Uvuyo—Uphawu Esilufumana KuThixo
IQHELEKILE into yokuba abantu bafune ukuphila ubomi obuvuyisayo. Kodwa ke, kule mihla yokugqibela, wonke umntu uba neengxaki ‘ekunzima ukujamelana nazo.’ (2 Tim. 3:1) Abanye banokuyeka ukuvuya ngenxa yokuphathwa kakubi, ukugula, ukunqaba kwemisebenzi, intlungu, nezinye izinto ezenza ixhala nosizi. Nabakhonzi bakaThixo basenokudimazeka baze bangonwabi. Ukuba ungomnye wabo, unokwenza ntoni ukuze uphinde wonwabe?
Ukuze siphendule lo mbuzo, kuza kufuneka siqale siqonde ukuba luyintoni uvuyo lwenene nokuba abanye abantu benza njani ukuze bahlale bevuya nakuba beneengxaki. Emva koko siza kufunda ngento esinokuyenza ukuze sihlale sivuya de sibe nochatha.
LUYINTONI UVUYO?
Masingabhidanisi uvuyo kunye nokuhleka nje ngelo xesha. Ngokomzekelo: Inxila lisenokonwaba kakhulu lakuba lisele utywala. Kodwa ke, bakuphela utywala, iyaphela loo ntsini, zize zibuye zonke iintsizi neengxaki zalo. Loo ntsini yalo ibingelovuyo lwenene.—IMize. 14:13.
Uvuyo lona lwahlukile, luba ngaphakathi entliziyweni yomntu. Luchazwa ngokuba “yindlela esiziva ngayo xa sifumene okanye silindele into entle.” Uvuyo kukuhlala sonwabile enoba kumnandi okanye kubi. (1 Tes. 1:6) Kaloku umntu uyakwazi ukuvuya kwanaxa kukho into emphazamisayo. Ngokomzekelo, abapostile babethwa kakhulu ngenxa yokuthetha ngoKristu. Noko ke, “bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.” (IZe. 5:41) Akunakuba babevuyiswa kukubethwa. Kunoko, aba bakhonzi bakaThixo babevuyiswa kukuba bengakhange bagungqe ekumthobeleni.
Asizalwa sinalo olu vuyo; umntu akasuki nje avuye. Ngoba kutheni? Ngenxa yokuba uvuyo lwenene luphakathi kweempawu ezenza isiqhamo somoya kaThixo. Umoya kaThixo unokusinceda sibe ‘nobuntu obutsha,’ obuquka uvuyo. (Efe. 4:24; Gal. 5:22) Ibe ke xa sivuya, siza kutsho sikwazi ukunyamezela izinto ezisikhathazayo.
ABANTU ESIMELE SIFUNDE KUBO
UYehova wayefuna kwenzeke izinto ezintle kuphela emhlabeni, hayi izinto ezimbi ezenzekayo namhlanje. Kodwa ke izinto ezimbi ezenziwa ngabantu azimenzi ayeke ukuvuya. ILizwi LikaThixo lithi: ‘Amandla novuyo asendaweni yakhe.’ (1 Kron. 16:27) Ukongezelela koko, izinto ezintle ezenziwa ngabakhonzi bakhe ziyenza “ibe nemihlali intliziyo [kaYehova].”—IMize. 27:11.
Sinokumxelisa uThixo ngokuthi singakhathazeki kakhulu xa izinto zingenzeki ngendlela ebesilindele ngayo. Kunokuba *
sikhathazeke, masijonge izinto ezintle esinazo ngoku size silinde ngomonde ezinye izinto ezizayo.Sinokufunda nakwabanye abantu abaninzi ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abahlala bevuya nangona bevavanywa. UAbraham ngomnye wabantu abanyamezela iimeko ezazinokumbulalisa kunye neengxaki ezazibangelwe ngabanye abantu. (Gen. 12:10-20; 14:8-16; 16:4, 5; 20:1-18; 21:8, 9) Nakubeni kunjalo, uAbraham wahlala evuya. Wenza njani? Wayesoloko ecinga ngethemba analo lokuphila phantsi kolawulo lukaMesiya. (Gen. 22:15-18; Heb. 11:10) UYesu wathi: “UAbraham uyihlo waphuphuma yimihlali ngethemba lokubona umhla wam.” (Yoh. 8:56) Nathi masicinge ngezinto ezivuyisayo ezizayo njengoAbraham.—Roma 8:21.
NjengoAbraham, umpostile uPawulos noSilas bahlala becinga ngezithembiso zikaThixo. Babenokholo olomeleleyo, ibe bahlala bevuya nakubeni babehlelwe zizinto ezibuhlungu. Ngokomzekelo, emva kokuba benyamezele ukubethwa kanobom baza baphoswa entolongweni, ‘phakathi nobusuku bathandaza bedumisa uThixo ngengoma.’ (IZe. 16:23-25) Enye into eyabavuyisayo kukuba babephathwa kakubi ngenxa yegama likaKristu. Nathi masihlale sizikhumbuza ukuba kuyanceda ukukhonza uThixo ngokuthembeka njengoPawulos noSilas.—Fil. 1:12-14.
Namhlanje, sinabazalwana abaninzi abahlala bevuya nangona bekwiimeko ezinzima. Ngokomzekelo, ngoNovemba 2013, iNkanyamba uHaiyan eyayikumbindi weePhilippines, yatshabalalisa imizi yamaNgqina engaphezu kwe-1 000. UGeorge, naye owadilikelwa yindlu yakhe eyayikwisixeko saseTacloban, wathi: “Nakuba kwenzeke le nto, abazalwana basonwabile. Andikwazi nokuyichaza indlela esonwabe ngayo.” Qho xa kunzima, siza kuhlala sivuya ukuba sisoloko sicinga ngezinto uYehova asenzele zona size simbulele. Yeyiphi enye into uYehova asenzele yona esibangela sivuye?
IZIZATHU ZOKUBA SIVUYE
Yintoni engasivuyisa ngaphezu kokuba ngabahlobo bakaThixo? Cinga ngale nto: Sazi Oyena Mntu ulawula yonke indalo. UnguBawo wethu, uThixo wethu, noMhlobo wethu!—INdu. 71:17, 18.
Siyabuxabisa nobu bomi sibuphiwe nguThixo. (INtshu. 3:12, 13) Njengezidalwa ezikrelekrele uYehova uye wasitsala, ibe siyakuqonda oko akufunayo kuthi. (Kol. 1:9, 10) Ngenxa yoko, siyazi ukuba siphilela ntoni nokuba siya phi ebomini. Kwelinye icala, abantu abaninzi abazazi ukuba baphilela ntoni. Echaza lo mahluko, uPawulos wabhala wathi: “‘Iliso alizibonanga nendlebe ayizivanga, zingathelekelelwanga nasentliziyweni yomntu izinto uThixo azilungisele abo bamthandayo.’ Kuba uThixo uzityhile kuthi ngomoya wakhe.” (1 Kor. 2:9, 10) Akusivuyisi na ukuqonda ukuthanda kukaYehova nenjongo yakhe?
Nantsi enye into uYehova ayenzele abakhonzi bakhe. Izono zethu zinokuxolelwa nguye. (1 Yoh. 2:12) Ngenxa yenceba kaThixo, sinethemba lokuba kungekudala siza kuphila kwihlabathi elitsha. (Roma 12:12) Nangoku uYehova usilungiselele abazalwana esinokunqula kunye nabo. (INdu. 133:1) ILizwi LikaThixo liyasiqinisekisa ukuba uYehova uyabakhusela abantu bakhe kuSathana needemon zakhe. (INdu. 91:11) Ukuba siyacinga ngezi ntsikelelo zivela kuThixo siya kuvuya ngaphezu kokuba sivuya.—Fil. 4:4.
UNGENZA NTONI UKUZE UVUYE NGAKUMBI?
Ngaba umKristu unako ukuvuya ngaphezu kokuba evuya? UYesu wathi: “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam lube kuni novuyo lwenu luzaliswe.” (Yoh. 15:11) La mazwi abonisa ukuba sinako ukuvuya ngaphezu kokuba sivuya ngoku. Sinokufanisa ukuzama ukuvuya nokubasa umlilo. Umele uwukhwezele ngeenkuni umlilo ukuze uhlale uvutha. Ngokufanayo ke, nawe umele uzondle elukholweni ukuze uvuye. Khumbula: Uvuyo lukhwezelwa ngomoya kaThixo. Ngoko, uza kuvuya ngaphezu kokuba uvuya ukuba uthandaza qho ucele uYehova akuphe umoya wakhe, uze ucinge ngezinto ozifunde kwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo.—INdu. 1:1, 2; Luka 11:13.
Enye into eza kukwenza wonwabe ngakumbi kukukhuthalela imisebenzi evuyisa uYehova. (INdu. 35:27; 112:1) Ngoba kutheni? Ngenxa yokuba sidalelwe ‘ukoyika uThixo oyinyaniso nokugcina imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.’ (INtshu. 12:13) Ngamanye amazwi sidalelwe ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ngoko xa sikhonza uYehova, iyazenzekela into yokuba sonwabe. *
SIYANCEDAKALA XA SIVUYA
Njengoko sisiya sivuya, asiyi kuziva kamnandi nje kuphela. Ngokomzekelo, siza kuthandwa nangakumbi nguBawo wethu wasezulwini kuba simkhonza sivuya noba sekukubi. (Dut. 16:15; 1 Tes. 5:16-18) Kwakhona, ngenxa yokuba sivuya nyhani, asizufuna ukuphila ubomi obutofotofo, kunoko siza kubuncama ngenxa yoBukumkani BukaThixo. (Mat. 13:44) Xa sibona indlela esinceda ngayo le nto, siza kuvuya, sizive kamnandi, sonwabise nabanye abantu.—IZe. 20:35; Fil. 1:3-5.
“Ukuba wonwabile kwaye wanelisekile bubomi bakho ngoku, usethubeni lokuba ube sempilweni kwixesha elizayo.” La mazwi abhalwa ngumphandi weUniversity of Nebraska, eMerika, emva kokuba ehlole iziphumo eziliqela zophando lwezempilo. Ayavumelana neBhayibhile xa isithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa.” (IMize. 17:22) Njengoko usiya uvuya uza kutsho ube sempilweni.
Ukuthandaza, ukufunda, nokucinga ngezinto esizifunde kwiLizwi LikaYehova kusenza sifumane umoya oyingcwele osinceda sihlale sivuya nangona siphila kula maxesha anzima. Enye into esenza sivuye kukucinga ngezinto esisikelelwe ngazo, ukufunda kukholo lwabanye abantu, nokuzama ukwenza ukuthanda kukaThixo. Xa sisenza zonke ezi zinto, siya kutsho sibone ubunyani bamazwi akwiNdumiso 64:10, athi: “Amalungisa aya kuba nemihlali ngoYehova aze ngokwenene [abalekele] kuye.”
^ isiqe. 10 Siza kuphinda sithethe ngomonde kwelinye lala manqaku acacisa “isiqhamo somoya.”
^ isiqe. 20 Ukuze ubone ezinye izinto ezinokukwenza uvuye ngaphezu kokuba uvuya jonga ibhokisi ethi, “ Ezinye Izinto Ezinokukwenza Uvuye.”