INQAKU ELIFUNDWAYO 15
INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam
‘Kusilungele Ukusondela KuThixo’
“Ke mna, kundilungele ukusondela kuThixo.”—INDU. 73:28.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela esinokusondela ngayo kuYehova, nokuba kungasinceda njani ukusondela kuye.
1-2. (a) Ziintoni omele uzenze ukuze umntu abe ngumhlobo wakho omthandayo? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
UNAYE umhlobo omthanda kakhulu? Ziintoni owazenzayo ukuze nibe ngabahlobo? Mhlawumbi wachitha ixesha kunye naye, wazazi iingxaki aye wanazo ebomini, wazi nezinto azithandayo nangazithandiyo. Wafumanisa ukuba uneempawu ezintle obungathanda ukuba nazo nawe, waza wamthanda.
2 Ukuze umntu abe ngumhlobo wakho omthandayo kufuneka uchithe ixesha kunye naye. Kunjalo ke naxa ufuna ukuba ngumhlobo osondeleyo kaYehova uThixo. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela esinokusondela ngayo kuThixo, nokuba kungasinceda njani ukusondela kuye. Okokuqala, makhe sive ukuba kutheni kulungile ukusondela koyena Mhlobo simthandayo, uYehova.
3. Kutheni kufuneka sicingisise ngeendlela okusinceda ngazo ukusondela kuYehova? Yenza umzekelo.
3 Ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba ukusondela kuYehova kulungile. Kodwa xa ucingisisa ngokuba kulunge kangakanani kanye kanye, unokuya usondela kuye. (INdu. 63:6-8) Ngokomzekelo, siyazi ukuba kulungile ukutya ukutya okusempilweni, ukujima, ukuphumla, nokusela amanzi ngokwaneleyo. Sekunjalo, abantu abaninzi abacingi kakhulu ngezi zinto, abayihoyanga nempilo yabo. Kanti xa sihlala sicinga ngendlela okusinceda ngayo ukwenza izinto ezisenza sihlale sisempilweni, asizukufuna ukuyeka ukuzenza. Ngendlela efanayo ke, kusenokwenzeka ukuba siyazi ukuba ukusondela kuYehova kusilungele. Kodwa xa sicingisisa ngeendlela okusinceda ngazo, asizukuyeka ukuya sisondela kuMhlobo wethu.—INdu. 119:27-30.
4. Wathini umdumisi kwiNdumiso 73:28?
4 Funda iNdumiso 73:28. Umbhali weNdumiso 73 wayengumLevi owayenikwe umsebenzi wokuba yimvumi etempileni kaYehova. Kusenokwenzeka ukuba wayesele eneminyaka emkhonza ethembekile uYehova. Kodwa wayesazi ukuba kubalulekile kuye ukukhumbula ukuba “ukusondela kuThixo” kumlungele. Wayefuna nabanye bazi ukuba, ukuba ngabahlobo bakaThixo kwakulungele yena nabo. Zeziphi ezinye iindlela okusinceda ngazo ukusondela kuThixo?
“UKUSONDELA KUTHIXO” KUSENZA SONWABE
5. (a) Kutheni ukusondela kuYehova kusenza sonwabe? (b) Khawenze imizekelo yendlela ezinokukunceda zize zikukhusele ngayo izinto ozifunde eBhayibhileni. (IMizekeliso 2:6-16)
5 Siyonwaba xa sisiya sisondela kuYehova. (INdu. 65:4) Zininzi izizathu zokuba sonwabe. Ngokomzekelo, kuyasinceda ukwenza izinto esizifunda kwiLizwi lakhe iBhayibhile. Ziyasikhusela kwizinto ezimbi ezinokusenzakalisa, nasekwenzeni iimpazamo ezinkulu. (Funda iMizekeliso 2:6-16.) Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Wonwabile umntu ofumene ubulumko nomntu ozuze ukuqonda.”—IMize. 3:13.
6. Yintoni eyenza umdumisi wayeka ukuvuya?
6 Nabahlobo bakaYehova bakhe bakhathazeke. Umbhali weNdumiso 73 wayeka ukuvuya xa waqalisa ukucinga ngendlela engafanelekanga. Wacaphuka waza wabamonela abantu abangalunganga ababengenaxesha likaThixo nemithetho Yakhe, kuba kuye babebonakala ngathi baphila kamnandi. Wayecinga ukuba abantu abaziindlobongela nabaziphakamisileyo basoloko bezizityebi, besempilweni, bengenazo neengxaki. (INdu. 73:3-7, 12) Yamkhathaza kakhulu le nto umdumisi kangangokuba wayezibuza ukuba kumnceda ngantoni ukukhonza uYehova. Wathi: “Ngokuqinisekileyo bekulilize ukuyigcina imsulwa intliziyo yam nokuhlamba izandla zam ngobumsulwa.”—INdu. 73:13.
7. Yintoni esinokuyenza xa sikhathazekile? (Jonga ongaphandle.)
7 Ngoxa umdumisi wayekhathazeke kakhulu, wenza into eyayiza kumnceda. Wangena “kwingcwele ezukileyo kaThixo.” Apho uYehova wamnceda watshintsha indlela awayecinga ngayo. (INdu. 73:17-19) UMhlobo wethu esimthanda kakhulu, uYehova, uyasazi xa sikhathazekile. Ukuba siyamcela asikhokele, size silwamkele uncedo lwakhe esilufumana kwiLizwi lakhe nasebandleni, asizukutyhafa xa sikhathazekile. Naxa sinamaxhala angaphezu kwamandla ethu, uYehova uza kusithuthuzela, asenze sizole.—INdu. 94:19. a
UmLevi owabhala iNdumiso 73 umi “kwingcwele ezukileyo kaThixo” (Jonga isiqendu 7)
“UKUSONDELA KUTHIXO” KUSENZA SIPHILE KAMNANDI, SIBE NETHEMBA
8. Zeziphi ezinye iindlela ezibalulekileyo okusilungele ngazo ukusondela kuThixo?
8 Nazi ezinye iindlela ezimbini ezibalulekileyo okusilungele ngazo ukusondela kuThixo: Eyokuqala, kusenza siphile kamnandi. Eyesibini, kusenza siqiniseke ngethemba esinalo lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. (Yer. 29:11) Ngoku makhe sithethe ngezi zinto zimbini.
9. Kutheni kusenza siphile kamnandi ukusondela kuYehova?
9 Ukusondela kuYehova kusenza siphile kamnandi. Namhlanje abantu abaninzi bathi uThixo akakho. Bacinga ukuba akukho nto siyiphilelayo, nokuba ekugqibeleni wonke umntu uza kufa. Kodwa ukufunda iLizwi LikaThixo kusenze saqiniseka ukuba uThixo “ukho ibe ungumvuzi wabo bamfuna ngokuzimisela.” (Heb. 11:6) Nanamhlanje sonwabile kuba senza into esadalelwa yona, sikhonza uTata wethu osezulwini, uYehova.—Dut. 10:12, 13.
10. Ngokutsho kweNdumiso 37:29, yeyiphi into abakhangele phambili kuyo abantu abathembe uYehova?
10 Abantu abaninzi ubomi babo buphelele ekubeni basebenze, bakhulise abantwana, bazibekele nemali yomhlala-phantsi. Abamcingi nokumcinga uThixo. Kanti bona abakhonzi bakaYehova bathembele kuye. (INdu. 25:3-5; 1 Tim. 6:17) Siyamthemba uThixo esisondele kuye, siyazi nokuba uza kuzenza izinto asithembise zona. Enye yezinto esikhangele phambili kuzo kukumkhonza ngonaphakade eParadesi.—Funda iNdumiso 37:29.
11. Ukusondela kuThixo kusinceda njani? Kumenza azive njani yena?
11 Ukusondela kuThixo kusilungele nangezinye iindlela ezininzi. Ngokomzekelo, uYehova uthembisa ukuba uza kuzixolela izono zabantu abasondeleyo kuye ukuba bayaguquka. (Isa. 1:18) Ngenxa yaloo nto, akukho sizathu sokuba sihlale sinesazela ngenxa yezono esizenze kwixesha elidlulileyo. (INdu. 32:1-5) Kuyasonwabisa nokuvuyisa uYehova. (IMize. 23:15) Ngokuqinisekileyo unokucinga nangezinye iintsikelelo ozifumana ngenxa yokuba ungumhlobo kaThixo. Ngoko yintoni onokuyenza ukuze uye usondela kuye?
SINOKUYA ‘SISONDELA NJANI KUTHIXO’?
12. Ziintoni ozenzileyo ukuze usondele kuThixo?
12 Ukuba sowubhaptiziwe, zininzi izinto osowuzenzile ezikwenza usondele kuYehova. Ufunde iinyaniso ezininzi ngoYehova uThixo noKristu uYesu, waguquka kwizono obuzenza, wanokholo oluqinileyo kuThixo, waza wazama ukwenza izinto ngendlela afuna ngayo. Kodwa ukuze uye usondela kuye, kufuneka uqhubeke uzenza ezi zinto.—Kol. 2:6.
13. Zeziphi izinto ezintathu ezinokusinceda siye sisondela kuYehova?
13 Yintoni eza kusinceda siye sisondela kuYehova? (1) Simele siqhubeke sifunda iBhayibhile. Masingayifundeli njee ukwazi iinyaniso ezilula ngoThixo. Sifanele sizame ukuqonda ukuba uThixo uthanda senze ntoni, size sikhokelwe yimigaqo ekwiLizwi lakhe. (Efe. 5:15-17) (2) Simele siqinise ukholo lwethu ngokucingisisa ngezinto ezininzi ezibonisa ukuba uyasithanda. (3) Simele siqhubeke sizicaphukela izinto uYehova azicaphukelayo, size singabi ngabahlobo babantu abazenzayo ezo zinto.—INdu. 1:1; 101:3.
14. Zeziphi ezinye izinto esinokuzenza imihla ngemihla ukuze sivuyise uYehova? (Ama-1 Korinte 10:31) (Jonga nemifanekiso.)
14 Funda ama-1 Korinte 10:31. Kubalulekile ukuba senze izinto ezivuyisa uYehova. Ezo zinto aziphelelanga nje ekuyeni kwiintlanganiso nasentsimini. Nezinto ezilungileyo esizenza imihla ngemihla ziyamvuyisa uYehova. Ngokomzekelo, uyavuya xa sinyaniseka kuzo zonke izinto size siphe abanye izinto esinazo. (2 Kor. 8:21; 9:7) Ufuna nokuba sibonise ukuba siyabuxabisa ubomi asiphe bona. Sisondela kuMniki-bomi ngokuyilumkela indlela esitya nesisela ngayo, nangokwenza ezinye izinto ezisinceda sihlale sisempilweni. Yonke imizamo esiyenzayo ukuze sivuyise uYehova, nokuba ibonakala imincinci kangakanani, imenza asithande kakhulu.—Luka 16:10.
Ezinye iindlela esinokumvuyisa ngazo uYehova kukuqhuba kakuhle ukuze singafumani ingozi, ukuhoya impilo yethu ngokujima, ukutya ukutya okusempilweni, nokubapha izinto esinazo abantu (Jonga isiqendu 14)
15. UYehova ulindele ukuba sibaphathe njani abanye abantu?
15 UYehova unobubele kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa. (Mat. 5:45) Ulindele ukuba sibe njalo nathi ebantwini. Ngokomzekelo, ufuna ‘singathethi kakubi nangabani na, singathandi ngxabano, sihlale sizolile kuye wonke umntu.’ (Tito 3:2) Ngoko asicingi ukuba sibhetele kwabanye abantu kuba nje bengakholelwa kwizinto esikholelwa kuzo. (2 Tim. 2:23-25) Sisondela kuYehova ngokuhlala sinobubele kwabanye, nangokubacingela.
‘SINOKUSONDELA KUTHIXO’ NAXA SENZE IIMPAZAMO
16. Ekuhambeni kwexesha umbhali weNdumiso 73 waziva njani?
16 Ngamanye amaxesha usenokucinga ukuba uYehova ukude kuwe ngenxa yeempazamo ozenzileyo. Khumbula ukuba yakhe yenzeka loo nto nakumbhali weNdumiso 73. Wathi: “Iinyawo zam beziphantse zatenxa; iinyawo zam ziphantse zatyibilika.” (INdu. 73:2) Lo mdumisi uyavuma ukuba waba ‘buhlungu futhi akacinga, wafana nje nesilwanyana esingenangqondo’ phambi koYehova. (INdu. 73:21, 22) Ngaba wacinga ukuba ngenxa yeempazamo azenzileyo wayengasathandwa nguYehova, futhi wayengenakumxolela?
17. (a) Kubonakala ukuba wenza ntoni umdumisi xa wayetyhafe kakhulu? (b) Yintoni esinokuyifunda kumdumisi? (Jonga nemifanekiso.)
17 Ukuba umdumisi wayecinga ukuba uYehova umshiyile, inoba loo nto zange ithathe xesha lide. Kuyabonakala ukuba xa wayetyhafe kakhulu waqonda ukuba umele aye esondela kuThixo, kuba wathi: “Kodwa ngoku ndihlala ndikunye nawe [Yehova]; usibambile isandla sam sasekunene. Undikhokela ngecebiso lakho, ibe emva koko uza kundenza ndizukiswe.” (INdu. 73:23, 24) Nathi sifanele simcele uYehova asomeleze xa sisiva ngathi ukholo lwethu alusomelelanga, okanye xa sityhafiswe ziimpazamo esizenzileyo. (INdu. 73:26; 94:18) Naxa iinyawo zethu zitenxa sinokubuyela kuYehova siqinisekile ukuba usoloko efuna ukusixolela. (INdu. 86:5) Kufuneka sisondele nyhani kuThixo wethu, ngokukodwa xa sityhafe kakhulu.—INdu. 103:13, 14.
Xa sisiva ngathi ukholo lwethu alomelelanga, sifanele sisondele kuYehova ngokuhlala sithandaza nokuya qho kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 17)
‘SINOKUSONDELA KUTHIXO’ NGONAPHAKADE
18. Kutheni kungenasiphelo ukuya sisondela kuYehova?
18 Ukuya sisondela kuYehova nokuya simazi akunasiphelo. IBhayibhile ithi iindlela zikaYehova, ubulumko bakhe nolwazi analo “azinakuqondwa ngokupheleleyo.”—Roma 11:33.
19. IiNdumiso zisenza siqiniseke ngantoni?
19 INdumiso 79:13 ithi: “Thina bantu bakho nomhlambi wedlelo lakho, siza kukubulela ngonaphakade; siza kukudumisa kwizizukulwana ngezizukulwana.” Xa usiya usondela kuThixo, nawe unokuqiniseka ukuba uza kukusikelela ngonaphakade, uze uwathethe uqinisekile amazwi athi: “UThixo uliliwa lentliziyo yam nesabelo sam ngonaphakade.”—INdu. 73:26.
INGOMA 32 Mela UYehova!
a Abantu ababa nexhala okanye bakhathazeke ixesha elide banokudinga uncedo lukagqirha. Ukuze ufunde nezinye izinto jonga IMboniselo, No. 1 2023.