo kukhe kubekho izinto abangavumelani kuzo. Kaloku umtshato uzinza xa indoda nomfazi behloniphana, futhi ngamnye kubo ekulungele ukuyekelela. Ngoko indlela enizilungisa ngayo iingxaki ngoku nisathandana, isenokubonisa ukuba umtshato wenu uza kuba njani. Ngoko zibuzeni le mibuzo: ‘Xa silungisa izinto, ngaba siyazola futhi sihloniphane? Ngaba siyavuma xa siphazamile size sizame ukulungisa? Ngaba siyakhawuleza ukuyekelela, ukuxolisa nokuxolela?’ (Efe. 4:31, 32) Kodwa ukuba ngoku nisathandanayo nisoloko ningavumelani okanye nixambulisana, kusenokuba njalo naxa nitshatile. Xa nibona ukuba anifanelani, esona sigqibo sinokuninceda nobabini, kukwahlukana. d
13. Xa abantu begqiba ukuba baza kuthandana ixesha elingakanani, ziintoni abamele bacinge ngazo?
13 Nimele nithandane ixesha elingakanani? Xa singaziphi ixesha elaneleyo lokucinga ngesigqibo esimele sisenze, izinto zidla ngokungahambi kakuhle. (IMize. 21:5) Ngoko nimele nithandane de nazane kakuhle. Sekunjalo, animele nithandane ixesha elide ngokungeyomfuneko. IBhayibhile ithi: “Ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo.” (IMize. 13:12) Enye into, xa nisiya nichitha ixesha kunye kuza kuya kusiba nzima ukuzibamba. (1 Kor. 7:9) Endaweni yokucinga kakhulu ngokuba sekulixesha elingakanani nithandana, unokuzibuza, ‘Yintoni ekusafuneka ndiyazi ngalo mntu ukuze ndikwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo?’
ABANYE BANOKUBANCEDA NJANI ABANTU ABATHANDANAYO?
14. Zeziphi iindlela abanye abanokubanceda ngazo abantu abathandanayo? (Jonga nomfanekiso.)
14 Sinokubanceda njani abantu esibaziyo ukuba bayathandana? Sinokubamema ukuba batye nathi, senze unqulo lwentsapho nabo okanye sizonwabise nabo. (Roma 12:13) Ezo zinto zinokubenza bazane nakakhulu. Ngaba badinga impelesi, imoto abaza kuhamba ngayo okanye indawo abaza kuncokola izinto zabo kuyo? Ukuba badinga ezi zinto, ngaba singakwazi ukubanceda? (Gal. 6:10) UAlicia ekuthethwe ngaye kwisiqendu 7 ukhumbula into yena noAschwin abayithandayo. Uthi: “Savuya kakhulu xa abanye abazalwana noodade bathi singaya emakhayeni abo xa sidinga ukuba kunye kwindawo enabantu.” Xa uceliwe ukuba ube yimpelesi, loo nto yijonge njengenyhweba oyinikwayo yokunceda abahlobo bakho. Mabahlale bekwindawo obabonayo kuyo, kodwa ukwazi nokubona xa bedinga ixesha lokuthetha izinto zabo abangenakuthanda uzive.—Fil. 2:4.
15. Yeyiphi enye into abanokuyenza abanye ukuze bancede abantu abathandanayo? (IMize. 12:18)
15 Abantu abathandanayo sinokubanceda nangezinto esizithethayo okanye esingazithethiyo. Ngamanye amaxesha kusenokufuneka sizibambe. (Funda iMizekeliso 12:18.) Ngokomzekelo, xa siye seva ukuba umzalwana nodade bayathandana, sisenokufuna ukuyibalisa loo nto, babe bona befuna ibe ngabo abaxelela abantu ngayo. Masingabahlebi abantu abathandanayo okanye sibagxeke ngezinto zabo ezingasifuniyo. (IMize. 20:19; Roma 14:10; 1 Tes. 4:11) Basenokungayithandi nento yokuba sithethe izinto okanye sibabuze imibuzo ebenza bazive benyanzelekile ukuba batshate. Udade onguElise nomyeni wakhe bathi, “Sasiba neentloni xa abantu besibuza ngamalungiselelo ethu omtshato, ngoxa thina sasingekancokoli nokuncokola ngaloo nto.”
16. Yintoni esinokuyenza xa abantu abathandanayo besohlukana?
16 Yintoni esimele siyenze xa abantu abathandanayo begqiba ekubeni bohlukane? Simele sikulumkele ukubabuza ngezinto ezingasifuniyo okanye sithath’ icala. (1 Pet. 4:15) Omnye udade onguLea uthi: “Ndeva ukuba abanye bathetha izinto abacinga ukuba zindenze ndohlukana nomzalwana endandithandana naye. Yayindikhathaza kakhulu ke loo nto.” Njengokuba besitshilo ekuqaleni, xa abantu abathandanayo besohlukana, akuthethi kuthi benze into engafanelekanga. Idla ngokubonisa ukuba ukuthandana kwabo kubancede benza isigqibo esifanelekileyo. Kusenokwenzeka ukuba eso sigqibo sibashiye bebuhlungu, sabenza babona ngathi babodwa. Ngoko sinokufuna iindlela zokubathuthuzela.—IMize. 17:17.
17. Yintoni abamele baqhubeke beyenza abantu abathandanayo?
17 Njengokuba sesivile, ukuthandana kunokuba mnandi, kodwa kunokuba nazo neengxaki. UJessica uthi: “Xa ndithetha inyani, ukuthandana kwakusenza sisebenze nzima, kodwa kwakumnandi ukusebenzisa ixesha namandla ethu ukuze sazane kakuhle.” Ukuba niyathandana, qhubekani nisebenzela ukuba nazane kakuhle. Xa nisenza loo nto, ukuthandana kwenu kuza kuninceda nenze isigqibo esifanelekileyo.
INGOMA 49 Masivuyise Intliziyo KaYehova
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Eminye imibuzo onokucinga ngayo unokuyifumana kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, iphe. 39-40.
c Ukuphulula amalungu esondo omnye umntu kukuziphatha kakubi ngesondo okufuna abadala bamisele ikomiti egwebayo. Kwenzinye iimeko, ukuphulula amabele nokubhalelana ngezinto ezingcolileyo okanye ukuncokola ngazo ngefowuni kunokufuna ikomiti egwebayo.
d Ukuze uve ezinye izinto, jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Agasti 15, 1999.