IBALI LOBOMI
Ndafumana Into Ebhetele Kunokuba Ngugqirha
“LE NTO nindixelela yona yinto endayifuna ndisengumntwana!” Le yinto endayithetha ndonwabile kwindoda nomfazi wayo ababeze kwikliniki endandisand’ ukuyivula ngo-1971 ukuqala kwam ukuba ngugqirha. Yayingoobani aba, iyintoni le kwakudala ndiyifuna? Makhe ndikubalisele ukuba kutheni into abandixelela yona yatshintsha izinto ezazibalulekile ebomini bam, nokuba kutheni ndikholelwa ukuba le nto ndandiyifuna ndisengumntwana seyiza kwenzeka.
Ndazalelwa eParis, eFransi, ngo-1941. Ekhaya sasingenamali kangako. Ndandikuthanda ukufunda, kodwa xa ndandina-10 ndaba neTB, kwafuneka khe ndiyeke esikolweni. Oogqirha bathi kufuneka ndihlale ndisebhedini ukuze imiphunga yam ingadinwa. Kwezo nyanga, ndandifunda isichazi-magama ndimamela neenkqubo zezifundo zeUniversity of Paris kwiRadio Sorbonne. Mhla ugqirha wam wandixelela ukuba ndiphilile ndingabuyela esikolweni, ndavuya kakhulu. Ngaphakathi ndathi, ‘Ndiyayithanda into eyenziwa ngoogqirha.’ Ukuqala ngelo xesha, ndafuna ukunyanga abantu abagulayo. Qho xa utata endibuza ukuba ndifuna ukwenzani xa ndimdala, ndandisithi, “Ndifuna ukuba ngugqirha.” Ngoko ukuba ngugqirha kwaba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam.
ISAYENSI YANDENZA NDAQINISEKA UKUBA UKHONA UTHIXO
Ekhaya sasingamaKatolika. Ndandingamazi kangako uThixo futhi ndandinemibuzo emininzi eyayingaphenduleki. Ndaqala ukuqiniseka ukuba ubomi badalwa ukufika kwam eyunivesithi ndiye kufundela ukuba ngugqirha.
Ndikhumbula xa ndandiqala ukujonga iseli yesityalo ngemikroskophu. Yandimangalisa indlela ezikhusela ngayo kubushushu. Ndabona nokuba icytoplasm engaphakathi kwiseli iyancipha xa idibene netyiwa ize ibe nkulu xa idibene namanzi. Indlela esebenza ngayo iseli yenza izinto ezincinci eziphilayo zikwazi ukuphila phantsi kweemeko ezahlukahlukeneyo. Ndathi xa ndibona le ndlela imangalisayo zenziwe ngayo iiseli, ndaqiniseka ukuba ubomi abuzanga ngamabona-ndenzile.
Kunyaka wesibini ndifundela ukuba ngugqirha, ndabona ezinye izinto ezandenza ndaqiniseka nyhani ukuba uThixo ukhona. Xa sasifunda ngomzimba womntu, safunda ngendlela ingalo, ukusuka engqinibeni ukuya ezantsi, ekwazi ngayo ukwenza iminwe igobe okanye ime nkqo. Indlela izihlunu nemisipha edibana ngayo namathambo, nendlela ezisebenzisana ngayo zonke ezi zinto, iyamangalisa. Ngokomzekelo, ndabona ukuba imisipha edibanisa esinye sezihlunu zengalo nethambo lesibini lomnwe yahlukana kubini, yenze into efana nebhulorho ekungena kuyo imisipha eya apho iphela khona iminwe. Le misipha yomeleleyo ihlala ikufutshane namathambo eminwe. Ukuba iminwe yethu ibingadalwanga ngale ndlela, ibingazukusebenza kakuhle kuba imisipha ibiza kuqina ime nkqo. Le nto yandenza ndaqiniseka ukuba umzimba womntu udalwe ngoyena Mntu usisilumko.
Ndaya ndimthanda uMdali xa ndandifunda ngendlela usana oluqala ngayo ukuziphefumlela emva kokuzalwa kwalo. Ndafunda ukuba xa usana lusesesibelekweni lufumana ioksijini kumama walo. Ngelo xesha izingxotyana zomoya ezikwimiphunga yalo azikabi nawo umoya. Kwiiveki ezimbalwa ngaphambi kokuba luzalwe, ngaphakathi kwezi zingxotyana kubakho into engamanzi. Xa luzalwa, luqala ukuziphefumlela, kwenzeka izinto ezininzi ezimangalisayo. Umngxuma okwintliziyo yalo uyavaleka lize igazi liye kwimiphunga. Ngenxa yento engathi ngamanzi, izingxotyana ezikwimiphunga zikhawuleza zigcwale ngumoya. Emva kwayo yonke loo nto, usana luyaziphefumlela.
Ndafuna ukwazi uMntu odale ezi zinto zimangalisa ngolu hlobo, ngoko ndaqala ukufundisisa iBhayibhile ukuze ndiyazi kakuhle into eyithethayo. Ndamangaliswa yimithetho yempilo uThixo awayinika amaSirayeli kwiminyaka engaphezu kweyi-3 000 eyadlulayo. Wawayalela ukuba aligqumelele ilindle lawo, ahlambe qho ngamanzi aze amhlalise yedwa umntu oneempawu zesifo esosulelayo. (Lev. 13:50; 15:11; Dut. 23:13) IBhayibhile yathetha kudala ngendlela ezosulela ngayo izifo, kodwa oososayensi bona baqale ukuyazi loo nto kule minyaka iyi-150 idlulileyo. Ndafunda nokuba imithetho ethetha ngokucoceka kwamalungu enzala ekwiLevitikus yayinceda amaSirayeli ukuba ahlale esempilweni. (Lev. 12:1-6; 15:16-24) Ndabona ukuba uMdali wawanika le mithetho kuba efuna abe sempilweni futhi wayewasikelela xa eyithobela. Le nto yandenza ndaqiniseka ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo endandingekalazi igama lakhe ngelo xesha.
UKUFUMANA KWAM UMFAZI NOKWAZI UYEHOVA
Xa ndandifundela ukuba ngugqirha eyunivesithi ndadibana noLydie, sathandana. Ngo-1965 xa ndandiphakathi kwizifundo zam, satshata. Ngo-1971, sasesinabantwana abayi-3 kubantwana bethu abayi-6. ULydie uye wandinceda kakhulu kumsebenzi wam wokuba ngugqirha nasekhaya.
Ndasebenza esibhedlele iminyaka emithathu ngaphambi kokuba ndibe nekliniki. Kungekudalanga ndiyivulile, kwafika laa ndoda IZe. 15:28, 29) Emva koko, yena nomyeni wakhe bandibonisa into eza kwenziwa buBukumkani BukaThixo; buza kuphelisa iintlungu, ukugula nokufa. (ISityhi. 21:3, 4) Ndathi, “Le nto nindixelela yona yinto endayifuna ndisengumntwana! Ndaba ngugqirha kuba ndifuna ukuphelisa iintlungu ebantwini.” Ndandivuya nyhani kangangokuba sancokola iyure enehafu. Bathi behamba ndabe ndizixelela ukuba andisengomKatolika. Ndafunda nokuba lo Mdali ndimthanda kangaka igama lakhe nguYehova.
nomfazi wayo ndithethe ngabo ekuqaleni bezokufuna ukunyangwa. Ndathi xa ndiza kubhalela indoda iyeza ekufuneka ilithenge, umfazi wathi: “Uxolo Gqirha, ndicela elo yeza lingabi nagazi.” Ndothukile ndambuza: “Uqinisekile? Ngoba?” Wathi: “SingamaNgqina KaYehova.” Ndandiqala ukuva ngamaNgqina KaYehova nento ayifundisayo ngegazi. Wakhupha iBhayibhile, wandibonisa isizathu sokuba bangalamkeli igazi. (Bafika kathathu ekliniki. Qho befikile yayiphela iyure sincokola. Ndabacela khe bafike kwam ukuze sibe nexesha elininzi lokuncokola ngeBhayibhile. ULydie wavuma ukubakho xa sifunda iBhayibhile, kodwa wayengade avume ukuba ezinye izinto esasizifundiswa ngamaKatolika zazingeyonyani. Ngoko ndacela umfundisi ukuba akhe afike ekhayeni lethu. Saphikisana ngezinto ezifundiswa ecaweni de kwasebusuku, sisebenzisa iBhayibhile nje qha. Loo ngxoxo yenza uLydie wavuma ukuba amaNgqina KaYehova afundisa inyaniso. Emva koko sobabini saya simthanda uYehova uThixo kangangokuba ngo-1974 sabhaptizwa.
UYEHOVA WABA NGOYENA UBALULEKILEYO KUM
Into endayifundayo ngezinto uThixo aza kuzenzela abantu yandenza ndanezinye izinto ezibalulekileyo ebomini bam. Eyona nto yaba phambili ebomini kum noLydie yaba kukukhonza uYehova. Sazimisela ukukhulisa abantwana bethu ngendlela iBhayibhile etsho ngayo. Ngoku eyona nto yayisimanyanisa nabantwana bethu kukuthanda uThixo nabantu.—Mat. 22:37-39.
Sihleka qho noLydie xa sicinga indlela abantwana bethu ababesibona simanyene ngayo singabazali. Babesazi ukuba umthetho wasekhaya yinto eyathethwa nguYesu esithi, ‘uEwe mayibe nguewe, uHayi ibe nguhayi.’ (Mat. 5:37) Ngokomzekelo, xa intombi yethu endala yayina-17, uLydie zange avume ukuba izikhuphe nabanye abantwana. Omnye wabo bantwana wathi kwintombi yethu, “Ukuba umamakho akavumi cela kutatakho kaloku.” Kodwa intombi yethu yathi: “Kuyafana, bahlala bevumelana nje abo.” Boyi-6 abantwana bethu babeyibona indlela esibambisene ngayo ekwenzeni izinto ezifunwa yiBhayibhile. Siyambulela uYehova kuba ngoku baninzi abantu abamkhonzayo kwintsapho yethu.
Ngoxa inyaniso yazitshintshayo izinto ezazibalulekile ebomini bam, ndandifuna ukunceda abantu bakaThixo ngezinto endazifundayo xa ndandifundela ukuba ngugqirha. Ndacela ukuncedisa kwiBheteli yaseParis, emva koko ndaya kweyayintsha yaseLouviers. Kuzo zombini ndandingugqirha. Ngoku sekuyiminyaka ephantse ibe yi-50 ndiyikhomyutha esebenza eBheteli. EBheteli ndiye ndanabahlobo abaninzi, abanye babo baphaa kwiminyaka eyi-90. Ngeny’ imini ndadibana nomzalwana owayesand’ ufika eBheteli. Ndothuka ndakufumanisa ukuba xa wayezalwa kwiminyaka eyi-20 eyadlulayo, umamakhe wayebelekiswa ndim.
NDIYIBONILE INDLELA UYEHOVA ABAKHATHALELE NGAYO ABANTU BAKHE
Kuyo yonke le minyaka, ndiye ndaya ndimthanda uYehova kuba ndibona indlela abakhusela nabakhokela ngayo abantu bakhe esebenzisa intlangano yakhe. Ekuqaleni koo-1980, eUnited States iQumrhu Elilawulayo lenza iindlela zokuba oogqirha nabanye abantu bezonyango basiqonde kakuhle isizathu sokuba amaNgqina KaYehova angalamkeli igazi.
Ngo-1988, iQumrhu Elilawulayo lenza isebe elitsha eBheteli elibizwa ngokuba liSebe Lenkcazelo Yezibhedlele. Ekuqaleni eli sebe lalijongene nomsebenzi owenziwa ziiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezaziseUnited States nezazinceda amaNgqina afumane oogqirha abasihloniphayo isigqibo sawo sokungalamkeli igazi. Xa iQumrhu Elilawulayo lavumayo ukuba ezi Komiti zibe semhlabeni wonke, zabakho naseFransi. Iyamangalisa indlela intlangano kaYehova ebanceda ngayo abazalwana noodade abagulayo.
UKWENZEKA KWENTO EKWAKUDALA NDIYIFUNA
Eyona nto yayibaluleke kakhulu kum yayikukunyanga abantu. Kodwa ndabona ukuba eyona ndlela ibalulekileyo yokubanyanga kukubanceda babe seluxolweni noYehova uThixo osinike ubomi. Emva kokuba ndithathe umhlala-phantsi, sinoLydie saba ngoovulindlela abathe ngxi. Qho ngenyanga sasichitha iiyure ezininzi sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. Sisawenza ngamandla ethu onke lo msebenzi usindis’ ubomi.
Nangoku ndisabanceda ngendlela endikwazi ngayo abantu abagulayo. Kodwa ndiyaqonda ukuba noyena gqirha uwenza kakuhle umsebenzi wakhe akanakukwazi ukunyanga zonke izifo okanye ukwenza abantu bangafi. Ingathi alisafiki ixesha laxa iintlungu, ukugula nokufa zingasekho. Alifikanga ligalelekile ihlabathi elitsha. Ndizoba nalo lonke ixesha lokufunda ngendalo kaThixo nangendlela emangalisayo owenziwe ngayo umzimba womntu. Iyenzeka laa nto ndandiyifuna ndisengumntwana, kodwa ayikenzeki ncam. Ndiqinisekile ukuba kungekudala iza kwenzeka ngokupheleleyo.