INQAKU ELIFUNDWAYO 51
Ungayeki ‘Ukummamela’
“Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo. Mmameleni.”—MAT. 17:5.
INGOMA 54 “Nantsi Indlela”
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *
1-2. (a) Yintoni ekwathiwa mabayenze abapostile bakaYesu abathathu, bayenza ke? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo namhlanje?
EMVA kwePasika yango-32 C.E., abapostile bakaYesu, uPetros, uYakobi noYohane babona umbono omangalisayo. Kwintaba ephakamileyo, mhlawumbi iNtaba iHermon, uYesu watshintsha bejongile. “Ubuso bakhe babengezela njengelanga, nezambatho zakhe zangaphezulu zaqaqamba njengokukhanya.” (Mat. 17:1-4) Xa wawuza kuphela lo mbono, aba bapostile beva ilizwi likaThixo lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo. Mmameleni.” (Mat. 17:5) Indlela ababephila ngayo aba bapostile bathathu, yabonisa ukuba babemmamela uYesu. Nathi sifuna ukufana nabo.
2 Kule veki iphelileyo sifunde ukuba ukumamela uYesu kuthetha ukuba sifanele siziyeke ezinye izinto ebesizenza. Namhlanje, siza kuthetha ngezinto ezimbini awathi uYesu sifanele sizenze.
“NGENANI NGEGEYITHI ENCINCI”
3. UMateyu 7:13, 14 uthi yintoni esifanele siyenze?
3 Funda uMateyu 7:13, 14. Apha uYesu uthetha ngeegeyithi ezimbini ezingafaniyo, enye iya kwindlela ‘evulekileyo,’ enye iya kwindlela “encinci.” Asimva ethetha ngendlela yesithathu. Simele sizikhethele indlela esifuna ukuhamba kuyo. Esi sesona sigqibo sibalulekileyo kwesakha sazenza, kuba yindlela esiyikhethayo eza kubonisa ukuba siyafuna na ukuphila ngonaphakade.
4. Khawusixelele ngendlela ‘evulekileyo.’
4 Masingayilibali into ezahluke ngayo ezi ndlela zimbini. Abantu abaninzi bathanda le ‘ivulekileyo’ kuba kulula 1 Kor. 6:9, 10; 1 Yoh. 5:19.
ukuhamba kuyo. Into ebuhlungu kukuba abanye baye bakhetha ukungayishiyi kuba bathanda ukwenza into eyenziwa ngabantu abaninzi. Abayiqondi into yokuba nguSathana uMtyholi obatsalela kule ndlela iphelela ekufeni.—5. Ziintoni abaye bazenza abanye abantu ukuze bafumane indlela ‘encinci’ baze bahambe kuyo?
5 Enye indlela ayifani nale ‘ivulekileyo.’ Yona ‘incinci.’ UYesu wathi bambalwa abayifumanayo. Kutheni bembalwa? Into eyenz’ umdla kukuba kwivesi elandelayo uYesu ulumkisa abalandeli bakhe ngabaprofeti bobuxoki. (Mat. 7:15) Abanye abantu bathi zininzi iicawe ezikhoyo, futhi ezinye zazo zithi zifundisa inyaniso. Ngenxa yobuninzi bazo, abantu abaninzi abayazi eyona yona, kangangokuba abasazihluphi ngokukhangela indlela eya ebomini. Kodwa le ndlela ayifihlekanga. Kaloku uYesu wathi: “Ukuba niyazenza izinto endinifundisa zona, niza kube ningabo nyhani abafundi bam, niza kuyazi inyaniso, ibe inyaniso iza kunikhulula.” (Yoh. 8:31, 32) Siyakuncoma ngokuba uye wafunda inyaniso, awalandela abantu abaninzi. Uqale ngokulifundisisa kakuhle iLizwi LikaThixo ukuze wazi ukuba ulindele ukuba senze ntoni, waza wamamela izinto ezifundiswa nguYesu. Ezinye izinto ozifundileyo kukuba uYehova ulindele ukuba sizilahle iimfundiso zeecawe zobuxoki, siyeke nokuvuyela iiholide ezisuka kuzo. Ufundile nokuba ukwenza izinto uYehova alindele ukuba uzenze, nokutshintsha indlela obuphila ngayo ukuze akuthande, kusenokungabi lula. (Mat. 10:34-36) Mhlawumbi khange kube lula nakuwe. Kodwa uzenzile ezi zinto kuba uyamthanda uTata wakho osezulwini, ufuna nokumvuyisa. Inoba uTata wakho uyivuyela nyhani into oyenzileyo!—IMize. 27:11.
YINTONI ENOKUSINCEDA SINGAYEKI UKUHAMBA KWINDLELA ENCINCI?
6. INdumiso 119:9, 10, 45, 133 ithi yintoni enokusinceda singayeki ukuhamba kwindlela encinci?
6 Yintoni enokusinceda singayeki ukuhamba kwindlela encinci? Nanku umzekelo. Iintsimbi ezisecaleni kwendlela zinceda imoto ingatshoni eliweni, nomqhubi angonzakali. Akakho umqhubi onokukhalaza athi le ntsimbi yenza imoto yakhe ingatshoni eliweni aze yena onzakale okanye afe. Imithetho kaYehova eseBhayibhileni ifana naloo ntsimbi. Isinceda singayeki ukuhamba kwindlela encinci.—Funda iNdumiso 119:9, 10, 45, 133.
7. Yintoni abamele bayikhumbule abantu abasebatsha ngendlela encinci?
7 Nina basebatsha, ngaba nikhe nicinge ukuba xa nithobela imithetho kaYehova anizukwazi ukwenza izinto enifuna ukuzenza? Yiloo nto kanye uSathana afuna niyicinge. Ufuna nicinge ngezinto ezenziwa ngabantu abahamba kwindlela evulekileyo, kuba babonakala ngathi bonwabile. Nicinge nokuba anonwabanga njengabantwana enifunda nabo okanye abantu enibabona kwi-Intanethi. Enye into afuna niyicinge kukuba imithetho kaYehova inenza ningonwabi ngendlela enifuna ngayo. * Kodwa nantsi into emaningayilibali: USathana akafuni ukuba abantu abahamba kwindlela yakhe babone ukuba iphelela phi. Kanti yena uYehova ufuna niyazi indlela eniza konwaba ngayo ukuba aniyishiyi indlela eya ebomini.—INdu. 37:29; Isa. 35:5, 6; 65:21-23.
8. Yintoni abanokuyifunda abasebatsha kuOlaf?
8 Khanibone into eninokuyifunda komnye umzalwana osemtsha, uOlaf. * Abantwana afunda nabo babezama ukumnyanzela ukuba abe nentombi athandana nayo. Wathi akubaxelela ukuba uliNgqina LikaYehova futhi wenza izinto iBhayibhile ethi makazenze, amanye amantombazana azama ukuba alale nawo. Kodwa naloo mantombazana atsho phantsi. Yayingengobantwana besikolo qha ababefuna enze izinto angafuniyo ukuzenza. UOlaf uthi: “Ootitshala babefuna ndiye eyunivesithi, bendixelela ukuba xa ndifunde eyunivesithi, ndiza kuhlonitshwa ngabantu. Babesithi ukuba andiyanga, soze ndibe nto ebomini.” Wancedwa yintoni uOlaf? Uthi: “Ndaba neetshomi ebandleni. Zaba ngathi ngabantu basekhaya. Ndazimisela nokuyifundisisa kakuhle iBhayibhile. Ngokuya ndiyifunda, ndaya ndiqiniseka ukuba le yinyaniso. Loo nto yandenza ndazimisela ukukhonza uYehova.”
9. Yintoni esimele siyenze ukuze singayeki ukuhamba kwindlela encinci?
9 Angavuya kakhulu uSathana xa ninokuyeka ukuhamba kwindlela eya ebomini. Ufuna nilandele abantu abaninzi abahamba kwindlela evulekileyo “eya entshabalalweni.” (Mat. 7:13) Kodwa soze siyeke ukuhamba kwindlela encinci xa singayeki ukumamela uYesu naxa siqonda ukuba ukuhamba kuyo kuza kusikhusela. Ngoku makhe sithethe ngenye into uYesu awathi simele siyenze.
XOLELANA NOMZALWANA WAKHO
10. KuMateyu 5:23, 24, uYesu wathi yintoni esimele siyenze?
10 Funda uMateyu 5:23, 24. UYesu wathetha into eyayibaluleke kakhulu kumaYuda awayemmamele. Khawube nombono womntu esetempileni, eza kunika umbingeleli isilwanyana amakabingelele ngaso. Ukuba kuthe kanye ngelo xesha wakhumbula ukuba kukho umzalwana amkhathazileyo, wayemele asishiye apho eso silwanyana, ‘ahambe.’ Wayeza kuyenzela ntoni loo nto? Yintoni eyayinokubaluleka ngaphezu kokubingelela kuYehova? UYesu wayicacisa le nto ngokuthi: “Xolelana nomzalwana wakho kuqala.”
11. Wenza ntoni uYakobi ukuze axolelwe nguEsawu?
11 Xa sicinga ngento eyenzeka kuYakobi, sinokufunda izinto ezibalulekileyo ngokwenza kubekho uxolo. Wayeneminyaka emalunga neyi-20 emkile kwilizwe lakowabo, kodwa uYehova wathuma ingelosi ukuba iye kumxelela ukuba abuyele kulo. (Gen. 31:11, 13, 38) Kodwa kwakukho ingxaki. Umkhuluwa wakhe uEsawu wayefuna ukumbulala. (Gen. 27:41) UYakobi “woyika kakhulu waza wanexhala” lokuba kusenokwenzeka ukuba ubhuti wakhe usamzonda. (Gen. 32:7) Wenza ntoni ukuze axolelane nomkhuluwa wakhe? Waqala wathandaza, exelela uYehova ngale ngxaki. Emva koko wathumelela ubhuti wakhe isipho. (Gen. 32:9-15) Ekugqibeleni wathi xa edibana nalo mkhuluwa ungasathethisaniyo naye, wangowokuqala ukubonisa ukuba uyamhlonipha. Akazange aqubude kanye okanye kabini phambi kwakhe, waqubuda kayi-7. Oko kuzithoba nokumhlonipha kwakhe, kwenza ubhuti wakhe wamxolela.—Gen. 33:3, 4.
12. Yintoni esiyifundayo kuYakobi?
12 Siyafunda kwinto eyenziwa nguYakobi ukuze adibane nobhuti wakhe, nakwinto awayenzayo bakudibana. Wazithoba, wacela uYehova ukuba amncede. Zange aphelele nje ekuthandazeni, naye wazama ngazo zonke iindlela ukuxolisa kumntakwabo. Bakudibana, zange abe ephikisana naye ngokuba ngubani owenza ntoni. Eyona nto wayeyifuna yayikukuba umntakwabo amxolele. Sinokumlinganisa njani uYakobi?
INDLELA YOKWENZA KUBEKHO UXOLO
13-14. Ukuba ukhathaze umzalwana okanye udadewenu, yintoni omele uyenze?
13 Thina bahamba kwindlela eya ebomini, sifuna ukuhlalisana ngoxolo nabazalwana bethu. (Roma 12:18) Yintoni esimele siyenze xa sibona ukuba simkhathazile umzalwana okanye udadewethu? Masifane noYakobi, sithandaze ngokusuk’ entliziyweni. Sinokumcela uYehova asincede senze into eza kwenza umzalwana okanye udadewethu asixolele.
14 Simele siziphe nexesha lokucinga ngento esifuna ukuyenza. Sinokuzibuza imibuzo efana nale: ‘Ngaba ndiyafuna ukuvuma ukuba ndim owenze kwakho ingxaki, ndize ndixolise? UYehova noYesu baza kuziva njani xa indim oya kuxolisa kumzalwana okanye udadewethu, ndingalindi yena eze kum?’ Indlela esiyiphendula ngayo le mibuzo iza kusenza simmamele uYesu size sizithobe siye kucela uxolo. Xa sisenza loo nto, sakube silinganisa uYakobi.
15. Ukwenza into ethethwa kumaEfese 4:2, 3 kunokusinceda njani xa sifuna ukuxolelana nomzalwana wethu?
15 Khawucinge into eyayiza kwenzeka ukuba uYakobi wayefike wabe ephikisana nobhuti wakhe ngokuba ngubani owenze ntoni! Kwakuza kuba kubi. Xa siye kulungisa ingxaki ephakathi kwethu nomzalwana wethu, simele sithobeke. (Funda amaEfese 4:2, 3.) IMizekeliso 18:19 ithi: “Umhlobo okhubekileyo ulukhuni ngaphezu kwedolophu ekhuselekileyo, ibe kukho iingxabano ezahlukanisa abantu njengemivalo yenqaba.” Xa sizithoba sixolise, unokuthamba asixolele.
16. Yintoni esimele singayilibali? Kutheni kufuneka singayilibali?
16 Ngaphambi kokuba siye kuxolisa kumzalwana okanye kudade, kufuneka siyicinge into esiza kuyithetha nendlela esiza kuyithetha ngayo. Xa sesithetha naye, masithethe ngendlela eza kumenza axole. Ekuqaleni usenokuthetha izinto ezingazukungena kamnandi kuthi. Sisenokucaphuka okanye sizithethelele. Kodwa ngaba loo nto iza kuyilungisa ingxaki? Soze. Masingalibali ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuxolelana nomzalwana wethu kunokuba sibe sixoxa ngokuba ngubani owenze ntoni.—1 Kor. 6:7.
17. Yintoni oyifundayo kuGilbert?
17 Omnye umzalwana onguGilbert wasebenza nzima ukuze enze kubekho uxolo. Uthi: “Ndandingavani kakhulu nentombi yam. Yaphela iminyaka emibini ndizama ngazo zonke iindlela ukuthetha nayo ukuze sixolelane.” Yintoni enye awayenzayo uGilbert? “Xa ndiza kuthetha nayo, ndandithandaza,
ndilungise nengqondo yam ukuze ndingacatshukiswa zizinto esenokuzithetha. Kwakufuneka ndizixelele ukuba eyona nto ndiyifunayo kukuyixolela. Ndaqonda ukuba ukuze sixolelane kuza kufuneka ndingabe ndiphikisana nayo ngokuba ngubani owenze ntoni.” Kwenzeka ntoni? UGilbert uthi: “Ngoku ndonwabile kuba ndivana nabo bonke abantu basekhaya.”18-19. Ukuba sikhathaze umzalwana okanye udadewethu, yintoni esimele sizimisele ukuyenza? Ngoba?
18 Umele uzimisele ukwenza ntoni xa ubona ngathi kukho umzalwana okanye udade omkhathazileyo? Yenza into athe uYesu ufanele uyenze, hamb’ oxolisa. Xelela uYehova ngale ngxaki, uze uthembe umoya wakhe oyingcwele ukuba uza kukunceda ukwazi ukumenza axole. Ukuba uyayenza loo nto uza konwaba ubonise nokuba uyammamela uYesu.—Mat. 5:9.
19 Siyambulela uYehova ngokusixelela izinto alindele ukuba sizenze esebenzisa ‘intloko yebandla,’ uYesu Kristu. (Efe. 5:23) Nathi masizimisele ‘ukummamela’ njengompostile uPetros, uYakobi noYohane. (Mat. 17:5) Siyibonile indlela esinokummamela ngayo, kukucela umKristu esimkhathazileyo ukuba asixolele. Xa siyenza loo nto size sihlale sihamba kwindlela encinci eya ebomini, siza kufumana iintsikelelo ezininzi ngoku, size sonwabe ngonaphakade kwixesha elizayo.
INGOMA 130 Xolela
^ isiqe. 5 UYesu wathi masingene kwigeyithi encinci esisa kwindlela eya ebomini. Waphinda wathi masihlalisane ngoxolo nabazalwana noodadewethu. Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuzenza ezi zinto? Yintoni enokusinceda sizenze?
^ isiqe. 7 Jonga incwadana ethi Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa, kuMbuzo 6 othi: “Ndinokukwazi Njani Ukungalandeli Oontanga?” ubukele nevidiyo yoopopayi ethi, Melana Nengcinezelo Yoontanga! kwiwebhsayithi ethi www.jw.org/xh. (Jonga kwindawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > ABAFIKISAYO.)
^ isiqe. 8 Amanye amagama atshintshiwe.
^ isiqe. 56 INGCACISO YEMIFANEKISO: Xa sihlala sihamba kwindlela kaThixo ‘encinci’ esikhuselayo, efana neentsimbi ezisecaleni kwendlela, siyakwazi ukuphepha iingozi ezifana nephonografi, ukuthandana nabantu abangamkhonziyo uThixo nokumamela abantu abafuna sikubone kubaluleke kakhulu ukufunda eyunivesithi.
^ isiqe. 58 INGCACISO YEMIFANEKISO: Kuba wayefuna ukuxolelwa ngumntakwabo uEsawu, uYakobi waqubuda kaninzi phambi kwakhe.