Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Bobuphi obunye ubungqina ngaphandle kobu buseBhayibhileni obubonisa ukuba amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa?

IBhayibhile ithi emva kokuba uYosefu esiwe ngamaMidiyan eYiputa, uYakobi nentsapho yakhe bemka kwaKanan baya eYiputa. Bahlala eGoshen, kufutshane nomlambo umNayile. (Gen. 47:1, 6) AmaSirayeli “anda aba maninzi kakhulu.” Ngenxa yaloo nto, amaYiputa awoyika aza awenza amakhoboka.​—Eks. 1:7-14.

Namhlanje, kukho abantu abahlekisayo ngeli bali liseBhayibhileni, besithi liyintsom’ emini. Kodwa bukhona ubungqina obubonisa ukuba amaSemite * ayengamakhoboka eYiputa.

Ngokomzekelo, abembi bezinto zakudala bafumana iindawo ekwakuhlalwa kuzo kumantla eYiputa. UGqr. John Bimson uthi iindawo eziyi-20 nangaphezulu zazihlala amaSemite. UJames K. Hoffmeier, ofunde ngembali yezinto zaseYiputa uthi: “Ukususela ngo-1800 ukuya kutsho ngo-1540 B.C., amaSemite awayehlala entshona Asia ayekuthanda ukufudukela eYiputa.” Uphinda athi: “Oosolusapho babephila ngale minyaka, nezinto ekuthethwa ngazo kwiGenesis zenzeka ngale minyaka.”

Obunye ubungqina bufumaneka kumazantsi eYiputa. Kwafunyanwa umpapiri ekuqikelelwa ukuba wabhalwa phakathi kuka-2000 no-1600 B.C.E. Kulo mpapiri, kwakubhalwe amagama ezicaka ezazisebenza kwindlu ekumazantsi eYiputa. Amagama angaphezu kwe-40 ayebhalwe ngolwimi lwamaSemate. La makhoboka ayepheka, amanye ethunga, ibe amanye ayesenza eminye imisebenzi. UHoffmeier uthi: “Kuba kwakukho amaSemate angaphezu kwe-40 asebenza kwindlu enye ekumazantsi eYiputa, ngokuqinisekileyo ayekhona namanye amaninzi eYiputa, ingakumbi kufutshane nomlambo umNayile.”

Umembi wezinto zakudala, uDavid Rohl uthi amanye amagama ezicaka zaseYiputa “ayefana namagama abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.” Ngokomzekelo, amanye amagama akulo mpapiri asondele kwigama likaIsakare, uAshere noShifra. (Eks. 1:3, 4, 15) URohl ugqibezela ngokuthi: “Le nto ibonisa ukuba nyhani amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa.”

UGqr. Bimson uthi: “Ziyavakala izizathu zokuba siqiniseke ukuba amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa ngaphambi kokuba ayishiye.”

^ isiqe. 4 Igama elithi Semite livela komnye woonyana bakaNowa abathathu, uShem. Ezinye iintlanga ezikwisizukulwana sikaShem ngamaElam, ama-Asiriya, amaKhaledi, amaHebhere, amaSiriya namaArabhu ahlukahlukeneyo.